Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Thobeka Uze Uthantamise NjengoYesu

Thobeka Uze Uthantamise NjengoYesu

‘UKristu wabandezeleka ngenxa yenu, enishiya nomzekelo, ukuze nilandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo.’—1 PETROS 2:21.

1. Kutheni ukuxelisa uYesu kusisondeza kuYehova?

IQHELEKILE into yokuba sibaxelise abantu esibathandayo. Kubo bonke abantu abakha baphila kulo mhlaba, uYesu Kristu ungoyena mntu sifanele simxelise. Kutheni kunjalo nje? UYesu wakha wathi: “Lowo undibonileyo mna umbonile noBawo.” (Yohane 14:9) UYesu wayitsho le nto kuba emxelisa ncam uYise. Ngoko xa sifunda ngoYesu, sikwafunda ngoYehova. Ibe xa sixelisa uYesu, sisondela ngakumbi kuYehova, oyena Mntu mkhulu kwindalo yonke. Lilungelo elingenakuthelekiswa nanto elo!

2, 3. (a) Kutheni uYehova esinike iinkcukacha ngobomi bukaYesu, ibe uThixo ufuna senze ntoni? (b) Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku nakwelilandelayo?

2 EBhayibhileni, uYehova usinike iinkcukacha ngobomi bukaYesu. Ngoba? Kaloku uThixo wethu ufuna simazi uNyana wakhe ukuze sikwazi ukumxelisa kakuhle. (Funda eyoku-1 kaPetros 2:21.) IBhayibhile ifanisa umzekelo awasishiyela wona uYesu namanyathelo. Itheth’ ukuthini le nto? UYehova ufuna silandele emanyathelweni oNyana wakhe, nto leyo etheth’ ukuba sixelise yonk’ into awayenzayo. Kakade ke, uYesu wayefezekile, ngoko uYehova akalindelanga ukuba sikwazi ukumxelisa ngokupheleleyo uNyana wakhe. Kunoko, uThixo ufuna senze konke okusemandleni ethu ukuze sixelise uYesu.

3 Ngoku makhe sifunde ngezinye iimpawu ezintle zikaYesu. Kweli nqaku, siza kuthetha ngokuthobeka nangokuthantamisa kwakhe. Kwelilandelayo, siza kuthetha ngokuba nesibindi nokuqonda kwakhe. Kuphawu ngalunye, siza kuphendula le mibuzo mithathu: Lutheth’ ukuthini? UYesu walubonisa njani? Sinokumxelisa njani?

UYESU UTHOBEKILE

4. Kutheth’ ukuthini ukuthobeka?

4 Yintoni ukuthobeka? Abantu abaninzi abanekratshi bacinga ukuba ukuthobeka kubonisa ukuba ubuthathaka okanye awuzithembanga. Kodwa ngaba yinyani leyo? Ukuze sithobeke, simele somelele kwaye sibe nesibindi. Ukuthobeka kuchasene nekratshi. EBhayibhileni, igama elithi “ukuthobeka” linokuguqulelwa ngokuthi ‘ukuthobeka kwengqondo.’ (Filipi 2:3) Ukuze sithobeke, kufuneka singazicingeli kakhulu. Ngokomzekelo, esiny’ isichazi-magama seBhayibhile sithi: “Ukuthobeka kukwazi ukuba siphantsi kangakanani emehlweni kaThixo.” Kwakhona, ukuba sithobekile, asiyi kucing’ ukuba sibhetele kunabany’ abantu. (Roma 12:3) Olu phawu lungumnqantsa kubantu abangafezekanga. Kodwa sinako ukufund’ ukuthobeka xa sicamngca ngokulunga kukaYehova size sixelise uYesu.

Ukuba sithobekile, asiyi kucing’ ukuba sibhetele kunabany’ abantu

5, 6. (a) Ngubani uMikayeli isiphatha zingelosi? (b) UMikayeli wakubonisa njani ukuthobeka?

5 UYesu wakubonisa njani ukuthobeka? UNyana kaThixo ebesoloko ethobekile, xa wayeyingelosi enamandla ezulwini naxa wayesemhlabeni. Makhe sithi gqabagqaba ngemizekelo embalwa.

6 Indlela awayecinga ngayo. Incwadi yeBhayibhile kaYude, isixelela ngobomi bukaYesu bangaphambi kokuba eze emhlabeni. (Funda uYude 9.) NjengoMikayeli isiphatha-zingelosi, uYesu “wayeneyantlukwano noMtyholi,” ibe “ephikisana” naye “ngomzimba kaMoses.” Emva kokufa kukaMoses, uYehova wasingcwaba kwindawo engaziwa mntu isidumbu sakhe. (Duteronomi 34:5, 6) Mhlawumbi uMtyholi wayefuna ukusebenzisa eso sidumbu ukuze alinge amaSirayeli ukuba asinqule. Enoba esi sikhohlakali singuMtyholi sasifuna ukwenza ntoni, uMikayeli wasinqanda. Eny’ incwadi ithi igama elithi “wayeneyantlukwano” nelithi “ephikisana” naye, aphind’ asetyenziswe ukuchaza “impikiswano” ibe asenokuthetha ukuba “uMikayeli ‘wayesithi uMtyholi akanalungelo’ lokuthatha isidumbu sikaMoses.” Sekunjalo, esi siphatha-zingelosi sasisazi ukuba sinegunya elilinganiselweyo. Ngoko le ngxaki sayishiyela kuYehova, uMgwebi Omkhulu, ongoyena unelungelo lokugweba uSathana. Wayethobeke nyhani uYesu!

UYesu wathobeka, wenza zonk’ izinto aziyalelwa nguYehova, “kwada kwasa ekufeni.”

7. UYesu wakubonisa njani ukuthobeka ngendlela awayethetha nawayesenza ngayo izinto?

7 Xa uYesu wayesemhlabeni, wabonisa ukuthobeka ngendlela awayethetha nawayesenza ngayo izinto. Indlela awayethetha ngayo. UYesu wayengengomntu othand’ amehlo. Kunoko, wayefuna lonke uzuko luye kuYise. (Marko 10:17, 18; Yohane 7:16) UYesu wayengathi xa ethetha nabafundi bakhe abenze bazive bemathile okanye kungekho yabo. Kunoko wayebahlonipha, ebonisa ukuba uyabathemba ngokubancoma ngeempawu zabo ezintle. (Luka 22:31, 32; Yohane 1:47) Izenzo zakhe. UYesu akazange asukele ubutyebi, kodwa wakhetha ukuphila ubomi obulula. (Mateyu 8:20) Wayekulungele ukwenza umsebenzi ophantsi ababengafuni ukuwenza abantu abaninzi. (Yohane 13:3-15) Ukuthobela kwakhe kwamenza wangumzekelo omhle wokuthobeka. (Funda amaFilipi 2:5-8.) UYesu akazange afane nabantu abanekratshi abangakufuniyo ukuthobela abanye, yena wathobeka waza wenza zonk’ izinto aziyalelwa nguYehova, “kwada kwasa ekufeni.” Icace gca into yokuba uYesu, uNyana womntu, ‘wayethobekile ngentliziyo.’—Mateyu 11:29.

THOBEKA NJENGOYESU

8, 9. Sinokukubonisa njani ukuthobeka?

8 Sinokukuxelisa njani ukuthobeka kukaYesu? Indlela esicinga ngayo. Xa sithobekile, siyazi ukuba igunya esinalo lisikelwe umda. Ngenxa yoko, siyazi ukuba asinalo ilungelo lokugweba abanye. Asiyi kubagxeka okanye sibathandabuze. (Luka 6:37; Yakobi 4:12) Ukuthobeka kusinceda singabi ‘ngamalungisa kakhulu.’ Loo nto ithetha ukuba asiyi kucinga ukuba sibhetele kunabantu abangenazo izakhono okanye amalungelo esinawo. (INtshumayeli 7:16) Abadala abathobekileyo abacingi ukuba babhetele kunabazalwana noodadewabo. Kunoko, aba balusi banothando “bagqala abanye njengabongamileyo,” nto leyo ethetha ukuba babajonga njengababalulekileyo kunabo.—Filipi 2:3; Luka 9:48.

9 Khawucinge ngoW. J. Thorn, owayengumveleli ohambahambayo ukususela ngo-1894. Emva kweminyaka emininzi, wabelwa ukuba anyamekele iinkukhu eKingdom Farm, eNew York. Wayesithi xa evakalelwa ukuba ebemele ukwenza umsebenzi obhetele, azixelele oku: “Luthulindini. Yintoni onayo ukuba ungade ube nekratshi?” (Funda uIsaya 40:12-15.) Wayethobeke nyhani lo mzalwana!

10. Sinokukubonisa njani ukuthobeka kwindlela esithetha ngayo nakwizenzo zethu?

10 Indlela esithetha ngayo. Ukuba sithobeke ngokwenene, loo nto iza kubonakala kwindlela esithetha ngayo nabanye. (Luka 6:45) Xa sithetha nabo, asiyi kuhlala sithetha ngezinto esizenzileyo namalungelo esinawo. (IMizekeliso 27:2) Kunoko, siya kubancoma abazalwana noodadewethu ngezinto ezintle abazenzileyo size sigxininise kwiimpawu ezintle nezakhono abanazo. (IMizekeliso 15:23) Izenzo zethu. AmaKristu athobekileyo awazami ukuba ngoosaziwayo okanye abantu ababalulekileyo kweli hlabathi. Kunoko, akhetha ukuphila ubomi obulula, axolele nokwenza umsebenzi ophantsi, ukuze akwazi ukukhonza uYehova kangangoko anako. (1 Timoti 6:6, 8) Eyona ndlela ibalulekileyo sinokubonisa ngayo ukuba sithobekile kukuba sithobele. Kufuneka sithobeke ukuze ‘sibathobele abo bakhokelayo’ ebandleni nokuze silandele ulwalathiso lwentlangano kaYehova.—Hebhere 13:17.

UYESU UYATHANTAMISA

11. Yintoni ukuthantamisa?

11 Yintoni ukuthantamisa? Igama elithi “ukuthantamisa” lithetha ukuba nobubele nenkathalo. Ukuthantamisa yindlela yokubonisa uthando ibe kuyafana neemvakalelo ezinjengovelwano nenceba. (Luka 1:78; 2 Korinte 1:3; Filipi 1:8) Enye imbekiselo yeBhayibhile ithi ukuthantamisa akupheleli nje ekusizeleni abantu abasweleyo. Ithi kuthetha ukuba “sibakhathalela kangangokuba side sifune ukubanceda” ngokwenza into eza kuphucula ubomi babo. Ukuthantamisa luphawu olwenza umntu afune ukunceda abanye.

12. Yintoni ebonisa ukuba uYesu wayebavela abanye, ibe ukuthantamisa kwakhe kwambangela ukuba enze ntoni?

12 Wayethantamisa njani uYesu? Ngeemvakalelo nangezenzo. UYesu wayenovelwano. Xa wabona umhlobo wakhe uMariya nabanye belila emva kokufa kukaLazaro, walila nabo. (Funda uYohane 11:32-35.) Emva koko, uvelwano olwalumenze wavusa unyana womhlolokazi, lwaphinda lwamenza wavusa uLazaro. (Luka 7:11-15; Yohane 11:38-44) Kusenokwenzeka ukuba eso senzo sokuthantamisa samnika ithuba lokuphila ezulwini uLazaro. Ngaphambilana, uYesu “wasizela” isihlwele esasize kuye. Imfesane awayenayo yamenza “wasifundisa izinto ezininzi” eso sihlwele. (Marko 6:34) Loo nto yatshintsha ubomi babantu ababeziphulaphula iimfundiso zakhe! Ukuthantamisa kukaYesu kwakungeyomvakalelo nje. Kwamenza wanceda abantu abasweleyo.—Mateyu 15:32-38; 20:29-34; Marko 1:40-42.

13. UYesu wabathantamisa njani abanye ngendlel’ awayethetha ngayo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

13 Amazwi akhe athantamisayo. Ukuba novelwano kukaYesu kwamenza wathetha ngendlela ethantamisayo, ingakumbi kwabo babecinezelekile. Umpostile uMateyu wacaphula amazwi awathethwa nguIsaya ngoYesu. UIsaya wathi: “Ingcongolo etyumkileyo akayi kuyaphula; umsonto weflekisi olozizayo, akayi kuwucima.” (Isaya 42:3; Mateyu 12:20) Itheth’ ukuthini loo nto? UYesu wayengabaxhaphazi abanye abantu. Kunoko, wayethetha ngendlela ebahlaziyayo. Washumayela iindaba ezinik’ ithemba ‘kwabantliziyo zaphukileyo.’ (Isaya 61:1) Wathi abantu ‘ababulalekayo nabasindwa ngumthwalo’ mabeze kuye ukuze ‘bazifumanele ukuhlaziyeka.’ (Mateyu 11:28-30) Wathembisa abafundi bakhe ukuba uThixo uyabathantamisa abakhonzi bakhe, kuquka ‘abancinane,’ okanye abo babebonwa bengabalulekanga lihlabathi.—Mateyu 18:12-14; Luka 12:6, 7.

THANTAMISA NJENGOYESU

14. Sinokubathantamisa njani abanye?

14 Sinokukuxelisa njani ukuthantamisa kukaYesu? Ngeemvakalelo zethu. IBhayibhile ithi simele sizame ukuba ‘nomsa wemfesane,’ kwanaxa ingebobuntu bethu obo. Ezi mvakalelo ziyinxalenye ‘yobuntu obutsha’ uYehova alindele ukuba bambathwe ngawo onke amaKristu. (Funda amaKolose 3:9, 10, 12.) Sinokubathantamisa njani abanye? IBhayibhile ithi: “Phangalalani.” (2 Korinte 6:11-13) Mamela kakuhle xa umntu ekuxelela indlela avakalelwa ngayo nento emxhalabisayo. (Yakobi 1:19) Mcingele uze uzibuze: ‘Ukuba ibindim lo, bendiza kuvakalelwa njani? Bendiza kufuna ntoni?’—1 Petros 3:8.

15. Sinokubanceda njani abo balilayo okanye baxhwalekileyo?

15 Ngezenzo zethu. Ukuthantamisa kuya kusenza sibancede abanye, ingakumbi abo balilayo okanye baxhwalekileyo. Sinokubanceda njani? AmaRoma 12:15 athi: “Lilani kunye nabantu abalilayo.” Kumaxesha amaninzi, abantu bafuna ukuthuthuzelwa kunokucetyiswa. Badinga umhlobo onomdla kubo nobamamelayo. Omny’ udade owathuthuzelwa ngabazalwana noodade emva kokuba eswelekelwe yintombi yakhe uthi, “Ndayixabisa nyhani into yokuba abahlobo bam beze, baze bafike nje balile kunye nam.” Sinokubathantamisa abanye nangokwenza izinto ezinokubanceda. Mhlawumbi kukho umhlolokazi oding’ ukulungiselwa izinto ezithile emzini wakhe. Okanye ke kukho umKristu osele ekhulile ofun’ ukusiwa kwiintlanganiso, entsimini okanye kugqirha. Enoba obo bubele buncinci kangakanani, bunokwenza umahluko omkhulu ebomini bomny’ umntu. (1 Yohane 3:17, 18) Indlela ebalulekileyo yokuthantamisa abanye, kukwenza konke okusemandleni ethu ukuze sishumayele iindaba ezilungileyo. Le yeyona nto yenza umahluko kubomi babantu abanomdla!

Ngaba ubakhathalele nyhani abazalwana noodade? (Jonga isiqendu 15)

16. Yintoni esinokuyithetha ukuze sikhuthaze abadandathekileyo?

16 Ngamazwi ethu. Ukuthantamisa kuya kusenza ‘siyithuthuzele imiphefumlo edandathekileyo.’ (1 Tesalonika 5:14) Yintoni esinokuyithetha ukuze sikhuthaze abadandathekileyo? Sinokubaxelela indlela esibakhathalele ngayo. Sinokubancoma size sibenze babone iimpawu zabo ezintle nezinto abazenza kakuhle. Sinokubakhumbuza ukuba uYehova ubaxabisile kuba wabanceda bafumana inyaniso. (Yohane 6:44) Sinokubaqinisekisa ukuba uYehova ubakhathalele nyhani abakhonzi bakhe ‘abaphuke intliziyo’ okanye abo “bamoya utyumkileyo.” (INdumiso 34:18) Amazwi ethu athantamisayo anokubahlaziya nyhani abo bafuna ukuthuthuzelwa.—IMizekeliso 16:24.

17, 18. (a) UYehova ulindele ukuba abadala baziphathe njani izimvu zakhe? (b) Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

17 Badala, uYehova ulindele ukuba nizithantamise izimvu zakhe. (IZenzo 20:28, 29) Khumbulani ukuba ngumsebenzi wenu ukuzifundisa, ukuzikhuthaza nokuzihlaziya. (Isaya 32:1, 2; 1 Petros 5:2-4) Ngoko, umdala othantamisayo akayi kuzama ukubalawula abazalwana bakhe ngokwenz’ imithetho yakhe, okanye abenze bazive benetyala ngokubanyanzela ukuba benze izinto ezingaphaya kwamandla abo. Kunoko, umdala ufuna ukuba abazalwana noodade bonwabe, uyabathemba ukuba bayamthanda uYehova ibe baya kwenza konke okusemandleni ukuze bamkhonze.—Mateyu 22:37.

18 Xa sicamngca ngokuthobeka nokuthantamisa kukaYesu, siya kufuna ukumxelisa. Kwinqaku elilandelayo, siza kuthetha ngeendlela esinokukuxelisa ngazo ukuba nesibindi nokuqonda kukaYesu.