Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYehova Walathisa Umsebenzi Wethu Wokushumayela Ehlabathini Lonke

UYehova Walathisa Umsebenzi Wethu Wokushumayela Ehlabathini Lonke

“Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe, Lowo ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo.”—ISAYA 48:17.

1. Yintoni eye yenza kwanzima ukushumayela?

XA ABANTU bakaYehova babeqalisa ukushumayela iindaba ezilungileyo kwiminyaka engaphezu kweyi-130 eyadlulayo, bavelelwa ziingxaki ezininzi. * (Funda umbhalo osemazantsi.) NjengamaKristu enkulungwane yokuqala, babeliqaqobana nje elalishumayela isigidimi esasingafunwa ngabantu abaninzi. Abanye babesithi ngamaqaba. Kamva, xa uSathana waphoswa emhlabeni, batshutshiswa. (ISityhilelo 12:12) Ukususela ngelo xesha, bebeshumayela kule “mihla yokugqibela” “ekunzima ukujamelana” nayo.—2 Timoti 3:1.

2. UYehova ebesinceda njani sikwazi ukushumayela?

2 Kodwa ke uYehova ebebanceda abantu bakhe. Ufuna bashumayele iindaba ezilungileyo emhlabeni wonke, ibe akazi kuvumela nantoni na iwuthintele lo msebenzi. Uye wabahlula abantu bakhe kunqulo lobuxoki ukuze abancede bamnqule ngendlela ayifunayo. Wenza into efanayo naxa wayekhulula amaSirayeli eBhabhiloni. (ISityhilelo 18:1-4) Kwaye izinto esizifundiswa nguYehova zinceda kwathina. Usinceda sihlalisane ngoxolo, yaye usiqeqeshela ukuba sifundise abanye ngaye. (Funda uIsaya 48:16-18.) Nakuba uYehova ewalathisa lo msebenzi, loo nto ayithethi kuthi usoloko etshintsha iziganeko zehlabathi ukuze asincede sishumayele. Ewe kona, zikho iziganeko zehlabathi eziye zenza kwalula ukwenza umsebenzi wethu. Kodwa sisatshutshiswa, ibe sisamhokamhokana neengxaki zeli hlabathi likaSathana. Ekuphela kwento esenza sikwazi ukushumayela kukuncedwa nguYehova.—Isaya 41:13; 1 Yohane 5:19.

3. Siye sazaliseka njani isiprofeto sikaDaniyeli?

3 UDaniyeli waprofeta ukuba ngemihla yesiphelo, abantu abaninzi babeya kuyiqonda inyaniso yeBhayibhile. (Funda uDaniyeli 12:4.) Ngaphambi nje kokuqalisa ‘kwexesha lesiphelo,’ uYehova wanceda abantu bakhe baqonda iimfundiso zeBhayibhile baza bagatya ezobuxoki zeNgqobhoko. Namhlanje, abantu bakhe bafundisa inyaniso yeBhayibhile ehlabathini lonke. Izicacele into yokuba isiprofeto esikuDaniyeli siye sazaliseka. Abantu abaphantse babe zizigidi ezisibhozo baye bafunda inyaniso baza bafundisa abanye. Ngoko, ziziphi ezinye izinto eziye zanceda abantu bakaYehova ehlabathini lonke bakwazi ukushumayela?

UKUGUQULELWA KWEBHAYIBHILE

4. Unyaka ka-1900 wabetha sele iguqulelwe kwiilwimi ezingaphi iBhayibhile?

4 Namhlanje, baninzi abantu abaneBhayibhile, ibe le nto isinceda sibafundise iindaba ezilungileyo. Kodwa bekungasoloko kunjalo. Kangangamakhulu eminyaka, abefundisi beNgqobhoko babengafuni abantu bafunde iBhayibhile. Babede babatshutshise abantu ababeyifunda, bebabulala nabanye ababeyiguqulela. Kodwa ke, ngeminyaka yoo-1800, eminye imibutho yaguqulela okanye yaprinta iBhayibhile okanye iinxalenye zayo ngeelwimi ezimalunga neziyi-400. Kwathi kusiba ngu-1900, babe bebaninzi abantu abaneBhayibhile. Nakuba kunjalo, babengaziqondi iimfundiso zayo.

5. Ziintoni ezenziwe ngamaNgqina kaYehova ukuze aguqulele iBhayibhile?

5 Abantu bakaYehova babesazi ukuba kwakufuneka baxelele abantu ngezinto ezifundiswa yiBhayibhile, ibe yiloo nto kanye abayenzayo. Ekuqaleni, babesebenzisa iinguqulelo zeBhayibhile ezazikho ngelo xesha, benika abantu iikopi. Ukususela ngo-1950, baye bapapasha INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele, okanye iinxalenye zayo, ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-120. Ngo-2013, baye bapapasha INguqulelo Yehlabathi Elitsha ehlaziyiweyo ngesiNgesi. Kulula ukuyiqonda nokuyiguqulela. Xa sisebenzisa iBhayibhile abayiqondayo abantu, kuba lula ukubafundisa inyaniso.

AMAXESHA OXOLO

6, 7. (a) Ziziphi iimfazwe eziye zakho kule minyaka iyi-100 idluleyo? (b) Amaxesha oxolo amanye amazwe asincede njani sakwazi ukushumayela?

6 Kule minyaka iyi-100 idluleyo, kuye kwabakho iimfazwe ezininzi, kuquka nezehlabathi ezimbini. Kufe izigidi zabantu. Sitsho njani ke ukuba kuye kwabakho uxolo, ibe lubancede njani abantu bakaYehova bashumayela? Ebudeni bemfazwe yehlabathi yesibini, nguNathan Knorr owayekhokela amaNgqina kaYehova. Kwenye indibano ka-1942, wanikela udlwabevu lwentetho eyayisithi “Ngaba Uxolo Lunokuhlala Lukho?” UMzalwan’ uKnorr wacacisa isiprofeto esikwiSityhilelo 17, waza wasebenzisa sona ukubonisa ukuba iArmagedon yayingekafiki. Emva kwemfazwe kwakuza kulandela uxolo.—ISityhilelo 17:3, 11.

7 Kakade ke, le nto yayingathethi kuthi emva kwemfazwe kwabakho uxolo kuyo yonke indawo. Ukususela kwimfazwe yehlabathi yesibini, bazizigidi abantu abaye bafa ngenxa yezinye iimfazwe. Kodwa ke kumazwe amaninzi, kuye kwabakho amaxesha oxolo aye enza kwalula ngabantu bakaYehova ukushumayela. Uye waba yintoni umphumo? Ngemfazwe yehlabathi yesibini, amaNgqina kaYehova ayengaphantsi kwe-110 000. Namhlanje, aphantse afikelele kwizigidi ezisibhozo! (Funda uIsaya 60:22.) Ewe, ngamaxesha oxolo, sitsho sikwazi ukushumayela iindaba ezilungileyo kubantu abangakumbi.

UKUPHUCULWA KWEENDLELA NEZITHUTHI

8, 9. Yintoni eye yenza kwalula ukuhambahamba, kwaye isincede njani kumsebenzi wethu?

8 Xa abantu bakaYehova baqalisa ukushumayela eMerika, kwakungelulanga ukuhambahamba. Ngo-1900, emva kweminyaka emalunga neyi-21 beqalise ukuprinta IMboniselo, kwakukho iimoto nje ezimalunga neziyi-8 000, zimbalwa neendlela ezintle kwelo lizwe. Kodwa namhlanje, kukho iimoto ezingaphezu kwebhiliyon enesiqingatha ehlabathini lonke kwaye neendlela ezininzi zintle. Sitsho sakwazi ke ukusebenzisa iimoto neendlela ukuze siye kushumayela kubantu abahlala kwiindawo ezisemagqagaleni nekunzima ukuya kuzo. Kodwa nokuba sihlala kwindawo ekunzima ukuhambahamba kuyo kuze kufuneke sihambe imigama emide ngeenyawo, senza konke okusemandleni ukuze sishumayele ebantwini naphi na apho bakhoyo.—Mateyu 28:19, 20.

Senza konke okusemandleni ukuze sishumayele ebantwini naphi na apho bakhoyo

9 Zikho nezinye izithuthi esizisebenzisayo. Sithumela iiBhayibhile nezinye iincwadi ngeelori, iinqanawa noololiwe. Loo nto ithetha ukuba ngeeveki nje ezimbalwa, siyakwazi ukuthumela iincwadi kubazalwana noodade abahlala kwiindawo ezisemagqagaleni. Abaveleli abahambahambayo, amalungu eeKomiti zamaSebe, abathunywa bevangeli, kunye nabanye bakhwela iinqwelomoya xa besiya kunikela iintetho ezindibanweni naxa besiya kunceda amabandla. Amalungu eQumrhu Elilawulayo nabanye abazalwana abasuka kwikomkhulu lethu nabo basebenzisa iinqwelomoya xa besiya kukhuthaza baze baqeqeshe abazalwana noodade bamanye amazwe. Yonke le nto iyabamanyanisa abantu bakaYehova.—INdumiso 133:1-3.

IILWIMI NOKUGUQULELA

10. Sisetyenziswa kangakanani isiNgesi ehlabathini?

10 Ngenkulungwane yokuqala, abantu abaninzi ababephantsi koBukhosi bamaRoma babethetha isiGrike. Namhlanje, abantu abaninzi ehlabathini bathetha isiNgesi. Incwadi ethi English as a Global Language ide ithi ngumntu omnye kwabane ehlabathini lonke osithethayo okanye osivayo isiNgesi. Abantu abaninzi bafunda isiNgesi kuba sisetyenziswa ehlabathini lonke kwezoshishino, kwezopolitiko, kwisayensi nakwezobugcisa.

11. IsiNgesi siwuncede njani umsebenzi wabantu bakaYehova?

11 Ukusetyenziswa kakhulu kwesiNgesi kuye kwanceda ekusasazweni kwenyaniso. Ekuqaleni, iincwadi zethu zaqala zafumaneka ngesiNgesi kuphela. Abantu abaninzi babekwazi ukuzifunda kuba isiNgesi sasithethwa ehlabathini lonke. Kusetyenziswa sona nakwikomkhulu lethu. Abazalwana noodade abasuka kumazwe ahlukahlukeneyo nabasaziyo isiNgesi baqeqeshwa kwizikolo zethu ezisePatterson, eNew York.

AmaNgqina kaYehova ehlabathini lonke ayaluqonda “ulwimi olusulungekileyo” oluyinyaniso yeBhayibhile yaye amanyene

12. Siziguqulele kwiilwimi ezingaphi iincwadi zethu, ibe zisincede njani iinkqubo zeekhompyutha?

12 Kodwa imbopheleleko yethu kukushumayela iindaba ezilungileyo kubantu ehlabathini lonke. Yiyo le nto siguqulela iincwadi zethu kwiilwimi ezingaphezu kwe-700. Sikwazi njani ukuyenza loo nto? Sincedwe ziikhompyutha naziinkqubo zazo, ezinjengeMEPS, ukuze sikwazi ukwenza lo msebenzi wokuguqulela. Loo nto iye yenza amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke aluqonda “ulwimi olusulungekileyo” oluyinyaniso yeBhayibhile aza amanyana.—Funda uZefaniya 3:9.

IMITHETHO NEZIGQIBO ZENKUNDLA

13, 14. Isincede njani imithetho nezigqibo zeenkundla?

13 Imithetho yamaRoma yawanceda ngeendlela ezininzi amaKristu enkulungwane yokuqala akwazi ukushumayela. Nanamhlanje, imithetho yamazwe amaninzi iyasinceda kumsebenzi wethu wokushumayela. Ngokomzekelo, imithetho yaseMerika inika abantu ilungelo lokuzikhethela unqulo, ukuthetha ngeenkolelo zabo nokuhlanganisana. Loo nto itsho isincede sibe neentlanganiso ngokukhululekileyo size sishumayele kwelo lizwe. Sinayo nenkululeko yokulungelelanisa umsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke kwikomkhulu lethu eliseMerika. Kakade ke, bezikho izihlandlo apho kuye kwafuneka sivele enkundleni ukuze silwele ilungelo lethu lokushumayela iindaba ezilungileyo. (Filipi 1:7) Ibe xa iinkundla ziye zazama ukusihlutha ilungelo lethu lokushumayela, siye sabhenela kwezingasentla saza saphumelela ngamaxesha amaninzi.

14 Sikhe savela ezinkundleni nakwamanye amazwe ukuze silwele ilungelo lethu lokunqula uYehova nokushumayela. Belisithi lisakusilahla ityala, sibhenele kwiinkundla ezinkulu. Ngokomzekelo, siye kaninzi kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu. NgoJuni 2014, besisele siphumelele kumatyala ayi-57 kuloo Nkundla, ibe izigqibo zayo ziyathotyelwa kumazwe amaninzi aseYurophu. Nakuba ‘sithiyiwe ziintlanga zonke,’ imithetho yamazwe amaninzi iye yasivumela ukuba sinqule uYehova sikhululekile.—Mateyu 24:9.

IZINTO EZIVELISIWEYO EZIYE ZASINCEDA

Sipapasha iincwadi ezithetha ngeBhayibhile ngeelwimi ezininzi

15. Ziye zaphucuka njani iindlela zokuprinta, ibe kusincede njani oko?

15 Iindlela ezintsha zokuprinta ziye zasinceda sakwazi ukushumayela iindaba ezilungileyo kubantu abaninzi ngakumbi. Kangangamakhulu eminyaka, abantu babesebenzisa indlela yokuprinta eyayize noJohannes Gutenberg malunga nonyaka ka-1450. Kodwa kule minyaka iyi-200 idluleyo, oomatshini bokuprinta baye baphuculwa kakhulu. Loo nto iye yabangela ukuba umsebenzi wokuprinta ukhawuleze kwaye uphucuke. Ziye zehla neendleko zokuvelisa iphepha nokudibanisa iincwadi. Olu tshintsho luzichaphazele njani iincwadi zethu? Ngo-1879, IMboniselo yokuqala yaprintwa ngesiNgesi kuphela. Yayingenamifanekiso, ibe kwaprintwa iikopi eziyi-6 000. Namhlanje, IMboniselo iprintwa ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-200. Inemifanekiso emihle nemibalabala, ibe kwinkupho nganye kuprintwa iikopi ezingaphezu kwe-50 000 000.

16. Ziziphi izinto ezivelisiweyo eziye zasinceda sakwazi ukushumayela ehlabathini lonke? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

16 Zininzi izinto ezivelisiweyo kule minyaka iyi-200 idluleyo eziye zanceda abantu bakaYehova bakwazi ukushumayela iindaba ezilungileyo. Sesithethile ngoololiwe, iimoto neenqwelomoya. Kodwa kuye kwaveliswa neebhayisekile, oomatshini bokuchwetheza, izixhobo zeBraille, iigramafoni, iifowuni, iikhamera, oomatshini bokurekhoda amazwi neevidiyo, oonomathotholo, iiTV, iimuvi, iikhompyutha kunye neIntanethi. Nangona ezo zinto zingaveliswanga ngabantu bakaYehova, bayazisebenzisa ukuvelisa iiBhayibhile nezinye iincwadi ngeelwimi ezininzi ukuze bashumayele ehlabathini lonke. Ngaloo ndlela, basela “ubisi lweentlanga,” kanye njengokuba kwaprofetwayo eBhayibhileni.—Funda uIsaya 60:16.

UYehova uyasithanda yaye ufuna sisebenze naye

17. (a) Yintoni ezicaceleyo ngokuphathelele umsebenzi wokushumayela? (b) Kutheni uYehova efuna sisebenze naye?

17 Izicacele into yokuba umsebenzi wethu wokushumayela walathiswa nguYehova. UYehova akasinikanga lo msebenzi kuba engenakuzenzela, kodwa usinike kuba esithanda yaye efuna sisebenze naye. Xa sishumayela, simbonisa ukuba siyamthanda yaye siyabathanda nabantu. (Marko 12:28-31; 1 Korinte 3:9) Simbulela kakhulu uYehova kuba esinceda sishumayele ehlabathini lonke. Ngoko masisebenzise naliphi na ithuba elivelayo ukuze sishumayele ngoYehova nangoBukumkani bakhe!

^ isiqe. 1 Ukususela malunga no-1870, abantu bakaYehova babesaziwa njengaBafundi BeBhayibhile. Ngo-1931, baqalisa ukusebenzisa igama elithi AmaNgqina KaYehova.—Isaya 43:10.