Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yiba Nesibindi Nokuqonda NjengoYesu

Yiba Nesibindi Nokuqonda NjengoYesu

“Nakuba ningazange nimbone, niyamthanda. Nakuba ningakhangelanga kuye ngoku, kodwa nibonisa ukholo kuye.”—1 PETROS 1:8

1, 2. (a) Sinokubufumana njani ubomi obungunaphakade? (b) Yintoni enokusinceda singaphazamiseki kuhambo lwethu?

XA SISIBA ngamaKristu, kuba ngathi sithatha uhambo. Ukuba sihlala sithembekile kuThixo, olu hambo lwethu luya kuphumelela size siphile ngonaphakade. UYesu wathi: “Lowo unyamezele kwada kwasekupheleni uya kusindiswa.” (Mateyu 24:13) Ukuze sifike apho siya khona, simele sihlale sithembekile kuThixo kude kube ‘sekupheleni,’ enoba kusekupheleni kobomi bethu okanye kweli hlabathi lingendawo. Kodwa simele silumke singaphazanyiswa leli hlabathi. (1 Yohane 2:15-17) Singenza njani ukuze singaphazamiseki kolu hambo lwethu?

2 UYesu ungumzekelo omhle gqitha kuthi. Xa sifunda oko iBhayibhile ikutshoyo ngobomi bukaYesu, sinokumazi ukuba unjani kanye kanye. Ibe sinokutsho simthande size sibe nokholo kuye. (Funda eyoku-1 kaPetros 1:8, 9.) Umpostile uPetros wathi uYesu wasishiya nomzekelo ukuze siwulandele ngokusondeleyo. (1 Petros 2:21) Ukuba silandela umzekelo kaYesu, siya kukwazi ukunyamezela de kube sekupheleni. * (Funda umbhalo osemazantsi.) Kwinqaku elidluleyo, sifunde indlela esinokukuxelisa ngayo ukuthobeka nokuthantamisa kukaYesu. Kweli, siza kufunda indlela esinokuwulandela ngayo umzekelo wakhe wokuba nesibindi nokuqonda.

UYESU UNESIBINDI

3. Yintoni isibindi, yaye sinokusifumana njani?

3 Isibindi sinokusinceda somelele size sikwazi ukunyamezela ubunzima. Sisinceda sikwazi ukumela okulungileyo. Sikwasinceda sihlale sizolile kwaye sithembekile kuThixo xa sithwaxwa zizilingo. Isibindi sinxulumene noloyiko, ithemba nothando. Njani? Xa sisoyika ukungamkholisi uThixo, asiyi kudyuduzela ngenxa yokoyika abantu. (1 Samuweli 11:7; IMizekeliso 29:25) Ithemba lisinceda sihlale sicinga ngekamva kungekhona ngezilingo. (INdumiso 27:14) Uthando olungazingciyo lusenza sibe nesibindi naxa sitshutshiswa. (Yohane 15:13) Isibindi sisifumana ngokuthembela kuThixo nangokuxelisa uNyana wakhe.—INdumiso 28:7.

4. UYesu wasibonisa njani isibindi etempileni? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

4 Xa wayeneminyaka eyi-12 ubudala, uYesu waba nesibindi “etempileni, ehleli phakathi kwabafundisi.” (Funda uLuka 2:41-47.) Abo bafundisi babewazi kakuhle uMthetho kaMoses, kodwa babewazi namasiko amaYuda. La masiko ayesenza kube nzima ukuthobela uMthetho. Kodwa uYesu akazange avumele ulwazi lwabo lumenze oyike ukuthetha. ‘Wayebabuza’ imibuzo. Kakade ke, uYesu wayengabuzi imibuzo yabantwana. Kunoko, umel’ ukuba wayebabuza imibuzo eyayibenza bazikise ukucinga. Ukuba abo bafundisi babecinga ukumfaka ekoneni uYesu ngemibuzo yabo, bakha phantsi isitya sigcwele. Bonke ababemamele, kuquka abo bafundisi, babemangalisiwe “kukuqonda kwakhe naziimpendulo zakhe.” UYesu wayimela ngesibindi inyaniso ekwiLizwi likaThixo!

5. Ziziphi iindlela uYesu awabonisa ngazo isibindi kubulungiseleli bakhe?

5 Kubulungiseleli bakhe, uYesu wabonisa isibindi ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Ngokomzekelo, wabonisa abantu ukuba iinkokeli zonqulo ziyabalahlekisa ngeemfundiso zazo zobuxoki. (Mateyu 23:13-36) Kwakhona, uYesu zange avumele ihlabathi limonakalise. (Yohane 16:33) Waqhubeka eshumayela nakubeni wayechaswa. (Yohane 5:15-18; 7:14) Ngesibindi, wacoca itempile kabini, egxotha abo babesonakalisa unqulo lokwenyaniso.—Mateyu 21:12, 13; Yohane 2:14-17.

UYesu wayixelela ngesibindi inkundla ephakamileyo yamaYuda ukuba unguKristu uNyana kaThixo

6. UYesu wasibonisa njani isibindi ngosuku lwakhe lokugqibela esemhlabeni?

6 Makhe sibone indlela uYesu awaba nesibindi ngayo kusuku lokugqibela ngaphambi kokuba afe. Wayeyazi into eza kwenzeka emva kokuba uYudas emngcatshile. Sekunjalo, kwisidlo sePasika, uYesu wathi kuYudas: “Oko ukwenzayo kwenze ngokukhawuleza.” (Yohane 13:21-27) Emva koko, kumyezo waseGetsemane, uYesu waba nesibindi sokuzichaza kuloo majoni ayeze kumbamba. Nangona ubomi bakhe babusengozini, wakhusela abalandeli bakhe, wathi kuloo majoni: “Bayekeni aba bahambe.” (Yohane 18:1-8) Kamva, xa inkundla ephakamileyo yamaYuda yayimncina, uYesu wayixelela ngesibindi ukuba unguKristu uNyana kaThixo. Nangona umbingeleli omkhulu wayefuna isizathu sokumbulala, uYesu wayengoyiki tu. (Marko 14:60-65) UYesu wahlala ethembekile kuThixo de wafa kwisibonda sentuthumbo. Ephefuml’ okokugqibela, wadanduluka wathi: “Kufeziwe!”—Yohane 19:28-30.

YIBA NESIBINDI NJENGOYESU

7. Lutsha, niziva njani ngokuba ngamaNgqina kaYehova, yaye ninokusibonisa njani isibindi?

7 Sinokusixelisa njani isibindi sikaYesu? Esikolweni. Lutsha, nibonisa ukuba ninesibindi xa nixelela abany’ abantwana enifunda nabo ukuba ningamaNgqina kaYehova. Ngaloo ndlela, nibonisa ukuba ninebhongo ngokubizwa ngegama likaYehova, enoba bahlekisa ngani. (Funda iNdumiso 86:12.) Abanye bafuna nikholelwe ukuba izinto ezikhoyo zazivelela. Kodwa siyaniqinisekisa ukuba into ethethwa yiBhayibhile ngendalo ichanile. Ninokusebenzisa incwadana ethi The Origin of Life—Five Questions Worth Asking ukuze niphendule abo bafuna ukwazi “isizathu sethemba elikuni.” (1 Petros 3:15) Niya kuziva nanelisekile kuba niye nayimela ngesibindi inyaniso yeBhayibhile!

8. Ziziphi izizathu ezisenza sishumayele ngesibindi?

8 Kubulungiseleli bethu. NjengamaKristu okwenyaniso, kufuneka sihlale ‘sithetha ngenkalipho ngegunya likaYehova.’ (IZenzo 14:3) Kutheni sinako ukushumayela ngesibindi? Okokuqala, siyazi ukuba oko sikushumayelayo kusuka eBhayibhileni. Ngoko kuyinyaniso. (Yohane 17:17) Okwesibini, “singabasebenzi abangamadlelane kaThixo,” kwaye usinike umoya wakhe oyingcwele ukuze usincede. (1 Korinte 3:9; IZenzo 4:31) Okwesithathu, siyamthanda uYehova kunye nabantu, ngoko kuba siqhutywa lolo thando senza konke okusemandleni ukuze sixelele abantu ngeendaba ezilungileyo. (Mateyu 22:37-39) Ngenxa yokuba sinesibindi, asiyi kuyeka ukushumayela. Sizimisele ukubafundisa inyaniso abo baye ‘bamfanyekiswa,’ okanye baqhathwa ziinkokeli zonqulo. (2 Korinte 4:4) Kwaye siza kuqhubeka sizishumayela iindaba ezilungileyo enoba abantu bayachasa okanye bayasitshutshisa.—1 Tesalonika 2:1, 2.

9. Sinokusibonisa njani isibindi xa sithwaxwa zizilingo?

9 Xa sithwaxwa zizilingo. Xa sithembele ngoThixo, uza kusinika ukholo nesibindi ukuze sinyamezele ubunzima. Xa sifelwe, siyakhathazeka, kodwa asilahli themba. Siqinisekile ukuba ‘uThixo wentuthuzelo yonke’ uya kusomeleza. (2 Korinte 1:3, 4; 1 Tesalonika 4:13) Nangona iingqaqambo zisiphatha xa sigula, okanye sonzakele, asilwamkeli tu unyango olungamkholisiyo uThixo. (IZenzo 15:28, 29) Xa siziva siphantsi, ‘iintliziyo zethu zisenokusigweba,’ kodwa asinikezeli. Sithembele ngoYehova, ‘osondeleyo kwabo baphuke intliziyo.’ * (Funda umbhalo osemazantsi.)—1 Yohane 3:19, 20; INdumiso 34:18.

UYESU UYAQONDA

10. Yintoni ukuqonda, yaye umKristu oqondayo uthetha aze enze njani?

10 Ukuqonda kukukwazi ukwahlula phakathi kokulungileyo nokubi uze ukhethe ukwenza okulungileyo. (Hebhere 5:14) UmKristu oqondayo wenza izigqibo eziya kuqinisa ulwalamano lwakhe noThixo. Ukulumkele ukuba angathethi amazwi ahlabayo kwabanye abantu. Kunoko, ukholisa uYehova ngokukhetha ukuthetha amazwi akhayo. (IMizekeliso 11:12, 13) ‘Uzeka kade umsindo.’ (IMizekeliso 14:29) ‘Uthi ngqo phambili,’ ngamany’ amazwi, wenza izigqibo ezilungileyo ubomi bakhe bonke. (IMizekeliso 15:21) Sinokwenza njani ukuze sibe nokuqonda? Simele sifunde iLizwi likaThixo size sikwenze oko sikufundayo. (IMizekeliso 2:1-5, 10, 11) Kwaye sinokufunda kumzekelo ogqibeleleyo kaYesu wokuqonda size simxelise.

11. UYesu wakubonisa njani ukuqonda kwindlela awayethetha ngayo?

11 UYesu wabonisa ukuqonda kuko konke awayekuthetha nawayekwenza. Indlela awayethetha ngayo. Xa wayeshumayela iindaba ezilungileyo, wayethetha ngobubele ibe loo nto yayibamangalisa abaphulaphuli bakhe. (Mateyu 7:28; Luka 4:22) Wayesoloko efunda okanye ecaphula iLizwi likaThixo. Kuzo zonke iimeko wayesazi isibhalo awayemele asisebenzise. (Mateyu 4:4, 7, 10; 12:1-5; Luka 4:16-21) Kwakhona, abantu abeva uYesu ecacisa iZibhalo bachukunyiswa ngamazwi akhe. Emva kokuba evukile, wathetha nabafundi bakhe ababini kwindlela eya e-Emawusi. Wabacacisela oko kwakuthethwa zizibhalo ngaye. Kamva abafundi bathi: “Bezingavuthi na iintliziyo zethu njengoko ebethetha nathi endleleni, njengoko ebesivulela ngokupheleleyo iZibhalo?”—Luka 24:27, 32.

12, 13. Yiyiphi imizekelo ebonisa ukuba uYesu wayezeka kade umsindo kwaye enengqiqo?

12 Iimvakalelo zakhe nendlela awayecinga ngayo. Ukuqonda kwamnceda uYesu ‘wazeka kade umsindo.’ (IMizekeliso 16:32) Wayekwazi ukulawula iimvakalelo zakhe, yaye ‘enomoya wobulali.’ (Mateyu 11:29) Nangona abafundi bakhe babeneziphako, wayesoloko enomonde. (Marko 14:34-38; Luka 22:24-27) Kwaye wahlala ezolile naxa wayephathwa kakubi.—1 Petros 2:23.

13 Ukuqonda kwamnceda uYesu waba nengqiqo. Wayeziqonda izizathu zokuba kubekho uMthetho kaMoses, ibe loo nto yayibonakala kwindlela awayebaphatha ngayo abantu. Ngokomzekelo, cinga ngomfazi “owayenethombo legazi.” (Funda uMarko 5:25-34.) Lo mfazi wadlula phakathi kwesihlwele, wachukumisa isambatho sikaYesu, waza waphiliswa. UMthetho wawusithi akahlambulukanga, ngoko wayengafanelanga achukumise mntu. (Levitikus 15:25-27) Kodwa uYesu akazange amngxolise. Ngoba? Kuba wayeqonda ukuba iimpawu ezifana ‘nenceba nokuthembeka’ zazibaluleke ngakumbi kunokubambelela ngokungqongqo kuMthetho. (Mateyu 23:23) UYesu wathetha naye ngobubele esithi: “Ntombi, ukholo lwakho lukuphilisile. Hamba ngoxolo, uze uphile kwisifo sakho esibuhlungu.” Lo ngumzekelo omhle obonisa indlela ukuqonda okwambangela ngayo ukuba enze ububele!

14. UYesu wakhetha ukwenza ntoni, yaye wakwazi njani ukuqhubeka nobulungiseleli bakhe?

14 Indlela awayephila ngayo. UYesu wabonisa ukuqonda kwindlela awayephila ngayo. Wakhetha ukwenza ubulungiseleli bube ngowona msebenzi wakhe. (Luka 4:43) Kwakhona, wenza izigqibo ezamnceda waqhubeka nalo msebenzi wakhe de wawugqiba. Ngokomzekelo, wabugcina bulula ubomi bakhe ukuze asebenzise ixesha namandla akhe kubulungiseleli. (Luka 9:58) Wayesazi ukuba kubalulekile ukuqeqesha abanye abantu ukuze umsebenzi wokushumayela uqhubeke emva kokuba efile. (Luka 10:1-12; Yohane 14:12) Wabathembisa abafundi bakhe wathi uya kubanceda kubulungiseleli “de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.”—Mateyu 28:19, 20.

YIBA NOKUQONDA NJENGOYESU

Ukuqonda kusinceda sibone oko abantu bakudingayo size siwakhethe kakuhle amazwi esiwathethayo (Jonga isiqendu 15)

15. Sinokukubonisa njani ukuqonda kwindlela esithetha ngayo?

15 Sinokukuxelisa njani ukuqonda kukaYesu? Indlela esithetha ngayo. Xa sithetha nabazalwana noodade wethu, siyabakhuthaza kunokuba sibagxeke. (Efese 4:29) Xa sixelela abantu ngoBukumkani bukaThixo, kufuneka amazwi ethu ‘anongwe ngetyuwa,’ ngamany’ amazwi, sithethe kakuhle nabo. (Kolose 4:6) Sizama ukuziqonda izinto abantu abazidingayo nabanomdla kuzo, size siwakhethe kakuhle amagama esiwasebenzisayo. Ukuba sithetha ngobubele, abantu banokufuna ukusimamela, size isigidimi sethu sifikelele kwiintliziyo zabo. Kwakhona, xa sicacisa iinkolelo zethu, sifunda iBhayibhile nanini na kunokwenzeka, kuba liLizwi likaThixo elinegunya. Siyazi ukuba iBhayibhile inamandla ngaphezu kwayo nantoni na thina esinokuyithetha.—Hebhere 4:12.

16, 17. (a) Sinokubonisa njani ukuba asikhawulezi ukucaphuka kwaye sinengqiqo? (b) Sinokwenza njani ukuze singabuyeki ubulungiseleli bethu?

16 Iimvakalelo zethu nendlela esicinga ngayo. Ukuqonda kusinceda silawule iimvakalelo zethu xa sicatshukiswa, size ‘sicothe ukuqumba.’ (Yakobi 1:19) Xa abantu besikhubekisa, sizam’ ukuqonda ukuba kutheni besikhubekisa. Ngoko kuba lula ukuba sibaxolele size singabi nomsindo. (IMizekeliso 19:11) Ukuqonda kukwasinceda sibe nengqiqo. Asilindeli ukuba abazalwana noodadewethu bafezeke. Kunoko, siye sikhumbule ukuba kusenokwenzeka ukuba baneengxaki esingazaziyo thina. Sikulungele ukumamela iimbono zabo. Yaye xa kunokwenzeka, siyayekelela, nto leyo ethetha ukuba asinyanzelisi ukuba izinto zenziwe ngendlela yethu.—Filipi 4:5.

17 Indlela esiphila ngayo. Siyazi ukuba ukushumayela iindaba ezilungileyo lelona lungelo likhulu esakha sanalo. Ngoko sifuna ukwenza izigqibo eziza kusinceda singabuyeki ubulungiseleli bethu. Sikhetha ukumbeka kuqala uYehova ebomini bethu. Siphila ubomi obulula ukuze ixesha namandla ethu siwasebenzisele ukushumayela iindaba ezilungileyo ngaphambi kokuba kufike isiphelo.—Mateyu 6:33; 24:14.

18. Sinokwenza ntoni ukuze sihlale kwindlela esa kubomi obungunaphakade, kwaye uzimisele ukwenza ntoni wena?

18 Kusivuyisile ukufunda ngezinye zeempawu ezintle zikaYesu! Khawucinge nje ngendlela ebesiya kungenelwa ngayo ngokufunda ngezinye iimpawu zakhe nangokumxelisa. Ngoko masizimisele ukuxelisa uYesu. Xa sisenjenjalo, siya kuhlala kwindlela esa kubomi obungunaphakade kwaye siya kusondela kuYehova.

^ isiqe. 2 Eyokuqala kaPetros 1:8, 9 yayibhalelwe amaKristu anethemba lokuphila ezulwini. Noko ke, amazwi kaPetros anokusebenza nakumaKristu anethemba lokuphila emhlabeni ngonaphakade.

^ isiqe. 9 Xa ufuna imizekelo yabantu ababa nesibindi xa babethwaxwa zizilingo, funda IMboniselo kaDisemba 1, 2000, iphepha 24-28; noVukani! kaMeyi 8, 2003, iphepha 26-29.