Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Kwiminyaka edluleyo, iimpapasho zethu bezidla ngokuthetha ngezinto eziyimifuziselo nezokoqobo. Noko ke, kunqabile ukuyibona loo nto ngoku. Kutheni kunjalo nje?

IMboniselo yesiNgesi kaSeptemba 15, 1950, yacacisa “umfuziselo” kunye “nento yokoqobo.” Yathi umfuziselo ngumntu, isiganeko okanye into ekuthethwa ngayo eBhayibhileni emela umntu okanye into ebalulekileyo yexesha elizayo. Into yokoqobo yona ngumntu, isiganeko okanye into ekuthethwa ngayo eBhayibhileni emelwa ngumfuziselo. Umfuziselo wawukwabizwa ngokuba sisithunzi ize into yokoqobo yona ibizwe ngokuba sisiqu.

Ngaphambili, iincwadi zethu bezisithi amadoda nabafazi abathembekileyo abanjengoDebhora, uElihu, uYifeta, uYobhi, uRahabhi, uRebheka, nabanye abaninzi babefuzisela abathanjiswa okanye “isihlwele esikhulu.” (ISityhilelo 7:9) Ngokomzekelo, besisithi uYifeta, uYobhi, noRebheka babefuzisela abathanjiswa, aze uDebhora noRahabhi bafuzisele isihlwele esikhulu. Kodwa ke, asisayibeki ngolo hlobo ngoku. Ngoba kutheni?

UMFUZISELO

Imvu yePasika ekwakubingelelwa ngayo kwaSirayeli mandulo yayingumfuziselo.—Numeri 9:2

EYOKOQOBO

UPawulos wathi uKristu ‘yipasika yethu.’—1 Korinte 5:7

IZibhalo ziyatsho ukuba abanye abantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni babefuzisela umntu okanye into ebalulekileyo yexesha elizayo. Ngokomzekelo, kumaGalati 4:21-31, umpostile uPawulos uthetha ‘ngesiganeko esingumfuziselo’ esibandakanya abafazi ababini. Owokuqala, yayinguHagare, isicakakazi sika-Abraham. UPawulos ubonisa ukuba lo mfazi wayemela uhlanga lwakwaSirayeli, olwalukhonza uYehova ngokuthobela uMthetho kaMoses. Owesibini, ngumfazi ka-Abraham, uSara, obizwa ngokuba ‘ngumfazi okhululekileyo.’ Wayefuzisela umfazi kaThixo, oko kukuthi inxalenye esezulwini yentlangano kaThixo. UPawulos uphinda athethe ngeendlela uYesu awayefana ngazo noMelkitsedeki owayengukumkani ongumbingeleli. (Hebhere 6:20; 7:1-3) Ukongezelela, uPawulos uthetha ngeendlela umprofeti uIsaya noonyana bakhe abafana ngazo noYesu nabathanjiswa. (Hebhere 2:13, 14) UYehova waphefumlela uPawulos ukuba abhale yonke le ngxelo ukuze siqiniseke ukuba le mifuziselo nezinto zokoqobo zichanile.

Kodwa ke, naxa iBhayibhile isithi umntu othile ungumfuziselo, asimele sicinge ukuba zonke iinkcukacha okanye zonke iziganeko ezenzeke ebomini bakhe zimela into enkulu yexesha elizayo. Ngokomzekelo, uPawulos uthi uMelkitsedeki ufuzisela uYesu. Kodwa akukho kwanto ayithethayo uPawulos ngokuzisa kukaMelkitsedeki isonka newayini kuAbraham emva kokuba oyise ookumkani abane. Ngoko iZibhalo azisiniki sizathu sokucinga ukuba kukho intsingiselo efihliweyo kweso siganeko.—Genesis 14:1, 18.

Kwiminyaka engamakhulu emva kokufa kukaKristu, abanye ababhali benza impazamo enkulu. Phantse zonke iingxelo zeBhayibhile bazenza zayimifuziselo. IThe International Standard Bible Encyclopaedia ithi xa ichaza iimfundiso zikaOrigen, uAmbrose noJerome: “Babeyizingela de bayifumane le mifuziselo, kuzo zonke iziganeko ezikwiZibhalo, enoba zizinto ezingenamsebenzi kangakanani. Kwanezona meko zilula neziqhelekileyo kwakucingwa ukuba ziqulethe iimfundiso [ezifihlakeleyo] . . . , nkqu nenani leentlanzi eziyi-153 ezazibanjwe ngabafundi ngobusuku ekwabonakala ngabo uMsindisi—abanye baye babila besoma bekhangela intsingiselo yalo!”

Omnye umbhali, uAugustine waseHippo, wathi ingxelo yeBhayibhile ethetha ngokondla kukaYesu amadoda ayi-5 000 ngezonka zerhasi ezintlanu neentlanzi ezimbini yayifuzisela into ethile. Wathi ezi zonka zintlanu zazimela iincwadi ezintlanu zokuqala zeBhayibhile. Ekubeni irhasi yayijongelwa phantsi kunengqolowa, wayesithi “iTestamente Endala” yayingaphantsi “kwiTestamente Entsha.” Kwakhona, wabonisa ukuba iintlanzi ezimbini zazimela ukumkani nombingeleli. Omnye umphengululi wathi ukuthenga kukaYakobi ubuzibulo bukaEsawu ngesityu esibomvu kwakufuzisela ukuthenga kukaYesu ithemba lasezulwini ngegazi lakhe elibomvu!

Umel’ ukuba uyasiqonda isizathu sokuba kube nzima ukuzikholelwa ezi ngcaciso. Thina bantu asinakwazi ukuba ziziphi iingxelo zeBhayibhile ezifuziselayo nezingafuziseliyo. Ngoko, yintoni ekububulumko ukuyenza? Xa iZibhalo zisithi umntu, isiganeko okanye into ingumfuziselo wento yexesha elizayo, siyayamkela loo ngcaciso. Kodwa ke, asimele sithi ingxelo yeBhayibhile iyafuzisela xa iZibhalo zingatsho.

Ngoko ke, sinokuncedakala njani kwiinkcukacha neengxelo esizifumana eBhayibhileni? Umpostile uPawulos wathi: “Zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa ukuyalela thina, ukuze ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba.” (Roma 15:4) UPawulos wayebhalela amaKristu athanjisiweyo enkulungwane yokuqala, ewaxelela indlela ezinokuwanceda ngayo iingxelo zeBhayibhile. Noko ke, ukususela ngelo xesha, onke amaKristu, kuquka “ezinye izimvu,” aye afunda lukhulu kwiZibhalo.—Yohane 10:16; 2 Timoti 3:1.

Ngoko, iingxelo ezininzi zeBhayibhile azibhekiseli kuphela kubathanjiswa, ‘kwezinye izimvu,’ okanye kumaKristu awayephila ngexesha elithile embalini. Kunoko, ziye zanceda bonke abakhonzi bakaThixo, abakudala nabangoku. Ngokomzekelo, intlungu kaYobhi ayifuziseli nje kuphela izinto ezibuhlungu ezehlela abathanjiswa ebudeni beMfazwe Yehlabathi I. Abantu bakaThixo abaninzi, amadoda nabafazi, abathanjisiweyo ‘nabezinye izimvu,’ baye behlelwa zizinto ezibuhlungu njengoYobhi, ibe kubancedile ukufunda ngaye. Baye bayibona “nendlela uYehova awambuyekeza ngayo [uYobhi], ngokuba uYehova unomsa omkhulu nenceba.”—Yakobi 5:11.

Kumabandla esikuwo, kukho oodade abakhulileyo nabathembekileyo njengoDebhora, kunye nabadala abasebatsha abanobulumko njengoElihu. Kukho noovulindlela abazimiseleyo nabakhaliphe njengoYifeta, kunye namadoda nabafazi abathembekileyo abanyamezele njengoYobhi. Siyambulela uYehova kuba eye waqinisekisa ukuba “zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili” ziyafumaneka namhlanje, ukuze “ngentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba”!

Ngenxa yezo zizathu ke, asizami kujonga yonke ingxelo eseBhayibhileni ukuba ifuzisela ntoni. Kunoko, ngoku iincwadi zethu zithetha kakhulu ngezinto ezibalulekileyo esinokuzifunda eZibhalweni.