Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukubaxhasa Ngokunyaniseka Abazalwana BakaKristu

Ukubaxhasa Ngokunyaniseka Abazalwana BakaKristu

“Ekubeni nenjenjalo koyena mncinane waba bazalwana bam, nenjenjalo nakum.”—MATEYU 25:40.

1, 2. (a) Yiyiphi imizekeliso uYesu awayixelela abahlobo bakhe abasondeleyo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.) (b) Yintoni esimele siyazi ngomzekeliso wezimvu neebhokhwe?

UYESU wayencokola ngento ebangel’ umdla nabahlobo bakhe abasondeleyo uPetros, uAndreya, uYakobi noYohane. Emva kokuba enze umzekeliso wekhoboka elithembekileyo neliyingqondi, oweentombi ezinyulu ezilishumi, noweetalente, uYesu wabenzela omnye umzekeliso. Kuwo, wathetha ngexesha apho “uNyana womntu” eya kugweba “zonke iintlanga.” Wathi “uNyana womntu” wayeza kubahlula abantu babe ngamaqela amabini, awawachaza ngokuthi zizimvu neebhokhwe. Kwaye wachaza iqela lesithathu elibalulekileyo, ‘abazalwana’ bakaKumkani.—Funda uMateyu 25:31-46.

2 Njengabapostile, nabakhonzi bakaYehova bale mihla baye banomdla kulo mzekeliso kuba utheth’ ukufa nokuphila ebantwini. UYesu wathi abanye baza kufumana ubomi obungunaphakade baze abanye batshatyalaliswe. Yiloo nto kubalulekile ukuba sazi intsingiselo yalo mzekeliso noko simele sikwenze ukuze sifumane ubomi obungunaphakade. Ngoko kweli nqaku, siza kuphendula le mibuzo: UYehova usincede njani ukuba siqonde lo mzekeliso? Sazi njani ukuba lo mzekeliso ugxininisa umsebenzi wokushumayela? Ngoobani abamele bashumayele? Kutheni kubalulekile ukuba abantu banyaniseke ngoku ‘kukumkani’ ‘nakubazalwana’ bakhe?

UYEHOVA USINCEDE NJANI UKUBA SIQONDE LO MZEKELISO?

3, 4. (a) Yintoni esimele siyazi ukuze siqonde lo mzekeliso? (b) Ngo-1881, IMboniselo yawucacisa njani lo mzekeliso?

3 Ukuze siqonde oko kuthethwa ngumzekeliso wezimvu neebhokhwe, kufuneka sazi ukuba (1) ngubani “uNyana womntu,” okanye “ukumkani,” ngoobani izimvu neebhokhwe, yaye ngoobani ‘abazalwana’ bakaKumkani? (2) “uNyana womntu” uzahlula, okanye uzigweba nini izimvu neebhokhwe? yaye (3) kutheni abanye bebizwa ngokuthi zizimvu baze abanye kuthiwe ziibhokhwe?

4 Ngo-1881, IMboniselo yesiNgesi yathi “uNyana womntu,” okanye “ukumkani,” nguYesu. Kwaye yathi, xa kuthethwa ‘ngabazalwana’ bakaKumkani, kwakungabhekiselwa kwabo baza kulawula noYesu ezulwini kuphela, kodwa nakubo bonke abaza kuphila emhlabeni befezekile. Le Mboniselo yathi abantu babeya kwahlulwa ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka lukaKristu kwaye bonke abaxelisa uthando lukaThixo kuko konke abakwenzayo babeya kubizwa njengezimvu.

5. Ngo-1923, abantu bakaThixo babewuqonda njani lo mzekeliso wezimvu neebhokhwe?

5 Kamva, uYehova wanceda abantu bakhe bawuqonda ngakumbi lo mzekeliso. Ngo-1923, IMboniselo yesiNgesi kaOktobha 15 yathi “uNyana womntu” nguYesu. Kodwa yasebenzisa iivesi zeBhayibhile ukuze icacise ukuba ‘abazalwana’ abakulo mzekeliso babhekisela kuphela kwabo baza kulawula noYesu, kwaye baza kube sele besezulwini ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka. Yongezelela yathi izimvu zimela abo baza kuphila emhlabeni belawulwa nguYesu nabazalwana bakhe. Kwaye ekubeni lo mzekeliso usithi ezi zimvu zincedisa abazalwana bakaKumkani, kwakuza kufuneka kwahlulwe, okanye kugwetywe, ngoxa abazalwana abathanjisiweyo bakaYesu besesemhlabeni, ngaphambi koLawulo Lweminyaka Eliwaka. Eli nqaku laphinda lathi izimvu ngabo bakholelwa kuYesu nabakholelwa ukuba uBukumkani buya kuphucula ubomi babantu.

6. Ngo-1995 yatshintsha njani indlela esasiwuqonda ngayo lo mzekeliso wezimvu neebhokhwe?

6 Kangangeminyaka emininzi sasicinga ukuba abantu babegwetywa ngomsebenzi wokushumayela owenziwa kweli xesha lesiphelo. Ukuba babesamkela isigidimi sethu, babesiba zizimvu, kanti ukuba babechasa, babesiba ziibhokhwe. Kodwa ngo-1995 indlela esasiwuqonda ngayo lo mzekeliso yatshintsha. IMboniselo yathelekisa uMateyu 24:29-31 (mfunde) noMateyu 25:31, 32 (mfunde), yaza yacacisa ukuba uYesu uza kubagweba ebudeni bembandezelo enkulu abantu xa “efika esebuqaqawulini bakhe.” *—Funda umbhalo osemazantsi.

Simbulela kakhulu uYehova kuba eye wasinceda saqonda umzekeliso kaYesu

7. Uthetha ukuthini lo mzekeliso?

7 Namhlanje siwuqonda ngokucacileyo umzekeliso wezimvu neebhokhwe. Siyazi ukuba “uNyana womntu,” okanye “ukumkani,” nguYesu. ‘Abazalwana’ bakaKumkani ngabathanjiswe ngomoya oyingcwele nabaza kulawula ezulwini noYesu. (Roma 8:16, 17) “Izimvu” ‘neebhokhwe’ ngabantu bazo zonke iintlanga. Baza kugwetywa ngasekupheleni kwembandezelo enkulu eza kuqalisa kungekudala. Kwaye siyazi ukuba uYesu uza kugweba abantu ngokwendlela abaye babaphatha ngayo abathanjiswa abasesemhlabeni. Simbulela kakhulu uYehova kuba eye wasinceda saqonda lo mzekeliso neminye ekuMateyu isahluko 24 no-25!

LO MZEKELISO USIFUNDISA UKUBA UKUSHUMAYELA KUBALULEKE KAKHULU

8, 9. Yintoni eyenza uYesu wathi izimvu ‘ngamalungisa’?

8 UYesu akazange alisebenzise igama elithi “ukushumayela” okanye elithi “umsebenzi wokushumayela” kumzekeliso wezimvu neebhokhwe. Ngoko sazi njani ukuba lo mzekeliso usifundisa ukuba umsebenzi wokushumayela ubaluleke kakhulu?

9 Ukuze siphenduleke, okokuqala simele sikhumbule ukuba uYesu wenza lo mzekeliso ngenjongo yokufundisa. Wayengathethi ngezimvu neebhokhwe zokoqobo. Ngoko ngendlela efanayo, wayengathethi kuthi ukuze ujongwe njengemvu umele unike abathanjiswa ukutya nempahla, ubahoye xa begula okanye uye kubabona xa bevalelwe entolongweni. Kunoko, uYesu wathi into eyenza izimvu zibe ‘ngamalungisa’ kukujonga abathanjiswa njengabazalwana bakhe nokunyaniseka kubo kule mihla yokugqibela inzima.—Mateyu 10:40-42; 25:40, 46; 2 Timoti 3:1-5.

10. Izimvu zinokubanceda njani abazalwana bakaKristu?

10 Xa uYesu wenza umzekeliso wezimvu neebhokhwe, wayethetha ngento eza kwenzeka ngexesha lesiphelo. (Mateyu 24:3) Ngokomzekelo wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo.” (Mateyu 24:14) Emva koko, ngaphambi nje kokuba athethe ngezimvu neebhokhwe, wenza umzekeliso weetalente. UYesu wenza lo mzekeliso ukuze afundise abathanjiswa ukuba bamele bazijul’ ijacu kumsebenzi wokushumayela. Kodwa bambalwa abasaseleyo emhlabeni, ube wona umsebenzi umninzi! Abathanjiswa baxelelwe ukuba bashumayele “kuzo zonke iintlanga” ngaphambi kokuba kufike isiphelo. Njengoko sibona kumzekeliso wezimvu neebhokhwe, “izimvu” zincedisa abazalwana bakaYesu. Ibe enye into abanokubancedisa kuyo abazalwana bakaYesu ngumsebenzi wokushumayela. Kodwa ngaba kwanele ukuxhasa umsebenzi ngemali okanye ukubakhuthaza ukuba bashumayele?

NGOOBANI ABAFANELE BASHUMAYELE?

11. Nguwuphi umbuzo abanye abasenokuwubuza, yaye ngasiphi isizathu?

11 Namhlanje, bazizigidi ezisibhozo abafundi bakaYesu, kwaye inkoliso yabo ayithanjiswanga. UYesu akazange abanike iitalente. Wazinika abazalwana bakhe abathanjisiweyo. (Mateyu 25:14-18) Ngoko abanye basenokubuza, ‘Ukuba uYesu akazange abanike iitalente, ngaba nabo bamele bashumayele ke?’ Ewe. Makhe sibone ukuba kutheni sisitsho nje.

12. Sifunda ntoni kumazwi kaYesu akuMateyu 28:19, 20?

12 UYesu wayalela bonke abafundi bakhe ukuba bashumayele. Emva kokuba evusiwe, waxelela abafundi bakhe ukuba ‘benze abafundi’ baze babafundise “zonke izinto” awayebayalele zona. Ngoko aba bafundi kwakufuneka bathobele umyalelo kaYesu wokushumayela. (Funda uMateyu 28:19, 20.) Izicacele ke into yokuba sonke simele sishumayele, enoba sinethemba lokuphila ezulwini okanye emhlabeni.—IZenzo 10:42.

Sonke simele sishumayele, enoba sinethemba lokuphila ezulwini okanye emhlabeni

13. Sifunda ntoni kumbono owabonwa nguYohane?

13 Kwincwadi yeSityhilelo, sifunda ukuba umsebenzi wokushumayela wawuza kwenziwa ngabathanjiswa nangabanye. UYesu wabonisa umpostile uYohane umbono ‘womtshakazi’ omema abantu ukuba beze kusela amanzi obomi. Umtshakazi ubhekisela kubathanjiswa abayi-144 000 abaza kulawula noYesu ezulwini. (ISityhilelo 14:1, 3; 22:17) Amanzi abhekisela kwidini lentlawulelo likaYesu elikhulula abantu esonweni nasekufeni. (Mateyu 20:28; Yohane 3:16; 1 Yohane 4:9, 10) Abathanjiswa bakukhuthalele ukufundisa abantu ngentlawulelo nangendlela abanokungenelwa ngayo kuyo. (1 Korinte 1:23) Kodwa lo mbono uthetha nangelinye iqela labantu abangathanjiswanga abanethemba lokuphila emhlabeni. Nabo bayalelwa ukuba bathi ebantwini: “Yiza!” Kwaye bathobela lo myalelo ngokufundisa abanye abantu iindaba ezilungileyo. Ngoko lo mbono ungqina ukuba bonke abasamkelayo isigidimi seendaba ezilungileyo bamele bashumayele.

14. Siwuthobela njani “umthetho kaKristu”?

14 Bonke abathobela “umthetho kaKristu” bamele bashumayele. (Galati 6:2) UYehova ulindele ukuba bonke abanquli bakhe bathobele imithetho efanayo. Mandulo, wayelindele ukuba amaSirayeli kunye nabasemzini ababehlala nawo bayithobele imithetho yakhe. (Eksodus 12:49; Levitikus 24:22) Kakade ke, namhlanje akuyomfuneko ukuba sithobele yonke imithetho eyayinikwe amaSirayeli. Kunoko, simele sithobele “umthetho kaKristu” enoba singabathanjiswa okanye asingabo. Enye yezona zinto zibalulekileyo uYesu awasifundisa zona kukuba sibe nothando. (Yohane 13:35; Yakobi 2:8) Simele sithande uYehova, uYesu nabantu. Kwaye eyona ndlela yokubonisa olo thando kukuxelela abantu ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani.—Yohane 15:10; IZenzo 1:8.

15. Kutheni sinokuthi uYesu wayalela bonke abafundi bakhe ukuba bashumayele?

15 Maxa wambi uYesu wayethetha into kubafundi abambalwa abe ebhekisa kwabaninzi. Ngokomzekelo, wenza umnqophiso nabafundi abayi-11 nje kuphela, ebathembisa ukuba baza kulawula kuBukumkani bakhe. Kodwa bayi-144 000 abaza kulawula naye. (Luka 22:29, 30; ISityhilelo 5:10; 7:4-8) Kwaye emva kokuba uYesu evusiwe, yimbinana nje yabafundi eyayikho xa wayekhupha umyalelo wokuba kushunyayelwe. (IZenzo 10:40-42; 1 Korinte 15:6) Kodwa bonke abafundi bakaYesu benkulungwane yokuqala bawuthobela loo myalelo. (IZenzo 8:4; 1 Petros 1:8) Nathi ke namhlanje simele sishumayele, nangona singazange simve ngeendlebe zethu uYesu xa wayesithi senze lo msebenzi. Phofu ke, bazizigidi ezisibhozo kuthi abawenzayo lo msebenzi. Siyazi ukuba xa sishumayela, sibonisa ukuba ngokwenene sinokholo kuYesu.—Yakobi 2:18.

LINGOKU IXESHA LOKUBA SINYANISEKE

16-18. Sinokubancedisa njani abazalwana bakaKristu, yaye kutheni simele siyenze ngoku loo nto?

16 USathana ulwa kakhulu nabazalwana abathanjisiweyo bakaKristu abasesemhlabeni, kwaye uyazi ukuba “ixesha analo lifutshane.” (ISityhilelo 12:9, 12, 17) Kodwa nangona abathanjiswa behlaselwa nguSathana, bayaqhubeka bekhokela kumsebenzi wokushumayela kwaye abantu abaninzi ngakumbi bayaziva iindaba ezilungileyo. Kucacile ukuba uYesu ukunye nabathanjiswa, kwaye uyabakhokela.—Mateyu 28:20.

Kulilungelo ukuncedisa abazalwana bakaKristu

17 Sikugqala kulilungelo ukuncedisa abazalwana bakaKristu kumsebenzi wokushumayela. Sibancedisa nangokunikela ngemali nokusebenza nzima ekwakheni iiHolo zoBukumkani, ezeeNdibano kunye neeofisi zamasebe. Xa sibathobela ngokunyaniseka abadala nabanye abazalwana abamiselwe “likhoboka elithembekileyo neliyingqondi,” sibonisa ukuba sifuna ukubancedisa abazalwana bakaKristu.—Mateyu 24:45-47; Hebhere 13:17.

18 Kungekudala abathanjiswa abaseleyo baza kutywinwa okokugqibela. Emva koko iingelosi ziza kukhulula “imimoya yomine yomhlaba,” kuze kuqalise imbandezelo enkulu. (ISityhilelo 7:1-3) Ngaphambi kokuba iArmagedon iqalise, uYesu uza kuthatha abathanjiswa abase ezulwini. (Mateyu 13:41-43) Ngoko ukuba sifuna ukujongwa njengezimvu xa uYesu esiza, kufuneka sinyaniseke ngoku kubazalwana abathanjisiweyo bakaKristu.

Sibancedisa ngeendlela ezininzi abazalwana bakaKristu (Jonga isiqendu 17)

^ isiqe. 6 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngalo mzekeliso, jonga inqaku elithi “Uya Kuma Njani Phambi Kwesihlalo Sokugweba?” nelithi “Liyintoni Ikamva Lezimvu Neebhokhwe?” kwiMboniselo kaOktobha 15, 1995.