Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kholosa NgoYehova Ngalo Lonke Ixesha!

Kholosa NgoYehova Ngalo Lonke Ixesha!

“Kholosani ngaye ngamaxesha onke, nina bantu.”—INDUMISO 62:8.

1-3. Yintoni eyenza uPawulos waqiniseka ukuba wayenokukholosa ngoYehova? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

INKULUNGWANE yokuqala yayilixesha eliyingozi kakhulu lokuba ube ngumKristu eRoma. AmaKristu ayetshutshiswa ngolunya ngamaRoma. Kaloku amaRoma ayewatyhola esithi ngawo aphembe umlilo omkhulu owatshisa iRoma, kwaye kwakusithiwa abathiyile abantu. Abaninzi kubazalwana noodade babebanjwa baze baphoswe ngaphaya kwezitshixo. Abanye babedlakazwa ngamarhamncwa. Kanti abanye babebethelelwa ezipalini baze batshiswe bephila ukuze kukhanyiswe ngezidumbu zabo ebusuku. Nayiphi na kwezi zinto yayinokwenzeka kuwe nanini na.

2 Kuthe kusenzima kunjalo, umpostile uPawulos wavalelwa entolongweni. Ekubeni wayengazange ancedwe ngabazalwana xa wayesengxakini ngaphambili, kusenokwenzeka ukuba wayecinga ukuba kuya kwenzeka esezolo. Kodwa ke waye wancedwa nguYehova esebenzisa iNkosi uYesu. Wathi: “INkosi yema kufuphi nam, yandomeleza.” UYesu wamnika amandla awayewadinga lo mpostile. UPawulos wada wathi ‘wayehlangulwe emlonyeni wengonyama.’—2 Timoti 4:16, 17. * (Funda umbhalo osemazantsi.)

3 UPawulos wakhumbula indlela uYehova awayemncede ngayo ngaphambili. Loo nto yamenza waqiniseka ukuba uYehova wayeya kumqinisa ukuze akwazi ukunyamezela imeko awayekuyo, kunye nezilingo ezaziza kuvela kwixesha elizayo. Wayeqiniseke nyhani ngaloo nto, kangangokuba wabhala esithi: “INkosi iya kundihlangula kuwo wonke umsebenzi ongendawo.” (2 Timoti 4:18) Wayeyibonile into yokuba kwanaxa abazalwana bakhe bengakwazi ukumnceda, wayenako ukuqamela ngoncedo lukaYehova noYesu. Wayengayithandabuzi nakancinane loo nto.

IZINTO EZISINIKA ITHUBA LOKUKHOLOSA NGOYEHOVA

4, 5. (a) Ngubani oya kusoloko ekunceda? (b) Unokwenza njani ukuze uqinise ubuhlobo bakho noYehova?

4 Ngaba wakha wamhokamhokana nengxaki enzima, kungekho mntu ukuncedayo? Mhlawumbi wawuphelelwe ngumsebenzi okanye uneengxaki esikolweni. Okanye ubugulel’ ugqirha nezicaka okanye unenye ingxaki. Kusenokwenzeka ukuba walucela uncedo ebantwini, kodwa waphoxeka wakungalufumani. Nyhani ke, ezinye zezi zinto azinakusonjululwa ngabantu. Ithiwani ke into xa injalo? IBhayibhile ithi ‘masikholose ngoYehova.’ (IMizekeliso 3:5, 6) Kodwa ke ngaba uza kukunceda nyhani? Ewe kaloku! Mininzi imizekelo eseBhayibhileni engqina ukuba uYehova ubanceda nyhani abantu bakhe.

Isilingo sisinika ithuba lokukholosa ngoYehova ngomzimb’ ongenaxhala

5 Sukuba buhlungu xa abantu bengakuncedi ngale ndlela uyifunayo. Kunoko, xelisa uPawulos, ujonge eso silingo njengethuba lokukholosa ngoYehova ngomzimb’ ongenaxhala. Uya kutsho ufumane nethuba lokubona indlela akukhathalele ngayo. Ibe loo nto iya kukwenza ukholose ngakumbi ngaye, nobuhlobo bakho naye buqine.

KUFUNEKA SIKHOLOSE NGOYEHOVA

6. Kutheni kusenokuba nzima ukukholosa ngoYehova xa unengxaki enkulu?

6 Masithi kukho ingxaki enkulu ekukhathazayo. Kudala ujijisana nayo, wade wayibeka nasemthandazweni. Ngaba ukukholosa ngoYehova kunako ukukwenza wehlis’ izibilini? Ewe. (Funda iNdumiso 62:8; neyoku-1 kaPetros 5:7.) Ukufunda ukukholosa ngoYehova ngundoqo ukuba ufuna ukuba ngumhlobo wakhe. Kodwa isenokuba nzima loo nto ngamanye amaxesha. Ngoba? Esinye sezizathu kukuba uYehova usenokungakuphenduli ngoko nangoko.—INdumiso 13:1, 2; 74:10; 89:46; 90:13; Habhakuki 1:2.

UBawo wethu osezulwini, uYehova, uyasithanda kwaye uyazazi izinto esizidingayo

7. Kutheni uYehova engasoloko eyiphendula ngoko nangoko imithandazo yethu?

7 Kutheni uYehova engasoloko eyiphendula ngoko nangoko imithandazo yethu? IBhayibhile ithi uYehova unguBawo, thina singabantwana bakhe. (INdumiso 103:13) Umntwana akanikwa yonk’ into ayifunayo okanye ayinikwe ngoko nangoko into ayicela kuyise. Kaloku uyise uyazi ukuba umntwana unokuphum’ izithuba efuna into ngoku, kwimizuzwana engephi akasenamdla waloo nto. Uyazazi izinto eziya kumnceda umntwana wakhe, kwaye uyayazi nendlela eziya kubachaphazela ngayo abanye abantu. Uyazazi izinto azidingayo, nexesha afanele azifumane ngalo. Ukuba ebenokumtefisa ngokumnika yonk’ into le, ebeya kuphela sele etatazeliswa nguloo mntwana. UBawo wethu osezulwini, uYehova, uyasithanda. Ekubeni enguMdali wethu kwaye elumkile, uyazazi izinto esizidingayo, kwaye nguye ogqiba ngelona xesha lifanelekileyo lokusinika izinto esizicelayo. Kuya kusakha ukulinda ukuze sibone indlela aza kuyiphendula ngayo imithandazo yethu.—Thelekisa noIsaya 29:16; 45:9.

8. UYehova uthembisa ntoni ngezinto esizinyamezelayo?

8 Enye into esingamele kuyilibala kukuba uYehova uyazazi izinto ngamnye kuthi anokuzinyamezela nangenakukwazi ukuzithwala. (INdumiso 103:14) Ngoko uyasinika amandla esiwadingayo. Abakho amaxesha apho sisenokuvakalelwa kukuba noko kwanele ngoku. Kodwa uYehova uthembisa ukuba xa sisonganyelwa sisilingo, uya ‘kwenza indlela yokuphuma.’ (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 10:13.) Kuyasithuthuzela ukwazi ukuba uYehova uyazazi izinto esinokukwazi ukuzinyamezela.

9. Yintoni esifanele siyenze xa siye sacela uncedo kuYehova, waza akasiphendula ngoko nangoko?

9 Xa sicela uYehova ukuba asincede, aze yena angasiphenduli ngoko nangoko, masibe nomonde. Masikhumbule ukuba uyafuna ukusinceda, kodwa uye alinde elona xesha lifanelekileyo lokusinika loo nto siyidingayo. IBhayibhile ithi: “UYehova uya kuhlala elindele ukunibabala, aphakame ukuze anenzele inceba. Kuba uYehova nguThixo wokugweba. Banoyolo bonke abo bahlala bemlindele.”—Isaya 30:18.

“EMLONYENI WENGONYAMA”

10-12. (a) Yintoni enokwenza kube nzima ukonga ilungu lentsapho eligulayo? (b) Bunokuba njani ubuhlobo bakho noYehova xa ukholosa ngaye ngamaxesha anzima? Zekelisa.

10 Kusenokwenzeka ukuba imeko yakho imbi kangangokuba, njengoPawulos, ufuna ukuhlangulwa “emlonyeni wengonyama.” (2 Timoti 4:17) Xa kunjalo, kokukhona kubalulekile ukuba ukholose ngoYehova. Ngokomzekelo, kusenokwenzeka ukuba wonga ilungu lentsapho eligulayo. Uye wamcela uYehova ukuba akuncede wenze izigqibo ezifanelekileyo kwaye womelele. * (Funda umbhalo osemazantsi.) Ngoku kuza kuthi xibilili noko kuba usazi ukuba uYehova uyayibona kwaye uyayiqonda imeko yakho. Uza kukunceda unyamezele kwaye uthembeke kuye.—INdumiso 32:8.

Mthembe uYihlo osezulwini ukuba uza kukunika amandla ukuze umthobele ngokuthembeka

11 Maxa wambi, usenokubona ngathi uYehova ukuyekele. Mhlawumbi oogqirha bayaphikisana ngento emele yenziwe. Okanye ubulindele ukuba izalamane zakho zikuthuthuzele, ukusuka apho zagalel’ ityuwa enxebeni. Ungaze uthandabuze ukuba uYehova uya kukomeleza. Qhubeka usondela kuye. (Funda eyoku-1 kaSamuweli 30:3, 6.) Kamva, xa ubona indlela aye wakunceda ngayo, ubuhlobo bakho naye buya kuqina.

12 Wayevakalelwa ngaloo ndlela kanye uLinda. * (Funda umbhalo osemazantsi.) Wayenyamekele abazali bakhe kangangexesha elide ngaphambi kokuba basweleke. Uthi: “Xa sasijongene nale meko, mna nomyeni wam nomnakwethu sasidla ngokuxakwa ukuba senze ntoni. Ngamany’ amaxesha sasiye siphelelwe lithemba. Kodwa ngoku, xa sicinga ngaloo nto, siyabona ukuba uYehova wayenathi. Wasomeleza waza wasinika oko sasikudinga, nangona thina sasiphelelwe ngamacebo.”

13. Ukukholosa ngoYehova kwamnceda njani uRhonda wanyamezela uthotho lwezinto ezibuhlungu?

13 Ukukholosa ngokupheleleyo ngoYehova kuya kusinceda sinyamezele naxa sihlelwa zizinto ezibuhlungu. Kwenzeka loo nto kuRhonda. Umyeni wakhe, ongelilo iNgqina likaYehova, wayeqhawula umtshato naye. Kwathi kusenjalo, umnakwabo wafumanisa ukuba unesifo esiyingozi esenza amajoni omzimba ahlasele amalungu (ilupus). Kwiinyangana ezingephi emva koko, inkosikazi yomnakwabo yasutywa kukufa. URhonda wathi akuqalisa ukuchacha kwezi zihelegu zothusayo, waba nguvulindlela othe ngxi. Nako ke ngoku kusweleka unina. Wakwazi njani ukuthwala le ntlungu ingaka? Uthi: “Ndandithetha mihla le noYehova, nkqu nangezinto ezincinci. Loo nto yenza uYehova wanguThixo ophilayo kum. Yandifundisa ukuba ndikholose ngaye kunokuba ndizithembe okanye ndiqamele ngabanye abantu. Ibe wandinceda ngendlela ebonakalayo—wandinika zonke izinto endandizidinga. Loo nto indenze ndazivela ukuba kunjani ukusebenza noYehova.”

Kwaneemeko zentsapho yakho zinokuvavanya ubuhlobo bakho noYehova (Jonga isiqendu 14-16)

14. UYehova unokukunceda njani xa isizalwana sakho sisusiwe kubudlelane?

14 Nanku omnye umzekelo wemeko enzima. Mhlawumbi esinye sezizalwana zakho siyasuswa kubudlelane. Uyazi kakuhle into ethethwa yiBhayibhile ngendlela abaphathwa ngayo abantu abasusiweyo. (1 Korinte 5:11; 2 Yohane 10) Kodwa ekubeni usithanda esi sizalwana, usenokuwubona unzima okanye uyinto engenakwenzeka lo myalelo weBhayibhile. Ngaba uza kumthemba uYihlo osezulwini ukuba uza kukunika amandla ukuze umthobele ngokuthembeka? Ngaba le meko uza kuyithatha njengethuba lokusondela nangakumbi kuYehova?

15. Yintoni eyenza uAdam wavukela uYehova?

15 Le nto inokufaniswa njani nemeko yendoda yokuqala, uAdam? Ngaba wayecinga ukuba wayenokumvukela uYehova aze aqhubeke ephila? Akunjalo, uAdam ‘akazange akhohliswe.’ (1 Timoti 2:14) Inoba yintoni ke eyamenza wavukela uYehova? UAdam wasitya eso siqhamo ngenxa yokuba wayethanda umfazi wakhe ngaphezu koYehova. Wamamela umfazi wakhe kunokuba amamele umyalelo kaYehova.—Genesis 3:6, 17.

16. Ngubani esifanele simthande ngaphezu kwabo bonke abantu, yaye ngoba?

16 Isigqibo esenziwa nguAdam sisifundisa ukuba akakho umntu esifanele simthande ngaphezu koYehova. (Funda uMateyu 22:37, 38.) Ibe xa simthanda ngolo hlobo uYehova, sinokuzinceda ngeyona ndlela ifanelekileyo izizalwana zethu, enoba zingamaNgqina okanye azingawo. Ngoko, qhubeka umthanda kwaye umthemba nangakumbi uYehova. Ukuba iyakukhathaza into yokususwa kwesalamane sakho, thandaza uze uphalaze imbilini yakho kuYehova. * (Funda umbhalo osemazantsi.) (Roma 12:12; Filipi 4:6, 7) Nangona ibuhlungu le nto ikwehleleyo, yisebenzise njengethuba lokuqinisa ubuhlobo bakho noYehova. Uya kutsho ukwazi ke ngoku ukukholosa ngaye nokuqonda ukuba ayikho into egqitha ukumthobela.

NGOXA SISALINDILE

Mbonise uYehova ukuba ukholose ngaye ngokukhuthalela umsebenzi wokushumayela (Jonga isiqendu 17)

17. Yintoni esinokumthemba ukuba uza kuyenza uYehova ukuba siyayikhuthalela intsimi?

17 Kwakutheni ukuze uYehova ahlangule uPawulos “emlonyeni wengonyama”? UPawulos uthi: “Ukuze ngam ukushumayela kufezwe ngokuzeleyo.” (2 Timoti 4:17) Nathi uYehova usinike umsebenzi wokushumayela “iindaba ezilungileyo,” kwaye usibiza ngokuba “singabasebenzi abangamadlelane” akhe. (1 Tesalonika 2:4; 1 Korinte 3:9) Ukuba siwukhuthalela kangangoko sinako lo msebenzi, sinokumthemba ukuba uya kusinika konke esikudingayo. (Mateyu 6:33) Kwaye kuya kuba lula ukulinda ukuba aphendule imithandazo yethu.

18. Unokwenza njani ukuze ukholose nangakumbi ngoYehova uze uqinise nobuhlobo bakho naye?

18 Ngoko, usuku ngalunye lusebenzisele ukuqinisa ubuhlobo bakho noYehova. Xa kusithi gqi isilingo esikuxhalabisayo, lithuba lakho lokusondela kuYehova ke elo. Yifunde iBhayibhile, uphande kwaye ucamngce ngezinto ozifunda kuyo. Qhubeka uthandaza kuYehova kwaye uhlale uwukhuthalele umsebenzi wakhe. Ukuba uyazenza ezi zinto, uYehova uya kukunceda unyamezele izilingo ojongene nazo ngoku kunye nezisezayo.

^ isiqe. 2 Kusenokwenzeka ukuba uPawulos wayehlangulwe kwiingonyama eziphilayo okanye kwenye ingozi awayejongene nayo.

^ isiqe. 10 Akho amanqaku aye abhalwa ukuze kuncedwe amaKristu anyamezele izigulo eziwaphetheyo, amanye anceda abo bonga abagulayo. Jonga uVukani! kaFebruwari 8, 1994; okaFebruwari 8, 1997; okaJuni 8, 2000; nokaFebruwari 8, 2001.

^ isiqe. 12 Amagama akweli nqaku atshintshiwe.

^ isiqe. 16 Akho amanqaku aye alungiselelwa ukusinceda xa isizalwana sethu simshiya uYehova. Jonga IMboniselo kaSeptemba 1, 2006, iphepha 17-21, nekaJanuwari 15, 2007, iphepha 17-20.