Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Umthi Ogawuliweyo Unokuhluma Kwakhona?

Ngaba Umthi Ogawuliweyo Unokuhluma Kwakhona?

UMNQUMA ogobileyo nojijekileyo awumhlanga kangako xa uthelekiswa nomsedare waseLebhanon. Kodwa iminquma iyakwazi ukukhula kwiimeko ezinzima. Eminye yayo ineminyaka emalunga neyi-1 000 iphila. Iingcambu zomnquma zingena nzulu emhlabeni, kwaye kwanaxa isiqu sawo siye sagawulwa, uphinda uhlume. Logama nje iingcambu zisaphila, uyahluma kwakhona.

UYobhi, owayeyindoda ethembekileyo, wayeqinisekile ukuba kwanokuba wayenokufa, wayeya kuphinda aphile kwakhona. (Yobhi 14:13-15) Wazekelisa ngomthi, ekusenokwenzeka ukuba wayecinga ngomnquma, ukuze abonise indlela awayeqiniseke ngayo ukuba uThixo wayenako ukumvusa kwabafileyo. UYobhi wathi: “Kukho ithemba nangomthi. Ukuba uthi ugawulwe, uya kuhluma kwakhona.” Xa kusina imvula emva kwembalela, isiphunzi somnquma esisele somile sinokuphinda siphile size sivelise “isebe njengesithole.”—Yobhi 14:7-9.

Kanye njengokuba umlimi eyilangazelela into yokuba umnquma obugawulwe uphinde uphile, noYehova uThixo uyakulangazelela ukuvusa abakhonzi bakhe nabanye abantu abaninzi. (Mateyu 22:31, 32; Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15) Khawube nombono nje sele sisamkela abantu abavusiweyo, sibabona ngala enyama bephila!