Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Xelisa Lowo Uthembisa Ubomi Obungunaphakade

Xelisa Lowo Uthembisa Ubomi Obungunaphakade

“Yibani ngabaxelisa uThixo, njengabantwana abaziintanda.”—EFESE 5:1.

1. Sisiphi isiphiwo esinokusinceda sikwazi ukuxelisa uYehova?

UYEHOVA usidale sakwazi ukuqonda indlela abavakalelwa ngayo abanye, enoba asizange sibe kuloo meko bakuyo. (Funda amaEfese 5:1, 2.) Oku kungasinceda njani sikwazi ukuxelisa uYehova? Ibe kutheni sifanele siyilumkele indlela esisisebenzisa ngayo esi siphiwo?

2. UYehova uvakalelwa njani xa sisezintlungwini?

2 UYehova usithembisa ngekamva eliqaqambileyo elingayi kuba nazintlungu. Abathanjiswa “nezinye izimvu” banethemba lobomi obungunaphakade enoba kusezulwini okanye emhlabeni. (Yohane 10:16; 17:3; 1 Korinte 15:53) UYehova uyayiqonda intlungu esiba kuyo xa sisehlelwa zizinto ezibuhlungu. Kwixesha elidlulileyo, uYehova waba buhlungu xa abantu bakhe babecinezelwe eYiputa. “Wabandezeleka.” (Isaya 63:9) Kamva, xa abantu bakhe babesakha itempile kwakhona, babe besoyika iintshaba zabo, uYehova wayiqonda indlela ababevakalelwa ngayo. Wathi kubo: “Ochukumisa nina uchukumisa ukhozo lweliso lam.” (Zekariya 2:8) Kanye njengendlela umama aluthanda ngayo usana lwakhe, noYehova ubathanda kakhulu abakhonzi bakhe yaye ufuna ukubanceda. (Isaya 49:15) Sixelisa uthando lukaYehova xa sizibeka ezihlangwini zabanye abantu.—INdumiso 103:13, 14.

UYESU WAXELISA UYEHOVA YAYE EBATHANDA ABANTU

3. UYesu wayevakalelwa njani ngabantu?

3 UYesu wayeyiqonda indlela abantu ababevakalelwa ngayo, nangona yena wayengehlelwa zezo ngxaki. Ngokomzekelo, wayesazi ukuba abantu abaninzi baphila kabuhlungu. Iinkokeli zonqulo zazibaxokisa ibe zenza nothotho lwemithetho engeyiyo ekaThixo. Abantu babezoyika ezi nkokeli. (Mateyu 23:4; Marko 7:1-5; Yohane 7:13) Nangona uYesu wayengazoyiki ezo nkokeli ibe engazange akhohliswe zizo, wayeyiqonda indlela ababevakalelwa ngayo abantu. UYesu wakhathazeka kakhulu esakubona indlela embi ababephathwa ngayo. Babelahliwe, “njengezimvu ezingenamalusi.” (Mateyu 9:36) UYesu wafunda kuYise ukuthanda abantu nokuba ‘nenceba nobabalo.’—INdumiso 103:8.

4. Wenza ntoni uYesu xa wayebona abantu besengxakini?

4 Xa uYesu wayebona abantu besengxakini, wabanceda kuba kaloku wayebathanda. Wayefana twatse noYise. Ngokomzekelo, ngesinye isihlandlo emva kokuba uYesu nabapostile bakhe babehambe umgama omde beshumayela, badinwa kakhulu yaye bafuna indawo ethe cwaka yokuphumla. Kodwa uYesu wabona isihlwele simlindile. Wayeyiqonda into yokuba abo bantu babelufuna uncedo lwakhe, ngoko ke nangona wayediniwe, ‘wabafundisa izinto ezininzi.’—Marko 6:30, 31, 34.

YIBA NOTHANDO NJENGOYEHOVA

5, 6. Ukuba sifuna ukuba nothando njengoYehova, simele senze ntoni? Yenza umzekelo. (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

5 Ukuba sifuna ukuba nothando njengoYehova, simele senze ntoni? Khawucinge ngoku. Sinomzalwana omncinane uAlan. Ucinga ngomzalwana osele emdala ongakwaziyo ukuhamba nongasaboniyo kakuhle. UAlan ucinga ngamazwi kaYesu athi: “Kanye njengoko nifuna abantu benze kuni, yenzani ngendlela efanayo kubo.” (Luka 6:31) Ngoko uAlan uzibuza oku, ‘Yintoni endifuna abantu bayenze kum?’ Xa eziphendula uthi, ‘Ndifuna badlale nam ibhola!’ Kodwa lo mzalwana mdala akakwazi kubaleka nokudlala ibhola. Ngoko ke eyona nto uAlan amakazibuze yona yile, ‘Ukuba bendingulo mzalwana, bendinokufuna abantu bandenzele ntoni?’

6 Nangona uAlan esemncinane, uzama ukuqonda indlela ebenokuvakalelwa ngayo ukuba ebemdala. Uzipha ixesha nalo mzalwana ukhulileyo aze ammamele xa encokola. Uyaqonda ngoku ukuba kunzima kulo mzalwana ukufunda iBhayibhile nokuya entsimini. UAlan uyabona apho anokumnceda khona ibe ufuna ukwenza nantoni na enokumnceda. Xa siyiqonda indlela abantu abavakalelwa ngayo yaye sibabonisa ukuba siyabathanda, siya kufana noYehova.—1 Korinte 12:26.

Yiba nobubele njengoYehova (Jonga isiqendu 7)

7. Sinokuziqonda njani iingxaki zabazalwana bethu?

7 Akusoloko kulula ukuqonda iingxaki zabanye abantu, ingakumbi xa zingazange zasehlela. Ngokomzekelo, abazalwana bethu abaninzi behlelwa zizinto ezibuhlungu, njengokugula, ukwenzakala okanye ukwaluphala. Abanye baneengxaki ezinzulu njengoxinezeleko, ukuxhalaba kakhulu okanye mhlawumbi baye baxhatshazwa. Abanye bakhulisa abantwana bodwa okanye banezalamane ezingamkhonziyo uYehova. Sonke sineengxaki ibe uninzi lwazo alufani. Kodwa sifuna ukubathanda abanye yaye sibancede. Ngoko ke, yintoni esinokuyenza? Mntu ngamnye usenokudinga into eyahlukileyo. Ngoko ukuba siyamamela kakuhle size sizam’ ukuqonda indlela avakalelwa ngayo omnye umntu, siza kutsho siyazi into esinokumnceda ngayo. Sisenokumkhumbuza ngendlela uYehova avakalelwa ngayo ngengxaki anayo. Okanye sisenokumenzela okuthile. Xa sisenza oku, sixelisa uYehova.—Funda amaRoma 12:15; neyoku-1 kaPetros 3:8.

YIBA NOBUBELE NJENGOYEHOVA

8. Yintoni eyanceda uYesu wanobubele?

8 UYehova unobubele kubantu bonke. (Luka 6:35) Naye uYesu ufana nqwa noYise. Yintoni eyanceda uYesu wanobubele kubantu bonke ngoxa wayelapha emhlabeni? Ngaphambi kokuba athethe okanye enze, wayeqala acinge ukuba iza kubaphatha njani abantu loo nto. Ngokomzekelo, ibhinqa elalenze izono ezinzulu leza kuYesu. Lalilila kakhulu kangangokuba iinyembezi zalo zachiphizela ezinyaweni zikaYesu. UYesu wayebona ukuba lizisola kakhulu ngezinto elalizenzile nokuba laliguqukile. Waqonda ukuba, ukuba wayengenabubele kulo, lalinokukhathazeka kakhulu. Ngoko walincoma ngezinto ezintle elalizenzile waza walixolela. UYesu wayenobubele naxa wayethetha nomFarisi owayengavumelani nento awayeyenzele eli bhinqa.—Luka 7:36-48.

Ngaphambi kokwenza isigqibo sifanele sicinge ngemiphumo yaso kuthi okanye kwabanye

9. Yintoni enokusinceda sibe nobubele njengoYehova? Yenza umzekelo.

9 Sinokubuxelisa njani ububele bukaYehova? Sifanele sicinge ngaphambi kokuba senze okanye sithethe ukuze sibaphathe kakuhle abanye nokuze singabakhathazi. UPawulos wabhala wathi umKristu ‘akufuneki alwe, kunoko kufuneka athantamise kubo bonke.’ (2 Timoti 2:24) Ngokomzekelo, khawucinge ngendlela onokuba nobubele ngayo kwezi meko: Ukuba umqeshi wakho akawenzi kakuhle umsebenzi wakhe, yintoni oza kuyenza? Ukuba kuthi gqi umzalwana ogqibele kudala ukuza kwiintlanganiso, yintoni oza kuyithetha kuye? Ukuba ushumayela emntwini aze athi uxakeke kakhulu, ungabubonisa njani ububele? Ukuba inkosikazi yakho ithi kutheni wenze isigqibo esithile ungayixelelanga, ngaba uza kuthetha nayo ngembeko? Sifanele sibacingele abanye, singathethi nje nabo singacinganga. Xa kunjalo siya kutsho siyazi into esimele siyenze okanye siyithethe, ukuze sixelise uYehova.—Funda iMizekeliso 15:28.

YIBA NOBULUMKO NJENGOYEHOVA

10, 11. Singafunda njani kuYehova size sibe nobulumko? Yenza umzekelo.

10 UYehova ulumke ngeyona ndlela, yaye uyakwazi ukubona into eza kwenzeka kwikamva. Nangona singalazi ikamva, nathi sinako ukuba nobulumko. Njani? Ngaphambi kokwenza isigqibo, sifanele sicinge ngemiphumo yaso kuthi okanye kwabanye. Asimele sifane namaSirayeli. Akazange acinge ngemiphumo yokungamthobeli uYehova. Akazange acinge nangobuhlobo bawo naye, nazo zonke izinto awayewenzele zona. Ekubeni uMoses wayeyiqonda loo nto, wayazi into yokuba amaSirayeli aza kona. Wathi: “Olu hlanga luphelelwe ngamacebo, akukho ukuqonda phakathi kwabo. Akwaba bebenobulumko! Kuba bebeya kukuphonononga oku. Bebeya kusiqonda isiphelo sabo emva koku.”—Duteronomi 31:29, 30; 32:28, 29.

11 Ngokomzekelo, ukuba uyathandana, khumbula ukuba xa utsalelekile emntwini, kuba nzima ukulawula inkanuko. Ngoko, ungaze wenze into enokukuxabanisa noYehova! Kunoko yiba nobulumko, uphephe ingozi. Simamele isilumkiso sikaYehova esithi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle, kodwa abangenamava bayadlula baze bafumane isohlwayo.”—IMizekeliso 22:3.

LAWULA IINGCINGA ZAKHO

12. Into esicinga ngayo inokusenzakalisa njani?

12 Umntu onobulumko uyazilawula iingcinga zakhe. Iingcinga zethu zinokuba luncedo okanye zisenzakalise, njengokuba umlilo unokuba luncedo okanye ingozi. Xa siwusebenzisa kakuhle umlilo, sinokupheka ukutya. Kodwa ukuba asiwukhathalele, unokusitshisa, ude usibulale. Oku ke kuyafana nangeengcinga zethu. Xa sicinga ngezinto esizifunda kuYehova, siyancedakala. Kodwa ukuba sisoloko sicinga ngokuziphatha kakubi side sibe nombono sikwenza oko, siya kukunqwenela ngamandla de sikwenze. Oko kunokusixabanisa noYehova.—Funda uYakobi 1:14, 15.

13. UEva wayecinga ukuba ubomi bakhe buza kuba njani?

13 Sinokufunda okuthile kuEva. UYehova wayalela uAdam noEva ukuba bangatyi ‘kumthi wokwazi okulungileyo nokubi.’ (Genesis 2:16, 17) Kodwa uSathana wathi kuEva: “Ngokuqinisekileyo anisayi kufa. Kuba uThixo uyazi ukuba mhla nithe nadla kuzo aya kuvuleka amehlo enu nize nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.” UEva wacinga ngendlela ubomi bakhe obabuya kuba mnandi ngayo xa wayenokuzigqibela ngokwakhe okulungileyo nokubi. Waqhubeka eyicinga le nto waza “wabona ukuba umthi wawulungele ukudliwa kwanokuba wawulangazeleleka emehlweni.” Kwenzeka ntoni ke? “Wathabatha eziqhameni zawo waza wadla. Emva koko wanika nendoda yakhe isakuba kunye naye yaza nayo yadla.” (Genesis 3:1-6) Ngenxa yoko, “isono sangena ngamntu mnye ehlabathini nokufa ngaso isono.” (Roma 5:12) UEva wayengafanelanga aqhubeke ecingana nokwenza okubi!

14. Ziziphi izilumkiso esizifumana eBhayibhileni ngokuziphatha kakubi?

14 Kakade ke, isono sikaEva sasingekokuziphatha kakubi. Kodwa iBhayibhile isilumkisa ngokucacileyo ukuba singahlali sicinga nangaluphi na uhlobo lokuziphatha kakubi. UYesu wathi: “Wonk’ ubani oqhubeka ekhangela umfazi ngokokude amkhanuke sele emkrexezile entliziyweni yakhe.” (Mateyu 5:28) NoPawulos walumkisa wathi: “Musani ukuyicebela kwangaphambili iminqweno yenyama.”—Roma 13:14.

15. Bubuphi ubutyebi esifanele sisoloko sicinga ngabo, ibe kutheni?

15 IBhayibhile ikwasixelela nokuba sisoloko sicinga ngokukholisa uYehova kunokusoloko sicingana nokuba zizityebi. Nokuba umntu angasisityebi, imali yakhe ayinakumkhusela. (IMizekeliso 18:11) UYesu wathi usisidenge umntu oziqwebela ubutyebi kodwa abe engambeki kwindawo yokuqala uYehova ebomini bakhe. ‘Akasosityebi kuThixo.’ (Luka 12:16-21) Xa siziqwebela “ubuncwane ezulwini” ngokwenza izinto uYehova azithandayo, siyamvuyisa ibe nathi siyavuya. (Mateyu 6:20; IMizekeliso 27:11) Ubuhlobo noYehova buxabiseke ngaphezu kwayo nayiphi na enye into.

UNGASOLOKO UNEXHALA

16. Yintoni enokusinceda xa sinexhala?

16 Ukuba sizama ukuba zizityebi kweli hlabathi, sizibizela nje amaxhala. (Mateyu 6:19) UYesu wathi, abo basoloko benexhala lemali kuya kuba nzima ukubeka uBukumkani bukaThixo kwindawo yokuqala ebomini. (Mateyu 13:18, 19, 22) Abanye abantu basoloko benexhala lezinto ezibuhlungu ezisenokwenzeka kubo. Kodwa ukuba sisoloko sinexhala sinokude sigule okanye siphelelwe lukholo. Kunokuba sibe nexhala, simele sithembe ukuba uYehova uya kusinceda. IBhayibhile ithi ‘ixhala entliziyweni yendoda liya kuyibangela ukuba iqubude, kodwa ilizwi elilungileyo liyenza ibe nemihlali.’ (IMizekeliso 12:25) Ngoko ke, ukuba kukho into ekuxhalabisayo, thetha nomntu okhonza uYehova nokwazi kakuhle. Umzali, umyeni, umfazi okanye umhlobo, unokukunceda uthembele ngoYehova yaye wehlise nexhala.

Ukuba unexhala, thandaza kuYehova uze ucinge ngoncedo akunika lona

17. UYehova angasinceda njani xa sinexhala?

17 UYehova uyiqonda ngaphezu kwakhe nabani na indlela esivakalelwa ngayo yaye unokusinceda sihlale sizolile xa sinexhala. UPawulos wathi: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.” (Filipi 4:6, 7) Ngoko ke, ukuba unexhala, cinga ngoncedo lukaYehova olomeleza ubuhlobo bakho naye, njengoncedo olufumana kubazalwana noodade, abadala, ikhoboka elithembekileyo, iingelosi noYesu.

18. Ukuba nombono wezinto kungasinceda njani?

18 Njengoko sifundile, sixelisa uYehova xa sisebenzisa isipho esinaso sokuqonda indlela abanye abavakalelwa ngayo. (1 Timoti 1:11; 1 Yohane 4:8) Siya kuba nemihlali xa sithanda abanye, sinobubele, sicinga ngemiphumo yezenzo zethu naxa sikuphepha ukuba nexhala. Masibe nombono wokuba ubomi buya kuba njani xa kulawula uBukumkani size sizimisele ngamandla ukuxelisa uYehova.—Roma 12:12.