Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Phila Ngokuhambisana Nomthandazo Ongumzekelo—Inxalenye I

Phila Ngokuhambisana Nomthandazo Ongumzekelo—Inxalenye I

“Malingcwaliswe igama lakho.”—MATEYU 6:9.

1. Xa sisentsimini, sinokuwasebenzisa njani amazwi omthandazo kaYesu akuMateyu 6:9-13?

ABANTU abaninzi bayawazi umthandazo ofumaneka kuMateyu 6:9-13. Xa sisentsimini, sisebenzisa amazwi alo mthandazo ukuze sifundise abantu ukuba uBukumkani bungurhulumente wokwenene kaThixo oza kuguqula lo mhlaba ube yiparadesi. Kanti amazwi athi “malingcwaliswe igama lakho” wona siwasebenzisa ukubonisa ukuba uThixo unalo igama nokuba simele siliphathe njengelingcwele.—Mateyu 6:9.

2. Sazi njani ukuba uYesu wayengafuni siphindaphinde amazwi awawasebenzisayo qho sithandaza?

2 Ngaba uYesu wayefuna siwaphindaphinde amazwi awawasebenzisayo qho sithandaza, njengokuba abanye besenza? Akunjalo. Kaloku ngaphambilana wayethe: “Xa uthandaza, ungaphindaphindani nento enye.” (Mateyu 6:7) Nangenye imini, xa wayefundisa abafundi bakhe indlela yokuthandaza, wawuphinda lo mthandazo kodwa akazange awaphinde njengokuba enjalo amazwi awo. (Luka 11:1-4) UYesu wayesifundisa indlela yokuthandaza ukuze sibone izinto ekufuneka sizithandazele.

3. Yiyiphi imibuzo onokuzibuza yona njengoko sixubusha umthandazo ongumzekelo?

3 Eli nqaku nelilandelayo aza kuthetha ngalo mthandazo ongumzekelo. Njengoko siwaxubusha, zibuze: ‘Lo mthandazo unokundinceda njani ndiphucule indlela endithandaza ngayo?’ Yaye obaluleke nangakumbi umbuzo ngothi, ‘Ngaba ndiphila ngokuhambisana nomthandazo ongumzekelo?’

“BAWO WETHU OSEMAZULWINI”

4. Asikhumbuza ntoni amazwi athi “Bawo wethu,” kwaye uYehova unguBawo ngayiphi indlela kuthi?

4 UYesu waqalisa umthandazo wakhe ngamazwi athi “Bawo wethu.” La mazwi asikhumbuza ukuba uYehova unguBawo kubo bonke abazalwana noodade abasehlabathini. (1 Petros 2:17) UYehova uye wabenza bangoonyana bakhe abo abakhethe ukuba baye kuphila ezulwini, ngoko unguYise ngendlela ekhethekileyo. (Roma 8:15-17) Nabo baza kuphila emhlabeni ngonaphakade banako ukuthi “Bawo” kuye. Kaloku nguye obanike ubomi kwaye wanelisa neentswelo zabo. Baza kubizwa ngokuba ‘ngabantwana bakaThixo’ emva kokuba beye bafezeka baza bahlala bethembekile kuYehova kuvavanyo lokugqibela.—Roma 8:21; ISityhilelo 20:7, 8.

5, 6. Sisiphi esona sipho sihle abazali abanokusipha abantwana babo, yaye yintoni umntwana ngamnye afanele ayenze ngaso? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

5 Xa abazali benceda abantwana babo baqonde ukuba uYehova nguYise osemazulwini kwaye bebafundisa ukuba bathandaze kuye, babapha isipho. Omnye umveleli wesiphaluka waseMzantsi Afrika wakha wathi: “Ukususela oko zazalwa iintombi zethu, bendithandaza nazo busuku ngabunye ngaphandle kwaxa ndingekho ekhaya. Zidla ngokuthi azisawakhumbuli amazwi endandiwathetha kuloo mithandazo yasebusuku. Kodwa into eziyikhumbulayo ngumoya owawubakho xa sithandaza, icaca into yokuba kuyinto engcwele ukuthetha noBawo wethu, uYehova, ibe zaziziva zizolile kwaye zikhuselekile. Zithe zakukwazi nazo ukuthandaza, ndazikhuthaza ukuba zithandaze ngokuvakalayo ukuze ndive xa zithetha noYehova. Ndatsho ndafumana ithuba elihle lokuqonda okusezintliziyweni zazo. Ndakwazi nokuzibonisa ukuba zifake izinto ezibalulekileyo ezikumthandazo ongumzekelo ukuze imithandazo yazo ibe nesiseko esiluqilima.”

6 Iintombi zakhe zaqhubeka zisondela kuYehova naxa sezikhulile. Sithethanje zitshatile kwaye zikwinkonzo yexesha elizeleyo nabayeni bazo. Asikho isipho abazali abanokusipha abantwana babo esogqitha ukubafundisa ukuba uYehova nguThixo ophilayo nokuba banako ukuba ngumhlobo wakhe osenyongweni. Kodwa ke umntwana ngamnye kufuneka azigcine engumhlobo osenyongweni kaYehova.—INdumiso 5:11, 12; 91:14.

“MALINGCWALISWE IGAMA LAKHO”

7. Yiyiphi inyhweba esiyinikiweyo, kodwa yintoni esimele siyenze?

7 Sinenyhweba yokwazi igama likaThixo neyokuba ‘sisizwana segama lakhe.’ (IZenzo 15:14; Isaya 43:10) Sithandaza sisithi, “Malingcwaliswe igama lakho,” ngamany’ amazwi lenziwe libe ngcwele. Siyamcela uYehova ukuba asincede singenzi okanye sithethe izinto ezinokulingcolisa. Asifanele sifane nabanye abantu benkulungwane yokuqala ababethetha le bakugqiba benze leya. UPawulos wababhalela esithi: “Igama likaThixo liyanyeliswa ngenxa yenu phakathi kweentlanga.”—Roma 2:21-24.

8, 9. Balisa ngomzekelo wendlela uYehova abanceda ngayo abo bafuna ukungcwalisa igama lakhe.

8 Senza konke esinokukwenza ukuze sizukise igama likaYehova. Omnye udade waseNorway owasala ekhulisa unyana wakhe oneminyaka emibini emva kokuswelekelwa ngumyeni uthi: “Ndandiqala ukujongana nobunzima obunjalo. Ndandithandaza mihla le, phantse iyure nganye, ndicela amandla okulawula iimvakalelo zam ukuze ndinganiki uSathana isizathu sokungcikiva uYehova ngenxa yokuba ndenze isigqibo esingesiso okanye ndiye andathembeka. Ndandifuna ukungcwalisa igama likaYehova, ndifuna nokuba unyana wam aphinde ambone uyise eParadesi.”—IMizekeliso 27:11.

9 Ngaba uYehova wayiphendula ke imithandazo yakhe? Ewe. Ukusondelelana kwakhe nabazalwana noodade kwamkhuthaza. Kwiminyaka emihlanu emva koko, watshata nomdala. Ngoku unyana wakhe, oneminyaka eyi-20 ubudala, ubhaptiziwe. Lo dade uthi: “Ndiyavuya kuba umyeni wam eye wandinceda ndamkhulisa.”

10. UThixo uya kulizukisa ngokupheleleyo ngayiphi indlela igama lakhe?

10 UYehova uya kulingcwalisa ngokupheleleyo igama lakhe xa ebashenxisa bonke abo balingcolisayo nabangayamkeliyo into yokuba unguMlawuli. (Funda uHezekile 38:22, 23.) Ngelo xesha, abantu baya kufezeka, kwaye wonke umntu osezulwini nosemhlabeni uya kunqula uYehova aze azukise igama lakhe elingcwele. Ekugqibeleni, uBawo wethu onothando uya kuba “zizinto zonke kubo bonke.”—1 Korinte 15:28.

“MABUFIKE UBUKUMKANI BAKHO”

11, 12. UYehova wanceda abantu bakhe ukuba baqonde ntoni ngo-1876?

11 Ngaphambi kokuba uYesu abuyele ezulwini, abafundi bakhe bambuza lo mbuzo: “Nkosi, ububuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli?” UYesu waphendula wathi lalingekafiki ixesha lokuba uBukumkani bukaThixo buqalise ukulawula. Wathi abafundi bakhe mabajolise iingqondo zabo kumsebenzi obalulekileyo wokwenza abafundi. (Funda iZenzo 1:6-8.) Kodwa wabafundisa nokuba bathandazele ukuba uBukumkani bukaThixo bufike nokuba bakhangele phambili kwelo xesha. Yiloo nto sisathandazela ukuba uBukumkani bufike nangoku.

12 Lathi lakusondela ixesha lokuba uYesu aqalise ukulawula ezulwini, uYehova wanceda abantu bakhe ukuba baqonde unyaka awayeza kuqalisa ngawo. Ngo-1876, uCharles Taze Russell wabhala inqaku elithi “AmaXesha EeNtlanga: Aphela Nini?” Wachaza ukuba “amaxesha asixhenxe” akwisiprofeto sikaDaniyeli yintw’ enye ‘namaxesha amisiweyo eentlanga’ akwisiprofeto sikaYesu. Eli nqaku lathi loo maxesha ayeya kuphela ngo-1914. * (Funda umbhalo osemazantsi.)—Daniyeli 4:16; Luka 21:24.

13. Kwenzeka ntoni ngo-1914, kwaye iziganeko zehlabathi ezenzeke ukususela ngoko zingqine ntoni?

13 Ngo-1914, kwaqalisa imfazwe eYurophu yaza yakhawuleza yanwenwela kulo lonke ihlabathi. Le mfazwe yeza nendlala engathethekiyo. Ibe kwathi kuphela imfazwe ngo-1918, umbathalala wabe ubulele abantu abangakumbi kunale mfazwe ehlabathini. Zonke ezi zinto zaziyinxalenye ‘yomqondiso’ owawuchazwe nguYesu. Lo mqondiso wawungqina ukuba uYesu ube nguKumkani ezulwini ngo-1914. (Mateyu 24:3-8; Luka 21:10, 11) Ngaloo nyaka, “waphuma esoyisa nokuze akuphelelise ukoyisa kwakhe.” (ISityhilelo 6:2) UYesu wamgxotha ezulwini uSathana needemon zakhe wabaphosa emhlabeni. Emva koko, saqalisa ukuzaliseka isiprofeto esithi: “Yeha kuwo umhlaba nakulo ulwandle, ngenxa yokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.”—ISityhilelo 12:7-12.

14. (a) Kutheni sisathandazela ukuba uBukumkani bukaThixo bufike? (b) Nguwuphi umsebenzi obalulekileyo esimele siwenze ngoku?

14 Esi siprofeto esikwiSityhilelo isahluko 12 sisinceda siqonde isizathu sokuba kwenzeke izinto ezimbi emhlabeni malunga nexesha uYesu awaba nguKumkani woBukumkani bukaThixo ngalo. Nangona uYesu elawula ezulwini, nguSathana osaphetheyo apha emhlabeni. Kodwa kungekudala uYesu uza ‘kuphelelisa ukoyisa kwakhe’ ngokususa bonke ubungendawo emhlabeni. De kube lelo xesha, siqhubeka sithandazela ukuba uBukumkani bukaThixo bufike, kwaye sizixakekisa ngokushumayela ngabo. Umsebenzi wethu uzalisekisa isiprofeto sikaYesu esithi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.”—Mateyu 24:14.

“MAKWENZEKE UKUTHANDA KWAKHO NASEMHLABENI”

15, 16. Ngaba kwanele ukuthandazela ukuba ukuthanda kukaThixo kwenziwe emhlabeni? Cacisa.

15 Kwiminyaka emalunga ne-6 000 eyadlulayo, kwakusenziwa ukuthanda kukaThixo apha emhlabeni. Yiloo nto uYehova wathi zonke izinto “zilunge gqitha.” (Genesis 1:31) Emva koko uSathana wavukela, ibe ukususela ngoko, abantu abaninzi bebengakwenzi ukuthanda kukaThixo. Kodwa namhlanje kukho abantu abamalunga nezigidi ezisibhozo abakhonza uYehova. Bathandazela ukuba ukuthanda kukaThixo kwenziwe emhlabeni, kwaye bayakwenza nabo. Baphila ngendlela emkholisayo uThixo kwaye bakukhuthalele ukufundisa abantu ngoBukumkani bakhe.

Ngaba abantwana bakho ubafundisa ukwenza ukuthanda kukaThixo? (Jonga isiqendu 16)

16 Ngokomzekelo, omnye umthunywa wevangeli okwelinye ilizwe laseAfrika oneminyaka eyi-80, owabhaptizwa ngo-1948, uthi: “Ndidla ngokuthandazela ukuba bonke abantu abafana nezimvu bafikelelwe kwaye bancedwe ukuba beze kuYehova ngaphambi kokuba baphelelwe lixesha. Ibe xa ndiza kushumayeza umntu, ndiye ndicele ubulumko bokufikelela intliziyo yakhe. Ukanti ndithandazela ukuba uYehova ayisikelele imizamo esiyenzayo yokunceda izimvu zakhe ezisele zifunyenwe.” Lo dade osel’ ekhulile uncede abantu abaninzi bafunda ngoYehova. Ngaba bakho abanye oomakad’ enetha obaziyo abakukhuthaleleyo ukwenza ukuthanda kukaYehova?—Funda eyabaseFilipi 2:17.

17. Uziva njani ngoko uYehova aza kukwenzela abantu nomhlaba kwixesha elizayo?

17 Siya kuqhubeka sithandazela ukuba ukuthanda kukaYehova kwenziwe de azisuse iintshaba zakhe emhlabeni. Ngelo xesha umhlaba uya kwenziwa ube yiparadesi, kwaye iibhiliyon zabantu ziya kuvuswa. UYesu wathi “liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe baze baphume.” (Yohane 5:28, 29) Khawuthelekelele nje indlela esiya konwaba ngayo xa sisamkela izihlobo zethu! UThixo “uya kuzisula zonke iinyembezi” emehlweni ethu. (ISityhilelo 21:4) Abaninzi kwabo baza kuvuswa baza kube ‘bengengomalungisa,’ bengazange bayiva inyaniso ngoYehova noYesu. Siya kukuvuyela ukubafundisa ngokuthanda kukaThixo ukuze bafumane “ubomi obungunaphakade.”—IZenzo 24:15; Yohane 17:3.

18. Yintoni eyona nto idingwa ngabantu?

18 Xa uBukumkani bukaThixo bufika, buza kungcwalisa igama lakhe, ize yonke indalo imnqule imanyene uYehova. Ngokwenene uThixo uya kunika abantu ezona zinto bazidingayo xa ephendula izicelo zokuqala ezintathu ezikulo mthandazo ongumzekelo. Kwinqaku elilandelayo, siza kuthetha ngezinye izinto ezibalulekileyo esizidingayo uYesu awasifundisa ukuba sizithandazele.

^ isiqe. 12 TUkuba ufuna ukwazi ukuba sazi njani ukuba esi siprofeto sazaliseka ngo-1914, yiya kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? kwiphepha 215-218..