Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Phila Ngokuhambisana Nomthandazo Ongumzekelo—Inxalenye II

Phila Ngokuhambisana Nomthandazo Ongumzekelo—Inxalenye II

“UYihlo uyakwazi enikusweleyo.”—MATEYU 6:8.

1-3. Yintoni eyenza omnye udade waqiniseka ukuba uYehova wayazi into ayidingayo?

ULANA, onguvulindlela othe ngxi, akanakuze ayilibale into eyenzekayo xa wayetyelele eJamani ngo-2012. Uvakalelwa kukuba uYehova waphendula imithandazo yakhe emibini. Ngoxa wayekhwele uloliwe esiya kwisikhululo seenqwelo-moya, wacela uYehova ukuba amncede afumane umntu anokumshumayeza. Ukufika kwakhe apho, wafumanisa ukuba inqwelo-moya aza kuyikhwela yayiza kuhamba ngosuku olulandelayo. ULana wacela uYehova ukuba amncede kuba wayeyisebenzise phantse yonke imali yakhe, ibe wayengenandawo yokulala ngolo suku.

2 Ukugqiba nje kwakhe ukuthandaza, uLana weva ilizwi lomntu elalisithi, “Molo, Lana, ubekwa yintoni apha?” Yayingumfana awayefunda naye kudala. Wayehamba nonina noninakhulu, ababeye kumkhwelisa kuba wayesiya eMzantsi Afrika. Wathi uLana esakubabalisela ingxaki awayenayo, unina noninakhulu walo mfana bamcela ukuba aye kulala ekhayeni labo. Bambuza imibuzo emininzi ngeenkolelo zakhe nangomsebenzi wakhe wobuvulindlela.

3 Ngentsasa elandelayo emva kokuba betyile, uLana waphendula eminye imibuzo ababenayo ngeBhayibhile. ULana wacela iinkcukacha zabo ukuze kubekho umntu oza kuqhubeka ephendula imibuzo yabo. ULana wagoduka, ibe usenguvulindlela. Uvakalelwa kukuba uYehova wayiva imithandazo yakhe, wayazi into ayidingayo waza wamnceda.—INdumiso 65:2.

Akukho mfuneko yokuba sixhalebele izinto esiza kuzidinga kwixa elizayo

4. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

4 Xa sivelelwa yingxaki ngesiquphe, kuba lula ukuthandazela uncedo kuYehova, ibe naye ukulungele ukuyiva imithandazo yethu. (INdumiso 34:15; IMizekeliso 15:8) Kodwa umthandazo kaYesu ongumzekelo usifundisa ukuba kukho izinto ezibaluleke nangakumbi esimele sizithandazele. Kweli nqaku, siza kuthetha ngendlela izicelo ezine zokugqibela zalo mthandazo ezinokusinceda ngayo sinyaniseke kuYehova.—Funda uMateyu 6:11-13.

“SIPHE NAMHLANJE ISONKA SETHU SALE MINI”

5, 6. Kwakutheni ukuze uYesu asifundise ukuba sithandazele “isonka sethu” kwanaxa thina sinokutya okuninzi?

5 UYesu wasifundisa ukuba xa sithandaza, sicele “isonka sethu,” singathi “isonka sam.” UVictor, ongumveleli wesiphaluka kwelinye ilizwe laseAfrika, uthi: “Ndidla ngokumbulela uYehova kuba mna nomfazi wam singayixhalabelanga kangako into esiza kuyitya nemali yerente. Abazalwana basinyamekela yonke imihla. Kodwa ndikhe ndithandazele ukuba abo bazalwana basincedayo bakwazi ukumelana neengxaki zemali.”

6 Thina sisenokuba nokutya okuninzi, kodwa abazalwana bethu abaninzi bangamahlwempu. Abanye baye behlelwa ziintlekele. Sinokubathandazela, ibe sinokubenzela izinto eziza kubanceda. Ngokomzekelo, sinokwabelana nabo ngezinto esinazo. Singakwazi nokuhlala sinikela ngemali kumsebenzi wabantu bakaYehova owenziwa emhlabeni wonke. Siyazi ukuba iminikelo yethu inceda abazalwana bethu abasweleyo.—1 Yohane 3:17.

7. UYesu wasifundisa njani ukuba ‘singaxhaleli ingomso’?

7 Emva kokuba uYesu esifundise indlela yokuthandaza, wasifundisa ukuba singahlali sicinga ngezinto eziphathekayo. Wathi ukuba uYehova uyakwazi ukunyamekela utyani basendle, “akayi kugqithisa na ukunambesa, nina nilukholo luncinane? Musani ke ukuxhala nisithi, . . . ‘Siza kunxiba ntoni na?’” Emva koko, wagxininisa wathi: “Musani ukuxhalela ingomso.” (Mateyu 6:30-34) Akukho mfuneko yokuba sixhalebele izinto esiza kuzidinga kwixa elizayo. Kunoko, simele sanele zizinto eziyimfuneko esinazo suku ngalunye. Ngokomzekelo, sinokuthandazela indawo yokuhlala, umsebenzi wempangelo ukuze sinyamekele iintsapho zethu, nobulumko bokwenza izigqibo ezifanelekileyo ngempilo. Kodwa kukho into ebaluleke nangakumbi esimele siyithandazele.

8. Asikhumbuza ntoni amazwi kaYesu athetha ngesonka sethu semihla ngemihla? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

8 Amazwi kaYesu athetha ngesonka sethu semihla ngemihla asikhumbuza enye into awakha wayithetha, esithi: “Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.” (Mateyu 4:4) Ngoko simele sithandazele ukuba uYehova aqhubeke esifundisa aze asinike loo nto siyidingayo ukuze sihlale sisondele kuye.

“SIXOLELE AMATYALA ETHU”

9. Kutheni izono zethu zifana namatyala?

9 UYesu wathi: “Sixolele amatyala ethu.” Ngesinye isihlandlo, wathi: “Sixolele izono zethu.” (Mateyu 6:12; Luka 11:4) Wathetha ngolo hlobo kuba izono zethu zifana namatyala. Ngo-1951, iMboniselo yathi xa sisona, kuba ngathi sityala uYehova. UYehova simtyala uthando nokumthobela. Ngoko xa sisona kuThixo, asimniki le nto simtyala yona. Le Mboniselo yathi ukuba ebefuna, uYehova ebenokubuphelisa ubuhlobo phakathi kwethu naye. Yongeza yathi: “Isono sibonisa ukungamthandi uThixo.”—1 Yohane 5:3.

Simele sihlale simbulela uYehova ngesipho esixabisekileyo sentlawulelo

10. Kutheni uYehova enokusixolela izono zethu, ibe simele sivakalelwe njani ngaloo nto?

10 Siyibulela kakhulu into yokuba uYehova esinike idini lentlawulelo likaYesu ukuze kuxolelwe izono zethu! Sidinga ukuxolelwa nguYehova yonke imihla. UYesu wasifela kwiminyaka ephantse ibe yi-2 000 eyadlulayo, kodwa loo ntlawulelo isasinceda nanamhlanje. Simele sihlale simbulela uYehova ngesi sipho sixabisekileyo. Akakho kuthi owayenokukhupha intlawulelo eyayifuneka ukuze sikhululwe esonweni nasekufeni. (Funda iNdumiso 49:7-9; eyoku-1 kaPetros 1:18, 19.) Amazwi alo mthandazo athi “sixolele izono zethu” asikhumbuza ukuba abazalwana noodadewethu bafana nathi, nabo bayayidinga intlawulelo. UYehova ufuna sicinge nangabo kunye nobuhlobo babo naye. Oko kuquka ukukhawuleza sibaxolele xa besona. Ngokuqhelekileyo ezi idla ngokuba zimpazamo nje ezincinane, kodwa xa sibaxolela abazalwana bethu, sibonisa ukuba siyabathanda. Sibonisa nokuba siyayixabisa into yokuba uYehova esixolela.—Kolose 3:13.

11. Kutheni kubalulekile ukubaxolela abanye?

11 Ekubeni singafezekanga, kusenokuba nzima maxa wambi ukuxolela abantu abasikhubekisayo. (Levitikus 19:18) Ukuba siqalisa ukuthetha ngezinto abasenze zona, abanye ebandleni basenokugxuphuleka kwezo ngxaki, ize loo nto iphazamise umanyano lwebandla. Ukuba siyayivumela loo nto iqhubeke, siya kubonisa ukuba asisixabisi isipho sikaThixo sentlawulelo yaye asiyi kuzifumana iingenelo zayo. (Mateyu 18:35) Xa singabaxoleli abanye, noYehova akanakusixolela. (Funda uMateyu 6:14, 15.) Kwakhona, ukuba sifuna uYehova asixolele, simele sikuphephe ukwenza nantoni na ayicaphukelayo.—1 Yohane 3:4, 6.

Ukuba ufuna uThixo akuxolele, kufuneka nawe ubaxolele abanye (Jonga isiqendu 11)

“UNGASINGENISI EKUHENDWENI”

12, 13. (a) Kwenzeka ntoni kuYesu emva kokubhaptizwa kwakhe? (b) Kutheni singenakutyhola abanye xa sinikezela ekuhendweni? (c) Ukuhlala kukaYesu ethembekile de wafa kwabonisa ntoni?

12 Amazwi alo mthandazo athi “Ungasingenisi ekuhendweni” asikhumbuza ngento eyenzekayo emva nje kokuba uYesu ebhaptiziwe. Umoya kaThixo wamkhokelela entlango “ukuba ahendwe nguMtyholi.” (Mateyu 4:1; 6:13) Kwakutheni ukuze uYehova ayivumele le nto? UYehova wathumela uYesu emhlabeni ukuba aze kuzinzisa umba owaphakamayo xa uAdam noEva bagatya ulawulo lukaYehova. Ukuvukela kwabo kwaphakamisa imibuzo ekwakuza kuthatha ixesha ukuyiphendula. Ngokomzekelo, ngaba uYehova wayengabadalanga kakuhle abantu? Ngaba umntu ofezekileyo wayenokukwazi ukuhlala enyanisekile kuYehova xa ehendwa ‘ngulowo ungendawo’? Ibe ngaba kwakuya kuba bhetele ukuba abantu bazilawule? (Genesis 3:4, 5) Kwixesha elizayo, xa le mibuzo iphendulwe yonke ngendlela emanelisayo uYehova, wonke umntu osezulwini nasemhlabeni uza kwazi ukuba indlela kaYehova yokulawula yeyona ifanelekileyo.

Sinako ukunyaniseka kuYehova nokuba sele kumnyam’ entla

13 UYehova ungcwele, ngoko ke akahendi nabani na ngezinto ezingendawo. NguSathana “uMhendi.” (Mateyu 4:3) USathana uzama ukusihenda ngeendlela ezininzi. Kodwa icekwa lilele kuthi. Ngamnye kuthi unokukhetha ukusixhathisa eso sihendo okanye angene kuso. (Funda uYakobi 1:13-15.) Xa wayehendwa nguSathana, uYesu wamkhaba ngawo omane ngokucaphula iLizwi likaThixo. Wanyaniseka kuThixo. Noko ke, uSathana akazange ancame. Walinda “de kwaba lelinye ixesha elimlungeleyo.” (Luka 4:13) Kodwa wayeba ngazama le uSathana, uYesu ahlale ethobela uThixo njengoMlawuli wakhe. Wabonisa ukuba umntu ofezekileyo unako ukunyaniseka kuYehova nokuba sele kumnyam’ entla. Sekunjalo, uSathana uzama nokuhenda abalandeli bakaYesu, nkqu nawe, ukuba ningamthobeli uYehova.

UYehova uqinisekile ukuba sinako ukuhlala sinyanisekile kuye, ibe ufuna ukusinceda

14. Yintoni esimele siyenze ukuze singangeni ekuhendweni?

14 Imibuzo eyaphakanyiswa nguSathana ngolawulo lukaYehova kusafuneka iphendulwe. Ngoko okwangoku, uYehova usamvumele uSathana ukuba asihende. AsingoYehova ‘osingenisa ekuhendweni.’ Enyanisweni, uqinisekile ukuba sinako ukuhlala sinyanisekile kuye, ibe ufuna ukusinceda. Kodwa akasinyanzeli ukuba senze okulungileyo. Uyalihlonela ilungelo esinalo lokuzikhethela. Ngoko uyasivumela ukuba sizikhethele enoba siza kunyaniseka kusini na. Ukuze singangeni ekuhendweni, zimbini izinto esimele sizenze: simele sihlale sisondele kuYehova size siqhubeke sithandazela uncedo lwakhe. UYehova usiphendula njani xa sithandazela ukuxhathisa izihendo?

Hlala usondele kuYehova uze uyikhuthalele intsimi (Jonga isiqendu 15)

15, 16. (a) Ziziphi ezinye izihendo ekufuneka silwe nazo? (b) Ngubani obekek’ ityala xa sinikezela kwizilingo?

15 UYehova usinika umoya wakhe oyingcwele onamandla ukuze asincede silwe nokuhendwa nguSathana. Uye wasinika iBhayibhile kunye nebandla ukuze asilumkise ngeengozi. Ngokomzekelo, usilumkisa ukuba singachithi ixesha, imali namandla ethu kakhulu kwizinto ezingeyomfuneko. UEspen noJanne bahlala kwilizwe elifumileyo eYurophu. Kangangeminyaka emininzi, babengoovulindlela abathe ngxi kummandla owawufuna abavakalisi abangakumbi. Kwathi kusakuvela umntwana, kwafuneka bayeke ukuba ngoovulindlela, ibe ngoku banabantwana ababini. UEspen uthi: “Njengokuba ngoku singasakwazi ukuchitha ixesha elininzi njengakuqala kwizinto zokomoya, siye sithandaze kuYehova ukuba singangeni ekuhendweni. Siye sicele uYehova ukuba asincede sihlale sisondele kuye yaye siyikhuthalele intsimi.”

16 Esinye isihendo esimele sisiphephe kukubukela iphonografi. Xa sinikezela kwesi silingo, asinakutyhola uSathana. Ngoba? Kuba kaloku uSathana nehlabathi lakhe abanakusinyanzela ukuba senze into engalunganga. Abanye babukela iphonografi kuba bengazigatyi iingcinga ezingcolileyo. Kodwa abazalwana noodadewethu abaninzi baye bakwazi ukusixhathisa esi sihendo, ibe nathi sinako.—1 Korinte 10:12, 13.

“SIHLANGULE KULOWO UNGENDAWO”

17. (a) Sinokubonisa njani ukuba sifuna uYehova ‘asihlangule kulowo ungendawo’? (b) Sisiphi isiqabu esiza kusifumana kungekudala?

17 Sinokubonisa njani ukuba sifuna uYehova ‘asihlangule kulowo ungendawo’? Simele singabi “yonxalenye yehlabathi” size ‘singalithandi ihlabathi nezinto ezisehlabathini.’ (Yohane 15:19; 1 Yohane 2:15-17) Kuya kutsho kuthi qabu xa uYehova esusa uSathana aze atshabalalise eli hlabathi lingendawo! Kodwa okwangoku, simele sikhumbule ukuba uSathana unomsindo “omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.” Uza kwenza nantoni na ukuze asiyekise ukukhonza uYehova. Ngoko simele sihlale sithandazela ukuba uYehova asikhusele kuSathana.—ISityhilelo 12:12, 17.

18. Yintoni esimele siyenze ukuba sifuna ukusinda xa kutshatyalaliswa eli hlabathi likaSathana?

18 Ngaba uyakufuna ukuphila kwihlabathi elingenaye uSathana? Ukuba kunjalo, qhubeka uthandazela ukuba uBukumkani bukaThixo bufike, igama likaThixo lingcwaliswe, nokuba ukuthanda kwakhe kwenziwe emhlabeni. Hlala umthemba uYehova ukuba uza kukunyamekela aze akunike yonke into oyidingayo ukuze uhlale unyanisekile kuye. Ewe, yenza unako nako ukuze uphile ngokuhambisana nomthandazo ongumzekelo.