Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Sinako Ukuhlala Sinyulu

Sinako Ukuhlala Sinyulu

“Hlambululani izandla zenu, . . . nisulungekise iintliziyo zenu.”—YAKOBI 4:8.

1. Yintoni abantu abaninzi abacinga ukuba iqhelekile?

SIPHILA kwihlabathi elithe phithi kukuziphatha okubi. Ngokomzekelo, abantu abaninzi bacinga ukuba kuyinto eqhelekileyo ukuba lifanasini okanye ukulala nomntu ongatshatanga naye. Iimuvi, iincwadi, iingoma neentengiso zizele kukuziphatha okubi. (INdumiso 12:8) Kodwa uYehova unokusinceda siphile ngendlela emkholisayo. Sinako ukuba nyulu okanye sihlambuluke kweli hlabathi liziphethe kakubi ngeyona ndlela.—Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 4:3-5.

2, 3. (a) Kutheni kufuneka siyigatye iminqweno emibi? (b) Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 Ukuze sikholise uYehova, simele sigatye nantoni na ayicaphukelayo. Kodwa ngenxa yokuba singafezekanga, sinokutsaleleka kukuziphatha okubi njengentlanzi itsaleleke kwisithiyelo. Ukuba sifikelwa ziingcinga ezingcolileyo, ngoko nangoko masizikhabe zibheke phaya. Ukuba asiyenzi loo nto, izinto ezingcolileyo singade sizenze xa ithuba livela. Kunjengokuba iBhayibhile isithi: ‘Umnqweno, xa uthe wakhawula, uzala isono.’—Funda Yakobi 1:14, 15.

3 Umnqweno ombi unokukhula entliziyweni yethu. Yiloo nto kufuneka sizilumkele izinto esizinqwenelayo. Ukuba siyayigatya iminqweno emibi, siya kukuphepha ukuziphatha okubi nemiphumo yako. (Galati 5:16) Kweli nqaku, siza kuthetha ngezinto ezintathu ezinokusinceda silwe iminqweno emibi: ubuhlobo bethu noYehova, isiluleko esikwiLizwi lakhe noncedo lwamaKristu aqolileyo.

“SONDELANI KUTHIXO”

4. Kusinceda ngantoni ukusondela kuYehova?

4 IBhayibhile ithi kwabo bafuna ‘ukusondela kuThixo’: “Hlambululani izandla zenu” ize iphinde ithi, “nisulungekise iintliziyo zenu.” (Yakobi 4:8) Xa uYehova enguMhlobo wethu osenyongweni, asifuni kumkholisa ngezenzo kuphela kodwa nangeengcinga zethu. Ukuba iingcinga zethu zinyulu yaye zihlambulukile, neentliziyo zethu ziya kuhlambuluka. (INdumiso 24:3, 4; 51:6; Filipi 4:8) UYehova uyayiqonda into yokuba asifezekanga yaye singaneengcinga ezimbi. Kodwa kuba singafuni ukumkhathaza uYehova, senza konke okusemandleni ukuze sigatye iingcinga ezimbi. (Genesis 6:5, 6) Sizama kangangoko ukugcina iingcinga zethu zinyulu.

5, 6. Ukuthandaza kungasinceda njani silwe iminqweno emibi?

5 UYehova uya kusinceda silwe neengcinga ezimbi ukuba siqhubeka sithandazela uncedo lwakhe. Usinika umoya wakhe oyingcwele ukuze sibe namandla okuhlala sinyulu. Xa sithandaza, sinokumxelela uYehova ukuba sifuna iingcinga zethu zimkholise. (INdumiso 19:14) Siyazithoba size simcele asigocagoce ukuze abone enoba iintliziyo zethu azinaminqweno eyingozi nenokusenza sone na. (INdumiso 139:23, 24) Qhubeka umcela uYehova akuncede ugatye ukuziphatha okubi uze wenze okulungileyo naxa kunzima.—Mateyu 6:13.

6 Ngaphambi kokuba sifunde ngoYehova, kusenokwenzeka ukuba sasithanda izinto angazifuniyo ibe sisaqhubeka sisilwa naloo minqweno mibi. Kodwa uYehova unokusinceda sitshintshe size senze akuthandayo. Ngokomzekelo, emva kokuba uKumkani uDavide elele noBatshebha, waguquka waza wacela uYehova ukuba amnike “intliziyo esulungekileyo” nokuba amncede athobele. (INdumiso 51:10, 12) Ngoko ukuba sasineminqweno emibi ibe sisalwa nayo, uYehova unokusinceda sikunqwenele nangakumbi ukumthobela size senze okulungileyo. Unokusinceda silawule iingcinga zethu ezingafezekanga.—INdumiso 119:133.

Ukuba ezintliziyweni zethu kukhula iminqweno emibi, masikhawuleze siyigatye (Jonga isiqendu 6)

“YIBANI NGABENZI BELIZWI”

7. ILizwi likaThixo lingasinceda njani sigatye iingcinga ezimbi?

7 UYehova unako ukusiphendula xa sicela uncedo kuye esebenzisa iLizwi lakhe iBhayibhile. Kuyo sifumana ubulumko bukaThixo, obunyulu. (Yakobi 3:17) Xa siyifunda yonke imihla iBhayibhile, sizalisa iingqondo zethu ngeengcinga ezinyulu. (INdumiso 19:7, 11; 119:9, 11) IBhayibhile iphinda ibe nemizekelo nezilumkiso ezisinceda sigatye iingcinga neminqweno emibi.

8, 9. (a) Kwakutheni ukuze umfana othile alale nomfazi owayeziphethe kakubi? (b) Ziziphi iimeko iMizekeliso 7 enokusinceda siziphephe?

8 KwiMizekeliso 5:8, iLizwi likaThixo lisilumkisa ukuba sicezele kude ekuziphatheni okubi. KwiMizekeliso 7, sifunda ngebali lomfana owaphuma ebusuku eyokubethwa ngumoya kufutshane nendlu yomfazi oziphethe kakubi. Lo mfazi wayemi ekoneni yesitrato, enxibe ‘isambatho sikanongogo.’ Waya kuye, wamthi nqaku, wamncamisa, waza wamxelela izinto ezamenza wamkhanuka. Lo mfana akazange ayigatye loo minqweno, ibe walala naye. Nangona wayengazimiselanga ukona, wona. Emva koko, kwafuneka ayibelek’ ikrwempa! Ukuba nje wayeyiqondile ingozi awayezifaka kuyo, ngewayengazange asondele kwaukusondela kuye!—IMizekeliso 7:6-27.

9 Njengalaa mfana, sinokwenza izigqibo ezingezozabulumko kuba singayiboni ingozi. Ngokomzekelo, ebusuku ezinye izitishi zeTV zisenokuba neenkqubo ezingcolileyo, ngoko kunokuba yingozi ukumane utshintshana nezitishi kuba nje ufuna ukubona into edlalayo. Kunokuba yingozi nokungena kwiiwebhsayithi zeintanethi ongaziyo ukuba zinantoni nokusebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola okanye ezinezibhengezo ezingcolileyo nephonografi. Kwiimeko ezinjengezi, izinto esizijongayo zinokusenza sibe neminqweno emibi yaye oko kungasenza simone uYehova.

10. Kutheni ukudlala ngothando kuyingozi? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

10 IBhayibhile iphinda isixelele ngendlela amadoda nabafazi abamele baphathane ngayo. (Funda eyoku-1 kuTimoti 5:2.) AmaKristu anika uthando abantu atshate nabo kuphela okanye afuna ukutshata nabo. Awadlali ngothando. Abanye abantu basenokucinga ukuba ukwenza izimbo zothando okanye ukudlala ngamehlo akuyongozi, ukuba nje abade baphathaphathane. Kodwa xa besenza ezo zinto, basenokuba neminqweno engcolileyo, ibe loo nto inokubenza baziphathe kakubi. Kwakha kwenzeka oku, yaye kungaphinda kwenzeke.

11. Sifunda ntoni kuYosefu?

11 UYosefu ungumzekelo omhle. Umfazi kaPotifare wazama ukuba alale naye. Akazange avume, kodwa lo mfazi waqhubeka emzama. Yonke imihla wayecela uYosefu ukuba “aqhubeke enaye.” (Genesis 39:7, 8, 10) Omnye umphengululi weBhayibhile uthi umfazi kaPotifare wayenethemba lokuba xa benokushiyeka bobabini qha, uYosefu wayeza kumfuna. UYosefu wayezimisele ukuzixhathisa izilingo zalo mfazi, ibe akazange amncwase. Ngaloo ndlela akazange avumele iminqweno engcolileyo ikhule entliziyweni yakhe. Xa wazama ukumthi nqaku ngesambatho emnyanzela ukuba alale naye, ngoko nangoko uYosefu “wasishiya isambatho sakhe esandleni sakhe waza wasaba, waphumela phandle.”—Genesis 39:12.

12. Kutheni sisithi izinto esizijongayo zinokuchaphazela iintliziyo zethu?

12 UYesu wasilumkisa ngokuba izinto esizijongayo zinokwenza kubekho iminqweno engcolileyo ezintliziyweni zethu. Wathi: “Wonk’ ubani oqhubeka ekhangela umfazi ngokokude amkhanuke sele emkrexezile entliziyweni yakhe.” (Mateyu 5:28) Yiloo nto kanye eyehlela uKumkani uDavide. “Ephezu kophahla wabona umfazi ehlamba,” kodwa ke waqhubeka emjongile yaye ecinga ngaye. (2 Samuweli 11:2) Nangona wayengumfazi weny’ indoda, wamkhanuka waza walala naye.

13. Kutheni kufuneka senze “umnqophiso” namehlo ethu, yaye oko sinokukwenza njani?

13 Ukuba sifuna ukugatya iingcinga ezingcolileyo, sifanele sixelise umzekelo kaYobhi. Wathi: “Ndenze umnqophiso namehlo am.” (Yobhi 31:1, 7, 9) NjengoYobhi sinokuzimisela ukuba singaze sijonge omnye umntu size simkhanuke. Kanti naxa sibona umfanekiso ongcolileyo ekhompyutheni, kwiintengiso, kwiimagazini okanye nokuba kuphi, siya kukhawuleza sibalekise amehlo.

14. Kufuneka senze ntoni ukuze sihlale sinyulu?

14 Xa ucinga ngoko sithethe ngako, mhlawumbi uyabona ukuba kusafuneka wenze okungakumbi ukuze ulwe neengcinga ezingcolileyo. Ukuba kufuneka wenze utshintsho, lwenze ngoku! Xa ukuthobela oko uYehova akutshoyo, unokukuphepha ukuziphatha okubi uze uhlale unyulu.—Funda uYakobi 1:21-25.

‘BIZA AMADODA AMAKHULU’

15. Ukuba sikufumanisa kunzima ukulwa iminqweno emibi, kutheni kubalulekile ukucela uncedo?

15 Ukuba kunzima kuwe ukulwa iminqweno emibi, xelela umntu ebandleni onexesha elide ekhonza uYehova nonokukunika icebiso leLizwi likaThixo. Kunokuba nzima ukuthetha ngeengxaki zakho kwabanye, kodwa kubalulekile ukuba ucele uncedo. (IMizekeliso 18:1; Hebhere 3:12, 13) AmaKristu aqolileyo anokukunceda ubone utshintsho ekufuneka ulwenzile. Emva koko, lwenze olo tshintsho ukuze uhlale unguMhlobo kaYehova.

16, 17. (a) Abadala banokubanceda njani abo bangakwaziyo ukulwa neminqweno emibi? Yenza umzekelo. (b) Kutheni kubalulekile ukuba abo babukela iphonografi bakhawuleze bacele uncedo?

16 Abadala ebandleni ngabona bafanelekayo ukusinceda. (Funda uYakobi 5:13-15) Kangangeminyaka omnye umfana waseBrazil wayengakwazi ukulwa neminqweno emibi. Uthi: “Ndandisazi ukuba iingcinga zam azithandwa nguYehova, kodwa ndandineentloni zokuthetha ngengxaki yam.” Omnye umdala waqonda ukuba lo mfana ufuna ukuncedwa yaye wamkhuthaza ukuba avume abadala bamncede. Lo mfana uthi: “Ndothuka bububele babadala, bandiphatha ngendlela endandingayilindelanga. Bazimamela iingxaki zam. Basebenzisa iBhayibhile ukundiqinisekisa ukuba uYehova uyandithanda yaye bathandaza kunye nam. Oko kwandenza ndasamkela lula isiluleko seBhayibhile abandinika sona.” Emva kokuba eqinise ubuhlobo bakhe noYehova, lo mfana uthi: “Ndiyayibona ngoku indlela ekubaluleke ngayo ukucela uncedo kunokuzama ukuzithwalela umthwalo.”

17 Ukuba unomkhwa wokubukela iphonografi, khawuleza ucele uncedo. Xa ulibazisa, uzifaka engozini engakumbi yokuziphatha kakubi. Ibe xa uziphatha kakubi, uya kubakhathaza abanye baze abantu bathethe kakubi ngoYehova. Baninzi abaye bacela uncedo kubadala baza basamkela isiluleko ukuze bakholise uYehova baze bahlale kwibandla lamaKristu.—INdumiso 141:5; Hebhere 12:5, 6; Yakobi 1:15.

ZIMISELE UKUHLALA UNYULU!

18. Uzimisele ukwenza ntoni?

18 Ihlabathi likaSathana liya lisonakala ngokonakala. Kodwa abakhonzi bakaYehova bazama kangangoko ukucinga izinto ezicocekileyo nezinyulu. UYehova uzingomb’ isifuba ngala maKristu. Masihlale sisondele kuYehova size sithobele isiluleko esisifumana eLizwini lakhe nasebandleni lamaKristu. Xa sikwenza oku, siya konwaba size sibe nesazela esicocekileyo. (INdumiso 119:5, 6) Yaye xa uSathana esusiwe, siya kuphila ngonaphakade kwihlabathi likaThixo elicocekileyo.