Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKristu—Amandla KaThixo

UKristu—Amandla KaThixo

‘UKristu ungamandla kaThixo.’—1 KORINTE 1:24.

1. Kwakutheni ukuze uPawulos athi ‘uKristu ungamandla kaThixo’?

UYEHOVA wasebenzisa uYesu Kristu ukuze abonise amandla akhe ngeendlela ezimangalisayo. UYesu wenza imimangaliso xa wayelapha emhlabeni. Eminye yayo sinokufunda ngayo eBhayibhileni, kwaye inokulomeleza ukholo lwethu. (Mateyu 9:35; Luka 9:11) Ngokwenene uYehova wamnika amandla amakhulu uYesu, kangangokuba umpostile uPawulos wade wathi: ‘UKristu ungamandla kaThixo.’ (1 Korinte 1:24) Kodwa imimangaliso kaYesu isichaphazela njani thina?

2. Yintoni esinokuyifunda kwimimangaliso kaYesu?

2 Umpostile uPetros wathi uYesu wenza ‘imihlola,’ okanye imimangaliso. (IZenzo 2:22) Isifundisa ntoni ke le mimangaliso? Isifundisa izinto eziya kwenziwa nguYesu ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka. Ngelo xesha, uya kwenza imimangaliso emikhulu nangakumbi eya kunceda bonke abantu abasemhlabeni. Imimangaliso awayenzayo ikwasinceda sazi okuninzi ngeempawu zakhe nezikaYise. Kweli nqaku, siza kuthetha ngemimangaliso emithathu kaYesu, kwaye siza kufunda ngendlela enokusichaphazela ngayo namhlanje nakwixesha elizayo.

UMMANGALISO OSIFUNDISA NGOKUBA NESISA

3. (a) Kwakutheni ukuze uYesu enze ummangaliso wakhe wokuqala? (b) UYesu wabonisa njani ukuba unesisa eKana?

3 Ummangaliso kaYesu wokuqala wawenza emtshatweni kwidolophu yaseKana. Nangona singasazi isizathu, iwayini ayizange ibanele bonke abantu ababezile. Kusenokwenzeka ukuba abatshati babexakiwe noba bazifihle phi ziintloni, kuba yayiyimbopheleleko yabo ukulungisa into etyiwayo. UMariya, unina kaYesu, wayengomnye wabantu ababemenyiwe. Xa wayecela uYesu ukuba ancede, ngaba wayekholelwa ukuba unawo amandla okunceda? Kaloku uMariya umele ukuba wacamngca ngazo zonke iziprofeto ezazibhekisa kunyana wakhe, esazi nokuba wayeza kubizwa ngokuthi “nguNyana wOyena Uphakamileyo.” (Luka 1:30-32; 2:52) Eyona nto siqiniseke ngayo kukuba uMariya noYesu babefuna ukubanceda aba batshati. Ngoko uYesu wenza ummangaliso, wajika iilitha eziyi-380 zamanzi zaba ‘yiwayini entle.’ (Funda uYohane 2:3, 6-11.) Ngaba kwakunyanzelekile ukuba uYesu enze lo mmangaliso? Hayi. Wawenza ngenxa yokuba ebakhathalele abantu, kwaye wayexelisa uYise, onesisa.

UYesu wathi sifanele ‘siziqhelise ukupha’

4, 5. (a) Usifundisa ntoni ummangaliso wokuqala kaYesu? (b) Ummangaliso waseKana usifundisa ntoni ngexesha elizayo?

4 Lo mmangaliso kaYesu wenza kwabakho iwayini eninzi, eyayiza kwanela iqela elikhulu labantu. Ngaba uyayibona into esiyifundiswa ngulo mmangaliso? Sifunda ukuba uYehova noYesu abangomagqolo, kunoko banezandla ezivulekileyo. Lo mmangaliso usenza siqiniseke ukuba bayikhathalele kakhulu indlela abantu abavakalelwa ngayo. Ukwabonisa nokuba uYehova uya kusebenzisa amandla akhe ukuze kubekho ukutya okuninzi kwihlabathi elitsha, kungakhathaliseki ukuba sikweyiphi na indawo.—Funda uIsaya 25:6.

5 Khawufan’ ucinge nje! Kungekudala uYehova uza kusinika yonke into esiyidinga ngokwenene. Mntu ngamnye uya kuba nekhaya elihle nokutya. Siziva sinombulelo kakhulu xa sicinga ngazo zonke izinto ezintle uYehova aza kusinika zona ngesisa kumhlaba oyiParadesi.

Xa sinikela ngexesha lethu kangangoko sinako, sixelisa uYesu (Jonga isiqendu 6)

6. Yiyiphi indlela uYesu awayesoloko ewasebenzisa ngayo amandla akhe, kwaye sinokwenza njani ukuze sifane naye?

6 UYesu akazange asebenzise amandla akhe ukuze kulungelwe yena. Umzekelo waloo nto koko kwenzekayo xa uMtyholi wathi uYesu makajike amatye abe zizonka. UYesu akazange avume ukusebenzisa amandla akhe ukuze kungenelwe yena. (Mateyu 4:2-4) Kodwa ke wayekulungele ukuwasebenzisa ukuze ancede abanye abantu. Sinokwenza njani ukuze nathi singazicingeli sedwa njengaye? UYesu wathi sifanele ‘siziqhelise ukupha.’ (Luka 6:38) Loo nto sinokuyenza ngokumemela abantu kwisidlo kumakhaya ethu. Sinokuyenza nangokuzipha ixesha lokunceda umntu emva kweentlanganiso, njengokumamela umzalwana oqhelisela intetho aza kuyinikela. Okanye sinokunceda kwaye siqeqeshe abazalwana bethu entsimini. Xa sikuvuyela ukunceda abanye abantu nanini na sikwazi, sibonisa isisa njengoYesu.

“BONKE BADLA BANELA”

7. Yintoni eza kusoloko iyingxaki kwihlabathi likaSathana?

7 Ubuhlwempu abuqali kubakho kule mihla. UYehova waxelela amaSirayeli ukuba “alisayi kuze lingabikho ihlwempu phakathi kwelizwe.” (Duteronomi 15:11) Kwiminyaka engamakhulu emva koko, noYesu wathi: “Amahlwempu nisoloko nikunye nawo.” (Mateyu 26:11) Ngaba uYesu wayethetha ukuba aya kuhlala ekho emhlabeni amahlwempu? Hayi, into awayeyithetha kukuba ubuhlwempu babuya kuhlala bukho logama sisaphila kweli hlabathi likaSathana. Izinto ziya kutshintsha nyhani xa siphila kwihlabathi elitsha! Ngelo xesha, buya kube butshayelwe tu ubuhlwempu. Bonke abantu baya kube benokudla okuninzi kwaye baya kwanela!

8, 9. (a) Kwakutheni ukuze uYesu ondle amawaka abantu? (b) Lo mmangaliso ukwenza uzive njani?

8 Umdumisi wakha wathi ngoYehova: “Uyasivula isandla sakho uze wanelise umnqweno wayo yonke into ephilayo.” (INdumiso 145:16) Xa uYesu wayelapha emhlabeni, wamxelisa ngokupheleleyo uYise kwaye wayedla ngokuzinyamekela iintswelo zabanye abantu. Akazange ayenze loo nto kuba nje efuna ukubonisa ukuba unamandla. UYesu wayebakhathalele nyhani abantu. Makhe siye kuMateyu 14:14-21. (Mfunde.) Izihlwele zazilandele uYesu ngeenyawo zivela ezixekweni. (Mateyu 14:13) Kwathi kwakuhlwa, abafundi baphawula ukuba abantu batyhafile kwaye babhuqwa liphango. Ngoko bacela uYesu ukuba azindulule izihlwele ziye kuzithengela ukutya. Wayeza kuthini uYesu?

9 UYesu wondla amadoda amalunga ne-5 000 kunye namabhinqa nabantwana ngezonka nje ezintlanu neentlanzi ezimbini. Kwakutheni ukuze uYesu enze lo mmangaliso? Kungenxa yokuba wayebathanda kwaye ebakhathalele abantu. Ibe umele ukuba wabanika intabalala yokutya, kuba izihlwele ‘zadla zanela.’ Oko kutya kwakuza kuziqinisa amadolo endleleni egodukayo. (Luka 9:10-17) Kwaye emva kokuba wonke umntu ehluthi, abafundi bakwazi ukuzalisa iingobozi eziyi-12 ngokutya okuseleyo!

10. Yintoni eza kwenzeka kubuhlwempu kwixesha elizayo?

10 Iinkokeli ezingoohlohl’ esakhe nezirhwaphilizayo zibangela ukuba amakhulu ezigidi zabantu abe ngamahlwempu. Kwanabanye babazalwana bethu abanakutya kwaneleyo. Kodwa kungekudala, abantu abathobela uYehova baya kuphila kwihlabathi elingenalurhwaphilizo nobuhlwempu. UYehova unguThixo usomandla, unamandla kwaye uyakufuna ukwanelisa iintswelo zabantu bonke. Uthembisa ukuba kungekudala uza kuzisusa izinto ezibuhlungu!—Funda iNdumiso 72:16.

Imimangaliso kaYesu isenza siqiniseke ukuba amandla akhe uza kuwasebenzisela ukusinceda

11. Yintoni ekwenza uqiniseke ukuba kungekudala uKristu uza kusebenzisa amandla akhe emhlabeni, ibe ngenxa yoko, yintoni ofuna ukuyenza?

11 Xa uYesu wayelapha emhlabeni, wenza imimangaliso kwindawo encinane kangangeminyaka emithathu enesiqingatha kuphela. (Mateyu 15:24) Kodwa xa enguKumkani, uza kunceda bonke abantu ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka. (INdumiso 72:8) Imimangaliso kaYesu isenza siqiniseke ukuba amandla akhe uza kuwasebenzisela ukusinceda. Ekubeni thina singenawo amandla okwenza imimangaliso, yintoni esinokuyenza? Sinokusebenzisa ixesha namandla ethu ukuze sixelele abantu ngekamva elimangalisayo esilithenjiswa yiBhayibhile. Nantso ke into esinokuyenza thina maNgqina kaYehova. (Roma 1:14, 15) Xa sicamngca ngezinto eziza kwenziwa nguKristu kungekudala, siya kutsha ziintambo, sifune ukuxelela abanye abantu ngazo.—INdumiso 45:1; 49:3.

UYEHOVA NOYESU BALAWULA AMANDLA ENDALO

12. Kutheni sinokuqiniseka ukuba uYesu uyaziqonda izinto ezilapha emhlabeni?

12 Xa uThixo wayedala umhlaba nazo zonke izinto ezikuwo, uYesu ‘wayesecaleni kwakhe njengomsebénzi onobuchule.’ (IMizekeliso 8:22, 30, 31; Kolose 1:15-17) Ngoko uYesu uziqonda kakuhle izinto ezilapha emhlabeni. Uyayazi indlela yokusebenzisa nokulawula onke amandla endalo.

Yintoni ekuchukumisayo ngendlela uYesu awawasebenzisa ngayo amandla akhe amangalisayo? (Jonga isiqendu 13, 14)

13, 14. Yenza umzekelo wendlela uKristu awalawula ngayo amandla endalo.

13 Xa uYesu wayelapha emhlabeni, wabonisa ukuba unamandla kaThixo ngokulawula amandla endalo. Umzekelo yindlela awalawula ngayo isaqhwithi somoya. (Funda uMarko 4:37-39.) Omnye umphengululi weBhayibhile uthi igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “isaqhwithi somoya” kwincwadi kaMarko lisetyenziswa ukuchaza isaqhwithi esinamandla okanye inkanyamba. Lichaza isaqhwithi esikhatshwa ngamafu amnyama, umoya obhudlayo, iindudumo nezantyalantyala zemvula. Siye sishiye yonke into ibubutyobo. Umpostile uMateyu uchaza esi saqhwithi ngokuthi ‘kukuyaluzela okukhulu.’—Mateyu 8:24.

14 Khawube nomfanekiso-ngqondweni woko kwakusenzeka: Amaza ayentlitha isikhephe, eman’ ukugalela amanzi ngaphakathi kwaso. Nangona kwakukho loo ngxolo kwaye nesikhephe siyaluzela, uYesu wayelele yoyi ngenxa yokudinwa. Kodwa abafundi bona babetyhwatyhwa luloyiko, ibe bamvusa uYesu baza bathi: “Siza kutshabalala!” (Mateyu 8:25) Wenza ntoni uYesu? Wavuka waza wathi kumoya nakulwandle: “Yithi tu! Uzole!” (Marko 4:39) Eso saqhwithikazi saphela kwaza “kwabakho ukuzola okukhulu.” Lo ngumzekelo omangalisa ngokwenene wamandla kaYesu okulawula indalo!

15. UYehova ubonise njani ukuba uyakwazi ukulawula amandla endalo?

15 UKristu uwanikwe nguYehova amandla akhe, ngoko siyazi ukuba uThixo uSomandla uyakwazi ukulawula amandla endalo. Ngokomzekelo, ngaphambi koMkhukula, uYehova wathi: “Kwiintsuku nje ezisixhenxe ezingakumbi ndiza kunisa imvula emhlabeni iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane.” (Genesis 7:4) Kwakhona, kwiEksodus 14:21, sifunda oku: “Waza walwenza uYehova lwabuyela umva ulwandle ngomoya onamandla wasempuma.” Ukanti kuYona 1:4 sifunda oku: “UYehova wezisa umoya omkhulu elwandle, kwaza kwabakho isivuthuvuthu esikhulu elwandle; yaye inqanawa yona yayisele iza kwaphuka.” Kuyasivuyisa ukwazi ukuba kwihlabathi elitsha, uya kusoloko ewalawula amandla endalo.

16. Kutheni kuthuthuzela nje ukwazi ukuba uYehova noYesu banamandla okulawula indalo?

16 Kuyasithuthuzela ukwazi ukuba uYehova noYesu bayakwazi ukulawula amandla endalo. Ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka lukaKristu, wonke umntu olapha emhlabeni uza kube ekhuselekile. Akukho mntu uya kubulawa ziintlekele zemvelo ezinjengeenkanyamba, iitsunami, ugqabhuko-dubulo okanye iinyikima. Asiyi koyika naziphi na iintlekele kuba “intente kaThixo” iya kube iphakathi koluntu! (ISityhilelo 21:3, 4) Siqinisekile ukuba uYehova uya kunika uYesu amandla okulawula indalo ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka.

XELISA UTHIXO NOKRISTU NGOKU

17. Yiyiphi enye yeendlela esinokumxelisa ngazo ngoku uThixo noKristu?

17 Kakade ke, asinakukwazi ukuthintela iintlekele zemvelo. NguYehova noYesu kuphela abakwaziyo. Kodwa ikho into esinokuyenza. Sinokwenza oko kuchazwe kwiMizekeliso 3:27. (Yifunde.) Xa abazalwana bethu besehlelwa zizinto ezibuhlungu, sinokubancedisa kwiintswelo zabo zokwenyama nezeemvakalelo, kwaye sinokubathuthuzela. (IMizekeliso 17:17) Ngokomzekelo, sinokubanceda emva kwentlekele yemvelo. Omnye umhlolokazi owonakalelwa yindlu ngenxa yenkanyamba wathi: “Ndinombulelo kakhulu ngokuba kwintlangano kaYehova, andibuleli uncedo lokwenyama kuphela kodwa nolokomoya.” Kanti omnye udade ongatshatanga yena waziva ephelelwe lithemba xa ikhaya lakhe lonakaliswa sisaqhwithi. Emva kokuba abazalwana bemncedile walilungisa, uthi: “Ndiphelelwe ngamazwi! Andikwazi kuyichaza ngokupheleleyo indlela endivakalelwa ngayo.” Wongeza wathi: “Ndiyabulela, Yehova!” Siyayibulela into eyenziwa ngabazalwana noodadewethu yokunyamekela iintswelo zabanye. Ukanti simbulela nangakumbi uYehova noYesu Kristu ngokusikhathalela kwabo.

18. Yintoni ekuchukumisayo ngesizathu sokuba uYesu enze imimangaliso?

18 UYesu wayingqina ebudeni bobulungiseleli bakhe into yokuba ‘ungamandla kaThixo.’ Kodwa akazange asebenzise amandla akhe ukuze acel’ injezu okanye ukuze kulungelwe yena. Kunoko, wasebenzisa amandla akhe ukwenza imimangaliso kuba ebathanda ngokwenene abantu. Siza kunaba ngaloo nto kwinqaku elilandelayo.