Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Zimiseleni Ukuphucula IParadesi Yokomoya

Zimiseleni Ukuphucula IParadesi Yokomoya

“Ndiya kuyizukisa indawo yeenyawo zam.”—ISAYA 60:13.

IINGOMA: 102, 75

1, 2. Yintoni enye elibhekisela kuyo ibinzana elithi ‘isihlalo seenyawo’ kwiZibhalo zesiHebhere?

UYEHOVA UTHIXO wathi: “Amazulu ayitrone yam, umhlaba sisihlalo seenyawo zam.” (Isaya 66:1) UThixo wayekwathetha ‘ngesihlalo seenyawo’ zakhe xa wathi: “Ndiya kuyizukisa indawo yeenyawo zam.” (Isaya 60:13) Kodwa usizukisa okanye usihombisa njani isihlalo seenyawo zakhe? Ibe kuthetha ukuthini oku kwabo baphila kwesi sihlalo seenyawo zakhe, umhlaba?

2 KwiZibhalo zesiHebhere ibinzana elithi ‘isihlalo seenyawo’ likwasetyenziswa ukuchaza itempile yakwaSirayeli mandulo. (1 Kronike 28:2; INdumiso 132:7) Yayintle kakhulu le tempile kuYehova kuba yayisisazulu sonqulo lokwenyaniso. Ibe yayisetyenziselwa ukuzukisa uYehova emhlabeni.

3. Siyintoni isazulu sonqulo lokwenyaniso namhlanje, ibe saqalisa ukubakho nini?

3 Siyintoni isazulu sonqulo lokwenyaniso namhlanje? Ayisosakhiwo njengetempile. Siyitempile yokomoya kwaye sizukisa uYehova ngaphezu kwaso nasiphi na esinye isakhiwo. Yintoni itempile yokomoya? Lilungiselelo likaThixo elivumela abantu ukuba babe ngabahlobo bakhe baze bamnqule. Eli lungiselelo likho ngenxa yentlawulelo kaYesu kuphela. Laqalisa ngo-29 C.E. xa kwakubhaptizwa uYesu waza wathanjiswa njengoMbingeleli Oyintloko wetempile yokomoya kaYehova.—Hebhere 9:11, 12.

Abantu bakaYehova bamele bamdumise apha yaye ngoku

4, 5. (a) Ngokusuka kwiNdumiso 99, abakhonzi bakaYehova abathembekileyo bafuna ukwenza ntoni? (b) Nguwuphi umbuzo esimele sizibuze wona?

4 Silivuyela kakhulu ilungiselelo likaThixo lonqulo lokwenyaniso. Sibonisa uxabiso lwethu ngokuxelela abanye ngegama likaYehova nangesipho sakhe esihle sentlawulelo. Kuyasivuyisa ukwazi ukuba kukho amaKristu angaphezu kwezigidi ezisibhozo akhonza uYehova imihla ngemihla! Ngoxa abantu abaninzi abakhonzayo beziqhatha becinga ukuba baya kukhonza uThixo ezulwini xa befile, abantu bakaYehova bayayazi indlela ekubaluleke ngayo ukumkhonza apha, ngoku.

5 Xa sidumisa uYehova, silandela umzekelo wabakhonzi bakaThixo abathembekileyo abachazwe kwiNdumiso 99:1-3, 5. (Yifunde.) Amadoda athembekileyo afana noMoses, uAron noSamuweli alixhasa ngokupheleleyo ilungiselelo likaThixo lonqulo lokwenyaniso elalikho ngelo xesha. (INdumiso 99:6, 7) Namhlanje, ngaphambi kokuba abathanjiswa emhlabeni babe ngababingeleli kunye noYesu ezulwini, bakhonza uYehova ngokuthembeka kwinxalenye esemhlabeni yetempile yokomoya. Izigidi ‘zezinye izimvu’ zibancedisa ngokuthembeka. (Yohane 10:16) Omabini la maqela amanyene ekunquleni uYehova. Noko ke, ngamnye wethu umele azibuze lo mbuzo, ‘Ngaba ndilixhasa ngokupheleleyo ilungiselelo likaYehova lonqulo lokwenyaniso?’

UKUQONDA ABANTU ABAKHONZA KWITEMPILE YOKOMOYA

6, 7. Yiyiphi ingxaki eyaqalisa kwibandla lokuqala lamaKristu, ibe u-1919 wabetha kusenzeka ntoni?

6 Kwiminyaka engaphantsi kweyi-100 likho ibandla lamaKristu, isiprofeto sokuba kwakuza kubakho uwexuko sazaliseka. (IZenzo 20:28-30; 2 Tesalonika 2:3, 4) Emva koko, kwaya kusiba nzima ukuqonda abona bantu babenqula uThixo. Emva kwamanye amakhulu eminyaka, uYehova wasebenzisa uYesu ukuze yenziwe icace into yokuba ngoobani ababekhonza kwitempile yakhe yokomoya.

7 Kuthe kubetha u-1919, babe sele bezicacele abo babamkelwe nguThixo nababekhonza kwitempile yakhe yokomoya. Baye batshintsha ukuze unqulo lwabo lwamkeleke kuYehova. (Isaya 4:2, 3; Malaki 3:1-4) Ngoko waqalisa ukuzaliseka umbono owawubonwe ngumpostile uPawulos kumakhulu eminyaka ngaphambili.

8, 9. Yintoni ‘iparadesi’ eyabonwa nguPawulos?

8 Umbono kaPawulos uchazwe kweyesi-2 kwabaseKorinte 12:1-4. (Yifunde.) UYehova wambonisa into eyayiza kwenzeka kwixesha elizayo. Yintoni le “paradesi” eyabonwa nguPawulos? Okokuqala, isenokuba yiParadesi yokoqobo eza kubakho apha emhlabeni kungekudala. (Luka 23:43) Okwesibini, isenokuba yiparadesi yokomoya egqibeleleyo kwihlabathi elitsha. Kanti okwesithathu, kusenokwenzeka ukuba ziimeko ezintle zasezulwini “kwiparadesi kaThixo.”—ISityhilelo 2:7.

9 Kodwa ke yintoni eyabangela uPawulos ukuba athi “weva amazwi angathethekiyo ekungekho mthethweni ukuba umntu awathethe”? Kungenxa yokuba lalingekafiki ixesha lokuba acacise izinto ezintle awayezibone embonweni. Kodwa namhlanje uYehova uyasivumela ukuba sithethe ngeentsikelelo ezifunyanwa ngabantu bakhe ngoku!

10. Kutheni iparadesi yokomoya netempile yokomoya zingafani?

10 Yintoni kanye kanye le paradesi yokomoya esidla ngokuthetha ngayo? Yimeko ekhethekileyo eseluxolweni uThixo ayinika abantu bakhe. Ngoko iparadesi yokomoya netempile yokomoya zizinto ezimbini ezahlukeneyo. Itempile yokomoya lilungiselelo likaThixo lonqulo lokwenene. Iparadesi yokomoya yona ibenza bacace abo uThixo akholiswayo ngabo nabamnqula kwitempile yakhe yokomoya.—Malaki 3:18.

11. Liliphi ilungelo esinalo namhlanje?

11 Kuyasivuyisa ukwazi ukuba ukususela ngo-1919, uYehova uye wavumela abantu abangafezekanga ukuba baphucule, bomeleze kwaye bandise iparadesi yokomoya. Ngaba nawe ufaka isandla kulo msebenzi mhle? Ngaba uyalixabisa ilungelo lokusebenza noYehova ukuze umzukise apha emhlabeni?

UYEHOVA UYIHOMBISA NANGAKUMBI INTLANGANO YAKHE

12. Sazi njani ukuba uIsaya 60:17 uzalisekile? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

12 Umprofeti uIsaya wayiprofeta into yokuba kwakuza kwenzeka utshintsho oluhle kwinxalenye esemhlabeni yentlangano kaThixo. (Funda uIsaya 60:17.) Ulutsha nabantu abasandul’ ukuyamkela inyaniso bazifunda ezincwadini okanye beve nje kubaliswa ngezinye zezinto eziye zatshintshwa. Kodwa bakho abazalwana abaninzi ababe nenyhweba yokuzibonela xa bekutshintshwa ezo zinto! Aba bakhonzi bathembekileyo abayithandabuzi into yokuba uThixo usebenzisa uKumkani wethu, uYesu, ukuze akhokele kwaye alathise intlangano yakhe! Ukuphulaphula amava ala maKristu kuya kuluqinisa ukholo lwethu size simthembe nangakumbi uYehova.

“Iparadesi yokomoya” yimeko ekhethekileyo eseluxolweni yamaKristu namhlanje

13. Ngokutsho kweNdumiso 48:12-14, yintoni esimele siyenze?

13 Onke amaKristu enene amele axelele abantu ngentlangano kaYehova. Kaloku ingummangaliso into yokuba nangona sihlala kweli hlabathi lingendawo likaSathana, thina siseluxolweni kwaye simanyene nabazalwana bethu! Simele sizixelele sinemincili “izizukulwana ezizayo” ngentlangano kaYehova nangeparadesi yokomoya!—Funda iNdumiso 48:12-14.

14, 15. Luluphi utshintsho oluye lwenziwa emva ko-1970, kwaye intlangano iye yazuza njani kulo?

14 Amagqala amaninzi akumabandla ethu aye azibonela kusenziwa utshintsho oluye lwayihombisa nangakumbi inxalenye esemhlabeni yentlangano kaYehova. Asakhumbula ngokuya amabandla ayesakhokelwa sisicaka sebandla kunokuba ibe liqumrhu labadala, amazwe enesicaka sesebe kunokuba abe neKomiti Yesebe, kwaye ingumongameli weWatch Tower Society owalathisa umsebenzi kunokuba ibe liQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova. Nangona bonke aba bazalwana babenamasekela athembekileyo, yayiba ngumntu omnye owenza izigqibo emabandleni, kwiiofisi zamasebe, nakwikomkhulu lehlabathi. Emva ko-1970, yatshintsha loo nto yaza yangamaqela abadala anikwa imbopheleleko yokwenza izigqibo kunokuba ibe yindoda enye.

15 Kutheni olu tshintsho luye lwayinceda intlangano? Kungokuba belusekelwe kwiZibhalo. Kunokuba ibe ngumntu omnye owenza zonke izigqibo, intlangano izuza kwiimpawu ezintle zabo bonke abadala, okanye “izipho ezingabantu,” abalungiselelwe nguYehova.—Efese 4:8; IMizekeliso 24:6.

UYehova unika bonke abantu abasehlabathini ukhokelo abaludingayo ngobomi (Jonga isiqendu 16, 17)

16, 17. Yintoni oyithandileyo wena kwizinto ezitshintshwe kutshanje, ibe ngoba?

16 Cinga nangotshintsho oluye lwenziwa kutshanje kuncwadi lwethu. Kumnandi ukuhambisa uncwadi oluluncedo nolubangel’ umdla entsimini. Kanti sisebenzisa izixhobo zale mihla ukuze sishumayele iindaba ezilungileyo. Ngokomzekelo, iwebhsayithi ethi jw.org inceda abantu abangakumbi ngezinto abazidingayo. Lonke olu tshintsho lwenziweyo lusibonisa indlela uYehova anomdla ngayo kubantu nokuba uyabathanda.

Siyaluvuyela uqeqesho esilufumana kwizikolo zeBhayibhile ezininzi

17 Siyalubulela notshintsho olwenziwe kwiintlanganiso zethu ukuze sikwazi ukuba nonqulo lwentsapho okanye isifundo sobuqu. Sibamba ngazibini nangotshintsho olwenziwe kwiindibano zethu ezinkulu nezincinane. Zibonakala ziphucuka unyaka nonyaka! Enye into esiyivuyelayo luqeqesho esilufumana kwizikolo zeBhayibhile ezininzi. Kuzo zonke ezi zinto, izicacele into yokuba nguYehova owalathisa intlangano yakhe nokuba usaqhubeka eyihombisa nangakumbi iparadesi yokomoya!

INDLELA THINA ESINCEDISA NGAYO EKUHOMBISENI IPARADESI YOKOMOYA

18, 19. Sinokuncedisa njani ekuhombiseni iparadesi yokomoya?

18 UYehova usinike inyhweba yokuncedisa ekuhombiseni iparadesi yethu yokomoya. Ihonjiswa njani le paradesi? Ngokukhuthala entsimini nangokwenza abafundi abangakumbi. Qho sinceda umntu ukuba abe ngumkhonzi kaThixo, sifaka isandla ekwandiseni iparadesi yokomoya.—Isaya 26:15; 54:2.

19 Enye indlela esiyihombisa ngayo iparadesi yokomoya kukuzama ngamandla ukuphucula ubuntu bethu njengamaKristu. Loo nto yenza ukuba iparadesi yokomoya ibe nomtsalane kwabanye abantu. Into edla ngokutsalela abantu entlanganweni nakuYehova noYesu ayikokwazi kwethu iBhayibhile kuphela, kunoko kukuziphatha kwethu ngendlela ecocekileyo kunye noxolo esinalo.

Unako ukuncedisa ekwandiseni iparadesi yokomoya (Jonga isiqendu 18, 19)

20. Ngokutsho kweMizekeliso 14:35, ufanele ube yintoni umnqweno wethu?

20 UYehova noYesu bamele ukuba bayavuya xa bebona iparadesi yethu yokomoya namhlanje. Uvuyo esinalo ngoku kuba siye sayihombisa ngakumbi luza kuthi chatha xa kamva sisenza lo mhlaba ube yiparadesi yokoqobo. Singaze siyilibale iMizekeliso 14:35, ethi: “Inkoliseko yokumkani ikumkhonzi owenza ngengqiqo.” Masisebenzise ubulumko njengoko sihombisa le paradesi yokomoya!