Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Hlala Ulindile!

Hlala Ulindile!

“Kwanokuba unokulibala, hlala uwulindile.”—HABHAKUKI 2:3.

IINGOMA: 128, 45

1, 2. Abantu bakaYehova bayijonga njani imini yakhe ezayo?

ABAKHONZI bakaYehova bebesoloko bekulinda ngomonde ukuzaliseka kweziprofeto. Ngokomzekelo, uYeremiya wayelindele ukuba amaBhabhiloni atshabalalise elakwaYuda, ibe kwenzeka loo nto kanye ngo-607 B.C.E. (Yeremiya 25:8-11) UIsaya waprofeta wathi uYehova wayeza kuwabuyisela kwelakwaYuda amaYuda awayethinjiwe, waza wathi: “Banoyolo bonke abo bahlala bemlindele.” (Isaya 30:18) NoMika wayelindele ukuba izithembiso zikaYehova zaziza kuzaliseka, yaye wathi: “Ndiza kuhlala ndikhangele kuYehova.” (Mika 7:7) Yaye kangangamakhulu eminyaka, abakhonzi bakaThixo babeqinisekile ukuba uMesiya othenjisiweyo, okanye uKristu, uyeza.—Luka 3:15; 1 Petros 1:10-12. * (Funda umbhalo osemazantsi.)

2 Namhlanje, nathi silindele ukuzaliseka kweziprofeto ezingoBukumkani bukaYehova. Kungekudala uYesu, onguKumkani wobo Bukumkani, uza kuhlangula abakhonzi bakaThixo kweli hlabathi liyingozi. Uza kutshabalalisa abantu abangendawo aze aphelise konke ukubandezeleka. (1 Yohane 5:19) Ngoko simele sihlale silindele ukuba imini kaYehova ingeza nanini na, size sizame kangangoko sinako ukuyixhobela.

3. Ukuba kudala sisilindile isiphelo, yintoni esinokuzibuza yona?

3 Siyijonge ngamehlw’ abomvu imini apho kuya kwenziwa ukuthanda kukaThixo emhlabeni. (Mateyu 6:10) Kodwa ukuba sesineminyaka silinde isiphelo, sisenokuzibuza, ‘Kutheni simele sihlale silindele ukuba isiphelo sifike kungekudala?’

KUTHENI SIMELE SIHLALE SILINDELE UKUBA ISIPHELO SIFIKE KUNGEKUDALA?

4. Kutheni kubalulekile ukuba ‘sihlale silindile’?

4 UYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba ‘bahlale belindile’ yaye ‘bahlale bethe qwa.’ Yiloo nto kubalulekile ukuhlala silindele ukuba isiphelo sifike kungekudala. (Mateyu 24:42; Luka 21:34-36) Kwakhona, intlangano kaYehova ihlala isikhumbuza ukuba ‘sibulinde yaye sibukhumbule ubukho bemini kaYehova’ size sinikele ingqalelo kwisithembiso sikaYehova sehlabathi elitsha.—Funda eyesi-2 kaPetros 3:11-13.

5. Sisiphi esinye isizathu esinaso sokuhlala siyilindile imini kaYehova?

5 Ukuba kwafuneka abalandeli bakaYesu benkulungwane yokuqala bahlale beyilindile imini kaYehova, kumele ukuba kubaluleke nangakumbi kuthi namhlanje. Ngoba? Kaloku umqondiso owachazwa nguYesu ubonisa ukuba ebenguKumkani woBukumkani bukaThixo ukususela ngo-1914, nokuba siphila kwimihla yokugqibela, okanye ‘isiphelo senkqubo yezinto.’ Ngokomzekelo, kanye njengokuba uYesu waprofetayo, iimeko zehlabathi ziya zisiba mbi yaye iindaba ezilungileyo zoBukumkani zishunyayelwa emhlabeni wonke. (Mateyu 24:3, 7-14) UYesu akazange atsho ukuba iza kuthatha ixesha elingakanani imihla yokugqibela, ngoko simele silindele ukuba isiphelo sifike nanini na.

6. Sazi njani ukuba iimeko zehlabathi ziya kuya zisiba mbi njengoko sisondela isiphelo?

6 Ngaba loo nto ithetha ukuba ‘ukupheliswa kwenkqubo yezinto’ kubhekisela kwixesha elisekude apho imihla iya kuba mibi nangakumbi? IBhayibhile ithi “ngemihla yokugqibela,” abantu baza kuya beqatsela ebubini. (2 Timoti 3:1, 13; Mateyu 24:21; ISityhilelo 12:12) Ngoko, nangona izinto zixhomis’ amehlo kwangoku, siyazi ukuba ziza kuya zisiba mbi.

7. UMateyu 24:37-39 usifundisa ntoni ngemihla yokugqibela?

7 Abanye basenokucinga ukuba ngaphambi kokuba kufike ‘imbandezelo enkulu,’ kuza kubakho iimfazwe kuwo onke amazwe yaye abantu abaninzi baya kube begula okanye besifa yindlala. (ISityhilelo 7:14) Kodwa ukuba bekunjalo, ibiya kubonakala nakuthathatha into yokuba iziprofeto zeBhayibhile ziyazaliseka. Ibiya kuzicacela loo nto nakubantu abangenamdla waBhayibhile. Khumbula ukuba uYesu wathi ngemihla yokugqibela, abantu abaninzi babengayi ‘kunikela ngqalelo.’ Babeya kuziphilela nje ubomi babo baze bothuke xa kufika imini kaYehova. (Funda uMateyu 24:37-39.) Kucacile ke ukuba, asimele silindele ukuba abantu baza kukholelwa ngenkani ukuba isiphelo sisondele ngenxa yokubona iimeko zehlabathi ziqatsela ngeyona ndlela ngaphambi kokuba kufike ‘imbandezelo enkulu.’—Luka 17:20; 2 Petros 3:3, 4.

Asiyithandabuzi nakancinane into yokuba siphila kwimihla ‘yokupheliswa kwenkqubo yezinto’

8. Ekubeni siwuphaphele umqondiso kaYesu, yintoni esingayithandabuziyo nakancinane?

8 Injongo yomqondiso owachazwa nguYesu yayikukulumkisa abalandeli bakhe ngexesha ababeza kuphila kulo. Ngenxa yoko, abalandeli bakaYesu baye bahlala bethe qwa. (Mateyu 24:27, 42) Ukususela ngo-1914, iinkalo ezahlukahlukeneyo zomqondiso kaYesu bezizaliseka. Asiyithandabuzi nakancinane into yokuba siphila kwimihla yokugqibela ‘yokupheliswa kwenkqubo yezinto.’ UYehova sele esazi ukuba uza kulitshabalalisa nini eli hlabathi lingendawo likaSathana.

9. Kutheni simele sihlale silindele ukuba isiphelo sifike?

9 Kutheni ke simele sihlale silindele ukuba isiphelo sifike? Kaloku sithobela uYesu Kristu. Kwakhona, sibona kakuhle ukuba umqondiso kaYesu wemihla yokugqibela uyazaliseka. Sikholelwa ukuba isiphelo sikufuphi, kungekhona ngenxa yokuba sikholelwa yonke into le esiyivayo, kodwa kuba seyisekile ukuba iziprofeto zeBhayibhile ziyazaliseka. Simele sihlale siphaphile kwaye sikulungele ukufika kwesiphelo.

SIMELE SILINDE IXESHA ELINGAKANANI?

10, 11. (a) Kwakutheni ukuze uYesu axelele abafundi bakhe ukuba ‘bahlale belindile’? (b) UYesu wathi mabenze ntoni abalandeli bakhe xa becinga ukuba aside sifike isiphelo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

10 Abanye bethu baneminyaka bekhonza uYehova ngokuthembeka yaye kudala belinde ukuza kwemini yakhe. Kungakhathaliseki ukuba sinexesha elingakanani silindile, simele siqhubeke siyilindele loo mini. Xa uYesu esiza kutshabalalisa ihlabathi likaSathana, umele afike simlindile. Khumbula ukuba uYesu wathi mabenze ntoni abalandeli bakhe: “Hlalani nikhangele, hlalani niphaphile, kuba anazi ukuba ixesha elimisiweyo linini na. Kufana nomntu owahambela kwenye indawo washiya indlu yakhe waza wanika amakhoboka akhe igunya, ngalinye umsebenzi walo, waza wayalela umgcini-mnyango ukuba ahlale elindile. Ngoko ke hlalani nilindile, kuba anazi ukuba inkosi yendlu iza kufika nini, enoba xa sele imini ihambile okanye ezinzulwini zobusuku okanye ekulileni kweenkuku okanye ngonyezi; ukuze xa ifika ngequbuliso, inganifumani nilele. Kodwa oko ndikutsho kuni ndikutsho kubo bonke, Hlalani nilindile.”—Marko 13:33-37.

Ukuhlaselwa konqulo lobuxoki kungenzeka ngesiquphe nanini na

11 Xa abalandeli bakaYesu babonayo ukuba uqalisile ukulawula ngo-1914, baqonda ukuba isiphelo sisenokufika nanini na. Ngoko basixhobela ngokuzimisela nangakumbi ekushumayeleni. UYesu wathi usenokufika kamva, “ekulileni kweenkuku okanye ngonyezi.” Abalandeli bakhe babemele bathini ke xa kunjalo? UYesu wathi: “Hlalani nilindile.” Ngoko kwanaxa sicinga ukuba selilide eli xesha silindile, loo nto ayithethi kuthi isiphelo sisekude okanye asizukufika sisaphila.

12. UHabhakuki wambuza ntoni uYehova, ibe uThixo wamphendula njani?

12 Umprofeti uHabhakuki waba nomonde njengoko wayeshumayela ngokutshatyalaliswa kweYerusalem. Nabanye abaprofeti ababephila ngaphambi kwakhe babeneminyaka beshumayela kwalo myalezo mnye. UHabhakuki wayebona ukuba ububi nokungekho sikweni kuya kuqatsela. Wabongoza uYehova ecela uncedo, wathi: “Kuya kude kube nini na Yehova, ndikhalela uncedo?” Nangona uYehova engazange atsho ukuba siza kufika nini isiphelo, wathembisa uHabhakuki wathi: ‘Asiyi kufika emva kwexesha.’ UYehova wamxelela nokuba ‘ahlale elindile.’—Funda uHabhakuki 1:1-4; 2:3.

13. Yintoni awayenokuyicinga uHabhakuki, ibe kutheni sisithi kwakuya kuba yingozi ukucinga ngolo hlobo?

13 Masithi uHabhakuki wayedikiwe kukulinda isiphelo waza wathi: ‘Sekudlule iminyaka ngoku ndilinde ukutshatyalaliswa kweYerusalem. Asikazukufika esi siphelo. Akukho mfuneko yokuba ndibe ndishumayela ngaso. Iza kwenziwa ngabanye abantu loo nto.’ Kwakuza kwenzeka ntoni? UYehova wayengazi kuyithanda loo nto. Yaye ukuba isiphelo sasifike engathanga qwa, wayesenokufa.

14. Kutheni siza kumbulela uYehova kuba esilumkisile ukuba sihlale sisilindile isiphelo?

14 Khawuzibone ukwihlabathi elitsha. Zonke izinto ekwaprofetwa ngazo ngemihla yokugqibela zenzeke kanye ngale ndlela uYehova wayeyithethile. Ngoku umthemba nangakumbi uYehova, yaye uqinisekile ukuba uza kuzenza zonke ezinye izinto azithembisileyo. (Funda uYoshuwa 23:14.) Uyambulela uYehova kuba esizise ngexesha elililo isiphelo kwaye ebalumkisile abantu ukuba bahlale besilindile.—IZenzo 1:7; 1 Petros 4:7.

NGOXA SILINDILE SIQHUBEKA SISHUMAYELA

Ngaba ukhuthele ekushumayeleni iindaba ezilungileyo? (Jonga isiqendu 15)

15, 16. Kutheni simele sizimisele ukushumayela kweli xesha lesiphelo?

15 Intlangano kaYehova iseza kuqhubeka isikhumbuza ukuba sizixakekise ekukhonzeni uYehova. Ezi zikhumbuzo azipheleli nje ekusincedeni kuloo nto, kodwa zisinceda sibone ukuba umyalezo esiwuphetheyo ungxamisekile. Siqinisekile ukuba umqondiso owachazwa nguYesu uyazaliseka sithethanje, yaye isiphelo sisondele. Ngoko simbeka kuqala uYehova ebomini bethu yaye siqhubeka sishumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani.—Mateyu 6:33; Marko 13:10.

16 Xa sishumayela iindaba ezilungileyo kwabanye, sincedisa ekubahlanguleni kwisiphelo sehlabathi likaSathana esisemnyango. Kwenzeka enye yezona ntlekele zibuhlungu ngo-1945, xa kwazika inqanawa ekuthiwa yiWilhelm Gustloff. Kwafa amawaka abantu. Phakathi kwabantu abahlangulwayo kuloo nqanawa, kwakukho udade nomyeni wakhe. Ukhumbula ukuba, naxa yayisele izika inqanawa, kwakukho ibhinqa elalikhala lisithi: “Iibhegi zam! Iibhegi zam! Izacholo zam! Zonke zishiyekile. Andisenanto!” Kodwa abanye ababekhwele babeyazi eyona nto ibalulekileyo baza bazama kangangoko ukuhlangula abantu. Nanamhlanje ke, ubomi babantu busengozini. Nathi sifuna ukufana naba bakhweli benqanawa ababengacingeli iziqu zabo, size sixakeke ngulo msebenzi ungxamisekileyo. Kufuneka senze unako-nako ukunceda abantu basinde xa kuphela le nkqubo.

Yenza izigqibo zobulumko uze uzixakekise ngomsebenzi wethu wokushumayela ongxamisekileyo (Jonga isiqendu 17)

17. Kutheni simele sikholelwe ukuba isiphelo singafika nanini na?

17 Izicacele into yokuba iziprofeto zeBhayibhile ziyazaliseka yaye isiphelo sale nkqubo ingendawo sele sisemnyango. Silinde ukuba “iimpondo ezilishumi” kunye “nerhamncwa” zijikele unqulo lobuxoki, iBhabhiloni Enkulu. (ISityhilelo 17:16) Asimele sicinge ukuba kuseza kudlula ixesha ngaphambi kokuba yenzeke loo nto. Ungalibali ukuba uThixo uza ‘kukubeka ezintliziyweni zazo’ ukuba zihlasele unqulo lobuxoki, ibe le nto ingenzeka ngesiquphe nanini na! (ISityhilelo 17:17) Isiphelo sehlabathi likaSathana elingendawo sisondele kakhulu. Ngoko simele sisithobele isilumkiso sikaYesu esithi: “Zilumkeleni ukuba iintliziyo zenu zingaze zisindwe kukuzingxala ngokutya nokusela kakhulu nangamaxhala obomi, ize ngequbuliso loo mini inifikele ngephanyazo njengomgibe.” (Luka 21:34, 35; ISityhilelo 16:15) Masihlale sithe qwa size sixakeke ekukhonzeni uYehova, siqinisekile ukuba ‘uyamsebenzela lowo uhlala enolindelo lwakhe.’—Isaya 64:4.

18. Nguwuphi umbuzo oza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo?

18 Ngoxa sisalinde isiphelo sale nkqubo ingendawo yezinto, masithobele isiluleko somfundi uYude, esithi: “Kodwa nina, zintanda, ngokuzakha kolwenu ukholo olulolona lungcwele, nokuthandaza ninomoya oyingcwele, zigcineni kuthando lukaThixo, ngoxa nilindele inceba yeNkosi yethu uYesu Kristu nikhangele kubomi obungunaphakade.” (Yude 20, 21) Kodwa singabonisa njani ukuba sililindele ihlabathi elitsha likaThixo yaye silijonge ngamehlw’ abomvu? Siza kuthetha ngaloo nto kwinqaku elilandelayo.

^ isiqe. 1 Ukuze ufumane uludwe lweziprofeto zeBhayibhile ezingoMesiya nendlela ezazaliseka ngayo, jonga iphepha 200 lencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?