Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Zilungiselele Kwangoku Ukuphila Kwihlabathi Elitsha

Zilungiselele Kwangoku Ukuphila Kwihlabathi Elitsha

‘Mabenze okulungileyo, baziqwebele isiseko esihle nesikhuselekileyo sekamva, esikhokelela kubomi benene.’—1 TIMOTI 6:18, 19.

IINGOMA: 125, 40

1, 2. (a) Yintoni wena onomdla wokuyibona eParadesi? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.) (b) Yiyiphi eyona nto iya kusivuyisa kakhulu kwihlabathi elitsha?

SIBUJONGE ngamehlo abomvu “ubomi obungunaphakade.” Kaloku umpostile uPawulos wathi iya kuba ‘bubomi benene’ obo. (Funda eyoku-1 kuTimoti 6:12, 19.) Kwabaninzi, buya kuba bubomi obungenasiphelo kumhlaba oyiParadesi. Khawufan’ ucinge nje sele sivuka siyimiqabaqaba, sonwabile kwaye sanelisekile ntsasa nganye. (Isaya 35:5, 6) Yiba nombono nje wendlela ekuya kuba mnandi ngayo ukuhlala nentsapho kunye nezihlobo zakho, kuquka abo bavuswe ekufeni. (Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15) Uya kutsho ufumane nethuba lokufunda imisebenzi obungayazi uze uzicwabe izinto othanda ukuzenza. Ngokomzekelo, unokwenza uphando ngesayensi. Kungenjalo unokufunda ukudlala isixhobo somculo okanye ukuzoba iplani yendlu yakho.

2 Nangona lingathi alisafiki ixesha lokuba kwenzeke ezi zinto, eyona nto iya kusivuyisa kakhulu kukunqula uYehova. Khawuthelekelele nje ukuba kuya kuba njani xa wonke umntu engcwalisa igama likaYehova kwaye eyamkela into yokuba unguMlawuli. (Mateyu 6:9, 10) Kuya kusivuyisa ukubona umhlaba uzele ngabantu abafezekileyo, kanye ngendlela uThixo awayefuna ngayo. Ibe khawucinge nje ukuba kuya kuba lula njani ukuqinisa ubuhlobo bethu noYehova njengoko sisiya sifezeka!—INdumiso 73:28; Yakobi 4:8.

3. Yintoni esifanele siyilungiselele kwangoku?

3 Asiyithandabuzi into yokuba uYehova uya kuzenza zonke ezi zinto zintle, kuba “kuThixo izinto zonke zinako ukwenzeka.” (Mateyu 19:25, 26) Ukuba sifuna ukuphila ngonaphakade kwihlabathi elitsha, masiqale kwangoku ukuzilungiselela ubomi obungenasiphelo. Siyazi ukuba isiphelo sele sisemnyango, ngoko simele siphile ngendlela ebonisa ukuba silindele ukuba singafika nanini na. Kufuneka senze unako-nako ngoku ukuze sizilungiselele ukuphila kwihlabathi elitsha. Masibone ukuba sinokuyenza njani loo nto.

INDLELA YOKUZILUNGISELELA

4. Sinokwenza njani ukuze sizilungiselele kwangoku ukuphila kwihlabathi elitsha? Zekelisa.

4 Sinokwenza njani ukuze sizilungiselele kwangoku ukuphila kwihlabathi elitsha? Ukuba besiceba ukufudukela kwelinye ilizwe, besiya kwenza izinto ezithile ukuze silungele ukuphila kulo. Ngokomzekelo, besiya kufunda ulwimi nezithethe zabantu balapho. Besinokude singcamle nezinto abazityayo. Ngokufanayo ke, sinokuzilungiselela ukuphila kwihlabathi elitsha ngokwenza konke okusemandleni ethu ukuze siphile ngokungathi sele silapho. Makhe sibone ezinye zeendlela esinokuyenza ngazo loo nto.

5, 6. Ukufunda ukuthobela ulwalathiso oluvela kwintlangano kaYehova kusinceda njani ukuba silungele ukuphila kwihlabathi elitsha?

5 Kweli hlabathi siphila kulo, uSathana ufuna abantu bacinge ukuba banokwenza nantoni na abayifunayo. Abanye bacinga ukuba kubalulekile ukuhamba ngoyibonayo nokuba akuyomfuneko ukuthobela uThixo. Iphumele entwenini ke loo nto? Kwiintlungu zodwa. (Yeremiya 10:23) Kodwa uYehova unguMlawuli onothando. Ubomi buya kuba bhetele kakhulu xa bonke abantu bemthobela!

6 Kwihlabathi elitsha, intlangano kaYehova iya kusinika ulwalathiso ukuze senze lo mhlaba ube yiparadesi entle kwaye sifundise abantu abavuswe ekufeni. UYehova uza kusinika umsebenzi omninzi. Kodwa kuthekani ukuba abo bakhokelayo bakucela ukuba wenze isabelo ongasithandiyo? Ngaba uya kuthobela? Ngaba uya kwenza konke okusemandleni akho ukuze usiphumeze yaye usenze uvuya eso sabelo? Ukuze sizilungiselele ukuphila kwihlabathi elitsha, kufuneka siluthobele ngoku ulwalathiso oluvela kwintlangano kaYehova.

7, 8. (a) Kutheni sifanele sisebenzisane nabo bakhokelayo? (b) Ziye zatshintsha njani izabelo zamanye amaKristu? (c) Yintoni esinokuqiniseka ngayo kwihlabathi elitsha?

7 Ukuze silungele ukuphila kwihlabathi elitsha, sifanele sifunde ukwaneliseka size sisebenzisane nentlangano kaYehova kunye nabazalwana bethu. Ngokomzekelo, xa sifumana isabelo, siyasebenzisana size sizame ngandlela zonke ukonwaba nokwaneliseka. Ukuba sifunda kwangoku ukusebenzisana nabo bakhokelayo, kuya kuba lula ukuba senjenjalo nakwihlabathi elitsha. (Funda amaHebhere 13:17.) Xa amaSirayeli ayengena kwiLizwe Lesithembiso, axelelwa iindawo awayeza kuhlala kuzo. (Numeri 26:52-56; Yoshuwa 14:1, 2) Asazi ukuba umntu ngamnye apha kuthi uza kuhlaliswa phi kwihlabathi elitsha. Kodwa ukuba sifunda ukuba nentsebenziswano, siya kukuvuyela ukwenza ukuthanda kukaYehova enoba sihlala phi na.

8 Khawuthelekelele nje indlela ekuya kuba lilungelo ngayo ukukhonza uThixo kwihlabathi elitsha phantsi koBukumkani! Ngenxa yoko, kuyasivuyisa ukuqala kwangoku ukusebenzisana nentlangano kaYehova nokwenza zonke izinto esabelwa ukuba sizenze. Kusenokwenzeka ngamany’ amaxesha ukuba izabelo zethu zitshintshe. Ngokomzekelo, abanye abazalwana abebekhonza eBheteli eMerika baye banikwa izabelo entsimini. Ukanti abanye abaveleli abahambahambayo baye babelwa ukuba babe ngoovulindlela abakhethekileyo ngenxa yobudala okanye ezinye iimeko. Bonwabile kwezi zabelo zabo zitsha, kwaye uYehova uyabasikelela. Ukuba siyamcela uYehova ukuba asincede, senze konke okusemandleni ethu ukuze simkhonze, size sifunde ukwanela siso nasiphi na isabelo esisinikwayo, siya konwaba kwaye uYehova uya kusisikelela. (Funda iMizekeliso 10:22.) Siya kuthini ukuba, kwihlabathi elitsha, besincwase ukuhlala kwindawo ethile, kodwa intlangano kaYehova isicele ukuba sifudukele kwenye? Ngelo xesha, ayiyi kubaluleka into yokuba sihlala phi okanye senza wuphi umsebenzi. Siya kuvuyiswa nje kukuba siphila kwihlabathi elitsha.—Nehemiya 8:10.

9, 10. (a) Kutheni kusenokufuneka sibe nomonde kwihlabathi elitsha? (b) Sinokwenza njani ukuze sibonise kwangoku ukuba sinomonde?

9 Umonde uza kufuneka ngamany’ amaxesha kwihlabathi elitsha. Ngokomzekelo, sisenokuva abanye abantu bevuya kuba izihlobo nezalamane zabo zivusiwe ekufeni. Noko ke, kusenokufuneka silinde ngaphambi kokuba ezethu zivuswe. Xa kunjalo ke, ngaba siza kuba nomonde size sivuyisane nabo bavuyayo? (Roma 12:15) Xa sifunda ukumlinda kwangoku uYehova ukuba azalisekise izithembiso zakhe, kuya kuba lula ukuba silinde ngelo xesha.INtshumayeli 7:8.

10 Enye indlela esinokuzilungiselela ngayo ukuphila kwihlabathi elitsha kukuba nomonde xa kusenziwa utshintsho kwindlela esiziqonda ngayo iimfundiso zeBhayibhile. Ngaba siye sizifunde izinto ezintsha, kwaye ngaba siba nomonde xa singekaziqondi ngokupheleleyo? Ukuba senjenjalo, kwihlabathi elitsha kuya kuba lula ukuba nomonde ngalo lonke ixesha uYehova esithuma ukuba senze into entsha.—IMizekeliso 4:18; Yohane 16:12.

11. Kutheni sifanele sikufunde ngoku ukuxolela, ibe loo nto iya kusinceda njani kwihlabathi elitsha?

11 Enye indlela esinokulungela ngayo ukuphila kwihlabathi elitsha kukufunda ukuxolela. Ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka lukaKristu, kuza kuthatha ixesha ukuba abantu bafezeke bonke. (IZenzo 24:15) Ngaba siza kuthandana size sixolelane ke? Ukuba sikufunda ngoku ukuxolela abantu nokuhlalisana kakuhle nabo, kuya kuba lula ukwenjenjalo kwihlabathi elitsha.—Funda amaKolose 3:12-14.

Kwihlabathi elitsha, kuza kufuneka kwaezi mpawu uYehova asifundisa ukuba sibe nazo ngoku

12. Kutheni sifanele sikulungiselele kwangoku ukuphila kwihlabathi elitsha?

12 Kwihlabathi elitsha, izinto aziyi kusoloko zihamba ngendlela esithanda ngayo, okanye kusenokufuneka silinde. Kuza kufuneka sibulele size saneliseke yiloo nto sinayo nob’ injani imeko. Enyanisweni, kuza kufuneka kwaezi mpawu uYehova asifundisa ukuba sibe nazo ngoku. Ngoko xa sisebenzela kuzo kwangoku, sibonisa ukuba ihlabathi elitsha alilophupha nje kuthi nokuba sele siqalisile ukulungiselela ubomi obungunaphakade. (Hebhere 2:5; 11:1) Kwaye siya kubonisa ukuba sikufuna nyhani ukuphila kwihlabathi apho wonke umntu ethobela uYehova.

ZIXAKEKISE NGOKUKHONZA UYEHOVA

Zishumayele ngokuzimisela iindaba ezilungileyo

13. Ngubani esiza kumbeka kwindawo yokuqala kwihlabathi elitsha?

13 Kwihlabathi elitsha, siza kuba nayo yonke into efunekayo ukuze sonwabe. Kodwa eyona nto iza kusivuyisa lulwalamano olusondeleyo esiza kuba nalo noYehova. (Mateyu 5:3) Siya kuxakeka enkonzweni kaYehova, yaye siza kukonwabela ukumkhonza. (INdumiso 37:4) Ngoko xa sibeka uYehova phambili ebomini bethu ngoku, silungiselela ubomi kwihlabathi elitsha.—Funda uMateyu 6:19-21.

14. Luluphi usukelo abanokuzibekela lona abantu abaselula enkonzweni kaYehova?

14 Sinokwenza njani ukuze sikonwabele nangakumbi ukukhonza uYehova? Enye indlela kukuzibekela usukelo. Ukuba uselula, khawucinge ngokusebenzisa ubomi bakho ekukhonzeni uYehova. Kutheni ungakhe uphande kwiimpapasho zethu ngeendidi zenkonzo yexesha elizeleyo? Enye yazo ungayenza usukelo lwakho. * (Funda umbhalo osemazantsi.) Thetha nabanye abaneminyaka emininzi bekwinkonzo yexesha elizeleyo. Ukuba usebenzisa ubomi bakho ukukhonza uYehova, uya kufumana uqeqesho oluxabisekileyo. Loo nto iza kukunceda ukwazi ukukhonza uYehova kwihlabathi elitsha.

Zibekele usukelo enkonzweni kaYehova

15. Luluphi olunye usukelo esinokuzibekela lona ekukhonzeni uYehova?

15 Zininzi izinto esinokuzibekela zona njengosukelo enkonzweni kaYehova. Ngokomzekelo, singazibekela usukelo lokufunda indlela entsha yokushumayela. Okanye singazama ukuyiqonda bhetele imigaqo yeBhayibhile nendlela esinokuyisebenzisa ngayo kubomi bethu. Sinokuzama ukuphucula indlela esifunda ngayo phambi kwebandla okanye iintetho kunye neempendulo zethu ezintlanganisweni. Ingongoma nantsi: Xa uzibekela usukelo ekukhonzeni uYehova, loo nto iza kukunceda uzimisele ngakumbi kwaye ulungiselele ubomi kwihlabathi elitsha.

OBONA BOMI BUMNANDI ESINOKUBUPHILA NGOKU

Yiba nombulelo ngayo yonke into uYehova akunika yona

16. Kutheni ukukhonza uYehova ibobona bomi bumnandi?

16 Xa sichitha ixesha lethu silungiselela ihlabathi elitsha likaThixo, ngaba siziphosanisa nobona bomi bumnandi namhlanje? Akunjalo! Ukukhonza uYehova bobona bomi bumnandi. Asimkhonzi kuba sinyanzelwa okanye kuba nje sifuna ukusinda kwimbandezelo enkulu. Xa sinolwalamano oluhle noYehova ubomi bethu buba bhetele kwaye siyonwaba. Yiloo ndlela kanye awasidalela ukuba siphile ngayo. Ayikho into emnandi njengokuthandwa nguYehova nokukhokelwa nguye ebomini bethu. (Funda iNdumiso 63:1-3.) Sonke siyavuya xa sinqula uYehova ngentliziyo epheleleyo. Abanye abaye bakhonza uYehova iminyaka emininzi bangatsho ngokunyanisekileyo ukuba obu bobona bomi bumnandi.—INdumiso 1:1-3; Isaya 58:13, 14.

Khangela ukhokelo eBhayibhileni

17. Kuza kube kubaluleke kangakanani ukwenza izinto esizithandayo nokuzihlaziya eParadesi?

17 EParadesi siza kukonwabela ukuchitha ixesha lethu ezintweni esizithandayo nasekuzihlaziyeni. Ngapha koko, nguYehova owasidala sanomnqweno wokuzonwabisa, yaye uthembisile ukuba uza ‘kwanelisa umnqweno wayo yonke into ephilayo.’ (INdumiso 145:16; INtshumayeli 2:24) Siyakufuna ukuzihlaziya nokuphumla, kodwa sizonwabela nangakumbi ezo zinto xa sibeka ulwalamano lwethu noYehova phambili. Kuza kuba njalo ke nakwihlabathi elitsha. Ngoko bubulumko ukuba siqhubeke ‘sifuna kuqala ubukumkani’ size sinikele ingqalelo kwiintsikelelo esizifumana ngokukhonza uYehova.—Mateyu 6:33.

Xa sinolwalamano oluhle noYehova ubomi bethu buba bhetele kwaye siyonwaba

18. Singabonisa njani ukuba silungiselela ukuphila ngonaphakade eParadesi?

18 Kwihlabathi elitsha, ubomi buza kuba mnandi ngaphezulu lee kunendlela esinokuyicinga. Ngamana singabonisa indlela esifuna ngayo ukuba lapho ngokubulungiselela kwangoku “ubomi benene.” Masibe nazo ezi mpawu uYehova asifundisa zona size sishumayele iindaba ezilungileyo ngokuzimisela. Ngamana singavuyiswa kukubeka unqulo lukaYehova phambili ebomini bethu. Siqinisekile ukuba kwihlabathi elitsha, uYehova uza kuzenza zonke izinto azithembisileyo. Ngoko masiphile ngokungathi sesilapho!

^ isiqe. 14 Jonga incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2, iphepha 311-318.