Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Unokusithemba Isazela Sakho?

Ngaba Unokusithemba Isazela Sakho?

“Injongo yalo myalelo luthando oluphuma kwintliziyo ehlambulukileyo noluphuma kwisazela esilungileyo.”—1 TIMOTI 1:5.

IINGOMA: 57, 48

1, 2. Ngubani owasinika isazela, yaye kutheni siyibulela nje loo nto?

UYEHOVA UTHIXO wabadala abantu banenkululeko yokuzikhethela. Ukuze asincede senze izigqibo ezizizo, uYehova usinike into enokusikhokela. Loo nto sisazela, into engaphakathi kuthi esinceda sazi okulungileyo nokubi. Xa sisisebenzisa kakuhle isazela sethu, sinokusinceda senze okulungileyo size siphephe okubi. Isazela sethu sibubungqina bokuba uYehova uyasithanda ibe ufuna siphumelele.

2 Abanye abantu namhlanje benza okulungileyo yaye bayakucaphukela okubi nangona bengayazi imigaqo yeBhayibhile. (Funda amaRoma 2:14, 15.) Ibangelwa yintoni loo nto? Kaloku banesazela. Sinceda abantu abaninzi bangenzi izinto ezimbi. Khawufan’ ucinge ukuba ngekunjani emhlabeni ukuba sonke besingenaso isazela! Besinokuva ngezinto ezimbi kakhulu, ngaphezu kwezi zenzekayo. UYehova wasinceda nyhani ngokusinika isazela!

Isazela esiqeqeshwe kakuhle sinokusinceda njani xa kufuneka senze izigqibo?

3. Izazela zethu zinganaliphi igalelo ebandleni?

3 Abantu abaninzi abayicingi nokuyicinga into yokuqeqesha izazela zabo. Kodwa ke abantu bakaYehova bafuna ukuba izazela zabo zisebenze kakuhle kuba oko kunganegalelo elikhulu kumanyano lwebandla. Sifuna ukuba izazela zethu zisikhumbuze ngemigaqo yeBhayibhile yokulungileyo nokubi. Noko ke, ukuze siziqeqeshe size sizisebenzise izazela zethu, sifanele senze okungakumbi kunokufunda nje iBhayibhile. Sifanele siyithande imilinganiselo kaThixo, sikholwe ukuba inokusinceda. UPawulos wathi: “Injongo yalo myalelo luthando oluphuma kwintliziyo ehlambulukileyo noluphuma kwisazela esilungileyo noluphuma kukholo olungenaluhanahaniso.” (1 Timoti 1:5) Xa sisiqeqesha isazela sethu size sisiphulaphule, siya kuba nokholo size simthande ngakumbi uYehova. Indlela esisisebenzisa ngayo isazela sethu ibonisa indlela esisondele ngayo kuYehova nesifuna ukumkholisa ngayo. Isazela sethu sikwatyhila nokuba singabantu abanjani na.

4. Singaziqeqesha njani izazela zethu?

4 Kodwa ke sinokuziqeqesha njani izazela zethu? Kufuneka sifunde iBhayibhile rhoqo, sicingisise ngoko sikufundayo, kwaye sicele uYehova asincede sikwenze oko sikufundayo. Loo nto ithetha ukuba simele singaneli nje ukufunda izibakala nemithetho. Xa sifunda iBhayibhile, eyona nto siyifunayo kukwazi uYehova ngakumbi. Siye simazi ukuba unguMntu onjani, sazi nezinto azithandayo nangazifuniyo. Njengoko sifunda okungakumbi ngoYehova, izazela zethu ziya kukhawuleza ukuqonda izinto ezilungileyo nezimbi. Okukhona siqeqesha izazela zethu, kokukhona siya kutsho sikwazi ukucinga njengoYehova.

5. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

5 Kodwa ke sinokuzibuza: Isazela esiqeqeshwe kakuhle sinokusinceda njani xa kufuneka senze izigqibo? Sinokusihlonela njani isazela somnye umKristu? Yaye isazela sethu sinokusinceda njani senze okulungileyo? Makhe sithethe ngezinto ezintathu ekunokufuneka sibe nesazela esiqeqeshiweyo kuzo: (1) ezonyango, (2) ukuzonwabisa, (3) nomsebenzi wokushumayela.

YIBA NENGQIQO

6. Ziziphi izigqibo esizenzayo ngempilo yethu?

6 IBhayibhile isixelela ukuba siziphephe izinto eziza kusenzakalisa nokuba singazibaxi izinto, njengaxa sisitya okanye sisela. (IMizekeliso 23:20; 2 Korinte 7:1) Xa sithobela isiluleko seBhayibhile, sinokuncedakala ukuze sinyamekele impilo yethu. Kodwa ke sisaqhubeka sigula yaye sisaluphala. Ziziphi ke izigqibo ekusenokufuneka sizenze? Kwamanye amazwe, kukho amayeza aqhelekileyo asuka koogqirha kunye nolunye uhlobo lwamayeza. Iiofisi zamasebe zihlala zifumana iileta ezivela kubazalwana noodade bebuza ngeendlela ezahlukahlukeneyo zonyango. Abaninzi badla ngokubuza, “Ngaba umkhonzi kaYehova unokuyamkela le ndlela yokunyanga?”

7. Sinokuzenza njani izigqibo ngegazi?

7 Iofisi yesebe okanye abadala basekuhlaleni abanalo ilungelo lokwenzela omnye umKristu isigqibo ngonyango amele alwamkele, enoba sele becelwa ukuba benjenjalo. (Galati 6:5) Kodwa ke, abadala banokumkhumbuza ngoko uYehova akufunayo, ukuze enze isigqibo sobulumko. Ngokomzekelo, uThixo usiyalele ukuba sikhwebuke egazini. (IZenzo 15:29) Lo myalelo unceda umKristu aqonde ngokucacileyo ukuba akanakulwamkela unyango oluquka igazi okanye iinxalenye zalo ezine eziphambili. Oku kunokusichaphazela isazela somKristu naxa egqiba kwelokuba azamkele na iinxalenye ezincinci ezisuka kwiinxalenye ezine eziphambili zegazi. * (Funda umbhalo osemazantsi.) Liliphi elinye icebiso leBhayibhile elinokusinceda senze izigqibo zobulumko ngonyango?

8. AmaFilipi 4:5 anokusinceda njani senze izigqibo zobulumko ngezonyango?

8 IMizekeliso 14:15 ithi: “Ongenamava ukholwa ngamazwi onke, kodwa onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.” Kule mihla, zisenokungabikho iindlela ezaziwayo zokunyanga ezinye izigulo. Ngoko ke simele sizilumkele iindlela zonyango ekuthiwa ziyasebenza kodwa bube bungekho ubungqina boko. UPawulos wathi: “Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke ebantwini bonke.” (Filipi 4:5) Ukuba nengqiqo kuya kusinceda sixakeke ekukhonzeni uYehova kunokuzixhalabisa ngokungeyomfuneko ngempilo. Ukuba impilo iba yeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu, sisenokucingela iziqu zethu kuphela. (Filipi 2:4) Siyazi ukuba asinakuba nempilo egqibeleleyo kweli hlabathi. Ngoko ke, qiniseka ukuba ukukhonza uYehova yeyona nto ebalulekileyo ebomini bakho.—Funda amaFilipi 1:10.

Ngaba uyazinyanzela izimvo zakho kwabanye? (Jonga isiqendu 9)

9. AmaRoma 14:13, 19 anokuzichaphazela njani izigqibo esizenzayo ngempilo, ibe yintoni enokuphazamisa umanyano lwethu?

9 UmKristu onengqiqo akayi kuzama ukunyanzela abanye benze izinto ngendlela yakhe. Kwelinye ilizwe, esinye isibini sasikhuthaza abantu ukuba basebenzise iipilisi ezithile baze batye ukutya okuthile. Bakwazi ukubeyisela abanye, kodwa abanye bakhetha ukungakwenzi oko. Athi esakungasebenzi loo macebiso esi sibini, abazalwana noodade abaninzi bacaphuka. Esi sibini sasinelungelo lokuzigqibela enoba siza kuzisebenzisa na ezi pilisi nale ndlela ithile yokutya. Kodwa ke, ngaba kwakusengqiqweni ukubeka esichengeni umanyano lwebandla ngenxa nje yempilo? ERoma mandulo, amanye amaKristu ayenezimvo ezahlukahlukeneyo ngokutya nangemibhiyozo. UPawulos wawacebisa wathini? Wathi: “Omnye umntu uthi umhla othile ubalulekile kunomnye; wumbi ke uthi imihla iyafana; mntu ngamnye makaqiniseke kweyakhe ingqiqo.” Masikulumkele ukukhubekisa abanye.—Funda amaRoma 14:5, 13, 15, 19, 20.

Qiniseka ukuba ukukhonza uYehova yeyona nto ebalulekileyo ebomini bakho

10. Kutheni sifanele sizihlonele izigqibo zobuqu zabanye? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

10 Ngamanye amaxesha, umntu othile ebandleni angenza isigqibo sobuqu esingasiqondiyo. Simele senzeni? Asimele simgwebe ngokukhawuleza okanye sizame ukumnyanzela ukuba atshintshe isigqibo sakhe. Mhlawumbi kusafuneka asiqeqeshe ngakumbi isazela sakhe okanye sibuthathaka kakhulu. (1 Korinte 8:11, 12) Okanye mhlawumbi zizazela zethu ezingaqeqeshekanga kakuhle. Ngamnye wethu umele azenzele isigqibo ngempilo yakhe yaye akwazi ukuziphendulela.

KUNANDIPHE UKUZONWABISA

11, 12. IBhayibhile isinceda njani sikhethe indlela yokuzonwabisa?

11 UYehova usidale ngendlela yokuba sikwazi ukuzonwabisa. USolomon wathi kukho “ixesha lokuhleka” “nexesha lokudloba.” (INtshumayeli 3:4) Noko ke, asikuko konke ukuzonwabisa okuluncedo nokuhlaziyayo. Sifanele sikulumkele nokuchitha ixesha elininzi sizonwabisa. Izazela zethu zingasinceda njani sizonwabise ngendlela uYehova ayithandayo?

‘Ngaba isazela sam siyasebenza xa ndihendeka?’

12 IBhayibhile iyasilumkisa ‘ngemisebenzi yenyama.’ Le misebenzi iquka “uhenyuzo, ukungahlambuluki, ihambo evakalala, unqulo-zithixo, ukusebenzelana nemimoya, ubutshaba, iimbambano, amakhwele, ukugqajukelwa yimisindo, usukuzwano, izahlukano, amahlelo, oomona, iindywala, iziyunguma, nezinto ezinjengezi.” UPawulos wathi “abo baqhelisela izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” (Galati 5:19-21) Ngoko sinokuzibuza: ‘Ngaba isazela sam siyandinceda ndiphephe imidlalo enobungozi, enokhuphiswano, enobuzwe okanye enobundlobongela? Ngaba isazela sam siyasebenza xa ndilingeka ukuba ndibukele ifilimu enephonografi okanye ekhuthaza ukuziphatha kakubi, ukunxila okanye ukusebenzelana nemimoya?’

13. Icebiso elikweyoku-1 kuTimoti 4:8 nakwiMizekeliso 13:20 lisinceda njani ngendlela yokuzonwabisa?

13 Imigaqo yeBhayibhile ingasinceda sikwazi ukuqeqesha izazela zethu ngendlela yokuzonwabisa. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi “ingqeqesho yomzimba iyingenelo kancinane.” (1 Timoti 4:8) Abaninzi bavakalelwa kukuba ukuzilolonga rhoqo kuyahlaziya yaye kubagcina besempilweni. Kodwa ke, kuthekani ukuba sifuna ukuzilolonga siliqela? Ngaba ibalulekile into yokuba siyenza noobani loo nto? IMizekeliso 13:20 ithi: “Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye, kodwa osebenzisana neziyatha uya kuhlelwa bububi.” Kucacile ke ukuba, kubalulekile ukusebenzisa izazela zethu eziqeqeshwe yiBhayibhile xa sikhetha indlela yokuzonwabisa.

14. Enye intsapho yawasebenzisa njani amaRoma 14:2-4?

14 UChristian noDaniela baneentombi ezimbini ezifikisayo. UChristian uthi: “KuNqulo Lwentsapho siye sathetha ngokuzonwabisa. Siye savumelana ukuba zikho iindlela zokuzonwabisa ezamkelekileyo nezinye ezingamkelekanga. Ngoobani esinokubajonga njengabahlobo abalungileyo? Enye yeentombi zethu yachaza ukuba ngexesha lekhefu esikolweni, abanye abantwana abangamaNgqina benza izinto ngendlela yona ecinga ukuba ayifanelekanga. Yaye nayo yayiziva ilingeka ukuba ibalinganise. Saqiqa nayo siyibonisa ukuba mntu ngamnye unesazela, yaye sifanele sikhokelwe siso ekukhetheni izinto esiza kuzenza nabantu esizenza nabo.”—Funda amaRoma 14:2-4.

Isazela sakho esiqeqeshwe yiBhayibhile sinokukunceda uphephe ingozi (Jonga isiqendu 14)

15. UMateyu 6:33 angasinceda njani xa sicinga ngokuzonwabisa?

15 Uchitha ixesha elingakanani ekuzonwabiseni? Ngaba ukuya kwiintlanganiso, entsimini nokufunda iBhayibhile ukubeka kwindawo yokuqala okanye uxabise ukuzonwabisa? Yintoni eyona nto ibalulekileyo kuwe? UYesu wathi: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe, yaye zonke ezinye izinto ziya kongezelelwa kuni.” (Mateyu 6:33) Xa ucinga ngento oza kuyenza ngexesha lakho, ngaba isazela sakho siyakukhumbuza ngecebiso likaYesu?

SIKHUTHAZWA UKUBA SISHUMAYELE

16. Izazela zethu zisikhuthaza njani ukuba sishumayele?

16 Isazela esiqeqeshiweyo asaneli nje ukusilumkisa ekuphepheni izinto ezimbi, kodwa sikwasinceda senze izinto ezilungileyo. Enye yezi zinto kukushumayela kwindlu ngendlu okanye ngokungacwangciswanga. Yiloo nto kanye eyenziwa nguPawulos. Wathi: “Kuyimfuneko. Yeha ke mna ukuba andizivakalisanga iindaba ezilungileyo!” (1 Korinte 9:16) Xa sixelisa uPawulos, siya kuba nesazela esihle, sisazi ukuba oko sikwenzayo kulungile. Yaye xa sishumayela iindaba ezilungileyo kwabanye, siya kuzichukumisa izazela zabo. UPawulos wathi: “Ngokuyibonakalisa inyaniso siyazincomela kuso sonke isazela sabantu emehlweni kaThixo.”—2 Korinte 4:2.

17. Omnye udade oselula wasimamela njani isazela sakhe esiqeqeshwe yiBhayibhile?

17 UJacqueline owayeneminyaka eyi-16 ngoko, wayefunda ibhayoloji esikolweni. Noko ke, babefunda ngemfundiso yokuba izinto zazivelela. Uthi: “Isazela sam sasingandivumeli ukuba ndibe nenxaxheba ngendlela endandiqhele ukwenza ngayo. Ndandingavumelani nemfundiso yokuba izinto zazivelela. Ngoko ndathetha notitshala wam ndamchazela oko ndikukholelwayo. Ndothuswa bububele awaba nabo, waza wandinika ithuba lokuba ndithethe kwiklasi yonke ngeenkolelo zam ngendalo.” UJacqueline wavuyiswa nyhani kukwazi ukuba usimamele isazela sakhe esiqeqeshwe yiBhayibhile. Ngaba isazela sakho sikubangela wenze izinto ezilungileyo?

18. Kutheni sifuna ukuba nesazela esilungileyo nesinokusithemba?

18 Eyona nto iphambili kuthi, kukuphila ngemilinganiselo nemigaqo kaYehova. Yaye isazela sethu sinokusinceda sikwazi ukukwenza oko. Xa silifunda rhoqo iLizwi likaThixo yaye sicamngca ngalo senze noko sikufundayo, siya kusiqeqesha isazela sethu. Xa kunjalo, siya kutsho sisithembe esi sipho simangalisayo kubomi bethu njengamaKristu!

^ isiqe. 7 Funda “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo kaJuni 15, 2004, iphepha 29-31.