Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ziziphi Iindlela Asithanda Ngazo UYehova?

Ziziphi Iindlela Asithanda Ngazo UYehova?

“Hayi ubukhulu bothando lukaBawo kuthi!”—1 YOHANE 3:1.

IINGOMA: 91, 13

1. Yintoni umpostile uYohane awasikhuthaza ukuba sicinge ngayo, yaye ngoba?

UMPOSTILE uYohane wasikhuthaza ukuba sicinge nzulu ngendlela uYehova asithanda ngayo. Kweyoku-1 kaYohane 3:1, sifunda oku: “Hayi ubukhulu bothando lukaBawo kuthi!” Xa sicamngca ngendlela asithanda ngayo uYehova, nendlela asibonisa ngayo ukuba uyasithanda, sitsho sisondelelane naye size simthande nangakumbi.

2. Kutheni kunzima kwabanye ukuqonda ukuba uThixo uyabathanda?

2 Okulusizi kukuba, abanye abaqondi ukuba uThixo uyabathanda. Bacinga ukuba uThixo akabakhathalelanga abantu. Basenokukholelwa ukuba uThixo ngumntu nje owenza imithetho aze abohlwaye abo bangamthobeliyo. Ngenxa yeemfundiso zobuxoki, abanye bade bacinge ukuba uThixo ukhohlakele kwaye abanakukwazi ukumthanda. Abanye bavakalelwa kukuba uThixo uthanda bonke abantu kungakhathaliseki ukuba benza ntoni. Kodwa ukufunda kwakho iBhayibhile kukuncedile wayazi inyaniso ngoYehova. Uyazi ukuba uthando lolona phawu agqwese ngalo yaye wanikela ngoNyana wakhe ukuba abe yintlawulelo ngenxa yakho. (Yohane 3:16; 1 Yohane 4:8) Ngoxa kunjalo, izinto ezikwehleleyo ebomini zingenza kungabi lula ukuqonda indlela uYehova akuthanda ngayo.

3. Yintoni enokusinceda siqonde indlela uYehova asithanda ngayo?

3 Ukuze siqonde indlela uYehova asithanda ngayo, kufuneka siqale siqonde ukuba ungumdali wethu. Nguye owasinika ubomi. (Funda iNdumiso 100:3-5.) Kungenxa yoko le nto iBhayibhile isithi umntu wokuqala ‘ngunyana kaThixo.’ (Luka 3:38) UYesu wasifundisa ukuba sithi xa sibiza uYehova, “Bawo wethu osemazulwini.” (Mateyu 6:9) Ngoko uYehova nguBawo wethu, kwaye usithanda ngendlela ubawo olungileyo abathanda ngayo abantwana bakhe.

4. (a) UnguBawo onjani uYehova? (b) Yintoni esiza kuthetha ngayo kweli nqaku nakwelilandelayo?

4 Kunzima kwabanye ukucinga ngomntu ongutata njengomntu onothando. Basenokuba neenkumbulo ezibuhlungu zobuntwana ngenxa yendlela ootata babo ababebaphatha kakubi ngayo besakhula. UYehova akanakuze abaphathe ngolo hlobo abantwana bakhe. Akakho uBawo onjengaye. (INdumiso 27:10) Usithanda kakhulu kwaye usinyamekela ngeendlela ezininzi. Okukhona siziva sithandwa nguYehova kokukhona siya kumthanda. (Yakobi 4:8) Kweli nqaku, siza kuthetha ngeendlela ezine uYehova asibonisa ngazo ukuba uyasithanda. Kwelilandelayo, siza kubona iindlela ezine esinokubonisa ngazo ukuba siyamthanda.

UYEHOVA UNOTHANDO NOBUBELE

5. Yintoni uThixo ayinika bonke abantu?

5 Xa umpostile uPawulos wayeseAthene, eGrisi, waqaphela ukuba kwakukho izithixo ezininzi nokuba abantu babekholelwa ukuba oothixo babo babebanika ubomi. Ngoko wabaxelela ngoThixo “owenza ihlabathi nazo zonke izinto ezikulo.” Wathi uThixo “ubanika bonke abantu ubomi nempefumlo nezinto zonke” yaye “ngaye sinobomi siyashukuma yaye sikho.” (IZenzo 17:24, 25, 28) UYehova usinika yonke into esiyidingayo ukuze siphile size sonwabele ubomi. Cinga ngezinto asinike zona kuba esithanda.

6. Usinike ikhaya elinjani uYehova? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

6 Ngokomzekelo, uYehova wasilungiselela ikhaya elihle. (INdumiso 115:15, 16) Kuzo zonke iiplanethi awazidalayo, umhlaba ngowona ubonakala ukhethekile. Oososayensi baye bafumanisa iiplanethi ezininzi, kodwa akukho nanye enazo zonke izinto abantu abazidingayo ukuze baphile. UYehova akazange asinike nje kuphela yonke into esiyidingayo ukuze siphile, kodwa wadala nomhlaba omhle, ekumnandi ukuphila kuwo nokhuselekileyo, apho sinokunandipha ubomi. (Isaya 45:18) Xa sicinga ngekhaya uBawo wethu, uYehova, asinike lona, siye sibone ukuba usithanda nyhani.—Funda uYobhi 38:4, 7; neNdumiso 8:3-5.

7. Indlela uYehova awasidala ngayo ibonisa njani ukuba uyasithanda?

7 Enye indlela uYehova asibonise ngayo uthando, kukuba wasidala sakwazi ukumxelisa. (Genesis 1:27) Loo nto ithetha ukuba siyayibona indlela asithanda ngayo size nathi sibonise ukuba siyamthanda. Uyazi ukuba oku kusenza sonwabe ngokwenene. Kaloku, abantwana bonwaba kakhulu xa beziva bethandwa ngabazali babo. Ukhumbule, uYesu wasifundisa ukuba siya konwaba xa sisondelelene noBawo wethu uYehova. (Mateyu 5:3) Usinika ‘zonke izinto ukuze sizinandiphe.’ Izicacele into yokuba unobubele yaye usithanda kakhulu.—1 Timoti 6:17; INdumiso 145:16.

UYEHOVA USIFUNDISA INYANISO

8. Kutheni sifuna uYehova asifundise?

8 Ootata bayabathanda abantwana babo yaye abafuni balahlekiswe okanye bakhohliswe. Kodwa abazali abaninzi abayamkeli imilinganiselo yeBhayibhile yokulungileyo nokubi. Ngenxa yoko, abakwazi kuqeqesha abantwana, nto leyo eyenza bangonwabi baze badideke. (IMizekeliso 14:12) Kodwa yena uYehova unika abantwana bakhe olona qeqesho kuba ‘unguThixo wenyaniso.’ (INdumiso 31:5) Uyavuyiswa kukusifundisa inyaniso ngaye. Usifundisa nendlela yokumnqula, yaye usibonisa eyona ndlela ibhetele yokuphila. (Funda iNdumiso 43:3.) Ngoko yintoni uYehova asifundise yona ebonisa indlela asithanda ngayo?

Ootata abangamaKristu baxelisa uYehova ngokufundisa abantwana babo inyaniso nangokubanceda babe nolwalamano noYise osemazulwini (Jonga isiqendu 8-10)

9, 10. (a) Kutheni uYehova esixelela ngaye? (b) Usifundisa ntoni ngenjongo anayo ngathi?

9 Okokuqala nje, uYehova uyasixelela ngaye. Ufuna simazi. (Yakobi 4:8) Ngoko usixelela igama lakhe. IBhayibhile ide ithethe ngeli gama ngaphezu kwalo naliphi na elinye. UYehova usixelela nangohlobo loMntu alulo. Xa sijonga izinto azidalileyo, sifunda ukuba unamandla yaye unobulumko. (Roma 1:20) Xa sifunda iBhayibhile, siye sazi ukuba akasidlel’ indlala yaye usithanda kakhulu. Njengoko sibona ubuntu obuhle bukaYehova, siye sisondelelane naye.

Njengoko sibona ubuntu obuhle bukaYehova, siye sisondelelane naye

10 UYehova usifundisa nangenjongo yakhe. Usixelela ukuba siyinxalenye yentsapho yakhe. Usicacisela nokuba yintoni elindelekileyo kuthi ukuze sisebenze ngomanyano nangoxolo nabantu abayinxalenye yentsapho yakhe. IBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba uThixo akazange asidale sanelungelo lokuzenzela izigqibo ngokulungileyo nokubi. (Yeremiya 10:23) UYehova uyayazi eyona nto isilungeleyo. Kuxa sisamkela ulwalathiso lwakhe yaye simthobela kuphela apho sinokuphila ngoxolo size sonwabe. UYehova uye wasixelela le nyaniso ebalulekileyo kuba esithanda.

11. UBawo wethu osithandayo usixelele ntoni ngekamva?

11 Utata onothando uyazixhalabisa ngekamva labantwana bakhe. Ufuna babe nobomi obanelisayo. Okulusizi kukuba, abantu abaninzi namhlanje bazixhalabisa ngekamva, ibe bachitha ubomi babo besebenzela izinto ezingenakuhlala zihleli. (INdumiso 90:10) Simbulela gqitha uBawo wethu uYehova kuba engasifundisanga kuphela indlela eyanelisayo yokuphila kodwa esithembise nekamva eliqaqambileyo!

UYEHOVA UYABAKHOKELA AZE ABAQEQESHE ABANTWANA BAKHE

12. UYehova wazama njani ukunceda uKayin noBharuki?

12 Xa uYehova wabona ukuba uKayin wayesengozini yokwenza okubi, wazama ukumnceda ngokumbuza: “Kutheni uvutha ngumsindo nje yaye kutheni ukhangeleka uthe khunubembe? Ukuba uyaguquka wenze okulungileyo, akusayi kuphakanyiswa yini na?” (Genesis 4:6, 7) UKayin wala ukuncedwa nguYehova, ngenxa yoko wajamelana nemiphumo ebuhlungu. (Genesis 4:11-13) Ngesinye isihlandlo, uYehova waphawula ukuba uBharuki ucinga ngendlela engafanelekanga eyayimenza azive ediniwe kwaye edimazekile. Ngoko uYehova wamxelela uBharuki ukuba indlela awayecinga ngayo yayiphosakele nokuba wayefanele atshintshe. UBharuki wasiphulaphula isiluleko esivela kuYehova, ibe oko kwasindisa ubomi bakhe.—Yeremiya 45:2-5.

13. Zabanceda njani iimvavanyo abakhonzi abathembekileyo bakaYehova?

13 UYehova uyasikhokela kwaye uyasiqeqesha kuba esithanda. Akapheleli nje ekusilungiseni xa kuyimfuneko, kodwa uyasifundisa. (Hebhere 12:6) EBhayibhileni, sifunda ngabakhonzi abathembekileyo abaqeqeshwa nguYehova baba ngabantu ababhetele. Ngokomzekelo, uYosefu, uMoses kunye noDavide batyhubela kumaxesha anzima. Ebudeni beemvavanyo zabo, uYehova wayekunye nabo. Kwaye izinto abazifundayo xa babejamelene nobo bunzima zabanceda xa uYehova wabanika imisebenzi engakumbi. Njengoko sifunda eBhayibhileni indlela uYehova abaxhasa nabaqeqesha ngayo abantu bakhe, siye sibone ukuba uYehova usithanda nyhani.—Funda iMizekeliso 3:11, 12.

14. UYehova usibonisa njani ukuba uyasithanda xa sisenza iimpazamo?

14 Naxa sisenza iimpazamo, uYehova uhlala esibonisa uthando. Ukuba siyamvumela ukuba asiqeqeshe size siguquke, uya kusixolela “ngokukhulu.” (Isaya 55:7) Kuthetha ukuthini oku? Amazwi kaDavide athetha ngokuxolela kukaYehova asibonisa indlela anenceba ngayo uBawo wethu. Athi: “Yena oxolela sonke isiphoso sakho, ophilisa zonke izifo zakho, ohlangula ubomi bakho emhadini, okuthwesa ububele bothando neenceba. Njengokuba kude kwempumalanga entshonalanga, kunjalo ukukukhwelelisa kwakhe kude nathi ukunxaxha kwethu.” (INdumiso 103:3, 4, 12) UYehova uyasiqeqesha aze asikhokele ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Ngaba uyakhawuleza ukwenza utshintsho? Hlala ukhumbula ukuba uYehova usiqeqesha kuba esithanda.—INdumiso 30:5.

UYEHOVA UYASIKHUSELA

15. Yiyiphi enye indlela uYehova asibonisa ngayo ukuba uyasithanda?

15 Utata onothando uyayikhusela intsapho yakhe engozini. Yiloo nto kanye uBawo wethu, uYehova asenzela yona. Umdumisi uthi ngoYehova: “Uyayilinda imiphefumlo yabanyanisekileyo bakhe; uyabahlangula esandleni sabangendawo.” (INdumiso 97:10) Inje le nto: Njengokuba ungaphozisi maseko ekukhuseleni amehlo akho kuba exabisekile kuwe, noYehova uyakhawuleza ukukhusela abantu bakhe kuba baxabisekile emehlweni akhe.—Funda uZekariya 2:8.

UYehova uyakhawuleza ukukhusela abantu bakhe kuba baxabisekile emehlweni akhe

16, 17. Yiyiphi indlela uYehova aye wabakhusela ngayo abantu bakhe mandulo nakule mihla yethu?

16 Enye indlela uYehova aye wabakhusela ngayo abantu bakhe mandulo nakule mihla yethu, kukusebenzisa iingelosi zakhe. (INdumiso 91:11) Ingelosi enye yabulala amajoni ama-Asiriya ayi-185 000 ngobusuku obunye yaza yasindisa abantu bakaThixo. (2 Kumkani 19:35) Ngenkulungwane yokuqala, iingelosi zahlangula uPetros, uPawulos nabanye ababesentolongweni. (IZenzo 5:18-20; 12:6-11) Kutshanje, kuye kwaqhambuka imfazwe emasikizi kwelinye ilizwe laseAfrika. Imilo, ubusela, ukudlwengula nokubulala ziye zabangela iingxwabangxwaba kweli lizwe. Nangona kungakhange kufe namnye kubazalwana, abaninzi baye baphulukana nazo zonke izinto abebenazo. Kodwa baye bazibonela uthando lukaYehova, besazi ukuba uyabanyamekela. Nakuba beye behlelwa zezo zinto zibuhlungu, bebonwabile. Xa ummeli wentlangano eye wabatyelela abo bazalwana ebabuza ukuba baqhuba njani, baphendule bathi, “Ngenxa kaYehova, asikhali nganto!”

17 Kakade ke, abanye abakhonzi bakaYehova, njengomfundi uStefano nabanye abafana naye, baye bafa ngenxa yokuthembeka kwabo. UYehova akasoloko eyinqanda loo nto. Kodwa uyabakhusela abantu bakhe njengeqela ngokubalumkisa ngeendlela uSathana azama ukubaqhatha ngazo. (Efese 6:10-12) Ezi zilumkiso sizifumana eBhayibhileni nakwiimpapasho ezisuka kwintlangano kaYehova. Ngokomzekelo, sifunda ngeengozi zeintanethi, ukuthanda imali, iimuvi, iincwadi nemidlalo engcolileyo nenogonyamelo. Kucacile ukuba uYehova uyasithanda kwaye ufuna ukusikhusela.

ILUNGELO ELIKHULU

18. Uziva njani kuba uYehova ekuthanda?

18 Xa uMoses wacinga ngeminyaka awayekhonza uYehova ngayo, wayeqinisekile ukuba uYehova uyamthanda. Wathi: “Sanelise kusasa ngobubele bakho bothando, ukuze sibe nokumemelela ngovuyo size sibe nemihlali ebudeni bayo yonke imihla yethu.” (INdumiso 90:14) Yintsikelelo ukwazi nokubona ukuba uYehova uyasithanda. Lilungelo elikhulu ukuthandwa nguYehova! Sivakalelwa njengompostile uYohane, owathi: “Hayi ubukhulu bothando lukaBawo kuthi!”—1 Yohane 3:1.