Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Hlalani Nibaphatha Ngembeko Abantu Abanjalo”

“Hlalani Nibaphatha Ngembeko Abantu Abanjalo”

UKUSUSELA ngo-1992, iQumrhu Elilawulayo liye lanika abadala abanamava nabaqolileyo imbopheleleko yokuncedisa iikomiti zalo ekwenzeni umsebenzi wazo. * (Funda umbhalo osemazantsi.) Aba bazalwana, abayinxalenye ‘yezinye izimvu,’ balincedisa kwizinto ezininzi iQumrhu Elilawulayo. (Yohane 10:16) Veki nganye, baya kwintlanganiso yekomiti ababelwe kuyo. Umsebenzi wabo kukuza nayo nayiphi na inkcazelo efunekayo baze bacebise. LiQumrhu Elilawulayo eligqibayo, baze abazalwana abancedisayo baqinisekise ukuba loo nto kugqitywe kuyo iyenziwa. Aba bazalwana bakulungele ukwenza nantoni na abayithunywayo. Bahamba namalungu eQumrhu Elilawulayo xa esiya kwiindibano ezikhethekileyo nezezizwe ngezizwe. Basenokwabelwa ukuba batyelele iiofisi zamasebe njengabameli bentlangano.

Omnye umzalwana obengumncedisi weQumrhu Elilawulayo ukususela ngo-1992 uthi, “Xa ndisenza umsebenzi endiwunikiweyo, iQumrhu Elilawulayo litsho likwazi ukunikela ingqalelo kakhulu kwizinto zokomoya.” Omnye yena oneminyaka eyi-20 encedisa iQumrhu Elilawulayo uthi, “Lilungelo elingaphezu kwayo nantoni na ebendinokuyicinga.”

IQumrhu Elilawulayo libanike umsebenzi omninzi abancedisi balo yaye liyakuxabisa ukusebenza nzima kwaba bazalwana banyanisekileyo. Sonke masihlale ‘sibaphatha ngembeko abantu abanjalo.’—Filipi 2:29.

^ isiqe. 2 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngemisebenzi yeekomiti ezintandathu zeQumrhu Elilawulayo, jonga ibhokisi ethi “Indlela IQumrhu Elilawulayo Eliyinyamekela Ngayo Imisebenzi YoBukumkani” kwisahluko 12 sencwadi ethi UBukumkani BukaThixo Buyalawula!