Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Hlala Ucamngca Ngezinto Zokomoya

Hlala Ucamngca Ngezinto Zokomoya

“Ziphonononge ezi zinto; wendele kuzo, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale ebantwini bonke.”—1 TIMOTI 4:15.

IINGOMA: 57, 52

1, 2. Yintoni eyenza abantu bahluke kwizilwanyana?

AYIKHO intw’ efana nengqondo yomntu. Ngokomzekelo, abantu bayakwazi ukufunda ulwimi. Ukwazi ulwimi kusenza sikwazi ukufunda, ukubhala, ukuthetha nokuqonda oko sikuvayo. Kuphinda kusincede sikwazi ukuthandaza nokuculela uYehova. Konke oku kusenza sahluke kwizilwanyana. Oososayensi abayiqondi ngokupheleleyo into yokuba ingqondo ikwazi njani ukwenza ezi zinto zimangalisayo.

2 Ukwazi kwethu ukusebenzisa ulwimi, sisipho esivela kuYehova. (INdumiso 139:14; ISityhilelo 4:11) Usijizeke nangesinye isipho esisenza sahluke kwizilwanyana. Abantu badalwa “ngokomfanekiso kaThixo.” Sinenkululeko yokuzikhethela. Sinokukhetha ukusebenzisa ulwimi ukukhonza nokudumisa uYehova.—Genesis 1:27.

3. Usinike ntoni uYehova ukuze silumke?

3 UYehova usinike iBhayibhile ukuze asibonise indlela esinokumkhonza nesinokumdumisa ngayo. IBhayibhile epheleleyo okanye iinxalenye zayo zifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwe-2 800. Xa sicamngca ngoko iBhayibhile ikutshoyo, sinokutsho siqalise ukucinga ngendlela uThixo acinga ngayo. (INdumiso 40:5; 92:5; 139:17) Yaye iingcinga zikaYehova zisenza silumke zize zisivulele amathuba okufumana ubomi obungunaphakade.—Funda eyesi-2 kuTimoti 3:14-17.

4. Kuthetha ukuthini ukucamngca yaye yiyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

4 Ukucamngca kuthetha ukunikela ingqalelo kwinto ethile uze ucinge nzulu ngayo. (INdumiso 77:12; IMizekeliso 24:1, 2) Singenelwa kakhulu xa sicamngca ngoko sikufunda ngoYehova nangoYesu. (Yohane 17:3) Kweli nqaku siza kuphendula le mibuzo: Sinokufunda njani ngendlela enokwenza kube lula ukucamngca? Sinokucamngca ngantoni? Yintoni enokusinceda sicamngce qho size sikuthande oko?

QINISEKA UKUBA UYANGENELWA XA UFUNDISISA

5, 6. Yintoni enokukunceda ukhumbule yaye uziqonde kakuhle izinto ozifundayo?

5 Ngaba wakha waqaphela ukuba zikho izinto ozenza ngaphandle kokucinga, njengokuphefumla, ukuhamba okanye ukukhwela ibhayisekile? Ngelishwa ke, ngamanye amaxesha unokude ufunde ube ungacingi ngale nto uyifundayo. Mhlawumbi usenokude uqalise ukucinga ngezinye izinto ngoxa ufunda. Unokuyiphepha njani le nto? Kubalulekile ukunikela ingqalelo kule nto uyifundayo uze ucinge ukuba ithetha ntoni. Xa ufikelele ekupheleni kwesiqendu okanye kumxholwana wempapasho oyifundayo, nqumama uze ucamngce ngoko ukufundileyo. Cinga ngezinto ozifundileyo uze uqiniseke ukuba uziva kakuhle.

Ukufunda iBhayibhile ngokuvakalayo kuya kukunceda unikele ingqalelo uze uzikhumbule nangakumbi izinto ozifundayo

6 Oososayensi bafumanise ukuba kulula ukukhumbula into xa uyifunda ngokuvakalayo. UMdali wethu uyakwazi oku, kungenxa yaloo nto waxelela uYoshuwa ukuba azifundele incwadi yoMthetho “ngesandi esiphantsi.” (Funda uYoshuwa 1:8.) Ukufunda iBhayibhile ngokuvakalayo kuya kukunceda unikele ingqalelo uze uzikhumbule nangakumbi izinto ozifundayo.

7. Liliphi elona xesha libhetele esinokucamngca ngalo ngeBhayibhile? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

7 Kufuna umgudu ukucamngca nokunikela ingqalelo kwizinto esizifundayo. Yiyo loo nto kubhetele ukucamngca xa ungadinwanga kwindawo ethuleyo, apho kungekho zinto ziza kukuphazamisa. Umdumisi uDavide wayecamngca esebhedini ebusuku. (INdumiso 63:6) UYesu owayefezekile wayekhetha indawo ethuleyo ukuze acamngce aze athandaze.—Luka 6:12.

IZINTO EZILUNGILEYO ESINOKUCAMNGCA NGAZO

8. (a) Yintoni esinokucamngca ngayo? (b) Uvakalelwa njani uYehova xa sincokola ngaye kwabanye?

8 Ukongezelela koko ukufunda eBhayibhileni, zikho ezinye izinto onokucamngca ngazo. Ngokomzekelo, xa ubona ezinye zezinto ezidalwe nguYehova ezimangalisayo, yima uze uzibuze, ‘Indifundisa ntoni le nto ngoYehova?’ Iingcinga ezilolo hlobo ziya kukwenza uthandaze kuYehova ubulela. Xa ukunye nabanye, uya kufuna ukubaxelela ngazo. (INdumiso 104:24; IZenzo 14:17) UYehova uyaphulaphula yaye uyavuya xa sicamngca, sithandaza size sincokole ngaye. IBhayibhile isiqinisekisa isithi: “Incwadi yokukhumbuza yabhalwa phambi kwakhe ngenxa yabo bamoyikayo uYehova nangenxa yabo bacinga ngegama lakhe,” okanye abacamngca ngalo.—Malaki 3:16.

Ngaba uyacamngca ngendlela onokuzinceda ngayo izifundo zakho? (Jonga isiqendu 9)

9. (a) Yintoni uPawulos awathi uTimoti makacamngce ngayo? (b) Yintoni esinokucamngca ngayo xa silungiselela ukuya entsimini?

9 Umpostile uPawulos waxelela uTimoti ukuba acamngce ngendlela athetha ngayo, aziphatha ngayo nendlela iimfundiso zakhe ezibachaphazela ngayo abanye. (Funda eyoku-1 Timoti 4:12-16.) Nawe unokucamngca ngezi zinto. Ngokomzekelo, udinga ixesha lokucamngca xa ulungiselela isifundo seBhayibhile. Cinga ngesifundo sakho uze ukhangele umbuzo okanye umzekelo onokusinceda senze inkqubela. Xa usilungiselela ngolu hlobo isifundo sakho, ukholo lwakho luya komelela, ube nehlombe uze uphucule indlela ofundisa ngayo. Kuya kukunceda nokucamngca ngaphambi kokuba uye entsimini. (Funda uEzra 7:10.) Mhlawumbi unokufunda nencwadi yeZenzo ukuze ube nenzondelelo engakumbi entsimini. Unokucamngca nangombhalo ofuna ukuwusebenzisa ngolo suku nempapasho oceba ukuyihambisa. (2 Timoti 1:6) Cinga ngabantu abakwintsimi yakho nezinto onokuzithetha ezinokubangela umdla kubo. Xa ulungiselela ngolu hlobo, uya kukwazi ukuyisebenzisa ngobuchule iBhayibhile kubantu oshumayela kubo.—1 Korinte 2:4.

Zinike ixesha lokuba loo nto uyifundayo izike entliziyweni nelokubulela uYehova ngezinto ozifundayo

10. Ziziphi ezinye izinto ezilungileyo esinokucamngca ngazo?

10 Yintoni enye ongacamngca ngayo? Ukuba uye ubhale amanqaku kwiintetho zesidlangalala nakwiindibano, ziphe ixesha lokuphinda uwafunde. Njengoko uwafunda, zibuze, ‘Yintoni endiyifundileyo kwiLizwi likaThixo nakwintlangano yakhe?’ Usenokucamngca ngezinto ozifunda kwiMboniselo noVukani! nyanga nganye nakwizinto ezikhutshwe endibanweni. Xa ufunda amava akwiNcwadi Yonyaka, yima uze ucingisise ngawo ukuze akufikelele intliziyo. Xa ufunda iimpapasho zethu, mhlawumbi unokukrwelela iingongoma eziyintloko okanye ubhale amanqaku emacaleni kuloo ncwadi uyifundayo. Oku kuya kukunceda xa ulungiselela ibuyelo, utyelelo lokwalusa okanye intetho. Okubaluleke nangakumbi, xa usima uze ucamngce ngoko ukufundayo, uzinika ixesha lokuba loo nto uyifundayo izike entliziyweni uze ubulele uYehova ngezinto ozifundayo.

CAMNGCA NGELIZWI LIKATHIXO YONKE IMIHLA

11. Yiyiphi eyona ncwadi esimele sicamngce ngayo, yaye oko kuya kusinceda njani? (Jonga umbhalo osemazantsi.)

11 Kakade ke, iBhayibhile yeyona ncwadi esifanele sicamngce ngayo. Kuthekani ukuba ngeny’ imini sinokungavumeleki ukuba neBhayibhile? * (Funda umbhalo osemazantsi.) Akukho mntu unokukunqanda ekucamngceni ngezinto ozikhumbulayo, ezifana nezibhalo ozithandayo okanye iingoma zoBukumkani. (IZenzo 16:25) Umoya kaThixo unokukunceda ukhumbule izinto ozifundileyo, nto leyo eya kukunceda uhlale uthembekile.—Yohane 14:26.

12. Yiyiphi enye indlela onokuluceba ngayo ufundisiso lwakho lweBhayibhile lwamihla le?

12 Yiyiphi enye indlela onokuluceba ngayo ufundisiso lwakho lweBhayibhile lwamihla le? Mhlawumbi ngezinye iintsuku evekini ungafunda uze ucamngce ngofundo lweBhayibhile lwaveki nganye kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Ngezinye iintsuku unokufunda ngeencwadi zeVangeli zikaMateyu, uMarko, uLuka noYohane uze ucamngce ngezinto ezathethwa nezenziwa nguYesu. (Roma 10:17; Hebhere 12:2; 1 Petros 2:21) Sinayo nempapasho echaza izinto ezenzeka kubomi bukaYesu ngokulandelelana kwazo. Le mpapasho ingakunceda ungenelwe ngakumbi ekufundeni iincwadi zeVangeli.—Yohane 14:6.

KUTHENI KUBALULEKILE UKUCAMNGCA?

13, 14. Kutheni kubalulekile ukuqhubeka sicamngca ngoYehova noYesu, yaye loo nto iza kubangela ukuba senze ntoni?

13 Ukucamngca ngoYehova noYesu kuyamnceda umntu abe ngumKristu oqolileyo yaye ahlale enokholo olomeleleyo. (Hebhere 5:14; 6:1) Umntu ochitha ixesha elincinane ecinga ngoThixo ngokuthe ngcembe unokuphulukana nobuhlobo bakhe noYehova okanye agqibele sele emlahla. (Hebhere 2:1; 3:12) UYesu wasilumkisa ukuba, xa singaliphulaphuli size silamkele “ngentliziyo entle nelungileyo” iLizwi likaThixo, asiyi ‘kuligcina.’ Kunoko, sinokusuka ‘sithabatheke ngamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi.’—Luka 8:14, 15.

14 Ngoko masiqhubeke sicamngca ngeBhayibhile size simazi nangakumbi uYehova. Oku kuya kusenza sixelise iimpawu nobuntu bakhe nangakumbi. (2 Korinte 3:18) Sinako ukuqhubeka sifunda okungakumbi ngoBawo wethu osezulwini size simxelise ngonaphakade. Alikho ilungelo elinjengelo!—INtshumayeli 3:11.

Ukucamngca ngoYehova nangoYesu, kukunceda ukuba uhlale ukhuthele ekukhonzeni uYehova

15, 16. (a) Kukuncede njani ukucamngca ngoYehova noYesu? (b) Kutheni kusiba nzima ngamany’ amaxesha ukucamngca, kodwa kutheni singafanele siphele amandla?

15 Ukucamngca ngoYehova nangoYesu, kukunceda ukuba uhlale ukhuthele ekukhonzeni uYehova. Xa ukhuthele, uya kubakhuthaza abazalwana bakho nabantu odibana nabo entsimini. Yaye xa ucamngca ngoko uYehova akwenzele kona ngokuthi uYesu abe yintlawulelo, uya kuqhubeka ubuxabisa ubuhlobo bakho obusondeleyo noThixo. (Roma 3:24; Yakobi 4:8) UMark umzalwana waseMzantsi Afrika owachitha iminyaka emithathu eziseleni ngenxa yokholo lwakhe, wathi: “Ukucamngca kufana nokuqala intw’ entsha. Okukhona sicamngca ngezinto zokomoya, kokukhona sifumanisa izinto ezintsha ngoThixo wethu, uYehova. Ngamanye amaxesha xa ndiziva ndidimazekile okanye ndixhalabele ikamva, ndiye ndithathe iBhayibhile ndize ndicamngce ngevesi ethile. Ndifumanisa ukuba oko kundinceda ndizole.”

16 Ubomi kweli hlabathi bugcwele ziziphazamiso ezenza kube nzima ukufumana ixesha lokucamngca ngeBhayibhile. UPatrick, umzalwana waseAfrika, wathi: “Ingqondo yam ifana nebhokisi ekufakwa kuyo iposi, enezinto ezininzi eziyimfuneko nezingeyomfuneko ekufuneka zihluzwe yonke imihla. Xa ndihlola ingqondo yam, ndidla ngokufumana ‘iingcinga eziphazamisayo,’ kuze kufuneke ndithandaze kuYehova ngazo ngaphambi kokuba ndikwazi ukucamngca kakuhle. Nakuba oku kunokuthatha ixesha ngaphambi kokuba ndicamngce kakuhle ngezinto zokomoya, ndiye ndizive ndisondele ngakumbi kuYehova. Oku kundivula ingqondo ndize ndiyiqonde nangakumbi inyaniso.” (INdumiso 94:19) Singenelwa ngeendlela ezininzi xa sifunda size sicamngce ngeBhayibhile yonke imihla.—IZenzo 17:11.

UNOKULIFUMANA PHI IXESHA?

17. Ulifumana nini ixesha lokucamngca?

17 Abanye bavuka kwasekuseni ukuze bafunde, bacamngce baze bathandaze. Abanye bakwenza oko ngexesha lekhefu. Mhlawumbi kuwe elona xesha onokufunda ngalo iBhayibhile kuxa kuhlwile okanye ngaphambi kokuba ulale. Abanye bathanda ukufunda iBhayibhile kusasa baze baphinde bayifunde ngaphambi kokuba balale. (Yoshuwa 1:8) Eyona nto ibalulekileyo ‘kukuzongela ixesha,’ okuthetha ukuzibekela bucala izinto ezingabalulekanga kangako ukuze ucamngce ngeLizwi likaThixo yonke imihla.—Efese 5:15, 16.

18. Ithembisa ntoni iBhayibhile ngabo bacamngca ngeLizwi likaThixo yonke imihla baze bakwenze oko bakufundayo?

18 IBhayibhile ithembisa ukuba uYehova uza kubasikelela bonke abo bacamngca ngeLizwi lakhe nabo bazimiselayo ukuzenza izinto abazifundayo. (Funda iNdumiso 1:1-3.) UYesu wathi: “Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baze baligcine!” (Luka 11:28) Kodwa okubaluleke nangakumbi kukuba, ukucamngca ngeLizwi likaYehova yonke imihla kuya kusinceda senze izinto ezimzukisayo. Xa sikwenza oko, uYehova uya kusivuza ngolonwabo ngoku nangobomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha.—Yakobi 1:25; ISityhilelo 1:3.

^ isiqe. 11 Jonga inqaku elinomxholo othi “Ukulwela Ukuhlala Somelele Ngokomoya” kwiMboniselo kaDisemba 1, 2006.