Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Khonza UYehova Ngaphandle Kweziphazamiso

Khonza UYehova Ngaphandle Kweziphazamiso

‘UMariya, . . . wayephulaphule amazwi [kaYesu]. UMarta, . . . wayephazanyiswa kukunyamekela imisebenzi emininzi.’—LUKA 10:39, 40.

IINGOMA: 94, 134

1, 2. Wayethanda ntoni uYesu kuMarta, kodwa yiyiphi impazamo eyenziwa nguMarta eyabonisa ukuba akafezekanga?

XA UCINGA ngodadeboLazaro uMarta, ucinga ukuba wayengumntu onjani? IBhayibhile ithi uMarta wayengumhlobo osenyongweni kaYesu, yaye uYesu wayemthanda. Kakade ke, yayingenguye yedwa owayethandwa yaye ehlonelwa nguYesu. Ngokomzekelo, nodadeboMarta, uMariya, wayengumhlobo osondeleyo kaYesu. Kanti uYesu wayemthanda nonina, uMariya. (Yohane 11:5; 19:25-27) Yintoni le uYesu wayeyithanda kuMarta?

2 UYesu wayemthanda uMarta kuba wayenobubele, ibe wayekhuthele. Kodwa eyona nto uYesu wayeyithanda kuye lukholo lwakhe olomeleleyo. Wayezikholelwa zonke izinto ezazifundiswa nguYesu, engayithandabuzi nento yokuba wayenguMesiya othenjisiweyo. (Yohane 11:21-27) Nakuba kunjalo, uMarta wayengafezekanga. Wayezenza iimpazamo njengathi sonke. Ngokomzekelo, ngenye imini xa babetyelelwe nguYesu, uMarta wacatshukiswa ngudadewabo, uMariya, waza waxelela uYesu ukuba athethe naye. Wathi: “Nkosi, ayinamsebenzi na kuwe into yokuba udade wethu endiyekela ndilungiselele ndedwa? Yitsho kuye andincedise.” (Funda uLuka 10:38-42.) Wayeyithethiswa yintoni loo nto uMarta, ibe yintoni esinokuyifunda kwimpendulo kaYesu?

UMARTA WAPHAZAMISEKA

3, 4. Yintoni awayenzayo uMariya eyanconywa nguYesu, ibe wafunda ntoni uMarta? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

3 UYesu wakuxabisa ukumenywa nguMarta noMariya ekhayeni labo, ibe wayefuna ukusebenzisa elo thuba ukuze abafundise inyaniso. Zisuka nje, uMariya wahlala kufutshane naye, ‘ephulaphula amazwi akhe.’ Wayefuna ukufunxa yonke into anokuyifunda kuMfundisi Omkhulu. NoMarta wayenokukhetha ukumamela uYesu. UYesu wayeza kumncoma ngokuyeka into awayeyenza ukuze amphulaphule.

4 Kodwa uMarta wayephazamisekile. Wayexakeke kukwenzela uYesu isidlo esikhethekileyo nazezinye izinto, ezama ukumenza azive amkelekile. Wathi akubona ukuba uMariya akamncedisi, wadikwa waza wakhalaza kuYesu. UYesu wayesazi ukuba uMarta wayezixakekisa ngezinto ezingeyomfuneko, ngoko wathetha naye ngobubele wathi: “Marta, Marta, uzixhalabise ngezinto ezininzi.” Wamxelela nokuba kufuneka nje isidlo esilula, mhlawumbi sibe sinye. Emva koko, uYesu wancoma uMariya ngokumphulaphula. Wathi: “Yena ke, uMariya unyule isahlulo esilungileyo, yaye asiyi kususwa kuye.” Kusenokwenzeka ukuba uMariya walibala ukuba wayetye ntoni ngaloo mini, kodwa asiyithandabuzi into yokuba wayengenakuzilibala izinto awazifunda kuYesu nendlela awamncoma ngayo. Kwiminyaka engaphezu kweyi-60 kamva, umpostile uYohane wabhala wathi: “UYesu wayemthanda uMarta nodade wabo noLazaro.” (Yohane 11:5) La mazwi abonisa ukuba uMarta wakwamkela ukulungiswa ngobubele nguYesu waza wakhonza uYehova ngokuthembeka ubomi bakhe bonke.

5. Kutheni kunzima kakhulu kule mihla ukuxakeka zizinto ezibalulekileyo, yaye nguwuphi umbuzo esiza kuwuphendula?

5 Siyazi ukuba namhlanje zininzi kakhulu izinto ezinokusiphazamisa ekukhonzeni uYehova kunangexesha lokubhalwa kweBhayibhile. IMboniselo kaSeptemba 15, 1958 yesiNgesi yalumkisa abazalwana noodade ukuba bangavumeli iteknoloji ibaphazamise ekukhonzeni uYehova. Kwangaloo mihla, kwakubonakala ukuba kuhlala kuveliswa into entsha yonke imihla. Izinto ezinjengeemagazini, unomathotholo, iimuvi neTV zazithandwa gqitha ngabantu. Le Mboniselo yathi njengokuba sisondela ekuphelisweni kwale nkqubo, “iziphazamiso zisenokuya zisanda.” Namhlanje, izinto ezisenokusiphazamisa zininzi ngaphezu kwalo naliphi na elinye ixesha. Yintoni esinokuyenza ukuze sifane noMariya size sizixakekise ngokunqula uYehova?

MUSA UKULISEBENZISA NGOKUPHELELEYO IHLABATHI

6. Abantu bakaYehova baye bayisebenzisa njani iteknoloji?

6 Abantu bakaYehova baye basebenzisa iteknoloji ukushumayela iindaba ezilungileyo. Ngokomzekelo, ngaphambi nasebudeni bemfazwe yokuqala, babonisa i-“Photo-Drama of Creation.” Babeshumayela kwizigidi zabantu kumazwe amaninzi, besebenzisa izilayidi neemuvi ezinemibala emihle nesandi. Ngasekupheleni kwayo, le “Photo-Drama” yayibonisa ixesha loxolo laxa uYesu Kristu elawula emhlabeni. Kamva, abantu bakaYehova basebenzisa unomathotholo ukusasaza isigidimi soBukumkani kwizigidi zabantu emhlabeni. Namhlanje, sisebenzisa ikhompyutha neintanethi ukuze sifikelele abantu naphi na apho bakhoyo, kuquka neendawo ezisemagqagaleni.

Musa ukuvumela izinto ezingabalulekanga zikuphazamise ekunquleni uYehova (Jonga isiqendu 7)

7. (a) Kutheni kuyingozi nje ukusebenzisa eli hlabathi ngokupheleleyo? (b) Yintoni esifanele siyilumkele? (Jonga umbhalo osemazantsi.)

7 IBhayibhile isilumkisa ukuba singalisebenzisi ngokupheleleyo eli hlabathi. Oku kuquka ukuchitha ixesha elininzi kwizinto zeli hlabathi. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 7:29-31.) Ezinye zezi zinto aziphosakelanga, kodwa zinokusityela ixesha elininzi. Ngokomzekelo, kusenokubakho izinto esithanda ukuzenza, njengokufunda iincwadi, ukubukela iTV, ukukhenketha, ukuthenga, ukukhangela izixhobo zamvanje ze-elektroniki okanye obunye ubunewunewu. Abanye bathanda ukuncokola kwi-intanethi, ukuthumela imiyalezo neeimeyile, okanye ukubukela iindaba nokujonga iziphumo zemidlalo. Abanye banokuzibona sele bengamakhoboka ezi zinto. * (Funda umbhalo osemazantsi.) (INtshumayeli 3:1, 6) Ukuba sichitha ixesha elininzi kwizinto ezingenamsebenzi, asiyi kuba nalo ixesha elaneleyo lokwenza eyona nto ibalulekileyo, ukunqula uYehova.—Funda amaEfese 5:15-17.

8. Kutheni kubalulekile ukuba singazithandi izinto zehlabathi?

8 USathana wenza konke okusemandleni ukusitsalela kwizinto zehlabathi lakhe aze asiphazamise ekukhonzeni uYehova. USathana wakwenza oku ngenkulungwane yokuqala, ibe usuke wanochatha kule mihla yethu. (2 Timoti 4:10) Ngoko ke, sifanele sihlale sihlola indlela esivakalelwa ngayo ngezinto zeli hlabathi size sitshintshe xa kuyimfuneko. IBhayibhile isixelela ukuba singazithandi izinto zeli hlabathi. Kunoko, simele sigcine uthando lwethu ngoYehova luvutha. Xa sikwenza oko, kuya kuba lula ngathi ukuthobela uYehova nokuhlala sisondele kuye.—1 Yohane 2:15-17.

ZIXAKEKISE NGEZONA ZINTO ZIBALULEKILEYO

9. UYesu wabafundisa ukuba bazixakekise ngantoni abafundi bakhe, ibe waba ngumzekelo njani waloo nto?

9 UYesu wafundisa abafundi bakhe isifundo esifanayo neso wasifundisa uMarta, ukuba bangaphazanyiswa zizinto ezininzi. Wabakhuthaza ukuba baxakeke ekukhonzeni uYehova nakuBukumkani bakhe. (Funda uMateyu 6:22, 33.) Kwayena uYesu waba ngumzekelo omhle waloo nto. Wayengenazinto zininzi, engenayo nendlu okanye isiza esisesakhe.—Luka 9:58; 19:33-35.

10. UYesu waba ngumzekelo omhle njani kuthi?

10 UYesu akazange avumele nantoni na imphazamise ekwenzeni umsebenzi wokushumayela. Ngokomzekelo, kungekudalanga emva kokuba eqalise ukushumayela, kwabakho izihlwele eKapernahum ezazifuna uYesu achithe ixesha elingakumbi kweso sixeko. Wathini? Akazange avume ukuphazanyiswa emsebenzini wakhe. Wathi: “Ndimele ndizivakalise iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakwezinye izixeko, ngenxa yokuba ndithunywe oko.” (Luka 4:42-44) UYesu wahamba imigama emide ukuze ashumayele iindaba ezilungileyo aze afundise abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka. Wayefezekile, kodwa wayedinwa kuze kufuneke aphumle kuba wayekhuthele.—Luka 8:23; Yohane 4:6.

UYesu wasifundisa ukuba, xa sizixakekisa ngokufuna izinto ezininzi, sinokuphazamiseka ekukhonzeni uThixo

11. Yintoni awayenzayo uYesu xa enye indoda yambuza ngengxaki yayo yobuqu? Wabafundisa siphi isifundo abafundi bakhe?

11 Kamva, xa uYesu wayefundisa abafundi bakhe isifundo esibalulekileyo, waphazanyiswa yenye indoda eyathi kuye: “Mfundisi, xelela umntakwethu ahlulelane nam ngelifa.” UYesu akazange azame ukusombulula ingxaki yobuqu yale ndoda. Akazange ayivumele imphazamise ekufundiseni abafundi bakhe. Kunoko, wasebenzisa eli thuba ukubafundisa ukuba, xa bezixakekisa ngokufuna izinto ezininzi, banokuphazamiseka ekukhonzeni uThixo.—Luka 12:13-15.

12, 13. (a) Yintoni awayenzayo uYesu eyathandwa ngamaGrike awayeseYerusalem? (b) Wathini uYesu xa uFilipu wayemcela ukuba adibane nabo bantu?

12 Kwakunzima gqitha kuYesu ngeentsuku zakhe zokugqibela esemhlabeni. (Mateyu 26:38; Yohane 12:27) Wayesazi ukuba uza kuba sezintlungwini aze afe. Wayesazi nokuba wawusemninzi umsebenzi ekwakufuneka ewenzile ngaphambi kokuba afe. Ngokomzekelo, ngeCawa, ngoNisan 9, uYesu wangena eYerusalem ekhwele iesile. Izihlwele zamamkela njengoKumkani wazo. (Luka 19:38) Ngosuku olulandelayo, uYesu waba nesibindi waza wawaphosela ngaphandle kwetempile amadoda awayenyolukile, eqhatha abantu ngokubathengisela izinto ngamaxabiso aphezulu.—Luka 19:45, 46.

13 Amanye amaGrike awayeze kubhiyozela iPasika eYerusalem, ayithanda le nto yenziwa nguYesu. Ngoko acela ukudibana noYesu kumpostile uFilipu. Kodwa uYesu wayengakhangeli bantu abaza kumxhasa baze bamkhusele kwiintshaba zakhe. Wayeyazi eyona nto ibalulekileyo. Wahlala ecinga ngeyona nto uYehova afuna ayenze, ukunikela ngobomi bakhe. Ngoko wakhumbuza abafundi bakhe ukuba uza kufa kungekudala, yaye bonke abo bamlandelayo bamele bakulungele ukuncama ubomi babo. Wathi: “Lowo uwuthandayo umphefumlo wakhe uyawutshabalalisa, kodwa lowo uwuthiyileyo umphefumlo wakhe kweli hlabathi uya kuwulondolozela ubomi obungunaphakade.” Kodwa wathembisa nokuba ‘uBawo uya kubabeka’ abalandeli bakaYesu aze abanike ubomi obungunaphakade. UFilipu wayenokuwaxelela lo myalezo ukhuthazayo loo maGrike.—Yohane 12:20-26.

14. Nangona ukushumayela kwakuyeyona nto ibalulekileyo ebomini bukaYesu, yintoni awayeqinisekisa ukuba uyayenza?

14 Xa uYesu wayesemhlabeni, owona msebenzi wakhe yayikukushumayela iindaba ezilungileyo. Nangona ukushumayela kwakuyeyona nto ibalulekileyo ebomini bakhe, wayengahlali ecinga ngomsebenzi. Ngokomzekelo, wakha waya emtshatweni, apho wajika amanzi aba yiwayini yodidi. (Yohane 2:2, 6-10) Wayekhe afumane nesidlo emakhayeni abahlobo bakhe nabanye ababenomdla kwiindaba ezilungileyo. (Luka 5:29; Yohane 12:2) Okubaluleke nangakumbi kukuba, uYesu wayedla ngokuzipha ixesha lokuthandaza, ukucamngca nokuphumla.—Mateyu 14:23; Marko 1:35; 6:31, 32.

‘MASIBOTHULE BONKE UBUNZIMA’

15. UPawulos wathi amele enze ntoni amaKristu, ibe waba ngumzekelo omhle njani?

15 Umpostile uPawulos wathi amaKristu afana neembaleki eziselugqatsweni olude, yaye ukuze alugqibe olo gqatso, kwakuza kufuneka asuse nantoni na enokuwenza acothe okanye ayeke ukubaleka. (Funda amaHebhere 12:1.) UPawulos waba ngumzekelo omhle. Wayenokuba yinkokeli yobuYuda esisinhanha nedumileyo, kodwa wancama yonke loo nto ukuze azixakekise “ngezinto ezibaluleke ngakumbi.” Wasebenza nzima eshumayela yaye esiya kwiindawo ezininzi, njengaseSiriya, eAsia Minor, eMakedoni nakwaYuda. UPawulos wayekhangele phambili ekufumaneni umvuzo wakhe wokuphila ngonaphakade ezulwini. Wathi: “Ndiyazilibala izinto ezingasemva ndize ndolulele kwizinto ezingaphambili, ndisukela umvuzo wobizo lwaphezulu lukaThixo ngoKristu Yesu.” (Filipi 1:10; 3:8, 13, 14) UPawulos wayengatshatanga, ibe loo nto yamnceda wakwazi “ukukhonza iNkosi rhoqo ngaphandle kwesiphazamiso.”—1 Korinte 7:32-35.

UPawulos wancama umsebenzi wakhe ukuze azixakekise “ngezinto ezibaluleke ngakumbi”

16, 17. Enoba sitshatile okanye asitshatanga, sinokumxelisa njani uPawulos? UMark noClaire bayenza njani loo nto?

16 NjengoPawulos, abanye abakhonzi bakaYehova bakhetha ukungatshati ukuze bamkhonze ngakumbi uYehova. (Mateyu 19:11, 12) Abantu abangatshatanga badla ngokuba neembopheleleko ezimbalwa kunezabo batshatileyo. Enoba sitshatile okanye asitshatanga, sonke sinako ‘ukothula bonke ubunzima’ obunokusiphazamisa ekukhonzeni uYehova. Kusenokufuneka sitshintshe indlela esizenza ngayo izinto ukuze singadlali ngexesha size sikwazi ukumkhonza ngakumbi uYehova.

17 Ngokomzekelo, uMark noClaire, abakhulela eWales, baqalisa ukuba ngoovulindlela besakugqiba esikolweni. Emva kokuba betshatile, baqhubeka bengoovulindlela. Kodwa babengekaneli ncam. UMark uthi: “Sakwazi ukuphila ubomi obulula ngokushiya indlu yethu enamagumbi okulala amathathu nomsebenzi wethu wesingxungxo ukuze sikwazi ukuncedisa kumsebenzi wokwakha owenziwa ehlabathini lonke.” Kule minyaka iyi-20 idluleyo, baye baya kumazwe amaninzi aseAfrika besiya kuncedisa ekwakhiweni kweeHolo ZoBukumkani. Ngamanye amaxesha bebesiba nemali encinci gqitha, kodwa uYehova ebesoloko ebanyamekela. UClaire uthi: “Kuyasanelisa ukukhonza uYehova yonke imihla. Siye safumana abahlobo abaninzi, ibe akukho nto siyidingayo. Loo ntwana siyincamileyo ayinakuthelekiswa novuyo esinalo kuba sikhonza uYehova ixesha elizeleyo.” Baninzi nabanye abakwinkonzo yexesha elizeleyo abavakalelwa ngaloo ndlela. *—Funda umbhalo osemazantsi.

18. Yiyiphi imibuzo esinokuzibuza yona?

18 Ngaba ucinga ukuba unokuzimisela ngakumbi ekukhonzeni uYehova? Ngaba kukho izinto ezikuphazamisayo ekwenzeni izinto ezibaluleke ngakumbi? Ukuba kunjalo, yintoni onokuyenza? Mhlawumbi ungaphucula indlela oyifunda ngayo iBhayibhile. Inqaku elilandelayo liza kukubonisa indlela onokuyenza ngayo loo nto.

^ isiqe. 7 Jonga inqaku elithi “Ongenamava Ukholwa Ngamazwi Onke.”

^ isiqe. 17 Jonga nebali lobomi likaHadyn noMelody Sanderson kwinqaku elithi “Ukwazi Okulungileyo Uze Ukwenze.” (IMboniselo kaMatshi 1 2006) Ishishini labo laseOstreliya laliqhuba kakuhle, kodwa balincama ukuze babe kwinkonzo yexesha elizeleyo. Funda ukuba kwenzeka ntoni xa baphelelwa yimali bengabathunywa bevangeli eIndiya.