Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iminyaka Elikhulu Phantsi Kolawulo LoBukumkani!

Iminyaka Elikhulu Phantsi Kolawulo LoBukumkani!

“Ngamana uThixo woxolo . . . anganixhobisa ngento yonke elungileyo ukuze nenze ukuthanda kwakhe.”—HEBHERE 13:20, 21.

IINGOMA: 136, 14

1. Wawubaluleke kangakanani umsebenzi wokushumayela kuYesu? Cacisa.

UYESU wayekuthanda ukuthetha ngoBukumkani bukaThixo. Ngoxa wayesemhlabeni, uYesu wathetha ngoBukumkani ngaphezu kwayo nayiphi na enye into. Wakhankanya uBukumkani ngaphezu kwezihlandlo ezilikhulu kubulungiseleli bakhe basemhlabeni. Ngenene uBukumkani babubalulekile kuYesu.—Funda uMateyu 12:34.

2. Bangaphi abazivelayo umyalelo okuMateyu 28:19, 20, yaye kutheni sisitsho nje?

2 Kamsinya akuba evusiwe uYesu, wadibana neqela labantu abangaphezu kwe-500. (1 Korinte 15:6). Kusenokwenzeka ukuba kungeli lixa uYesu awakhupha umyalelo wokuba kushunyayelwe ‘kubantu beentlanga zonke.’ Lo msebenzi wawungazi kuba lula. * (Funda umbhalo osemazantsi.) Wabaxelela ukuba umsebenzi wokushumayela wawuya kuqhubeka ixesha elide, “de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” Xa ushumayela iindaba ezilungileyo, uncedisa ekuzalisekeni kweso siprofeto.—Mateyu 28:19, 20.

3. Ziziphi izinto ezintathu ezisincedileyo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo?

3 Emva kokuba uYesu eyalele ukuba kushunyayelwe, wathi: “Ndinani.” (Mateyu 28:20) Ngoko uYesu wathembisa abafundi bakhe ukuba wayeza kuwukhokela umsebenzi wokushumayela yaye wayeza kubanceda bashumayele emhlabeni wonke. Naye uYehova ukunye nathi. Usinike ‘yonke into elungileyo’ ukusinceda ekushumayeleni. (Hebhere 13:20, 21) Kweli nqaku, siza kuxubusha ezintathu kwezi zinto zilungileyo: (1) izixhobo esizinikiweyo, (2) iindlela esiye sazisebenzisa, kunye (3) noqeqesho esiye salufumana. Makhe siqale sithethe ngezixhobo esiye sazisebenzisa kule minyaka ilikhulu idlulileyo.

IZIXHOBO EZINCEDE ABAKHONZI BAKATHIXO EKUSHUMAYELENI

4. Zisincede njani izixhobo ezahlukahlukeneyo kumsebenzi wethu wokushumayela?

4 UYesu wafanisa isigidimi soBukumkani nembewu eye yatyalwa kwiintlobo ngeentlobo zomhlaba. (Mateyu 13:18, 19) Ukuze awulungise umhlaba, umlimi usebenzisa izixhobo ezahlukahlukeneyo. Ngendlela efanayo, uKumkani wethu usinike izixhobo esinokuzisebenzisa ukuze sincede abantu bamkele isigidimi sethu. Ezinye izixhobo sizisebenzise ixesha elincinane, ukanti ezinye sisazisebenzisa unanamhla. Sekunjalo, zonke ezi zixhobo zisincede saphucula ubuchule bethu bokushumayela.

Ikhadi lokunikela ubungqina lanceda abaninzi baqalisa ukushumayela

5. Laliyintoni ikhadi lokunikela ubungqina yaye lalisetyenziswa njani?

5 Ngo-1933, abavakalisi baqalisa ukusebenzisa ikhadi lokunikela ubungqina, isixhobo esanceda abaninzi baqalisa ukushumayela. Yayilikhadi elincinane elalinomyalezo omfutshane nolula weBhayibhile. Kwakumane kusenziwa amakhadi amatsha anomnye umyalezo weBhayibhile. UMzalwana uErlenmeyer wayeneminyaka emalunga nelishumi ukuqalisa kwakhe ukusebenzisa ikhadi lokunikela ubungqina. Ubalisa enjenje: “Intshayelelo yayisithi, ‘Nceda ufunde eli khadi.’ Emva kokuba umninimzi efunde ikhadi, sasimnika incwadi size sihambe.”

6. Laliluncedo njani ikhadi lokunikela ubungqina?

6 Ikhadi lokunikela ubungqina labanceda ngeendlela ezahlukahlukeneyo abavakalisi. Ngokomzekelo, abanye abavakalisi babeneentloni, yaye nakubeni babefuna ukushumayela, babengayazi into ababemele bayithethe. Abanye abavakalisi babengenazo kwaphela iintloni. Babemxelela umninimzi yonke into abayaziyo ngemizuzwana nje embalwa, kodwa maxa wambi babexabela. Ikhadi lokunikela ubungqina lanceda bonke abavakalisi bashumayela ngendlela elula necacileyo.

7. Ziziphi iingxaki ezabakho ekusebenziseni eli khadi?

7 Ayekhona namahla-ndinyuka. UDade Grace Estep ubalisa enjenje: “Ngamanye amaxesha sasibuzwa ukuba, ‘Lithini eli khadi? Awunakundichazela ngokwakho le nto ibhalwe kulo?’” Ukanti abanye abaninimzi babengakwazi ukufunda. Abanye babesuka balithathe eli khadi baze bavale ucango. Abanye babechasa, ngoko babesuka balikrazule. Nakubeni ayekhona la mahla-ndinyuka, ikhadi lokunikela ubungqina lanceda abavakalisi ukuba banikele ubungqina nokuba baziwe njengabavakalisi Bobukumkani.

8. Yayisetyenziswa njani igramafoni? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

8 Esinye sezixhobo esaye sasetyenziswa emva ko-1930, yigramafoni. Abanye abavakalisi babeyibiza ngokuba nguAron, kuba lo matshini wawubathethela. (Funda iEksodus 4:14-16.) Xa evuma ukuphulaphula umninimzi, umvakalisi wayemdlalela intetho emfutshane yeBhayibhile, aze amnike incwadi. Maxa wambi, iintsapho zazihlanganisana ukuze ziphulaphule intetho! Ngo-1934, iNtlangano yaqalisa ukwenza iigramafoni ezincinane ezilungiselelwe intsimi. Ekugqibeleni abazalwana barekhoda iintetho eziyi-92 ezahlukahlukeneyo.

9. Yaba luncedo kangakanani igramafoni?

9 Xa uHillary Goslin weva enye yezi ntetho, waboleka igramafoni kangangeveki ukuze abelane ngesigidimi seBhayibhile nabamelwane bakhe. Umphumo waba kukuba, abantu abaninzi baba nomdla enyanisweni yaye babhaptizwa. Kamva, iintombi ezimbini zikaMzalwana uGoslin zaya kwiSikolo saseGiliyadi zaza zaba ngabavangeli basemazweni. Njengekhadi lokunikela ubungqina, igramafoni yanceda uninzi lwabavakalisi ukuba luqalise ukushumayela. Kamva, ngeSikolo SoBulungiseleli Sobuthixo, uKumkani uye wafundisa abantu bakhe ukuba bashumayele.

UKUSEBENZISA ZONKE IINDLELA UKUZE KUFIKELELWE ABANTU

10, 11. Asetyenziswa njani amaphephandaba nonomathotholo ukushumayela iindaba ezilungileyo, yaye kutheni ezo ndlela zaziphumelela?

10 Besalathiswa nguKumkani omiselweyo, abantu bakaThixo baye basebenzisa iindlela ngeendlela ukuze bafikelele kubantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka. Ezo ndlela bezinceda kakhulu ingakumbi ngexesha apho abasebenzi babembalwa. (Funda uMateyu 9:37.) Ngokomzekelo, kwiminyaka emininzi ngaphambili kwakushunyayelwa iindaba ezilungileyo ngamaphephandaba. Veki nganye, uMzalwana uRussell wayethumela intetho yeBhayibhile kwiziko leendaba. Emva koko laliyithumela le ntetho yakhe kumaphephandaba aseKhanada, eYurophu naseMerika. Ngo-1913, iintetho zikaMzalwana uRussell zapapashwa kumaphephandaba ayi-2 000 ibe zafundwa ngabantu abamalunga ne-15 000 000!

Amaphephandaba nonomathotholo anceda kwafikelelwa abantu abaninzi kwiindawo ezazinabavakalisi abambalwa

11 Unomathotholo naye wasetyenziswa ngokuphumelelayo ukuhambisela phambili iindaba ezilungileyo. NgoAprili 16, 1922, uMzalwana uRutherford wanikela intetho yakhe yokuqala kunomathotholo, yaye abantu abayi-50 000 babephulaphule. Kamsinya emva koko, saqalisa kusebenzisa elethu ijelo losasazo elalisaziwa ngokuba yi-WBBR, yaye inkqubo yokuqala yasasazwa ngoFebruwari 24, 1924. IMboniselo kaDisemba 1, 1924, yathi: “Sikholelwa ukuba siyonga xa sisebenzisa unomathotholo yaye le yeyona ndlela ikhawulezayo yokusasaza inyaniso.” Njengamaphephandaba, unomathotholo wasinceda safikelela abantu abaninzi kwiindawo ezazinabavakalisi abambalwa.

Uninzi lwabavakalisi luyakuvuyela ukuchazela abantu ngewebhsayithi yethu (Jonga isiqendu 12, 13)

12. (a) Ziziphi iindlela zokushumayela kwiindawo zikawonke-wonke ozithandayo?(b) Yintoni enokusinceda soyise naluphi na uloyiko esinalo ngokushumayela kwiindawo zikawonke-wonke?

12 Ukushumayela kwiindawo zikawonke-wonke yindlela esetyenziswayo ukuze kufikelelwe abantu namhlanje. Kwenziwa imigudu engakumbi ukuze kushunyayelwe kubantu ezitishini zebhasi, ezikaloliwe, kwiindawo zokupaka iimoto, kwiindawo eziphithizelayo nakwiindawo zentengiso. Ngaba ukushumayela kwiindawo zikawonke-wonke kukwenza ube novalo? Ukuba kunjalo, thandazela uncedo uze ucingisise ngoko kwathethwa nguMzalwana uManera, umveleli ohambahambayo, esithi: “Sijonga nayiphi na indlela entsha yobulungiseleli njengenye indlela yokukhonza uYehova, eyokubonisa ukuthembeka kwethu kuye, neyokubonisa ingqibelelo yethu, yaye sikulungele ukuzingqina sikulungele ukumkhonza nangayiphi na indlela ayifunayo.” Xa sisoyisa naluphi na uloyiko, size sisebenzise iindlela ezintsha zokushumayela, someleza ukuthembela kwethu ngoYehova size sibe ngabavakalisi abaphum’ izandla.—Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 12:9, 10.

13. Kutheni ukusebenzisa iwebhsayithi kubulungiseleli kuyindlela ephumelelayo, yaye ngawaphi amava onawo ngokuyisebenzisa?

13 Uninzi lwabavakalisi luyakuvuyela ukuchazela abantu ngewebhsayithi yethu ethi, jw.org, apho banokufunda, baze bazikhuphelele iimpapasho zeBhayibhile ngaphezu kweelwimi eziyi-700. Bangaphezu kwezigidi eziyi-1.6 abantu abangena kwiwebhsayithi yethu suku ngalunye. Kwixesha elidluleyo, unomathotholo uye wasetyenziswa ukuze kushunyayelwe kwiindawo ezisemagqagaleni. Namhlanje, iwebhsayithi yethu yenza okufanayo.

UKUQEQESHWA KWABAVAKALISI BEENDABA EZILUNGILEYO

14. Luluphi uqeqesho obeludingwa ngabavakalisi, yaye sisiphi isikolo esiye sabanceda baba ngabafundisi abanobuchule?

14 Izixhobo neendlela esithethe ngazo zibe yimpumelelo ngenene. Sekunjalo, abo bavakalisi kwafuneka baqeqeshwe ukuze babe ngabashumayeli. Ngokomzekelo, ngamanye amaxesha umninimzi ebengavumelani noko akuva kwigramafoni. Ukanti ngamanye amaxesha umninimzi ebeba nomdla aze afune ukuva okungakumbi. Abanye abavakalisi bebekudinga ukuncedwa boyise amagama athintela incoko ngobuchule, baze babe ngabavakalisi abaphum’ izandla. Ngokuqinisekileyo, encedwa ngumoya kaThixo, uMzalwana uKnorr wabona kuyimfuneko ukuba abavakalisi bafundiswe ukuthetha kubulungiseleli. Ngoko ukususela ngonyaka ka-1943, amabandla aqalisa iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Esi sikolo sanceda bonke ukuba babe ngabavakalisi abaphum’ izandla.

15. (a) Ngawaphi amava ababa nawo abanye xa babenikela intetho kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo?(b) Sizaliseke njani kuwe isithembiso sikaYehova esikwiNdumiso 32:8?

15 Abazalwana abaninzi babengakuqhelanga ukuthetha phambi kwabantu. UMzalwana uRamu usayikhumbula intetho yakhe yokuqala ngo-1944. Loo ntetho yayithetha ngoDowegi oseBhayibhileni. Uthi: “Amadolo am ayebethabethana, izandla zingcangcazela, namazinyo eqhaqhazela.” Wongezelela athi: “Ndandiqala ukunikela intetho, kodwa andizange ndinikezele.” Nakubeni kwakungekho lula, nabantwana babezinikela iintetho esikolweni. UMzalwana uManera usakukhumbula oko kwenzekayo xa enye inkwenkwana yayinikela intetho okokuqala: “Yayisoyika kangangokuba xa yaqalisayo ukunikela intetho, iinyembezi zazehlela. Kodwa kuba yayizimisele ukuyinikela, yachiphiza isiya ngakhona de yayigqiba intetho.” Mhlawumbi awugqabazi kwiintlanganiso okanye ube nenxaxheba kuzo kuba uneentloni okanye uvakalelwa kukuba akunakukwazi ukwenza njalo. Ukuba kunjalo, bongoza uYehova akuncede woyise uloyiko lwakho. Uya kukunceda ngendlela efanayo naleyo awanceda ngayo abo bafundi beSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo bokuqala.—Funda iNdumiso 32:8.

Bangaphezu kwe-8 500 abathunywa bevangeli abaqeqeshiweyo eGiliyadi baza bathunyelwa kumazwe ayi-170 ukususela ngo-1943

16. (a) Yintoni injongo yeSikolo saseGiliyadi? (b) Ngoobani abaye baqukwa kwesi sikolo ukususela ngo-2011?

16 Intlangano kaThixo iye yaqeqesha abantu nakwiSikolo saseGiliyadi. Enye injongo yesi sikolo kukukhuthaza abafundi bahlale benomnqweno wokushumayela iindaba ezilungileyo. ISikolo saseGiliyadi saqalisa ngo-1943, yaye ukususela ngoko, sele beyi-8 500 abaqeqeshiweyo baza bathunyelwa kumazwe ayi-170. Ukususela ngo-2011, abo bamenyiweyo kwesi sikolo, ibingoovulindlela abakhethekileyo, abaveleli abahambahambayo, amalungu aseBheteli, okanye abavangeli basemazweni ababengekayi kuso.

17. Lube yimpumelelo kangakanani uqeqesho lwaseGiliyadi?

17 Ngaba iSikolo saseGiliyadi sibe luncedo? Ewe. Khawucinge ngeJapan. NgoAgasti 1949, abavakalisi babengaphantsi kweshumi kwelo lizwe. Kodwa ngawo loo nyaka, kwathunyelwa abathunywa bevangeli abayi-13. Namhlanje, kukho abavakalisi abamalunga ne-216 000 eJapan, ibe phantse isiqingatha sabo singoovulindlela!

18. Ziziphi ezinye izikolo esinazo?

18 Sinothotho lwezikolo, ezifana neSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, iSikolo Senkonzo Yobuvulindlela, iSikolo Sabavangeli BoBukumkani, iSikolo Sabaveleli Abahambahambayo Nabafazi Babo kunye neSikolo Samalungu EKomiti Yesebe Nabafazi Bawo. Ezi zikolo zibaqeqeshe ngokuphumelelayo abazalwana noodade, yaye zilomelezile ukholo lwabo. Kucace gca ukuba uYesu usaqhubeka nokuqeqesha abantu.

19. Wathini uMzalwana uRussell ngomsebenzi wokushumayela, yaye oko kuzaliseke njani?

19 UBukumkani bukaThixo sele bulawule ngaphezu kweminyaka elikhulu. Ukutyhubela elo lixa, uKumkani wethu uYesu Kristu ebekhokela umsebenzi wokushumayela. Kwango-1916, uMzalwana uRussell wayekholelwa ukuba umsebenzi wokushumayela wawuya kunwenwa umhlaba wonke. Wathi: “Umsebenzi wanda ngokukhawuleza, yaye uza kuqhubeka usanda, kuba kumele kushunyayelwe ‘ivangeli yobukumkani’ emhlabeni wonke.” (Incwadi ka-A. H. Macmillan, ethi Faith on the March, iphepha 69) Sizibonela ngamehlo ukuzaliseka kwaloo mazwi! Siyambulela uYehova, uThixo woxolo, osinika yonke into ukuze senze ukuthanda kwakhe!

^ isiqe. 2 Kusenokwenzeka ukuba uninzi lwabo bantu lwabangamaKristu. Kutheni sisitsho nje? Kungenxa yokuba umpostile uPawulos ubhekisela kubo ngokuba ‘ngabazalwana abangamakhulu amahlanu.’ Ukwathi “inkoliso yabo esahleliyo nangoku, kodwa bambi balele ekufeni.” Ngako oko kubonakala ngathi uPawulos namanye amaKristu, babelwazi uninzi lwabo bawuvayo umyalelo kaYesu wokuba kushunyayelwe.