Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Yintoni efunyenwe ngabembi bezinto zakudala ebonisa ukuba iYeriko yathinjwa ngokukhawuleza?

UYoshuwa 6:10-15, 20 uthi amajoni akwaSirayeli ayejikeleza isixeko saseYeriko kube kanye ngosuku kangangeentsuku ezintandathu. Ngosuku lwesixhenxe, asijikeleza sonke isixeko izihlandlo ezisixhenxe. Ngoko uThixo waziwisa iindonga ezomeleleyo zaseYeriko, aza amaSirayeli asithimba eso sixeko. Ngaba kukho into efunyenwe ngabembi bezinto zakudala, ebonisa ukuba iYeriko yangqingwa ngokukhawuleza kanye njengoko iBhayibhile isitsho?

Kumaxesha amandulo, isixeko sasiba phantsi kokungqingwa xa amajoni ejikeleze iindonga zaso, elungele ukusihlasela. Ukuba singqingwe ixesha elide, abantu esixekweni babesitya uninzi lokutya okugciniweyo. Xa amajoni ede asihlasela isixeko, ayethatha yonke into ayifunayo kuquka nokutya okushiyekileyo. Yiloo nto abembi bezinto zakudala beye bafumana intwana yokutya kumabhodlo ezixeko zasePalestina ezahlaselwa ngolu hlobo, ukanti kwamanye abafumananga kutya. Kodwa amabhodlo aseYeriko ohlukile. IBiblical Archaeology Review ithi: “Ezona zinto zafunyanwayo kuhlaselo, ngaphandle kwezinto zodongwe, yingqolowa.” Iphinda ithi: “Ukufumana ingqolowa eninzi kangako, kuyinto engaqhelekanga.”

IBhayibhile ithi amaSirayeli awazange akuthathe ukutya kwaseYeriko kuba uYehova wayewayalele ukuba angakuthathi. (Yoshuwa 6:17, 18) Iphinda isixelele ukuba amaSirayeli ayihlasela iYeriko ngentwasahlobo, emva nje kokuba kuvuniwe, xa kwakukho ingqolowa eninzi esixekweni. (Yoshuwa 3:15-17; 5:10) Ngoko, ukubakho kwengqolowa eninzi eYeriko emva kokuba ithinjiwe, kungqina ukuba yangqingwa ixesha elifutshane njengokuba iBhayibhile isitsho.