Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Inguqulelo Elula YeLizwi LikaThixo

Inguqulelo Elula YeLizwi LikaThixo

“Ilizwi likaThixo liphilile.”—HEBHERE 4:12.

IINGOMA: 37, 116

1. (a) Nguwuphi umsebenzi uThixo awawunika uAdam? (b) Ukususela ngoko, abantu bakaThixo baye basisebenzisa njani isiphiwo sokuthetha?

UYEHOVA UTHIXO udale abantu bakwazi ukuthetha. Emyezweni wase-Eden, uThixo wanika uAdam umsebenzi wokuthiya zonke izilwanyana amagama. UAdam wathiya silwanyana ngasinye igama elisifaneleyo. (Genesis 2:19, 20) Ukususela ngoko, abantu baye basebenzisa isiphiwo sokuthetha ekuzukiseni uYehova ngokuthi baxelele abanye ngaye. Kwixesha lethu, abantu bakaThixo baye basisebenzisa esi siphiwo ekuguquleleni iBhayibhile, ukuze abantu abaninzi bafunde ngaye.

2. (a) Yiyiphi imigaqo eye yasetyenziswa yiKomiti YeNguqulelo YeBhayibhile? (b) Siza kufunda ntoni kweli nqaku?

2 Kukho amawakawaka eenguqulelo zeBhayibhile, kodwa ezinye zineempazamo. Ukuze iyiguqulele ngokuchanileyo iBhayibhile, iKomiti YeNguqulelo YeBhayibhile Yehlabathi Elitsha iye yasebenzisa le migaqo mithathu: (1)  Iye yalihlonela igama likaThixo ngokuthi ilisebenzise kuzo zonke iindawo elivela kuzo kwiMibhalo yamandulo. (Funda uMateyu 6:9.) (2) Iye yaguqulela igama negama apho kunokwenzeka. Xa ingakwazi ukwenjenjalo, iye yaguqulela intsingiselo. (3) Iye yasebenzisa ulwimi ekulula ukulufunda nokuluqonda. * (Funda umbhalo osemazantsi.) (Funda uNehemiya 8:8, 12.) Le migaqo iye yasetyenziswa ngabaguquleli beNguqulelo Yehlabathi Elitsha kwiilwimi ezingaphezu kwe-130. Kweli nqaku, siza kufunda ngendlela eye yasetyenziswa ngayo le migaqo kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha ehlaziyiweyo ka-2013, nakwiinguqulelo zezinye iilwimi.

IBHAYIBHILE ELIHLONELAYO IGAMA LIKATHIXO

3, 4. (a) Ifumaneka phi iTetragrammaton? (b) Yintoni eziyenzileyo iinguqulelo ezininzi zeBhayibhile kwigama likaThixo?

3 Igama likaThixo limelwa ngoonobumba abane besiHebhere ababizwa ngokuba yiTetragrammaton. Aba nobumba bakho kwimibhalo emininzi emidala yesiHebhere, njengemiSongo Yolwandle Olufileyo. Bakho nakwezinye iinguqulelo zeSeptuagint yesiGrike. Ezi nguqulelo zabhalwa kwiminyaka eyi-200 ngaphambi kokuzalwa kukaKristu, nakwiminyaka eyi-100 emva kokuzalwa kwakhe. Abantu abaninzi bayamangaliswa kukubona indlela elivela kaninzi ngayo igama likaThixo kwimibhalo yamandulo.

Abantu abaninzi bayamangaliswa kukubona indlela elivela kaninzi ngayo igama likaThixo kwimibhalo yamandulo

4 Kucacile ke ukuba, igama likaThixo lifanele libekho eBhayibhileni. Kodwa iinguqulelo ezininzi azinalo. Ngokomzekelo, kwiminyaka nje emibini emva kokukhululwa kweNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, kwakhululwa iAmerican Standard Version. Inguqulelo ka-1901 yayinalo igama likaThixo, kodwa lakhutshwa kweka-1952. Ngoba? Abaguquleli bayo babevakalelwa kukuba “akufanelekanga kwaphela” ukusebenzisa igama likaThixo. Nezinye iinguqulelo ezininzi zesiNgesi nezezinye iilwimi, ziye zenza okufanayo.

5. Kutheni kubalulekile ukuba igama likaThixo libekho eBhayibhileni?

5 Kubalulekile na ukuba abaguquleli balisebenzise igama likaThixo? Ewe! UYehova, uMbhali weBhayibhile, ufuna abantu balazi igama lakhe. Umguquleli ofanelekayo umele ayazi into efunwa ngumbhali, ibe oko kumele kuchaphazele izigqibo azenzayo. Izibhalo ezininzi zibonisa ukuba igama likaThixo libalulekile, ibe limele lihlonelwe. (Eksodus 3:15; INdumiso 83:18; 148:13; Isaya 42:8; 43:10; Yohane 17:6, 26; IZenzo 15:14) Yiyo loo nto uYehova eye waphefumlela ababhali beBhayibhile ukuba balisebenzise igama lakhe kangangamawakawaka kwimibhalo yamandulo. (Funda uHezekile 38:23.) Ngoko ke, abaguquleli abamhloneli uYehova xa belikhupha igama lakhe.

6. Kutheni liye longezwa kwimibhalo emithandathu igama likaThixo kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha ehlaziyiweyo?

6 Ngoku, sinesizathu esingakumbi sokusebenzisa igama likaYehova. Livela izihlandlo eziyi-7 216 kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha ehlaziyiweyo ka-2013. Liye longezwa kwimibhalo emithandathu kule nguqulelo. Emihlanu ifunyenwe kwimiSongo Yolwandle Olufileyo yakutshanje. Ukanti, owesithandathu ufunyenwe komnye wemisongo yamandulo yeBhayibhile. * (Funda umbhalo osemazantsi.)

7, 8. Yintoni intsingiselo yegama elithi Yehova?

7 AmaKristu okwenyaniso ayazi ukuba kubalulekile ukuyiqonda ngokupheleleyo intsingiselo yegama likaThixo. Igama lakhe lithetha ukuthi “Ubangela Kubekho.” * (Funda umbhalo osemazantsi.) Kwiincwadi zethu, besikade silichaza igama likaThixo ngendlela elichazwe ngayo kwiEksodus 3:14 ethi: “Ndinguye lowo ndiya kuzingqina ndinguye.” Inguqulelo ka-1984 yachaza ukuba uYehova uzenza abe yiloo nto akhetha ukuba yiyo ukuze azalisekise izithembiso zakhe. * (Funda umbhalo osemazantsi.) Kodwa inguqulelo ka-2013 ithi: “Nangona igama likaYehova linayo loo ntsingiselo, akuphelelanga apho. Likwathetha nokuba wenza kwenzeke.”

8 UYehova wenza izidalwa zakhe zibe yiloo nto afuna zibe yiyo. Ngokomzekelo, wenza uNowa waba ngumakhi womkhombe, uBhetsaleli waba yingcibi, uGidiyon waba ligorha elikhulu, noPawulos waba ngumvangeli wasemazweni. Igama likaThixo libaluleke kakhulu kubantu bakhe, yiyo loo nto lisetyenzisiwe yiKomiti YeNguqulelo YeBhayibhile Yehlabathi Elitsha.

9. Kutheni kubaluleke kangaka ukuguqulelwa kweBhayibhile kwezinye iilwimi?

9 Liya lisanda inani leeBhayibhile ezingalisebenzisiyo igama likaThixo. Zisebenzisa igama elithi “Nkosi” okanye elothixo wasekuhlaleni. Seso sizathu kanye le nto iQumrhu Elilawulayo ligqibe kwelokuba kubekho inguqulelo elihlonelayo igama likaThixo. (Funda uMalaki 3:16.) Ngenxa yoko, igama likaYehova liye lahlonelwa kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha efumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwe-130, kuba yona iliqukile.

INGUQULELO ECACILEYO NECHANILEYO

10, 11. Ziziphi iingxaki eziye zakho xa bekuguqulelwa iNguqulelo Yehlabathi Elitsha kwezinye iilwimi?

10 Kuye kwakho iingxaki xa bekuguqulelwa iNguqulelo Yehlabathi Elitsha yesiNgesi kwezinye iilwimi. Ngokomzekelo, inguqulelo yesiNgesi isebenzise igama lesiHebhere elithi “iShiyol” kwiNtshumayeli 9:10 nakwezinye iivesi. Eli gama lisetyenzisiwe nakwezinye iiBhayibhile zesiNgesi. Kodwa abaguquleli bezinye iilwimi babe nengxaki, kuba abafundi abaninzi abalazi elo gama. Alikho kwizichazi-magama zabo, ibe abanye bebede bacinge ukuba ligama lendawo ethile. Ngenxa yoko, abaguquleli banikwe imvume yokuba baliguqulele ngokuthi “iNgcwaba” igama lesiHebhere elithi “iShiyol” nelesiGrike elithi “iHadesi.” Le nguqulelo ichanile, yaye icace ngakumbi.

11 Elinye igama ebeliyingxaki kwezinye iilwimi lelithi “umphefumlo.” Kwezo lwimi, eli gama libhekisela kwisiporho okanye into ethile ephumayo emzimbeni xa umntu esifa. Ukulungisa le ngxaki, abaguquleli baye banikwa imvume yokuguqulela umongo weli gama. Iintsingiselo zalo ezahlukahlukeneyo ziyafumaneka kwisihlomelo seNguqulelo Yehlabathi Elitsha. Ingcaciso yamagama esiHebhere nesiGrike ifakwe kwimibhalo esemazantsi kwinguqulelo ehlaziyiweyo, ukuze iBhayibhile ifundeke lula.

Ikomiti iye yahlola amawakawaka emibuzo evela kubaguquleli beBhayibhile ebudeni bokuhlaziywa kwale nguqulelo

12. Luluphi olunye utshintsho oluye lwenziwa kwinguqulelo ka-2013?

12 Imibuzo yabaguquleli iye yatyhila ezinye iindawo abantu abangaziqondi kakuhle eBhayibhileni. Ngoko ke, ngoSeptemba 2007 iQumrhu Elilawulayo liye lanikela imvume yokuba kuhlaziywe inguqulelo yesiNgesi. Ikomiti iye yahlola amawakawaka emibuzo evela kubaguquleli beBhayibhile ebudeni bokuhlaziywa kwale nguqulelo. Amagama esiNgesi angaqhelekanga aye akhutshwa kwafakwa aqhelekileyo, ukuze le nguqulelo ifundeke yaye iqondeke lula. Iinguqulelo zezinye iilwimi nazo zibe negalelo ekuphuculeni le yesiNgesi.—IMizekeliso 27:17.

UXABISO OLUNZULU

13. Abantu abaninzi bavakalelwa njani ngenguqulelo ka-2013?

13 Abantu abaninzi bavakalelwa njani ngeNguqulelo Yehlabathi Elitsha yesiNgesi ehlaziyiweyo? Ikomkhulu lamaNgqina kaYehova eBrooklyn, eNew York, liye lafumana amawakawaka eeleta ezibonisa indlela abazalwana noodade abayixabisa ngayo le nguqulelo. Abaninzi bavakalelwa njengomnye udade owabhala wathi: “Le Bhayibhile ifana nebhokisi ezaliswe ngamatye axabisekileyo. Ukuyifunda kufana nokubuka ilitye ngalinye elixabisekileyo uthe manga bubuhle nokukhazimla kwalo. Indlela elula ebhalwe ngayo indincedile ndamazi ngakumbi uYehova, ofana notata ondigonileyo ngoxa endifundela amazwi akhe amnandi.”

14, 15. Abantu bezinye iilwimi bavakalelwa njani ngeNguqulelo Yehlabathi Elitsha?

14 Kwanabantu abangathethi siNgesi bayixabisa gqitha iNguqulelo Yehlabathi Elitsha. Utata waseSofia, eBulgaria, wathi ngenguqulelo yabo: “Ndineminyaka ndifunda iBhayibhile, kodwa ndiyaqala ngqa ukufunda inguqulelo eqondeka lula kangaka nefikelela ngqo intliziyo.” Kanti udade waseAlbania yena wathi: “Alisemnandi nje iLizwi likaThixo ngesiAlbania! Siyixabisa nyhani into yokuba uYehova ethetha nathi ngolwimi lwethu!”

15 Kumazwe amaninzi, iBhayibhile inqabile okanye ixabiso layo lixhomile. Kuwo, yinyhweba ukufumana iBhayibhile! Ingxelo evela eRwanda ithi: “Kangangexesha elide, abantu abaninzi abafundelwa iBhayibhile bebengenzi nkqubela kuba bengenazo iiBhayibhile. Bebengenayo imali yokuthenga ezo zithengiswayo ecaweni. Nabanayo abawaqondi amagama athile asetyenzisiweyo, nto leyo ebenza bangabi nankqubela.” Enye intsapho yaseRwanda enabantwana abane, yathi emva kokufumana iNguqulelo Yehlabathi Elitsha: “Simbulela kakhulu uYehova kunye nekhoboka elithembekileyo neliyingqondi ngokusinika le Bhayibhile. Singamahlwempu yaye besingenayo imali yokuthengela lungu ngalinye lentsapho iBhayibhile. Kodwa ngoku ngamnye kuthi uneBhayibhile yakhe. Sibonisa umbulelo wethu kuYehova ngokuthi siyifunde njengentsapho iBhayibhile yonke imihla.”

16, 17. (a) Yintoni uYehova ayinqwenelela abantu bakhe? (b) Simele sizimisele ukwenza ntoni?

16 INguqulelo Yehlabathi Elitsha ehlaziyiweyo iza kufumaneka nangezinye iilwimi. USathana uzama ukuwuyekisa lo msebenzi, kodwa siyazi ukuba uYehova unqwenela abantu bakhe bamve njengoko ethetha nabo ngolwimi olucacileyo nolulula. (Funda uIsaya 30:21.) Kungekudala, “umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.”—Isaya 11:9.

17 Ngamana singazimisela ukusebenzisa sipho ngasinye esivela kuYehova, kuquka le nguqulelo ehlonela igama lakhe. Mvumele athethe nawe yonke imihla ngeLizwi lakhe. UYehova uyiphulaphula ngenyameko yonke imithandazo yethu. Olu nxibelelwano luya kusinceda simazi yaye simthande nangakumbi.—Yohane 17:3.

“Kulilungelo elikhulu ukuva uYehova ethetha nathi ngolwimi lwethu!”

^ isiqe. 2 Jonga inqaku elithi “Unokuyikhetha Njani Inguqulelo YeBhayibhile Esemgangathweni?” kwiMboniselo kaMeyi 1, 2008.

^ isiqe. 7 Yindlela leyo ezinye iincwadi ezilichaza ngayo, kodwa ezinye iingcali azivumelani noko.

^ isiqe. 7 Jonga iSihlomelo 1 esithi “Igama LikaThixo KwiZibhalo ZesiHebhere NakwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike,” iphepha 1894.