Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Lusebenzise Kakuhle Ulwimi Lwakho

Lusebenzise Kakuhle Ulwimi Lwakho

‘Amazwi omlomo wam makakukholise Yehova.’—INDUMISO 19:14.

IINGOMA: 82, 77

1, 2. Kutheni iBhayibhile ifanisa ulwimi lwethu nomlilo?

NGO-1871 umlilo watshisa amahlathi aseWisconsin, eMerika. Wanwenwa ngokukhawuleza watshabalalisa imithi emalunga neebhiliyoni ezimbini. Kwafa abantu abangaphezu kwe-1 200. Awukho umlilo owakha wabulala abantu njengalowo eMerika. Kubonakala ngathi iintlantsi zoololiwe ababedlula kwelo hlathi zizo ezabangela lo mlilo. Oku kusikhumbuza amazwi eBhayibhile athi: “Hayi indlela omncinane ngayo umlilo ofunekayo ukutshisa ihlathi elikhulu gqitha!” (Yakobi 3:5) Kwakutheni ukuze uYakobi athethe la mazwi?

2 Uchaza athi: “Kaloku, ulwimi lungumlilo.” (Yakobi 3:6) “Ulwimi” silusebenzisa xa sithetha. Njengomlilo, oko sikuthethayo kungabangela umonakalo omkhulu. Amazwi ethu anganempembelelo enkulu kwabanye. IBhayibhile ide ithi angathetha ubomi okanye ukufa kubo. (IMizekeliso 18:21) Kodwa ngaba oko kuthetha ukuba simele sithule kuba sisoyika ukuthetha kakubi? Hayi kaloku. Asiyeki ukuwusebenzisa umlilo kuba sisoyika ukutsha. Kunoko, siyalumka xa siwusebenzisa. Ngokomzekelo, siyapheka ngawo, siyazifudumeza yaye siyakhanyisa ngawo. Ngokufanayo, ukuba siyakulumkela oko sikuthethayo siya kudumisa uYehova size sakhe abanye.—INdumiso 19:14.

3. Ziziphi izinto ezintathu eziya kusinceda sikhuthaze abanye xa sithetha nabo?

3 UYehova wasidala sakwazi ukuxelela abanye izinto esizicingayo nendlela esivakalelwa ngayo enoba sithetha ngomlomo okanye ngezandla. Ngoko, sinokusisebenzisa njani esi sipho simangalisayo ukuze sikhuthaze abanye? (Funda uYakobi 3:9, 10.) Sifanele silazi ixesha lokuthetha, into yokuthetha nendlela yokuyithetha.

SIMELE SITHETHE NINI?

4. Simele sithule nini?

4 Ngamanye amaxesha kuhle ukuthula. IBhayibhile ithi “kukho ixesha lokuthi cwaka.” (INtshumayeli 3:7) Ngokomzekelo, siyathula xa abanye bethetha ukubonisa ukuba siyabahlonela. (Yobhi 6:24) Asithethi nangezinto eziyimfihlo abanye abangafanele bazazi. (IMizekeliso 20:19) Naxa sicatshukiswa, siya kuba silumkile xa sizola sithi cwaka.—INdumiso 4:4.

5. Sinokumbonisa njani uYehova ukuba siyasixabisa isipho solwimi?

5 Kodwa ngamanye amaxesha kuhle ukuthetha. (INtshumayeli 3:7) Kukho ixesha lokudumisa uYehova, elokukhuthaza abanye, elokuchaza indlela esivakalelwa ngayo nelokuxelela abanye into esiyifunayo. (INdumiso 51:15) Ukuba silusebenzisa ngale ndlela ulwimi, sibonisa uYehova ukuba siyasixabisa isipho sakhe. Kaloku, xa umhlobo ekuphe isipho esihle, uye usisebenzise kakuhle.

6. Kutheni kubalulekile ukukhetha ixesha elifanelekileyo lokuthetha?

6 Kutheni kubalulekile ukukhetha ixesha elifanelekileyo lokuthetha? IMizekeliso 25:11 ithi: “Linjengama-apile egolide kwinto yesilivere ekroliweyo ilizwi elithethwe ngexesha elifanelekileyo.” Mahle ama-apile egolide, kodwa angaba mahle nangakumbi xa ekwisitya sesilivere. Ngokufanayo, sisenokuba nento entle yokuthetha emntwini. Kodwa ukuba sikhetha ixesha elifanelekileyo lokuyithetha, sinokumnceda kakhulu loo mntu. Singakwenza njani oku?

7, 8. AmaNgqina aseJapan amxelisa njani uYesu?

7 Ukuba sithetha ngexesha elingafanelekanga, abantu basenokungakuqondi okanye bangakwamkeli oko sikuthethayo. (Funda iMizekeliso 15:23.) Ngokomzekelo, ngoMatshi 2011 inyikima netsunami zatshabalalisa izixeko ezininzi kwimpuma yeJapan. Kwafa abantu abangaphezu kwe-15 000. Nangona amaNgqina kaYehova amaninzi afelwa ngamalungu entsapho nabahlobo, ayefuna ukusebenzisa iBhayibhile ukunceda abanye ababekwimeko efanayo. Kodwa ayesazi ukuba abaninzi kwabo bantu babengamaBhuda ibe babengenalwazi lungako ngeBhayibhile. Ngoko kunokuba abaxelele ngovuko, abathuthuzela aza abachazela isizathu sokuba abantu abalungileyo besehlelwa zizinto ezimbi.

8 Loo maNgqina axelisa uYesu. Wayelazi ixesha lokuthula nelokuthetha. (Yohane 18:33-37; 19:8-11) Wayelinda ixesha elifanelekileyo ukuze afundise abafundi bakhe izinto ezithile. (Yohane 16:12) NamaNgqina aseJapan alinda ixesha elifanelekileyo ukuze axelele abantu ngovuko. Alinda iminyaka emibini enesiqingatha emva kwetsunami, ngaphambi kokuba anike abantu iphecana elithi Ngaba Abafi Bangaphinda Baphile Kwakhona? Abaninzi bathuthuzelwa koko bakufundayo kwelo phecana. Nathi simele sicinge ngezithethe neenkolelo zabantu esishumayela kubo, size sikhangele ixesha elifanelekileyo lokuthetha nabo.

Yiba nomonde, uze ukhangele elona xesha lifanelekileyo abanokuphulaphula ngalo abantu

9. Ziziphi ezinye iimeko esimele silinde kuzo ixesha elifanelekileyo lokuthetha?

9 Ziziphi ezinye iimeko esimele silinde kuzo ixesha elifanelekileyo lokuthetha? Mhlawumbi omnye umntu uthethe into eye yakukhubekisa. Kunokuba uphendule ngoko nangoko uze uthethe into oya kuzisola ngayo, uya kuba ulumkile ukuba uyathula uze uzibuze ukuba, ‘Ngaba nyhani ebefuna ukundikhubekisa? Ngaba kuyimfuneko ukuba ndimthethise?’ Kusenokuba kokona kungcono ukuthula. Kodwa ukuba kukho isizathu esivakalayo sokuba uthethe naye, ufanele ulinde de wehle umsindo. (Funda iMizekeliso 15:28.) Okanye usenokuba ufuna ukukhuthaza amalungu entsapho angengomaNgqina ukuba afunde ngoYehova. Yiba nomonde, ucingisise ngoko uza kukuthetha uze ukhangele elona xesha lifanelekileyo anokuphulaphula ngalo.

SIMELE SITHINI?

10. (a) Kutheni simele siwakhethe amazwi esiwathethayo? (b) Yiyiphi indlela yokuthetha esimele siyiphephe?

10 Oko sikuthethayo kusenokufana nokugalela iyeza okanye ityuwa enxebeni. (Funda iMizekeliso 12:18.) Abantu abaninzi kweli hlabathi likaSathana bathetha ‘amazwi akrakra’ nahlaba ‘njengotolo’ okanye ‘ikrele’ kuba befuna ukucaphukisa nokuvisa abanye ubuhlungu. (INdumiso 64:3) Abaninzi bawufunda lo mkhwa kwiimuvi nakwiinkqubo zeTV abazibukelayo. Kodwa wona amaKristu awasebenzisi mazwi arhabaxa nabuhlungu, nokuba sele eqhula. Ukuqhula kumnandi, kodwa asimele siphoxise ngabanye ngenjongo yokubahlazisa kuba nje sifuna kuhlekwe. IBhayibhile ithi amaKristu awamele ‘atshabhise.’ Iphinde ithi: “Makungaphumi lizwi libolileyo emlonyeni wenu, kodwa mayibe lelilungele ukwakha njengoko kusenokuba yimfuneko, ukuze libanike oko kukholekileyo abevayo.”—Efese 4:29, 31.

11. Yintoni enokusinceda sithethe kakuhle?

11 UYesu wathi “umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.” (Mateyu 12:34) Oku kuthetha ukuba izinto esizithethayo zinokubonisa eyona nto siyicingayo. Ukuba siyabathanda abantu yaye sibakhathalele, siya kuthetha nabo kakuhle. Siya kuthetha izinto ezakhayo nezikhuthazayo.

12. Yintoni enye enokusinceda sithethe kakuhle?

12 Akululanga ukuthetha kakuhle. Nangona uKumkani uSolomon wayesisilumko, “waphonononga waza wafuna ngokucokisekileyo” ukuze abhale izinto ezichanileyo nekumnandi ukuzifunda. (INtshumayeli 12:9, 10) Yintoni enokusinceda siyazi into emasiyithethe? IBhayibhile neencwadi zethu zingasinceda siyiphucule indlela esithetha ngayo. Sinokufunda intsingiselo yamagama ebesingawaqondi. Sinokufunda nakumzekelo kaYesu ukuze sithethe ngendlela eyakhayo. Wayeyazi kakuhle into amakayithethe ngoba uYehova wayemfundisile ‘indlela yokuphendula odiniweyo ngelizwi elilungileyo.’ (Isaya 50:4) Kubalulekile nokucinga indlela eziza kungena ngayo kwabanye izinto esizithethayo. (Yakobi 1:19) Zibuze: ‘Ukuba ndiyayithetha le nto, ngaba lo mntu uza kuyiqonda kakuhle? Uza kuvakalelwa njani?’

13. Kutheni simele sithethe into ecacileyo?

13 KwaSirayeli kwakuvuthelwa amaxilongo ahlukahlukeneyo xa kuhlatyw’ ikhwelo. Elinye lalivuthelwa xa kuhlanganiswa abantu. Elinye lalithetha ukuba amajoni mawahlasele. Khawucinge into eyayinokwenzeka emkhosini ukuba ixilongo lalingacaci! IBhayibhile ifanisa isandi esicacileyo sexilongo namazwi aqondakala lula. Ukuba asizicacisi izinto, abantu banokubhideka okanye bakholelwe into engeyiyo. Kodwa ke, nangona sifuna icace into esiyithethayo, masilumke singehl’ entloko okanye sidelele.—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 14:8, 9.

14. Chaza umzekelo obonisa ukuba uYesu wayethetha ngendlela ekulula ukuyiqonda.

14 KuMateyu isahluko 5-7 sibona umzekelo wendlela uYesu awawakhetha ngayo amazwi akhe ukuze aqondwe lula. Kule ntshumayelo, akazange abaquzele abantu okanye atheth’ intw’ eninzi engeyomfuneko kuba nje efun’ ukubashiya bebamb’ ongezantsi. Kwakhona, akazange athethe izinto ezaziza kubakhathaza. UYesu wafundisa izinto ezibalulekileyo nezinentsingiselo ebanzi, kodwa kwakulula ukumva ukuba uthini. Ngokomzekelo, uYesu wayefuna ukuqinisekisa abafundi bakhe ukuba abafanele babe nexhala lokuba baza kutya ntoni suku ngalunye. Ngoko wabachazela ukuba uYehova usoloko ezondla iintaka. Emva koko wababuza: “Anixabisekanga ngaphezu kwazo na?” (Mateyu 6:26) Ngaloo mazwi nje alula, uYesu wabanceda bafunda isifundo esibalulekileyo baza bakhuthazeka.

SIMELE SITHETHE NJANI NABANYE?

15. Kutheni simele sithethe ngembeko?

15 Ibaluleke kakhulu indlela esithetha ngayo nabanye. Abantu babekuthanda ukummamela uYesu kuba wayethetha ‘kamnandi,’ nangembeko. (Luka 4:22) Xa sinembeko, abantu baya kusimamela baze bayamkele into esiyithethayo. (IMizekeliso 25:15) Siya kuthetha kakuhle nabantu xa sibahlonela yaye siyikhathelele indlela abavakalelwa ngayo. Yiloo nto kanye eyenziwa nguYesu. Ngokomzekelo, xa wabona abantu abaninzi bezama ukummamela, wabamkela waza wabafundisa. (Marko 6:34) Naxa wayethukwa ngabantu, uYesu akazange athi, ‘Nani!’—1 Petros 2:23.

16, 17. (a) Singamxelisa njani uYesu xa sithetha neentsapho zethu nabahlobo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.) (b) Ukuthetha kakuhle komnye umama kwanceda njani?

16 Nangona siyithanda intsapho yethu nabahlobo, sisenokungahoyi xa sithetha nabo kuba sibaqhelile. Sisenokucinga ukuba singathetha nanjani na nabo. Kodwa uYesu akazange nanini na athethe kakubi nabahlobo bakhe. Xa babephikisana ngokuba ngubani omkhulu kubo, wabalungisa ngobubele waza wabenzela umzekelo ngomntwana ukuze abancede balungise indlela ababecinga ngayo. (Marko 9:33-37) Abadala banokuxelisa umzekelo kaYesu ngokuba nobubele xa beluleka abanye.—Galati 6:1.

17 Naxa umntu ethetha into esicaphukisayo, kunokunceda ukuthetha ngobubele. (IMizekeliso 15:1) Ngokomzekelo, umfana okwishumi elivisayo owayekhuliswa ngumama ongenamyeni, wayesenza izinto ezimbi ngoxa esenza ngathi ukhonza uYehova. Omnye udade ebandleni owayemsizela lo mama wathi: “Owu torhwana woyisakele ekumkhuliseni.” Lo mama wacinga ngaphambi kokuba athethe, waza wathi: “Yinyaniso kona ukuba izinto azihambi kakuhle ngoku, kodwa yima nje wena uza kubona. Uz’ uphind’ ubuyele kum emva kweArmagedon.” Kuba lo mama engazange amphoxe lo dade, baqhubeka bengabahlobo. Kanti nonyana wayiva into eyathethwa ngumama wakhe, waza waqonda ukuba akakamncami. Ngoko wohlukana nabahlobo bakhe ababi, wabhaptizwa, waza kamva waya kukhonza eBheteli. Enoba sithetha nabazalwana bethu, iintsapho zethu, okanye abantu esingabaziyo, ngalo lonke ixesha amazwi ethu, “makasoloko ekholekile, enongwe ngetyuwa.”—Kolose 4:6.

18. Sinokuwuxelisa njani umzekelo kaYesu kwindlela esithetha ngayo?

18 Ukukwazi ukuxelela abanye oko sikucingayo nendlela esivakalelwa ngayo sisipho esimangalisayo esivela kuYehova. Ukuba sixelisa umzekelo kaYesu, siya kukhetha ixesha elifanelekileyo lokuthetha, siyilumkele indlela esithetha ngayo, size sithethe ngobubele. Ngoko amazwi ethu masiwasebenzisele ukukhuthaza abanye size sivuyise uYehova.