Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI LOBOMI

Ndaba Seluxolweni NoThixo Nomama

Ndaba Seluxolweni NoThixo Nomama

UMAMA wandibuza: “Kutheni ungazinquli nje ngoku izinyanya? Awazi na ukuba uphila nje kungenxa yazo? Awusazibuleli ngoku? Uwayeka njani amasiko eminyaka? Lilonke uthi bubudenge ukunqula kwethu izinyanya.” Umama walila emva koku.

Kwiinyanga ezimbalwa ngaphambi koko, amaNgqina kaYehova ayecele ukumqhubela isifundo seBhayibhile umama. Wayengenamdla, kodwa kuba esonqen’ ukuwaphoxa wathi mawafunde nam. Kodwa wandiqumbela, nto leyo ndandingayiqhelanga kuba ndandisoloko ndimthobela. Noko ke, andizange ndimthobele ngesi isihlandlo, kuba ndifuna ukuvuyisa uYehova. Kwakungekho lula, kodwa uYehova wandomeleza.

UKUFUNDA NGOYEHOVA

SasingamaBhuda ekhaya, njengoba abantu abaninzi eJapan bengawo. Kodwa emva kokufunda iinyanga ezimbini kunye namaNgqina kaYehova, ndaqiniseka ukuba iBhayibhile inyanisile. Xa ndafundayo ukuba ndinoBawo osemazulwini, ndafuna nyhani ukumazi. Ekuqaleni, mna nomama sasithanda ukuncokola ngezinto endandizifunda. Ndaqalisa ukuya kwiintlanganiso zangeCawa kwiHolo yoBukumkani. Njengoko ndandiqhubeka ndifunda, ndaxelela umama ukuba ndiza kuyeka ukuba ngumBhuda. Ngoko nangoko isimo sakhe sengqondo satshintsha. Wathi, “Ukuba nomntu ongazithandiyo izinyanya kule ntsapho, lihlazo lodwa elo.” Wandinyanzela ukuba ndiyeke ukufunda iBhayibhile nokuya ezintlanganisweni. Zange ndayicinga into yokuba umama angaze athethe olo hlobo! Yayingathi andimazi.

Utata wavumelana nomama. Ndandifundile kumaEfese isahluko 6 ukuba uYehova ufuna ndibathobele abazali bam. Ndandifuna kubekho uxolo kwakhona ekhaya, ibe ndandisithi ukuba ndiyabamamela, nabo ekugqibeleni baya kundimamela. Ngelo xesha ndandiza kubhala iimviwo, ngoko ndavuma ukwenza oko kwakufunwa ngabazali bam kangangeenyanga ezintathu. Kodwa ndamthembisa uYehova ukuba ndiza kuphinda ndiye ezintlanganisweni emva kokuphela kwezo nyanga.

Isigqibo sam sasingachananga ngezizathu ezibini. Okokuqala, ndandicinga ukuba emva kwezo nyanga zintathu ndandiza kube ndisenawo umnqweno wokukhonza uYehova. Kunoko, ubuhlobo bam kunye naye behla ngokukhawuleza. Okwesibini, umama notata bazama ngakumbi ukundiyekisa ukukhonza uYehova.

UNCEDO NENKCASO

KwiHolo yoBukumkani ndadibana namaNgqina amaninzi nawo awayechaswa ziintsapho zawo. Andiqinisekisa ukuba uYehova uya kundomeleza. (Mateyu 10:34-37) Andichazela ukuba ngokuhlala kwam ndithembekile kuYehova, ndinokuyinceda intsapho yam ifunde ngaye. Ndandifuna ukuthembela ngoYehova, ngoko ndaqalisa ukuthandaza ngamandla.

Intsapho yasekhaya yandichasa ngeendlela ezahlukeneyo. Umama wazama ukundiqiqisa, endicenga ukuba ndiyeke ukufunda iBhayibhile. Amaxesh’ amaninzi bendizithulela. Apho ndithethe khona besixabana, kuba sobabini sicinga ukuba sichanile. Ngoku ndiyayiqonda into yokuba ukuba ndandizihlonela iimvakalelo neenkolelo zikamama, izinto ngezazingcono. Abazali bam bandinika umsebenzi omninzi owawuza kundigcina ndisendlwini. Ngamany’ amaxesha, babenditshixela phandle okanye bandivimb’ ukutya.

Umama wacela abanye abantu ukuba bandicenge. Wathetha notitshala wam, kodwa akusebenzanga oko. Wandisa nakumqeshi wakhe ukuze andiqiqise ngelithi zonke iinkonzo zibubuvuvu. Wade wafowunela nezalamane zethu ekhala ezicenga ukuba zimncede. Kwandicaphukisa kakhulu oku. Kodwa ezintlanganisweni, abadala bandikhumbuza ukuba xa umama ethetha kwabanye ngemeko yethu, wayeshumayela kubo.

Abazali bam babefuna ndiye eyunivesithi ukuze ndifumane umsebenzi obhadlileyo. Sasisoloko sixabana xa sithetha ngale nto, ngoko ndababhalela uthotho lweeleta ndibachazela ngosukelo lwam. Utata wavutha ngumsindo waza wathi: “Ukuba ucing’ ukuba ungawufumana umsebenzi, wufumane ngomso okanye uphum’ uphele endlwini yam.” Ndathandaza kuYehova ndimcela ukuba andincede. Ngengomso, ngoxa ndandisentsimini, ndanikwa umsebenzi ngoodade ababini wokufundisa abantwana babo. Zange imvuyise loo nto utata, ngoko wayeka ukundithethisa. Umama yena wathi ngekungcono nokuba bendisisikrelemnqa kunokuba liNgqina likaYehova.

UYehova wandinceda ndatshintsha indlela endandicinga ngayo, ndayazi nento endimele ndiyenze

Ngamany’ amaxesha bendingaqiniseki ukuba uYehova wayefuna ndibaxhathise ngale ndlela abazali bam. Ngoko ndathandaza kuYehova ndaza ndacamngca ngoko iBhayibhile ikuthethayo ngothando lwakhe. Oku kwaliqinisa ithemba lam, ndaza ndaqonda ukuba abazali bam babendichasa kuba bekhathazekile ngam. UYehova wandinceda ndatshintsha indlela endandicinga ngayo, ndayazi nento endimele ndiyenze. Kwakhona, ukuya rhoqo entsimini, kwandenza ndavuya ngakumbi. Ndandifuna nyhani ukuba nguvulindlela.

UKUBA NGUVULINDLELA

Xa abanye oodade beva ukuba ndifuna ukuba nguvulindlela, bathi mandilinde de inkcaso yabazali bam ithothe. Ndathandazela ubulumko, ndenza uphando, ndacinga ngezizathu zokuba ndifune ukuba nguvulindlela, ndaza ndathetha nabazalwana noodade abanamava. Emva koko ndenza isigqibo sokuba ndifuna ukuvuyisa uYehova. Kwakhona ndaqonda ukuba nokuba ndandinokulinda ixesha elithile ngaphambi kokuqalisa ubuvulindlela, abazali bam babesenokungayeki ukundichasa.

Ndaqalisa ubuvulindlela kunyaka wam wokugqibela esikolweni. Emva konyaka ndinguvulindlela, ndaba nomdla wokuya kukhonza apho kukho indingeko enkulu. Kodwa umama notata babengafuni ndimke ekhaya. Ngoko ndalinda de ndaneminyaka eyi-20 ubudala, ndaza ndacela iofisi yesebe ukuba indithumele kwindawo ekufutshane nezalamane zam emazantsi eJapan, ukuze umama angakhathazeki kakhulu.

Ngoxa ndikhonza apho, ndavuyiswa kukubona izifundo zam zeBhayibhile ezininzi zibhaptizwa. Ndaqalisa ukufunda isiNgesi, kuba ndandifuna ukuyandisa inkonzo yam. Kwakhona, ndathi ndakubona inzondelelo yoovulindlela abakhethekileyo ababini ababesebandleni lam, nendlela ababebanceda ngayo abanye, ndagqiba kwelokuba nam ndibe nguvulindlela okhethekileyo. Ngelo xesha umama wagula kakhulu kwada kwakabini, ibe ngazo zozibini ezo zihlandlo ndagoduka ukuze ndimncede. Kwammangalisa oku, waza wanobubele noko kum.

IINTSIKELELO EZININZI EZIVELA KUYEHOVA

Kwiminyaka esixhenxe kamva, uAtsushi, omnye woovulindlela abakhethekileyo endithethe ngabo ngaphambili, wandibhalela ileta. Wayenomdla wokutshata, efuna ukuqonda ukuba mna ndicinga ntoni ngaye. Andizange ndayicinga loo nto, ibe ndandingaqondi ukuba naye undijonge ngaloo ndlela. Ndamphendula emva kwenyanga, ndasivuma isicelo sakhe. Saqaphel’ ukuba iminqweno yethu iyafana. Sasifuna ukuqhubeka nenkonzo yexesha elizeleyo, ibe sasikulungele ukwamkela nasiphi na isabelo. Ekuhambeni kwexesha satshata. Yandivuyisa gqitha into yokubona umama notata, kwanezinye izalamane zam zikhona emtshatweni wethu.

INepal

Kungabanga kudala emva koko, ngoxa sasingoovulindlela abathe ngxi, uAtsushi wamiselwa njengomveleli wesiphaluka obambeleyo. Emva koko, saba ngoovulindlela abakhethekileyo saza kamva saba sesiphalukeni. Sakuba siwatyelele onke amabandla esiphalukeni sethu kumjikelo wokuqala, safowunelwa yiofisi yesebe. Yasibuza ukuba sikulungele na ukufudukela eNepal size siqhubeke apho nomsebenzi wokujikeleza.

Ukukhonza kumazwe ahlukahlukeneyo kundifundise lukhulu ngoYehova

Ndandikhathazekile kukuba abazali bam babesenokungathandi ndifudukele kude kangako. Ndabafowunela, waza utata wathi, “Niya endaweni entle kakhulu.” Kwisithuba nje seveki ngaphambili, wayenikwe ngumhlobo wakhe incwadi ethetha ngeNepal, ibe wayecinga ngokutyelela apho.

Sasikuvuyela ukuba kunye nabantu baseNepal abanobubele. Kamva, kongezelelwa iBangladesh kwisiphaluka sethu. Nangona yayikufuphi neNepal, yayahluke kakhulu. Sasidibana neemeko ezahlukahlukeneyo entsimini yethu. Emva kweminyaka emihlanu saphinda sathunyelwa eJapan, apho sisakhonza khona nangoku emsebenzini wesiphaluka.

Ndifunde okuninzi ngoYehova ngoxa ndikhonza eJapan, eNepal naseBangladesh. Abantu kula mazwe banezithethe, amasiko nemikhwa eyahlukeneyo. Yaye mntu ngamnye wohlukile. Ndiyibonile indlela uYehova abanyamekela nabamkela ngayo abantu, abancede yaye abasikelele.

Ndinezinto ezininzi endinokumbulela ngazo uYehova. Uye wandivumela ukuba ndimazi ndize ndenze umsebenzi wakhe, waza wandinika indoda efanelekileyo yomKristu. UThixo uye wandinceda ndenza izigqibo ezifanelekileyo, ibe ngoku ndinobuhlobo obuhle kunye nentsapho yasekhaya. Ndiyambulela uYehova kuba mna nomama siphinde sangabahlobo. Ndinombulelo omkhulu ngokuba seluxolweni noThixo kunye nomama.

Kusivuyisa kakhulu ukujikeleza