Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yiba Noxabiso Ngokupha KukaYehova

Yiba Noxabiso Ngokupha KukaYehova

UYEHOVA nguThixo ophayo. (Yakobi 1:17) Oku sikubona kwindalo yakhe yeenkwenkwezi ezizalise isibhakabhaka, nezityalo ezihombise umhlaba.—INdumiso 65:12, 13; 147:7, 8; 148:3, 4.

Umbhali weNdumiso 104 wayenoxabiso olukhulu ngayo yonke indalo kaYehova, ngoko wabhala ingoma yokumdumisa. Xa ufunda loo ndumiso, ngaba nawe unoxabiso njengomdumisi? Wathi: “Ndiza kumvumela uYehova ubomi bam bonke; ndiza kumculela uncuthu lwengoma uThixo wam logama nje ndisekho.” (INdumiso 104:33) Wena awufuni kwenza oko?

OWONA MZEKELO MKHULU WOKUPHA

UYehova ufuna sixelise umzekelo wakhe wokupha. Ibe usinike izizathu ezihle zokuba nathi siphe. Waphefumlela umpostile uPawulos ukuba abhale athi: “Bayale abo bazizityebi kule nkqubo yezinto ukuba bangaziphakamisi, bangathembeli kubutyebi obungaqinisekanga, kodwa mabathembele kuThixo, osinika zonke izinto ngokobutyebi ukuze sizinandiphe; mabenze okulungileyo, batyebe emisebenzini emihle, bangagogotyi lutho, balungele ukwabelana, ngokwenjenjalo baya kuba baziqwebela isiseko esihle nesikhuselekileyo sekamva, esikhokelela kubomi benene.”—1 Timoti 6:17-19.

Kwileta yakhe yesibini eyayisiya kwabaseKorinte, uPawulos wachaza indlela esimele siphe ngayo. Wathi: “Ngamnye makenze kanye njengoko egqibile entliziyweni yakhe, kungekhona ngokukrokra okanye ngokunyanzelwa, kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.” (2 Korinte 9:7) Ngubani esimncedayo xa sisipha? UPawulos wathi sinceda abanye ngokubanika oko bakudingayo, kodwa nathi siyancedakala kuba uYehova uya kusisikelela.—2 Korinte 9:11-14.

Emva koko, uPawulos wathetha ngesipho esikhulu sikaThixo wathi: “Makubulelwe kuThixo ngenxa yesipho sakhe sesisa esingathethekiyo.” (2 Korinte 9:15) ‘Isipho sesisa’ sikaYehova siquka zonke izinto ezintle asinika zona ngoYesu Kristu. Siswele amazwi okuchaza indlela esixabiseke ngayo esi sipho.

Singabonisa njani ukuba siyakuxabisa oko uYehova noYesu basenzele kona, nabaseza kukwenza? Singabonisa ngokuthi sinikele ngexesha lethu, amandla ethu, nangezinto zethu eziphathekayo ukuze zisetyenziselwe ukunqula uYehova nokunceda abanye bafunde ngaye. Singakwenza oku enoba sizizityebi okanye siswele.—1 Kronike 22:14; 29:3-5; Luka 21:1-4.