Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 37

“Ndiza Kuzigungqisa Zonke Iintlanga”

“Ndiza Kuzigungqisa Zonke Iintlanga”

“Ndiza kuzigungqisa zonke iintlanga, zize izinto ezixabisekileyo zazo zonke iintlanga zingene.”​—HAG. 2:7.

INGOMA 24 Yiza Entabeni KaYehova

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. Yeyiphi inyikima uHagayi awathi iza kwenzeka ngexesha lethu?

 “EMVA kwemizuzu embalwa iqalile inyikima, iivenkile nezakhiwo ezidala zavele zadilika.” “Bonke abantu babothukile. Abanye babesithi yonke le nto yenzeke nje ngemizuzu emibini. Kodwa kum, kwaba ngathi ibe lixesha elide.” La mazwi, athethwa ngabantu abasinda kwinyikima eyayiseNepal ngo-2015. Ukuba nawe wakhe wehlelwa yinto eyoyikeka ngolu hlobo, soze uyilibale.

2 Nathi sehlelwa yinyikima engafaniyo nezinye ngoku sithethayo. Kodwa le, ayenzeki kwidolophu okanye elizweni elinye. Yenzeka kuzo zonke iintlanga ibe seyinexesha elide isenzeka. UHagayi, waprofeta ngayo wathi: “Kuba uthi uYehova wemikhosi, ‘Kungekudala, ndiza kuphinda ndiwagungqise amazulu nomhlaba, ulwandle nomhlaba owomileyo.’”​—Hag. 2:6.

3. Inyikima athetha ngayo uHagayi yahluke njani kwiinyikima esidla ngokuba nazo?

3 Le nyikima athetha ngayo uHagayi, ayiyo le idiliza izakhiwo izitshabalalise. Kodwa iza nezinto ezintle. UYehova uthi: “Ndiza kuzigungqisa zonke iintlanga, zize izinto ezixabisekileyo zazo zonke iintlanga zingene; yaye ndiza kuyigcwalisa ngozuko le ndlu.” (Hag. 2:7) Esi siprofeto sasithetha ukuthini kwabo babephila ngexesha likaHagayi? Sithetha ntoni kuthi namhlanje? Loo mibuzo, siza kuyiphendula kweli nqaku, sibone nendlela esinokuncedisa ngayo xa kugungqiswa iintlanga namhlanje.

UMYALEZO OWAWUQINISA UKHOLO

4. Kwakutheni ukuze uYehova athume umprofeti uHagayi kubakhonzi bakhe?

4 Umprofeti uHagayi wanikwa umsebenzi obalulekileyo nguYehova. Kodwa ngaphambi koko, nantsi into eyenzekayo. Mhlawumbi wayengomnye wabantu ababebuyela eYerusalem besuka eBhabhiloni ekuthinjweni ngo-537 B.C.E. Xa befika eYerusalem, aba bakhonzi bathembekileyo, baqalisa ukwakha iindonga zetempile. (Ezra 3:8, 10) Kodwa bathi besenza loo msebenzi kwenzeka into eyabatyhafisayo. Aba bakhonzi bakaYehova bade bayeka nokusebenza. Kaloku abantu baseYerusalem, babengayifuni le nto bayenzayo. (Ezra 4:4; Hag. 1:1, 2) Ngo-520 B.C.E., uYehova wathuma uHagayi ukuba ancede amaYuda aqale apho ebewuyeke khona umsebenzi, aze awakhuthaze ukuba awugqibe. *​—Ezra 6:14, 15.

5. Yintoni eyayisenza umyalezo kaHagayi uqinise ukholo lwabantu bakaYehova?

5 Umyalezo kaHagayi wawufanele uncede amaYuda abe nokholo kuYehova. Wawaxelela la mazwi akhuthazayo: “‘Yomelelani nani bantu beli lizwe,’ utsho uYehova, ‘nize nisebenze.’ ‘Kuba ndinani,’ utsho uYehova wemikhosi.” (Hag. 2:4) Amazwi athi, “uYehova wemikhosi” afanele ukuba awenza anokholo oluqinileyo kuYehova. Kaloku uYehova unomkhosi omkhulu weengelosi, azixelela into emaziyenze. Ngoko amaYuda ayefanele amthembe ukuze aphumelele.

6. Yintoni eyayiza kwenzeka emva kokugungqiswa awathetha ngako uHagayi?

6 UYehova wathuma uHagayi ukuba axelele amaYuda ukuba uza kugungqisa zonke iintlanga. Lo myalezo kaHagayi wawakhuthaza loo maYuda ayesakha itempile. Amthemba uYehova ukuba uza kuyigungqisa iPersi eyayiphethe lonke ihlabathi ngelo xesha. Yintoni eyayiza kwenzeka emva kokugungqiswa kwePersi? Okokuqala, abantu bakaThixo, babeza kugqiba ukuyakha itempile. Enye into, nabantu abangengomaYuda babeza kukhonza uYehova kuloo tempile iphinde yakhiwa. Nyhani, lo myalezo kaHagayi ufanele ukuba wawubakhuthaza abantu bakaThixo.​—Zek. 8:9.

UMSEBENZI OGUNGQISA IHLABATHI LONKE

Ngaba uncedisa ngamandla akho onke kumsebenzi wokugungqisa owenziwayo emhlabeni namhlanje? (Jonga isiqendu 7-8) *

7. Ngowuphi umsebenzi wokugungqisa esincedisayo kuwo namhlanje? Cacisa.

7 Sithetha ntoni isiprofeto sikaHagayi kuthi namhlanje? UYehova ugungqisa zonke iintlanga namhlanje ibe nathi siyancedisa kulo msebenzi. Ngo-1914 uYehova wenza uYesu Kristu wanguKumkani woBukumkani Bakhe basezulwini. (INdu. 2:6) Zange bavuye abalawuli behlabathi xa obo Bukumkani baqalisa ukulawula. Kaloku le nto yayithetha ukuba “ixesha ezilinikiweyo iintlanga,” lokulawula kookumkani bazo abangameli uYehova, liphelile. (Luka 21:24) Ngenxa yaloo nto, ukususela ngo-1919 abantu bakaYehova, bebexelela wonke umntu ukuba uBukumkani BukaThixo bubo obuza kunceda bonke abantu. Lo msebenzi wokushumayela “iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani” uligungqisile lonke ihlabathi.​—Mat. 24:14.

8. NgokweNdumiso 2:1-3, zenze ntoni iintlanga zakuva umyalezo woBukumkani?

8 Bathini abantu xa besiva lo myalezo? Abaninzi abawuthandi. (Funda iNdumiso 2:1-3.) Iintlanga zinexhala. Azimfuni uKumkani okhethwe nguYehova. Kuzo, umyalezo esishumayela ngawo woBukumkani, ‘ayizondaba zilungileyo.’ Abanye oorhulumente bade bawuyekisa umsebenzi wokushumayela. Abalawuli abaninzi beentlanga bathi bakhonza uThixo, kodwa abafuni kumyeka alawule. Nabo njengabalawuli bexesha likaYesu, abamfuni uKumkani okhethwe nguThixo. Loo nto bayenza ngokuphatha kakubi abalandeli bakaYesu.​—IZe. 4:25-28.

9. Uthini uYehova ngale nto yokuba iintlanga zingafuni ukumkhonza?

9 Uthini yena uYehova ngale nto yenziwa ziintlanga? INdumiso 2:10-12 ithi: “Ngoku ke, nina bokumkani, sebenzisani ingqondo; vumani nilungiswe, nina bagwebi bomhlaba. Mkhonzeni uYehova nisoyika, nivuye ningcangcazela. Mhlonipheni unyana, okanye uThixo uza kucaphuka nize nitshabalale, kuba umsindo wakhe uyakhawuleza. Bonwabile bonke ababalekela kuye.” UYehova uthi kwaba bantu, banokukhetha ukumkhonza. Basenalo ithuba lokutshintsha bavume ukulawulwa buBukumkani bakhe. Kodwa ixesha liyaphela. ‘Sikwimihla yokugqibela’ yeli hlabathi. (2 Tim. 3:1; Isa. 61:2) Ngoku lixesha lokuba abantu bakhawulezise bafunde inyaniso ngoThixo baze bamkhonze.

ABANYE ABANTU BAYAVUYISWA NGUMSEBENZI WOKUGUNGQISA

10. Yintoni eza kwenziwa ngumsebenzi wokugungqisa ekuthethwa ngawo kuHagayi 2:7-9?

10 Abanye abantu bayavuyiswa ngumsebenzi wokugungqisa awathetha ngawo uHagayi. Wathi lo msebenzi uza kwenza “izinto ezixabisekileyo zazo zonke iintlanga” zikhonze uYehova. * (Funda uHagayi 2:7-9.) UIsaya noMika nabo bayithetha le nto besithi iza kwenzeka “ekupheleni kwemihla.”​—Isa. 2:2-4; Mika 4:1, 2.

11. Omnye umzalwana wenza ntoni akuva ngomyalezo woBukumkani?

11 Khawucinge ngento eyenziwa nguKen, umzalwana osebenza kwikomkhulu lehlabathi akuva umyalezo woBukumkani. Usayikhumbula kakuhle into eyenzekayo xa weva lo myalezo kwiminyaka eyi-40 eyadlulayo. Uthi: “Ndavuya kakhulu xa ndafunda eBhayibhileni ukuba siphila kwimihla yokugqibela yeli hlabathi. Ndabona nokuba ukuze ndithandwe nguYehova ndize ndifumane nobomi obungunaphakade, kwakufuneka ndiziyeke izinto ezenziwa kweli hlabathi, ndizimisele ekukhonzeni uYehova. Ndathandaza ndaza ndenza kanye loo nto. Ndayeka ukuzithanda izinto ezenziwa kweli hlabathi, ndavuma ukukhuselwa buBukumkani BukaThixo obungasoze buyeke ukulawula.”

12. Kwenzeke njani ukuba itempile kaThixo igcwaliswe luzuko kule mihla yokugqibela?

12 Izicacele into yokuba uYehova ebesoloko ebasikelela abantu bakhe. Kule mihla yokugqibela, sibone lisanda inani labo bamkhonzayo. Ngo-1914, babengabaninzanga kakhulu abantu ababemkhonza. Ngoku bangaphezu kwe-8 miliyon. Kanti ke kukho nezinye iimiliyon eziye zibekho eSikhumbuzweni, unyaka nonyaka. “Izinto ezixabisekileyo zazo zonke iintlanga” ziyangena kwitempile kaThixo eyintlangano yakhe. Xa abantu betshintsha baze baziyeke izinto ezimbi abazenzayo, igama likaYehova liyazukiswa.​—Efe. 4:22-24.

13. Zeziphi ezinye iziprofeto eziye zenzeka, ngenxa yezi zinto zivuyisayo? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

13 Ezi zinto zivuyisayo zenzekileyo zibangele kwenzeka nezinye iziprofeto. Esinye sazo sesi sikuIsaya 60:22, uthi: “Omncinci uza kuba liwaka, nophantsi abe luhlanga olunamandla. Mna Yehova, mna kanye, ndiza kuyenza ikhawuleze loo nto ngexesha layo.” Intle le nto yenzekayo, kuba baninzi abantu abaqalisa ukhonza uYehova. Ezi ‘zinto okanye abantu abaxabisekileyo’ beza benobuchule futhi bezimisele ukushumayela “iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani.” Ngenxa yaloo nto abantu bakaYehova basebenzisa obu buchule uIsaya abubiza ngokuba “lubisi lweentlanga.” (Isa. 60:5, 16) Amadoda namabhinqa axabisekileyo ashumayela iindaba ezilungileyo kumazwe ayi-240, ibe aneencwadi nezinto ezirekhodiweyo ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-1000.

IXESHA LOKUKHETHA

Emhlabeni wonke abantu bakaThixo baxelela abantu ngoBukumkani BukaThixo (Jonga isiqendu 13)

14. Ziintoni ekufuneka bakhethe phakathi kwazo abantu namhlanje?

14 Kule mihla yesiphelo, umsebenzi wokugungqisa iintlanga, unyanzela abantu ukuba bakhethe. Ngaba baza kukhetha uBukumkani BukaThixo okanye baza kuthemba oorhulumente behlabathi? Esi sesona sigqibo kufuneka sisenzile. Abantu bakaYehova bayayithobela imithetho abayinikwa ngurhulumente wendawo abahlala kuyo. Kodwa abazifaki kwiipolitiki zehlabathi. (Roma 13:1-7) Bayayazi ukuba ngurhulumente kaThixo oza kulungisa zonke iingxaki zabantu. Loo rhulumente, ayingoweli hlabathi.​—Yohane 18:36, 37.

15. ISityhilelo sibonisa njani ukuba abantu abathembekileyo kuThixo baza kutshutshiswa?

15 ISityhilelo sithi izinto eziza kwenzeka ziza kutyhila indlela abantu bakaThixo abathembeke ngayo kule mihla yokugqibela. Siza kutshutshiswa. Oorhulumente beli hlabathi baza kufuna sithobele bona baze babaphathe kakubi abo bangavumiyo. (ISityhi. 13:12, 15) Baza “kunyanzela bonke abantu abancinci nabakhulu, izityebi namahlwempu, abakhululekileyo namakhoboka, ukuba baphawulwe kwisandla sasekunene okanye ebunzi.” (ISityhi. 13:16) Kudala, amakhoboka ayephawulwa ngendlela ethile, ukuze kubonwe ukuba ngubani inkosi yawo. Nanamhlanje ke, abantu kuza kufuneka babonise ukuba ngubani abamkhethayo. Izinto abazicingayo nabazithethayo zizo eziza kubonisa ukuba bakhetha urhulumente wezopolitiko.

16. Kutheni kungxamisekile nje ukukhonza uYehova sithembekile?

16 Ngaba nathi siza kuvuma ukuba nolu phawu size sikhethe ukuba kwicala loorhulumente bezopolitiko? Abantu abangavumiyo ukuba nolu phawu, baza kuba sengxakini. ISityhilelo sithi ‘akukho mntu ukwaziyo ukuthenga okanye ukuthengisa ngaphandle komntu onolo phawu.’ (ISityhi. 13:17) Abantu bakaThixo bayayazi ukuba uThixo uza kubenza ntoni abo banophawu ekuthethwe ngalo kwiSityhilelo 14:9, 10. Bona abazukuba nalo uphawu, kodwa kuza kuba ngathi kubhalwe ezandleni zabo kwathiwa, “NdingokaYehova.” (Isa. 44:5) Ngoku lixesha lokuba uqiniseke ukuba umkhonza uthembekile uYehova. Ukuba uyayenza loo nto, uYehova uza kukwamkela ube ngowakhe.

KUGUNGQISWA OKOKUGQIBELA

17. Yintoni ekufuneka siyazi ngokulinda kukaYehova abantu?

17 UYehova uye wabalinda abantu kule mihla yokugqibela. Akafuni kutshabalale nomnye. (2 Pet. 3:9) Bonke ubalindile ukuba baguquke baze bakhethe ukumkhonza. Kodwa ixesha lakhe lokulinda, liza kuphela. Abantu abangade balisebenzise eli thuba, baza kuzibona sebefana noFaro ngexesha likaMoses. UYehova wathi kuFaro: “Kaloku ngendisolule isandla sam ndaza ndakubetha wena nabantu bakho ngesibetho esonakalisayo, ibe beniza kutshayelwa kuthi tu phezu komhlaba. Kodwa ndiye ndakuyeka ukuze ndikubonise amandla am nokuze igama lam laziwe emhlabeni wonke.” (Eks. 9:15, 16) Ekugqibeleni, zonke iintlanga kuza kufuneka zazi ukuba uYehova nguThixo oyinyaniso. (Hez. 38:23) Iza kwenzeka njani loo nto?

18. (a) Kokuphi okunye ukugungqiswa ekuthethwa ngako kuHagayi 2:6, 20-22? (b) Sazi njani ukuba amazwi kaHagayi aza kwenzeka?

18 Kwiminyaka emininzi emva kokuba uHagayi eswelekile, umpostile uPawulos wathi kumaKristu angamaHebhere, amazwi akuHagayi 2:6, 20-22 aza kwenzeka kwixesha elizayo. (Mfunde.) Wathi, “Kodwa ngoku uye wathembisa, esithi: ‘Ndiza kuphinda ndigungqise kungekuphela nje umhlaba kodwa kwanezulu.’ Amagama athi ‘ndiza kuphinda’ abonisa ukuba ziza kususwa izinto ezigungqisiweyo, izinto ezenziweyo, ukuze kushiyeke ezo zingagungqiswanga.” (Heb. 12:26, 27) Oku ukugungqisa akufani noko kuchazwe kuHagayi 2:7. Kuthetha ukuba abantu abangavumiyo ukulawulwa nguYehova njengoFaro, baza kutshabalala ngonaphakade.

19. Yintoni engasoze igungqiswe futhi siyazi njani loo nto?

19 Yintoni eza kushiyeka okanye ingagungqiswa? UPawulos waphinda wathi: “Ekubeni siza kufumana uBukumkani obungenakugungqiswa, masiqhubeke sisamkela ububele bukaThixo, obusinceda sikwazi ukukhonza uThixo ngendlela engcwele, simoyika yaye simhlonipha.” (Heb. 12:28) Emva kokuba kuyekiwe ukugungqiswa, iza kube ibuBukumkani BukaThixo obuza kushiyeka. Abukho obunye obuza kufika buthathe indawo yabo.​—INdu. 110:5, 6; Dan. 2:44.

20. Yintoni ekufuneka bayikhethe abantu, sinokubanceda njani?

20 Ixesha elishiyekileyo lincinci. Kufuneka abantu bakhethe. Ngaba baza kuqhubeka besenza izinto ezenziwa kweli hlabathi eziza kubenza batshabalale? Okanye ngaba baza kwenza into efunwa nguYehova, eza kubenza bafumane ubomi obungunaphakade? (Heb. 12:25) Xa sishumayela, sinokunceda abantu bakhethe eyona nto bayifunayo. Masizimisele ukubanceda abo baxabisekileyo, bakhethe uBukumkani BukaThixo. Masingaze siwalibale namazwi eNkosi yethu uYesu xa yathi: “Ezi ndaba zilungileyo ezingoBukumkani ziza kushunyayelwa emhlabeni wonke, ziviwe zizo zonke iintlanga, emva koko sifike isiphelo.”​—Mat. 24:14.

INGOMA 40 Singabakabani?

^ isiqe. 5 Eli nqaku, liza kusixelela ngendlela entsha esimqonda ngayo uHagayi 2:7. Siza kufunda ukuba sinokuncedisa njani kumsebenzi omnandi wokugungqisa zonke iintlanga. Siza kubona nokuba lo msebenzi wokugungqisa uyathandwa ngabanye abantu. Kodwa abanye abawuthandi.

^ isiqe. 4 Siyayazi ukuba uHagayi wawenza umsebenzi wakhe kuba itempile yagqitywa ukwakhiwa ngo-515 B.C.E.

^ isiqe. 10 Le yindlela entsha esisiqonda ngayo esi siprofeto. Besikade sisithi, abantu abakhonza uYehova, inyaniso abayifumananga ngenxa yokugungqiswa kweentlanga. Jonga Imibuzo Evela Kubafundi kwiMboniselo kaMeyi 15, 2006.

^ isiqe. 63 INGCACISO YEMIFANEKISO: UHagayi wabacenga abantu bakaThixo ukuba bangatyhafi kodwa bawenze bawugqibe umsebenzi wokwakha itempile. Nabantu bakaThixo namhlanje, baye bashumayela iindaba ezilungileyo bezimisele. Indoda nomfazi bashumayela umyalezo wokugungqisa okokugqibela.