Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 36

Ngaba Abalulekile Amandla Olutsha Kuwe?

Ngaba Abalulekile Amandla Olutsha Kuwe?

“Uzuko lwabafana ngamandla abo.”​—IMIZE. 20:29.

INGOMA 88 Ndazise Iindlela Zakho

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Abantu abadala banokubanceda njani abantu abasebatsha?

 XA SISIBA badala sisenokukhathazwa kukuba singasakwazi ukumkhonza ngendlela ebesimkhonza ngayo uYehova xa besisebatsha. Yinyaniso kona ukuba asisenawo amandla esasikade sinawo, kodwa singasebenzisa ubulumko esinabo nezinto esiye sazifunda ukuze sincede abazalwana noodade abasebatsha babe luncedo entlanganweni, bakwazi nokwenza imisebenzi emininzi. Omnye umzalwana ekudala engumdala wathi, “Xa ndaqondayo ukuba iminyaka ihambile, andisakwazi ukuyenza eminye imisebenzi, ndavuyiswa kukwazi ukuba bakhona abazalwana abasebatsha abaza kuqhubeka nayo.”

2. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 Inqaku ebesilifunda kwiveki ephelileyo belithetha ngendlela ulutsha oluncedakala ngayo xa lusiba nabahlobo abangabantu abadala. Kweli silifundayo, siza kuthetha ngokuthobeka, ukubulela nokupha. Siza kubona ukuba ezi zinto zinokubanceda njani abantu abadala bakwazi ukusebenzisana nolutsha, ize loo nto ilincede lonke ibandla.

THOBEKA

3. AmaFilipi 2:3, 4 athi unjani umntu othobekileyo? Loo nto inokumnceda njani umKristu?

3 Ukuze abantu abadala bakwazi ukulunceda ulutsha, bamele bathobeke. Kaloku, umntu othobekileyo akaziboni ebhetele kunabanye abantu. (Funda amaFilipi 2:3, 4.) Nomntu omdala, xa ethobekile, uyazi ukuba izinto zinokwenziwa ngeendlela ezahlukeneyo, kodwa zonke ezo ndlela zibe zivumelana neZibhalo futhi zisebenza. Ngoko akalindelanga ukuba izinto zenziwe ngendlela ezazisenziwa ngayo. (INtshu. 7:10) Nakuba ebanceda abantu abasebatsha xa ebaxelela izinto azifundileyo, uyazi ukuba “eli hlabathi liyatshintsha,” ngoko kusenokufuneka afunde ukwenza izinto ngendlela ezenziwa ngayo ngoku.​—1 Kor. 7:31.

Abantu abakhulileyo bafundisa abanye izinto abazaziyo (Jonga isiqendu 4-5) *

4. Abaveleli beziphaluka bafana njani nabaLevi?

4 Abantu abadala abathobekileyo bayaqonda ukuba abasakwazi ukwenza izinto njengakuqala. Ngokomzekelo, khawucinge ngabaveleli beziphaluka. Xa bena-70, baye bacelwe ukuba bawuyeke umsebenzi wesiphaluka, banikwe omnye umsebenzi. Ayibikho lula ke loo nto kuba bayeka into abebevuyela ukuyenza, ukunceda abazalwana. Bebewuthanda umsebenzi wesiphaluka, besafuna ukuqhubeka nawo. Kodwa bayaqonda ukuba abantu abasebatsha banokuwenza kakuhle kakhulu lo msebenzi. Xa benjalo, bafana nabaLevi ekwakufuneka bayeke ukukhonza kwintente engcwele xa bena-50. Abo baLevi, babengatyhafi xa beyekile kwintente engcwele, babevuyela nokuba ngowuphi umsebenzi abawunikwayo. Babewenza ngaloo mandla banawo, benceda nabasebatsha. (Num. 8:25, 26) Nakule mihla, nakuba abazalwana ababekade bengabaveleli beziphaluka bengasahambeli amabandla amaninzi, bawanceda kakhulu amabandla abakuwo, bekhuthaza nabazalwana noodade.

5. Yintoni oyifundayo kuDan noKatie?

5 Khawucinge ngoDan, owayengumveleli wesiphaluka iminyaka eyi-23. Akuba na-70, yena nomfazi wakhe uKatie baba ngoovulindlela abakhethekileyo. Baqhuba njani kulo umsebenzi? UDan uthi ngoku uxakeke ngendlela angazange waxakeka ngayo! Wenza imisebenzi yebandla, unceda abazalwana basebenzele ukuba zizicaka zolungiselelo, ufundisa nabavakalisi indlela yokushumayela kwiidolophu ezinkulu nasezitrongweni. Bazalwana noodade abakhulileyo, nokuba ningoovulindlela okanye aningabo, zininzi iindlela eninokubanceda ngazo abavakalisi. Ninokuyenza njani loo nto? Vuyelani indlela enimsebenzela ngayo uYehova ngoku, nizimisele ukwenza eminye imisebenzi, ningazikhathazi ngaleyo ningasakwaziyo ukuyenza.

6. Kutheni umntu kufuneka azazi izinto angasenakukwazi ukuzenza? Yenza umzekelo.

6 Umntu othobekileyo uyazazi izinto akwaziyo ukuzenza, akazikhathazi ngezo angasenakuzenza kakuhle. (IMize. 11:2) Loo nto imenza ahlale onwabile, ezimisele nokusebenza ngaloo mandla anawo. Sinokumfanisa nomntu oqhuba imoto eqhineni. Kufuneka ahambe ngegiya esezantsi, ukuze imoto ikwazi ukulinyuka iligqibe elo qhina. Siyehla sona isantya ebihamba ngaso, kodwa ayizukuma endleleni. Nomntu ozaziyo izinto angasenakukwazi ukuzenza, uyalazi ixesha anokusithoba ngalo isanty’ ebehamba ngaso ukuze aqhubeke ekhonza uYehova, enceda nabanye.​—Fil. 4:5.

7. Yintoni eyenziwa nguBharzilayi eyayibonisa ukuba wayezazi izinto angasenakukwazi ukuzenza?

7 Cinga ngoBharzilayi owathi xa eneminyaka eyi-80 wacelwa nguKumkani uDavide ukuba aye kusebenza kwindlu kaKumkani. Ngenxa yokuba wayesazi ukuba akanakukwazi ukuzenza zonke izinto ekwakuza kufuneka azenze kuba sele emdala, zange avume. Wacebisa ukuba kuthathwe uKimham owayesengumfana. (2 Sam. 19:35-37) NjengoBharzilayi, amadoda akhulileyo ayakuvuyela ukuyekela imisebenzi kubafana.

UKumkani uDavide wavuma xa uThixo wayesithi ngunyana wakhe owayeza kwakha itempile (Jonga isiqendu 8)

8. Xa kwakusakhiwa itempile, uKumkani uDavide wabonisa njani ukuba uyazazi izinto angasakwaziyo ukuzenza?

8 NoKumkani uDavide wayezazi izinto awayengasenakukwazi ukuzenza. Wayekufuna nyhani ukwakhela uYehova itempile, kodwa uYehova wamxelela ukuba iza kwakhiwa ngumfana uSolomon. UDavide wavuma, waza wancedisa ngazo zonke iindlela akwazi ngazo xa kwakulungiselelwa ukuba yakhiwe. (1 Kron. 17:4; 22:5) Zange acinge ukuba angawenza bhetele lo msebenzi kuba uSolomon ‘wayesemncinci ibe engenamava.’ (1 Kron. 29:1) Wayesazi ukuba ayingobantu abadala okanye abakwaziyo ukukhokela kakuhle ababeza kwenza lo msebenzi ugqitywe okanye wenziwe kakuhle. Wawuza kugqitywa ngenxa yamandla kaYehova. NjengoDavide, abantu abakhulileyo basazimisele ukukhonza uYehova naxa bengasenzi imisebenzi abebekade beyenza. Bayazi ukuba uYehova uza kubapha amandla okuyenza kakuhle nabantu abasebatsha.

9. UShigeo wabonisa njani ukuba uyazazi izinto angasakwaziyo ukuzenza?

9 Omnye wabazalwana abazaziyo izinto abangasakwaziyo ukuzenza nesinokufunda kuye nguShigeo. Ngo-1976 xa wayena-30 wacelwa ukuba abe ngomnye wabazalwana abakwiKomiti YeSebe. Ngo-2004 wacelwa ukuba abe ngumnxibelelanisi weKomiti YeSebe. Ekuhambeni kweminyaka, wabona ukuba amandla ayaphela, akasakwazi ukuyigqiba ngexesha imisebenzi yakhe. Wathetha noYehova ngale nto ecinga ukuba kungabhetele ukuba ibe ngumzalwana osemtsha ongumnxibelelanisi. Ngoku akasenguye, kodwa usekwiKomiti YeSebe. KuBharzilayi, kuKumkani uDavide noShigeo, sibonile ukuba umntu othobekileyo akabe ecinga ukuba abantu abasebatsha kusafuneka befunde izinto ezininzi. Ucinga ngezinto abakwaziyo ukuzenza. Akazukucinga ukuba bafuna ukumodlula, uza kubona ukuba basebenzisana naye.​—IMize. 20:29.

BULELA

10. Abantu abadala baziva njani ngokuba nolutsha emabandleni?

10 Kubantu abadala, ulutsha lusisipho abasinikwe nguYehova futhi bayambulela ngaso. Xa bephelelwa ngamandla, bavuyela ukuba kukho ulutsha olunamandla olufunayo ukwenza umsebenzi webandla nolunokuwenza kakuhle.

11. URute 4:13-16 ubonisa njani ukuba abantu abadala bangancedakala xa bevuma ukuncedwa ngabantu abasebatsha?

11 IBhayibhile isixelela ngomnye woomama abanokufunda kuye abantu abadala, uNahomi. Wakuvuyela kakhulu ukuncedwa ngumntu osemtsha. Ekuqaleni wayefuna umolokazana wakhe uRute abuyele kubantu bakowabo. URute zange avume, wabuyela noNahomi eBhetelehem. Kwamvuyisa kakhulu uNahomi ukuhamba noRute, evuyela nendlela awayemnceda ngayo. (Rute 1:7, 8, 18) Loo nto yabanceda bobabini. (Funda uRute 4:13-16.) Abantu abadala abathobekileyo balinganisa uNahomi.

12. Umpostile uPawulos wenza ntoni kubantu ababemnceda?

12 Kwakumvuyisa umpostile uPawulos ukuncedwa ngabazalwana. Ngokomzekelo, wawabulela amaKristu aseFilipi awamthumelela izinto awayezidinga. (Fil. 4:16) Wachaza nendlela awayekuvuyela ngayo ukuncedwa nguTimoti. (Fil. 2:19-22) Wabulela uThixo ngokuthumela abantu ukuba bamkhuthaze xa wayelibanjwa elalisendleleni eya eRoma. (IZe. 28:15) UPawulos wayengonqeni, wayehamba iindlela ezinde esiya kushumayela, esiya komeleza namabandla. Kodwa wayethobekile, evuma ukuncedwa ngabazalwana noodade.

13. Ziintoni ezinokwenziwa ngabantu abadala ezibonisa ukuba bayambulela uYehova ngokuba nolutsha emabandleni?

13 Bazalwana noodade abakhulileyo, zininzi iindlela eninokubonisa ngazo ukuba niyabulela ngokuba nolutsha emabandleni. Ukuba lufuna ukunihambisa ngemoto, ukuniyela evenkileni okanye ukunenzela ezinye izinto enidinga ukuzenzelwa, vumani. Ezo zinto luninceda ngazo mazenze niyibone indlela uYehova anithanda ngayo. Kanti olo lutsha lunincedayo, lusenokude lube ngabahlobo benu. Zamani ukulunceda lube ngabahlobo bakaYehova, niluxelele nendlela enivuya ngayo xa nibona indlela olunceda ngayo ebandleni. Zipheni ixesha lokulubalisela izinto enizifundileyo ebomini. Le yindlela ‘enihlala nimbulela’ ngayo uYehova ngokutsalela ulutsha ebandleni.​—Kol. 3:15; Yoh. 6:44; 1 Tes. 5:18.

YIPHA

14. Yintoni eyenziwa nguKumkani uDavide ebonisa ukuba wayesipha?

14 KuKumkani uDavide sibona nolunye uphawu ekubalulekileyo ukuba abantu abadala babe nalo, ukupha. Wanikela ngemali eninzi nangezinye izinto zexabiso awayenazo ukuze ancedise xa kwakusakhiwa itempile. (1 Kron. 22:11-16; 29:3, 4) Abantu babeza kuthi yitempile kaSolomon, kodwa loo nto zange imenze anganikeli. Abantu abadala basenokungabi namandla okusebenza xa kusakhiwa izakhiwo zentlangano, kodwa banokunikela ngaloo nto bakwaziyo ukunikela ngayo. Bangalunceda ulutsha nangezinto abazifunde kuyo yonke le minyaka bekhonza uYehova.

15. Yintoni awayenzayo uPawulos?

15 Khawucinge nangento eyenziwa ngumpostile uPawulos. Xa wayesiya kushumayela, wacela uTimoti ukuba ahambe naye, wamfundisa iindlela awayeshumayela nawayefundisa ngazo. (IZe. 16:1-3) Loo nto yamnceda uTimoti wangumshumayeli nomfundisi weendaba ezilungileyo owenza kakuhle umsebenzi wakhe. (1 Kor. 4:17) NoTimoti wazifundisa abanye ezi zinto wayezifundiswa nguPawulos.

16. Yintoni eyenza uShigeo wafundisa abanye abazalwana?

16 Abantu abadala esinabo, aboyiki ukuba xa benokufundisa abasebatsha imisebenzi abebekade beyenza ebandleni, akukho nto baza kulinceda ngayo ibandla. Sinomzekelo kaShigeo ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo. Wafundisa abazalwana abasebatsha abakwiKomiti YeSebe indlela yokwenza umsebenzi. Isizathu sokuba enze loo nto wayefuna ukunceda kumsebenzi woBukumkani owenziwa kwilizwe lakhe. Kwathi xa kufika ixesha lokuba ayeke ukuba ngumnxibelelanisi, kwaba lula ukufumana umntu oza kungena endaweni yakhe. UShigeo usazisebenzisa nangoku izinto azifunde kule minyaka iyi-45 ekwiKomiti YeSebe ukuze ancede abazalwana abasebatsha. Abazalwana abafana naye babanceda kakhulu abantu bakaThixo.

17. Ngokomgaqo okuLuka 6:38, abantu abadala banokulupha ntoni ulutsha?

17 Bazalwana noodade abakhulileyo, siyibona kuni into yokuba ukumkhonza ungagungqi uYehova yeyona nto ibalulekileyo ebomini. Nisibonisile indlela okunceda ngayo ukwazi imigaqo yeBhayibhile size siyisebenzise ebomini bethu. Niyazi kakuhle indlela ezazikade zisenziwa ngayo izinto, kodwa niye nabona ukuba kubalulekile ukufunda indlela ezenziwa ngayo ngoku. Nakuni bantu badala abasand’ ubhaptizwa ininzi into esinokuyifunda. Ninokusibalisela indlela eniye nonwaba ngayo nakumazi uYehova naxa iminyaka ibiseyihambile. Ulutsha luza kukuvuyela ukuva izinto eziye zenzeka ebomini benu nezinto enizifundileyo. Ukuba ‘nihlala nisipha’ abanye ngokubafundisa izinto enizifunde ebomini, uYehova uza kunisikelela.​—Funda uLuka 6:38.

18. Ziintoni abanokuncedana ngazo abantu abadala nolutsha?

18 Xa abantu abadala beqhelana nolutsha, baza kukwazi ukulunceda, nalo luza kubanceda. (Roma 1:12) Nonke ninezinto ezibalulekileyo eninokuncedana ngazo. Abantu abadala banobulumko futhi banezinto ezininzi abazifunde kule minyaka mininzi bayiphilileyo, kanti bona abasebatsha banamandla. Xa abantu abadala besebenza nolutsha, badumisa uTata wethu osezulwini osithandayo, banceda nebandla.

INGOMA 90 Khuthazanani

^ isiqe. 5 Siyavuya kuba sinabazalwana noodade abaninzi abasebatsha emabandleni ethu abazama ngako konke abanako ukwenza imisebenzi eyenziwa kwintlangano kaYehova. Abantu abadala, nokuba bona bakhule njani, banokulunceda olu lutsha lukwazi ukukhonza uYehova ngawo onke amandla olunawo.

^ isiqe. 54 INGCACISO YOMFANEKISO: Xa umveleli wesiphaluka wayeneminyaka eyi-70, yena nomkakhe banikwa omnye umsebenzi. Ngenxa yezinto ezininzi abazifundileyo nabazaziyo, banceda abazalwana noodade ebandleni.