Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 39

Sinokwenza Ntoni Xa Umntu Esimthandayo Eshiya UYehova?

Sinokwenza Ntoni Xa Umntu Esimthandayo Eshiya UYehova?

“Babemane . . . bemkhathaza entlango!”​—INDU. 78:40.

INGOMA 102 “Ncedani Abo Badinga Uncedo”

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Unokuziva njani xa umntu omthandayo ekhutshelwa ngaphandle?

 NGABA umntu omthandayo ukhutshelwe ngaphandle? Ibuhlungu nyhani loo nto. Udade onguHilda uthi, “Umyeni wam wasweleka emva kweminyaka eyi-41 sitshatile. Ndandisithi yeyona nto ibuhlungu eyakhe yandehlela. * Kodwa xa unyana wam, washiya uYehova, umfazi, nabantwana bakhe, leyo yaba yintlungu endandingakwazi nokubalisa ngayo.”

UYehova uyayazi indlela okhathazeka ngayo xa umntu omthandayo eyeka ukumkhonza (Jonga isiqendu 2-3) *

2-3. NgokweNdumiso 78:40, 41, uziva njani uYehova xa abakhonzi bakhe beyeka ukumkhonza?

2 Khawucinge indlela afanele ukuba waziva ngayo uYehova xa ezinye iingelosi kwintsapho yakhe zamshiyayo. (Yuda 6) Inoba wayekhathazeka kakhulu xa wayemane engathotyelwa ngabantu bakhe amaSirayeli. (Funda iNdumiso 78:40, 41.) Nanamhlanje ke, uTata wethu wasezulwini ukhathazeka nyhani xa kukho umntu oyekayo ukumkhonza. Uyayazi indlela ebuhlungu ngayo le nto kuwe. Uza kukukhuthaza, akuncede.

3 Kweli nqaku siza kubona ukuba singenza njani xa umntu esimthandayo eyeka ukukhonza uYehova. Sakuva nokuba singabanceda njani abanye abanale ngxaki ebandleni. Kodwa makhe siqale sithethe ngento esingafanelanga siyicinge.

SUKUZIBEKA ITYALA

4. Abazali abaninzi baye bazive njani xa abantwana babo beyeka ukukhonza uYehova?

4 Xa umntwana wabo eshiya uYehova, abazali badla ngokuzibeka ityala besithi bebefanele bamncede nangezinye iindlela ukuze angayeki ukukhonza uYehova. Emva kokuba unyana wakhe ekhutshelwe ngaphandle, umzalwana onguLuke uthi: “Ndandizibeka ityala. Ndandide ndiphuphe kakubi ngale nto. Ndandikhe ndilile nentliziyo yam ibe buhlungu.” UElizabeth owayenale ngxaki naye uthi wayekhe azibuze lo mbuzo: “Yeyiphi impazamo endiyenzileyo? Ingathi unyana wam andimfundisanga kakuhle ukuba athande uYehova.”

5. Ngubani onetyala xa kukho umntu oshiya uYehova?

5 Masingalibali ukuba uYehova unike wonke umntu inkululeko yokuzikhethela. Loo nto ithetha ukuba sinokukhetha ukumkhonza okanye singamkhonzi. Abanye abantwana khange bafundiswe ukuthanda uYehova ngabazali babo. Kodwa bakhethe ukumkhonza bethembekile. Abanye abaye bafundiswa ngabazali babo, baye bamshiya uYehova. Sonke sifanele sizikhethele ukuba siza kumkhonza na uYehova okanye asizukumkhonza. (Yosh. 24:15) Bazali abazisolayo, sanukucinga ukuba ninetyala xa abantwana benu bemshiya uYehova.

6. Umntwana unokuziva njani xa umzali wakhe eyeka ukukhonza uYehova?

6 Ngamanye amaxesha, abazali banokumshiya uYehova. Nentsapho leyo na kakade. (INdu. 27:10) Loo nto inokubakhathaza kakhulu abantwana ebebezimisele ukufunda kubazali babo. UEsther onotata owakhutshelwa ngaphandle uthi: “Ndandisoloko ndilila kuba ndandisazi ukuba njengokuba ekhutshelwe ngaphandle, akazimiselanga kubuya. Ndiyamthanda utata, ngoko ndandiye ndifune ukwazi ukuba inoba unjani. Ndandivele ndibe nexhala kakhulu.”

7. Uziva njani uYehova xa umntwana enomzali okhutshelwe ngaphandle?

7 Bantwana, ukuba abazali benu bamshiyile uYehova sivelana nani. NoYehova uyayazi indlela enikhathaza ngayo le nto. Uyanithanda futhi uyavuya kuba nimkhonza nithembekile. Nathi njengabazalwana noodade, sivuya kakhulu. Ningazibek’ ityala ngenxa yezigqibo abazenzileyo. Besesivile ukuba uYehova unike wonke umntu inkululeko yokuzikhethela. Ngoko ukuba umntu ubhaptiziwe, “uza kuthwala owakhe umthwalo.”​—Gal. 6:5.

8. Yintoni enokwenziwa yintsapho okwangoku isalinde umntu emthandayo abuyele kuYehova? (Jonga nebhokisi ethi “ Buyela KuYehova.”)

8 Xa umntu omthandayo emshiya uYehova uye ube nethemba lokuba ngenye imini, uya kuze aphinde amkhonze. Ungabe usenza ntoni okwangoku? Sebenzela ukuba nokholo oluqinileyo. Xa uyenza loo nto uza kutsho uncede abanye kwintsapho yakho babone into abafanele bayenze nabo, mhlawumbi nalo ukhutshelwe ngaphandle. Uza kukwazi nokunyamezela xa ukhathazekile. Yintoni ke onokuyenza ukuze ube nokholo oluqinileyo?

UNOKWENZA NTONI UKUZE UKHOLO LWAKHO LUQINE?

9. Unokwenza ntoni ukuze ukholo lwakho luqine? (Jonga nebhokisi ethi “ IZibhalo Ezinokukuqinisa Xa Umntu Omthandayo Emshiyile UYehova.”)

9 Hlala usenza izinto ezikwenza umthande uYehova. Kubaluleke kakhulu nokuqinisa abanye kwintsapho yakho. Ungayenza njani loo nto? Yifunde qho iBhayibhile, ucinge ngaloo nto ugqiba kuyifunda. Ungayeki nokuya kwiintlanganiso. UJoanna onotata nodadewabo abamshiyayo uYehova uthi: “Ndiye ndiphelelwe lixhala xa ndifunda ngoAbhigali, uEstere, uYobhi, uYosefu noYesu. Bayandiqinisa. Nditsho ndiyeke ukucinga ngengxaki yam. Iingoma zeBroadcasting, nazo zindinceda kakhulu.”

10. INdumiso 32:6-8 isinceda njani sinyamezele izinto ezisikhathazayo?

10 Zixelele uYehova zonke izinto ezikwenza ube nexhala. Xa ukhathazekile thandaza. Mcenge uYehova akuncede ucinge njengaye. Mcele ‘akuyalele indlela omele uhambe ngayo.’ (Funda iNdumiso 32:6-8.) Kusenokuba nzima ukuxelela uYehova indlela oziva ngayo. Kodwa uyayazi indlela okhathazeke ngayo. Ukuthanda nyhani futhi ufuna ukuba umxelele yonke into.—Eks. 34:6; INdu. 62:7, 8.

11. AmaHebhere 12:11 athi kutheni sifanele siyithembe indlela uYehova abalungisa ngayo abantu bakhe? (Jonga nebhokisi ethi “ Ukukhutshelwa Ngaphandle​—Indlela KaYehova Yokulungisa Abantu Bakhe.”)

11 Sukusikhalazela isigqibo esenziwe ngabadala. Ukukhutshelwa ngaphandle yindlela kaYehova yokusinceda sonke. (Funda amaHebhere 12:11.) Abanye ebandleni basenokuthi abadala abaligwebanga kakuhle ityala. Kodwa bangathethi ngento embi eyenziwe ngulo mntu bamthethelelayo. Asiyazi yonke into eyenzekileyo. Ngoko masibathembe abadala abebexoxa ityala ukuba bayisebenzise kakuhle imigaqo yeBhayibhile baza ‘bamgwebela uYehova.’—2 Kron. 19:6.

12. Yintoni eye yenzeke xa abanye bengaphikisani nesigqibo sabadala?

12 Xa ungaphikisani nesigqibo sabadala sokumkhuphela ngaphandle umntu omthandayo, naye unokumnceda abuyele kuYehova. UElizabeth ekukhe kwathethwa ngaye uthi, “Kwakunzima kona ukungathethi nonyana wethu omdala. Emva kokuba ebuyiselwe wathi kum, esi sigwebo besimfanele. Uyabulela ngezinto ezintle azifundileyo, ubonile ukuba indlela agweba ngayo uYehova iyanceda.” Umyeni kaElizabeth, uMark uthi yena: “Emva kwexesha elide unyana wethu ebuyiselwe, wathi ukuze abuyele kuYehova uncedwe kukuba thina siye senza into ebekufuneka siyenze, ukungathethi naye. Ndivuya nyhani kuba siye sathobela uYehova.”

13. Unokwenza ntoni xa uziva uwedwa?

13 Ncokola nabahlobo bakho abayaziyo ingxaki yakho. Yiba kunye nabazalwana noodade abaza kukunceda ungatyhafi. (IMize. 12:25; 17:17) UJoanna ekukhe kwathethwa ngaye uthi, “Ndandiye ndizive ndindedwa. Ndancedwa kukuthetha nabahlobo endibathembayo.” Unokwenza ntoni xa abanye ebandleni bethetha izinto ezikukhathazayo?

14. Kutheni kufuneka ‘siqhubeke sinyamezelana yaye sixolelana ngokusuka entliziyweni’?

14 Sukukhawuleza ukhathazeke. Asinakulindela ukuba bonke abantu bathethe kakuhle. (Yak. 3:2) Sonke sinesono, ngoko ungothuki xa abanye bethetha izinto ezikukhathazayo. Khumbula icebiso likaPawulos. Wathi: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngokusuka entliziyweni nokuba omnye unesizathu sokukhalazela omnye.” (Kol. 3:13) Omnye udade ekwakhutshelwa ngaphandle umntu azalana naye wathi: “UYehova undincede ndabaxolela abazalwana abaye bathethe izinto ezikhathazayo, becinga ukuba bayandithuthuzela.” Ibandla linokuyinceda njani intsapho enomntu okhutshelwe ngaphandle?

LINOKUNCEDA NJANI IBANDLA?

15. Yintoni enokunceda intsapho yomntu osand’ ukukhutshelwa ngaphandle?

15 Baphathe ngobubele abantu bentsapho yomntu okhutshelwe ngaphandle. Udade onguMiriam uthi wayesoyika ukuya kwiintlanganiso emva kokuba umntakwabo ekhutshelwe ngaphandle. Uthi, “Ndandinexhala lokuba baza kuthini abantu. Kodwa baba baninzi abazalwana noodade abavelana nam futhi bengabonisi ukuba bayamcaphukela umntakwethu.” Omnye udade uthi, “Xa unyana wethu wakhutshelwa ngaphandle kwafika abahlobo bezokusiqinisa. Uthi, ‘abanye bathi babengazi ukuba mabathini.’ Balila kunye nam, abanye bandibhalela amazwi akhuthazayo. Yandinceda kakhulu loo nto.”

Ibandla linokuyinceda intsapho yomntu okhutshelwe ngaphandle (Jonga isiqendu 17) *

16. Ibandla linokuqhubeka liyinceda njani intsapho yomntu okhutshelwe ngaphandle?

16 Qhubeka uyinceda intsapho yomntu okhutshelwe ngaphandle. Bamdinga nyhani umntu oza kubakhuthaza. (Heb. 10:24, 25) Ngamanye amaxesha baye babone bengathethiswa, ngokungathi nabo bakhutshelwe ngaphandle. Asifuni bazive ngaloo ndlela. Sifanele sibancome size sibakhuthaze abantwana abanabazali abaye bamshiya uYehova. UMaria onomnyeni owakhutshelwa ngaphandle waza wemka uthi: “Kwakudla ngokufika abahlobo, basiphekele baze bafunde iBhayibhile nabantwana bam. Babeyiva intlungu endikuyo futhi bevelana nam. Babendithethelela xa kuthethwa izinto ezingeyonyani ngam. Bandiqinisa nyhani.”​—Roma 12:13, 15.

17. Abadala banokubathuthuzela njani abantu abakhathazwa kukuba umntu abamthandayo eshiye uYehova?

17 Badala wasebenziseni amathuba avelayo ukuze niziqinise ezi ntsapho. Ngumsebenzi wenu ukuthuthuzela iintsapho zabantu abamshiyileyo uYehova. (1 Tes. 5:14) Yiyani kubo nibakhuthaze ngaphambi kweentlanganiso nasemva kwazo. Yiyani nakumakhaya abo, nithandaze nabo. Xa nisentsimini sebenzani nabo okanye nibameme kunqulo lwentsapho. Nifanele nibahoye abantu abanale ngxaki, nibonise ukuba niyabathanda.​—1 Tes. 2:7, 8.

HLALA UMTHEMBA UYEHOVA

18. Ngokuka-2 Petros 3:9, yintoni uThixo afuna bayenze abo baye bamona?

18 UYehova “akafuni kutshabalale nabani na kuni, kodwa angathanda ukuba wonke umntu aguquke.” (Funda u-2 Petros 3:9.) Noba umntu angenza isono esinzulu, kodwa uYehova usafuna asinde. Khumbula kaloku ukuba sonke, uYehova wasibhatalela ngobomi boNyana wakhe. Uzama ukubanceda abo bamshiyileyo, babuyele kuye. Unethemba lokuba baza kukhetha ukubuyela kuye njengonyana okumzekelo kaYesu. (Luka 15:11-32) Abaninzi abaye bamshiya uYehova baye baphinda babuyela kuye. Ibandla liye lavuya nyhani, labamkela. UElizabeth ekukhe kwathethwa ngaye wavuya kakhulu xa unyana wakhe waphinda wabuyiselwa. Uthi, “Ndivuya nyhani kuba sakhuthazwa ngabaninzi ukuba singalahl’ ithemba.”

19. Kutheni sifanele siqhubeke simthemba uYehova?

19 Sinokuhlala simthemba uYehova. Into asixelela yona isoloko isinceda. NguTata onobubele nobathandayo abantu abamkhonzayo. Qiniseka ukuba uYehova soze akulahle xa usentlungwini. (Heb. 13:5, 6) UMark ekukhe kwathethwa ngaye uthi, “UYehova zange asilahle.” Uza kuhlala esinceda xa sinengxaki. Uza kuqhubeka ekunika “amandla angaqhelekanga.” (2 Kor. 4:7) Ungakwazi ukuhlala unokholo oluqinileyo uze ube nethemba lokuba uza kubuya umntu omthandayo oshiya uYehova.

INGOMA 44 Umthandazo Womntu Othobekileyo

^ isiqe. 5 Kuba buhlungu nyhani xa umntu esimthandayo eyeka ukukhonza uYehova. Kweli nqaku siza kubona ukuba uye azive njani uYehova ngaloo nto. Siza kubona nokuba intsapho yomntu okhutshelwe ngaphandle inokwenza ntoni ukuze ingakhathazwa yiloo nto kodwa ibe nokholo oluqinileyo. Siza kuva nokuba ibandla linokuyinceda njani loo ntsapho ihlale ikhonza uThixo.

^ isiqe. 1 Amanye amagama kweli nqaku atshintshiwe.

^ isiqe. 79 INGCACISO YOMFANEKISO: Xa indoda ishiya intsapho yayo noYehova, umfazi wayo ushiyeka ekhathazekile.

^ isiqe. 81 INGCACISO YOMFANEKISO: Abadala ababini bayokukhuthaza intsapho.