Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndafunda Indlela Obuxabiseke Ngayo Ubomi

Ndafunda Indlela Obuxabiseke Ngayo Ubomi

Ndafunda Indlela Obuxabiseke Ngayo Ubomi

KWAKUNGENTSASA KA-APRILI 16, 2007. Njengoko ndandijika kwikona yomgangatho wesithathu kwiofisi yaseNorris Hall kwisikolo sobuGcisa saseVirginia, kwakhona ndakhumbula indlela ekubaluleke ngayo ukuba sibuxabise ubomi suku ngalunye siphila.

Ndandiseofisini yam ndilungiselela ukuya kuthabatha ileta yam kumgangatho wesibini. Omnye uNjingalwazi wandicela ukuba ndiye kumlungiselela ikhompyutha eofisini yakhe. Njengoko sasingena eofisini yakhe, seva izithonga zompu kumgangatho wesibini. Ekubeni ndandingazi ukuba kwenzeka ntoni, saya kwiofisi yakhe, satshixa ucango, saza salinda singazi ukuba kuza kwenzeka ntoni. Ndazifihla ekoneni ndaza ndathandaza kuYehova uThixo, ndimcela ukuba andikhokele enokuba yintoni eyayiza kwenzeka.

Njengoko sasilindile, isiganeko esifana nesi esenzeka kwiminyaka eli-15 eyadlulayo sathi thaa engqondweni. Ndandisebenza kumzi olungisa iimoto. Itoti eyayinepetroli eyayiphethwe ngomnye woogxa bam yatsha. Ngenxa yokothuka, wayijula ebusweni kum. Ndayisezela lo petroli yaza yanditshisa kulo mzimba ungasentla. Ndathatyathwa ngenqwelo-ntaka ndaza ndasiwa kwisibhedlele esinyanga abantu abatshileyo, apho ndahlala malunga neenyanga ezintathu ezinesiqingatha. Emva kokunyangwa iinyanga ezintlanu, ndabuyela ekhaya, ndavuyiswa kukubuya ndiphilile. Esi siganeko sandifundisa ukuba suku ngalunye ndiphila ndimele ndiluxabise. Kwandenza ndazimisela ukusebenzisa ubomi kwinkonzo yalowo undinike ubomi uYehova uThixo—njengeNgqina lakhe.—INdumiso 90:12; Isaya 43:10.

Ekubeni ndandingasakwazi ukulungisa iimoto ngenxa yokutshiswa ngumlilo, ndafunda ukusebenzisa ikhompyutha ndaza ndaqeshwa kwesi sikolo saseVirginia. Seso sizathu esandenza ndaseNorris Hall ngaloo ntsasa.

Njengoko zazisitsho izithonga, sasingazi ukuba kwakubulawa abantu kumgangatho ongezantsi kwethu ngompu. Oko kunqunqelwa kwabantu egoqweni kwaphela ngokusuka umdubuli azibulale, emva kokubulala abantu abangama-32 abangenatyala. Emva kwemizuzu engama-20, kwaba kungona afikayo amapolisa. Sawabiza aza asikhapha esisa kwindawo ekhuselekileyo.

Esi siganeko sandifundisa ukuba ubomi bufutshane yaye abuqinisekanga. (Yakobi 4:14) Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuthembela kuMniki-bomi uYehova uThixo, size usuku ngalunye silugqale njengoluxabisekileyo, isipho esivela kuye.—INdumiso 23:4; 91:2.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 30]

AP Photo/The Roanoke Times, Alan Kim