Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Kwakutheni ukuze uYudas anikwe amaqhosha angama-30 esilivere ukuze angcatshe uYesu?

Xa uYudas Skariyoti wadibana nababingeleli abaziintloko ukuze angcatshe uYesu bamnika “amashumi amathathu amaqhosha esilivere.” (Mateyu 26:14, 15) Le mali yayibonisa indlela ababemthiye nababemjongela phantsi ngayo uYesu.

Amaqhosha ekuthethwa ngawo apha imele ukuba yayiziishekele zesilivere, imali eyayisetyenziswa ngamaYuda. Yintoni eyayinokuthengwa ngeeshekele ezingama-30? KuMthetho kaMoses, iishekele ezingama-30 zazilixabiso lekhoboka. Zazisenokuthenga nomhlaba.—Eksodus 21:32; Mateyu 27:6, 7.

Xa umprofeti uZekariya wayefuna ukuhlawulwa ngamaSirayeli angathembekanga ngomsebenzi wakhe wokwalusa abantu bakaThixo bamnika “amashumi amathathu amaqhosha esilivere.” Oku kwakusenziwa ngabom kusenzelwa ukumhlazisa bembonisa ukuba ayemjonga njengekhoboka. Ngenxa yoko, uYehova wamyalela oku uZekariya: “Waphose kwindawo yokugcina ubuncwane—ixabiso elikhulu endixatyiswe lona ngokwembono yabo.” (Zekariya 11:12, 13) Isenzo sokuthobeka sikaZekariya sisikhumbuza ngoko uYudas wayeza kukwenza xa engcatsha Lowo uYehova wayeza kummisela njengomalusi wakwaSirayeli.—Mateyu 27:5.

Sasiyintoni “isiqinisekiso sokuqhawula umtshato” ekuthethwa ngaso eBhayibhileni?

UMthetho kaMoses wawusithi: “Xa ithe indoda yathabatha ibhinqa yalenza umfazi, kothi ke ukuba uthe akakholeka emehlweni ayo ngokuba ifumene okuthile okungandilisekanga kuye, imele imbhalele isiqinisekiso sokuqhawula umtshato, isibeke esandleni sakhe ize imndulule endlwini yayo.” (Duteronomi 24:1) Yayiyintoni injongo yolu xwebhu? Nangona iZibhalo zingachazi ukuba yintoni eyayibhalwe kwesi siqinisekiso kodwa ngokuqinisekileyo sasiza kukhusela amalungelo nezilangazelelo zomfazi owaliweyo.

Ngowe-1951-1952 kwafunyanwa izinto zamandulo kumqolomba okumntla weWadi Murabbaat kwintlambo ekwintlango yakwaYuda. Phakathi kwemibhalo ngqangi eyafunyanwayo kwakukho isiqinisekiso sokuqhawula umtshato esasibhalwe ngesiAramiki yaye sabhalwa ngonyaka wama-71 okanye 72 C.E. Sichaza into eyenzekayo ngosuku lokuqala lenyanga enguMarheshvan ngonyaka wesithandathu wokuvukelwa kwamaRoma ngamaYuda. UJoseph unyana kaNaqsan owayehlala eMasada waqhawula umtshato noMiriam, intombi kaJonathan waseHanablata. Wayekhululekile ukuba atshate nayiphi na indoda yomYuda ayithandayo. UJoseph wabuyisa ikhazi lakuloMiriam ngokuphindwe kane ukuze ahlawule nawuphi na umonakalo owawenzekile. Eso siqinisekiso wasityobela ngokwakhe kunye namaNgqina amathathu—uEliezer, unyana kaMalka; uJoseph, unyana kaMalka; noEleazar, unyana kaHanana.

[Umfanekiso okwiphepha 25]

Imiqolomba eseWadi Murabbaat

[Umfanekiso okwiphepha 25]

Isiqinisekiso sokuqhawula umtshato esatyotyelwa ngonyaka wama-71/72 C.E.

[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 25]

Caves: Todd Bolen/Bible Places.com; certificate: Clara Amit, Courtesy of the Israel Antiquities Authority