Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uyamazi UBawo Wakho Wasezulwini?

Ngaba Uyamazi UBawo Wakho Wasezulwini?

Ngaba Uyamazi UBawo Wakho Wasezulwini?

UMAZI kakuhle kangakanani uyihlo? Lo mbuzo usenokukudida ukuba ukhulele kwintsapho ethandanayo. Usenokuphendula uthi: ‘Ewe, ndimazi kakuhle!’ Abantu abaninzi bayazazi izinto ezithandwayo nezingathandwayo ngootata babo, indlela abasabela ngayo kwizinto ezithile nendlela abazinyamekela ngayo iintsapho zabo.

Sekunjalo, ngamaxesha athile utata wakho usenokuveza iimpawu ongazaziyo tu zobuntu bakhe. Ngokomzekelo, usenokumazi njengomntu othuleyo nonobulali—de kuvele imeko ethile. Ngesiquphe uba ngumntu owahluke ngokupheleleyo ekubeni ngoku ekhusela intsapho yakhe.

Kuthekani ngoMdali wethu? Mayela naye, sixelelwa oku: “Ngaye sinobomi siyashukuma yaye sikho.” (IZenzo 17:28) Ubomi bethu buxhomekeke kuThixo; ngaloo ndlela unguYise wabo bonke abantu abaphilayo. (Isaya 64:8) Mhlawumbi leyo yindlela ovakalelwa ngayo ngoThixo, ukuba kunjalo intle loo nto yaye ifanelekile. Noko ke, zininzi izinto esinokuzifunda ngaye—eziya kuba yingenelo kuthi.

Uthando nokumhlonela kwakho kuxhomekeke kwindlela omazi ngayo. Ngokufanayo, okukhona umazi uThixo kokukhona uya kuba nolwalamano olusenyongweni naye. UThixo unokukunceda kumahlandenyuka obomi ukuba umazi kakuhle uze ufunde ukwenza ukuthanda kwakhe.

Ungumntu onjani uThixo? Iimpawu zakhe zimele zizichaphazele njani imvakalelo zakho? Ngaba ukumazi kuthetha ukuba kukho izinto ethile omele uzenze? Le mibuzo iza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 3]

Indlela ovakalelwa ngayo ngabanye ixhomekeke ekubeni ubazi kakuhle kangakanani