Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngokwenene Uluhlobo Olunjani Lomntu UBawo Wethu Wasezulwini?

Ngokwenene Uluhlobo Olunjani Lomntu UBawo Wethu Wasezulwini?

Ngokwenene Uluhlobo Olunjani Lomntu UBawo Wethu Wasezulwini?

ABANTU abaninzi bayakwazi ukucengceleza uBawo Wethu wasezulwini, umthandazo ongumzekelo uYesu awawufundisa abafundi bakhe. (Mateyu 6:9-13) Sihlandlo ngasinye besenza lo mthandazo, uThixo bambiza ngokuba “NguBawo Wethu.” Bangaphi abamazi kakuhle kubo?

Kuthekani ngawe? Umazi kakuhle kangakanani uThixo? Ngaba unolwalamano olusenyongweni naye, uyathetha naye, uyazazi izinto ezikuvuyisayo nezikwenza buhlungu? Kuthetha ntoni ukwazi uThixo?

“Igama Lakhe NguYehova”

Umntwana ofunda ukuthetha ekuphela kwento ayaziyo kukuba uyise nguTata. Njengokuba ekhula, uza kulazi igama likayise, indlela ajongwa ngayo aze abe nelunda ngaye. Kuthekani ngoMniki-bomi wethu wasezulwini? Ngaba uyalazi igama lakhe nentsingiselo yalo?

Nangona abantu abaninzi belicengceleza ibinzana elithi “Malingcwaliswe igama lakho” xa besenza uBawo Wethu Osezulwini kodwa bema nematha xa bebuzwa ukuba, “Ngubani igama lakhe lo Bawo wasezulwini?” Isibhakabhaka esineenkwenkwezi, intaba engurhec’ izulu nezinto eziphila elwandle—zibubungqina bokuba uThixo ukho. Kodwa azisixeleli ukuba ngubani igama lakhe. Ukuze silazi igama lakhe kufuneka siye eBhayibhileni. Yona ithi: “UYehova ligama lakhe.”—Eksodus 15:3.

UThixo ufuna simazi ngegama lakhe elinguYehova. Kutheni efuna simazi ngalo? Kungenxa yokuba igama lakhe lisichazela uhlobo lomntu anguye. Igama lakhe lithetha ukuba “Ubangela Kubekho.” Ngamanye amazwi uba yiyo nantoni afuna ukuba yiyo ukuze aphumeze injongo yakhe. Ukuze ukuqonde oku cinga ngale ndlela: Ukuze indoda inyamekele intsapho yayo iyasebenza, iba ngumluleki, umgwebi, umlamli, umkhuseli nomfundisi kuxhomekeka kulo nto kufuneka yenziwe entsatsheni. Ngendlela efanayo, igama elithi Yehova liyasiqinisekisa ukuba uThixo uyakwazi ukuphumeza ukuthanda kwakhe ukuze kulungelwe abakhonzi bakhe nokuba sekumnyam’ entla.

Makhe siqwalasele amanyathelo awahlukahlukeneyo uThixo awathabathayo achaza intsingiselo yegama lakhe. Ukwenjenjalo kuya kukunceda wazi ukuba uYehova unguThixo onjani yaye ufanele wenze ntoni ukuze usondele kuye.

“UThixo Wothando Nowoxolo”

Umpostile uPawulos umbiza uMenzi wethu ‘njengoThixo wothando nowoxolo.’ (2 Korinte 13:11) Kutheni embiza njalo? UYesu Kristu ngaphambilana wathi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Ngenxa yothando olunzulu uThixo analo ngabantu, wanikela ngoNyana wakhe oyintanda njengentlawulelo ukuze bonke ababonakalisa ukholo kuye bafumane ubomi obungunaphakade baze bakhululeke kwintlungu nokubandezeleka okuziswa sisono. Kungeso sizathu le nto uPawulos waphinda wathi: “Umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa, kodwa isipho uThixo asinikayo bubomi obungunaphakade ngoKristu Yesu iNkosi yethu.” (Roma 6:23) Oku kufanele kusenze simthande uThixo.

UThixo akabonisi nje uthando ebantwini bonke kodwa ulubonisa nakubantu ngabanye. KuSirayeli wamandulo owayengathobeli, uMoses wathi: “Nenjenje na ukumphatha uYehova, bantundini abaziziyatha nabangenabulumko? Akanguye na uYihlo okuvelisileyo, okwenzileyo waza wakuzinzisa?” (Duteronomi 32:6) Ngaba uyayiqonda intsingiselo yala mazwi? NjengoBawo onothando, uYehova wayebanyamekela abantu bakhe phezu kwazo nje iintsilelo zabo. Wayenyamekela zonke iintswelo zabo zokwenyama, ezingokwemvakalelo nezingokomoya.

Sonke siyafikelwa ziinzingo zobomi yaye maxa wambi siyadimazeka side sidandatheke. Sifuna umntu onokusinceda sibe nembono elungeleleneyo ngeemeko neengxaki zethu. Ngubani onokusinceda? NgeLizwi lakhe iBhayibhile, uYehova uyasiluleka aze asinyamekele ngobubele. Lo Mqulu uNgcwele uchaza isizathu sokuba sibandezeleke nendlela esinokuhlangabezana ngayo nako. Kanye njengokuba ubawo onothando emnceda unyana wakhe xa eye wazenzakalisa, ngenxa yothando lwakhe uYehova uyasinceda xa sisengxakini. Okunene, uYehova uyakwazi ukubanceda abo banokholo kuye.—Isaya 59:1.

‘Ukuphulaphula kwakhe imithandazo’ yethu kubonisa indlela asithanda ngayo. (INdumiso 65:2) Ibonakala njani loo nto? Umpostile uPawulos uyachaza: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.” (Filipi 4:6, 7) Xa uthandaza ngokunyanisekileyo kuThixo uze ulandele ulwalathiso oluseLizwini lakhe, nawe unganandipha “uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda.”

“UThixo Wolwazi”

EBhayibhileni uYehova uThixo uchazwa ‘njengogqibeleleyo ngolwazi.’ ‘NjengoThixo wolwazi’ uzazi kakuhle iintswelo zabantu kunaye nabani na. (Yobhi 36:4; 1 Samuweli 2:3) Wathi kumkhonzi wakhe uMoses, “akaphili ngasonka sodwa umntu kodwa uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.” (Duteronomi 8:3; Mateyu 4:4) Oku kuthetha ukuba ukuze sonwabe ebomini sifuna okungakumbi kunezinto eziphathekayo.

UMdali wethu uyasikhokela aze asiluleke ngeLizwi lakhe, iBhayibhile. Xa sifunda iBhayibhile size siphile ngokuvisisana nayo, ayasinceda “amazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.” Ngokomzekelo, uZuzanna, ibhinqa elingumKristu lathi ngokuphathelele ubomi bentsapho yalo: “Umtshato wethu womelezwa kukufunda kunye iBhayibhile, ukuya kwiintlanganiso zamaKristu nokuthetha nabantu ngezinto esizifundileyo. Ekubeni sifundiswa nguThixo, sinosukelo olunye ngenxa yoko sinolwalamano oluqinileyo.”

Ngaba ungathanda ukuxhamla kwisiluleko nakulwalathiso lukaThixo? Xa ufunda iBhayibhile rhoqo uze usebenzise isiluleko sayo ungafumana iintsikelelo.—Hebhere 12:9.

“UThixo Ongumsindisi”

Kwihlabathi lanamhlanje kusoloko kusukuzwana. Abantu abazi ukuba yintoni eza kwenzeka ngomso. Ukuba uhlala kwilizwe ekugquba imfazwe kulo, unokulangazelela uxolo. Kumazwe amaninzi abantu baphila ubomi bentshontsho ngenxa yolwaphulo-mthetho nogonyamelo, ukungazinzi kwezoqoqosho nobugrogrisi. Ngubani oya kusihlangula kobu bugxwayiba? Ngoku kunanini na ngaphambili uluntu lufuna ukukhuselwa nokuhlangulwa.

IBhayibhile ithi: “Yinqaba eyomeleleyo igama likaYehova. Ilungisa libalekela kulo lize likhuseleke.” (IMizekeliso 18:10) Ukwazi igama likaThixo nokukholosa ngalo kunokusenza sicinge ngoko akwenzileyo noko aza kukwenza ukuze ahlangule abo banokholo kuye. UYehova uThixo uye wabonisa ngaphandle kwamathandabuzo ukuba unako ukubahlangula abantu bakhe. Ngokomzekelo, wahlangula uSirayeli ngokutshabalalisa iinqwelo zemfazwe zikaFaro nomkhosi wakhe. UYehova wazingqina enguThixo othembekileyo, uThixo ongabalibaliyo abantu abaxhwalekileyo nonqwenela ukubahlangula.—Eksodus 15:1-4.

Ikamva lethu elingunaphakade lixhomekeke kukholo lwethu kuYehova uThixo njengoMhlanguli. UKumkani uDavide woSirayeli wamandulo, owatyhubela kwiingxaki ezininzi wabonisa ukuba wayemjonga uThixo njengoMhlanguli wakhe, wabhala wathi: “UnguThixo ongumsindisi wam.” (INdumiso 25:5) Umpostile uPetros wathi: “UYehova uyakwazi ukubahlangula esilingweni abantu abanozinikelo lobuthixo.”—2 Petros 2:9.

UThixo uthembisa umntu okholose ngaye esithi: “Ndiya kumkhusela ngenxa yokuba elazi igama lam.” (INdumiso 91:14) Abakhonzi bakaThixo bayakuqonda ukunyaniseka kweso sithembiso. UHenryk wasePoland uye wakhonza uYehova ngokuthembeka kangangeminyaka engama-70 phezu kwabo nje ubunzima nentshutshiso. Xa uHenryk wayeneminyaka eli-16 ubudala uyise wathunyelwa kwinkampu yoxinaniso yaseAuschwitz. UHenryk nomkhuluwa wakhe basiwa kwisikolo sokuqeqesha abantwana abaziinjubaqa. Emva koko wavalelwa kwiinkampu zoxinaniso ezahlukahlukeneyo. Ekhumbula okwenzekayo uHenryk uthi: “Phezu kwazo nje iimeko ezinzima endatyhubela kuzo, uYehova akazange andishiye. Wayendinceda ndihlale ndithembekile nangona ubomi bam babuphakathi kwenyama nozipho.” Ewe, uYehova ubanika ukholo namandla abakhonzi bakhe ukuze banyamezele.

Kungekudala uThixo uza kubasindisa bonke abo banokholo nabakhangele kuye ukuze abahlangule. Uthi: “NdinguYehova, yaye akukho msindisi ngaphandle kwam.” (Isaya 43:11) “Kwimfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla” uya kubatshabalalisa abangendawo aze ahlangule abathe tye. (ISityhilelo 16:14, 16; IMizekeliso 2:21, 22) UYehova usiqinisekisa esithi: “Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”—INdumiso 37:11.

Ukuba ‘Ngabantwana BakaThixo’

Ngemihla yomprofeti uMalaki amaSirayeli ayesithi uYehova nguYise. Kodwa xa kufuneka bambeke baze bazinikele kuye, babemenzela amadini ngesonka esingcolileyo nangezilwanyana eziziimfama neziqhwalelayo. Kungeso sizathu le nto uYehova wawabuza ukuba: “Ukuba ndinguyihlo, kuphi na ukubekwa kwam?”—Malaki 1:6.

Ungenzi impazamo efana naleyo yenziwa ngala maSirayeli angathembekanga. Kunoko, sikukhuthaza ukuba ufunde ngoYehova uThixo uze usondele kuye. Umfundi uYakobi ubongoza esithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.”—Yakobi 4:8.

Ukuba noBawo onguYehova kuhambisana neembopheleleko ezithile. Ukuba wenza konke okusemandleni akho ukuze uphile ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo kuzo zonke iinkalo zobomi bakho, akanakuze akulibale. Uya kukunceda uhambe kumendo othe tye osa kwihlabathi elitsha alithembisileyo, apho ‘kungazi kubakho kufa, kuzila kukhala neentlungu kwakhona.’ (ISityhilelo 21:4) Ngelo xesha lonke uluntu oluthobelayo ‘luya kukhululwa ekukhotyokisweni kukonakala luze lube nenkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.’—Roma 8:21.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]

UThixo ufuna simazi ngegama lakhe elinguYehova elithetha ukuba “Ubangela Kubekho”

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 6]

“Phezu kwazo nje iimeko ezinzima endatyhubela kuzo, uYehova akazange andishiye.”—UHENRYK

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 7]

“Umtshato wethu womelezwa kukufunda kunye iBhayibhile, ukuya kwiintlanganiso zamaKristu nokuthetha nabantu ngezinto esizifundileyo.”—UZUZANNA