‘UThixo Wentuthuzelo Yonke’
Sondela KuThixo
‘UThixo Wentuthuzelo Yonke’
IZINTO ezininzi ebomini—njengokubandezeleka, ukuphoxeka, ukuba lilolo—zisenokuzisa intlungu nobudwayi. Ngamaxesha anjalo usenokubuza, ‘Ndingalufumana phi uncedo?’ Amazwi ompostile uPawulos afumaneka kweyesi-2 Korinte 1:3, 4 alatha kumthombo ongasileliyo wentuthuzelo—uYehova uThixo.
Kwindinyana yesithathu uThixo ubizwa ngokuba ‘nguYise onenceba.’ Athetha ukuthini la mazwi? Igama lesiGrike elithi ‘inceba’ lisenokuthetha ukuvelana nabanye. a Enye imbekiselo yeBhayibhile iliguqulela eli binzana ngokuthi “ukuba nosizi” okanye “ukuba nenkathalo.” Inceba uThixo anayo imqhubela esenzweni. Ukwazi olu phawu lobuntu bukaThixo lusenza sifune ukusondela kuye, akunjalo?
Kwakhona uPawulos uthi uYehova ‘nguThixo wentuthuzelo yonke.’ Apha uPawulos usebenzisa igama eliquka “ingcamango yokuthuthuzela umntu okhathazekileyo okanye osentlungwini nokumnceda okanye ukumkhuthaza.” IThe Interpreter’s Bible ithi: “Umntu obandezelekileyo simthuthuzela xa simnceda anyamezele intlungu.”
Usenokubuza, ‘UThixo usithuthuzela aze asikhuthaze njani xa sisentlungwini?’ Usithuthuzela ngeLizwi lakhe iBhayibhile nangesipho somthandazo. UPawulos usixelela ukuba ngenxa yokuba uThixo esithanda uye wasinika iLizwi Lakhe ukuze “ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba.” Ukongezelela kwimithandazo esuka entliziyweni, singaxhamla “uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda.”—Roma 15:4; Filipi 4:7.
Ubathuthuzela kangakanani uYehova abantu bakhe? UPawulos uthi uThixo ‘usithuthuzela kuyo yonke imbandezelo yethu.’ (2 Korinte 1:4) Kungakhathaliseki enoba sityhubela kwingcinezelo, kwintlungu okanye ukubandezeleka uThixo angasinika inkalipho namandla okumelana nazo. Ngaba oko akusomelezi?
Intuthuzelo kaThixo ayipheleli kulo mntu uthuthuzelwayo. UPawulos uhlabela mgama esithi uThixo uyasithuthuzela ukuze “sikwazi ukuthuthuzela abo bakulo naluphi na uhlobo lwembandezelo ngayo intuthuzelo nathi ngokwethu esithuthuzelwa ngayo nguThixo.” Ekubeni sithuthuzelwa kwiimbandezelo zethu, siyavelana nabanye size sincede abo bafuna ukuncedwa.
‘NjengoThixo wentuthuzelo yonke,’ uYehova akaziphelisi iingxaki neentlungu zethu. Nakuba kunjalo, sinokuqiniseka ukuba: Xa sibhenela kuye unokusomeleza sinyamezele iintlungu okanye iingxaki esijamelana nazo. Ngokuqinisekileyo uThixo onemfesane ngolo hlobo sifanele simnqule size simdumise.
[Umbhalo osemazantsi]
a UThixo ubizwa ngokuba “nguYise [okanye umthombo] wenceba” ngenxa yokuba ivela kuye mfesane yaye yinxalenye yobuntu bakhe.