Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYesu Wayebamangalisa Abaphulaphuli Bakhe

UYesu Wayebamangalisa Abaphulaphuli Bakhe

Inqaku Labaselula

UYesu Wayebamangalisa Abaphulaphuli Bakhe

Imiyalelo: Funda ezi ndinyana zingezantsi kwindawo engenasiphazamiso. Njengokuba ufunda ezi ndinyana yiba ngathi ulapho. Yiba nomfanekiso ngqondweni woko kwenzekayo. Makube ngathi uyaweva amazwi abantu ofunda ngabo. Vakalelwa ngendlela abavakalelwa ngayo abantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni. Senze esi siganeko sibe yinto yokwenene.

HLALUTYA ESI SIGANEKO.—FUNDA ULUKA 2:41-47.

Ucinga ukuba ziintoni ekwakuthethwa ngazo kwindinyana yama-46?

․․․․․

PHANDA NGOKUNZULU.

Ucinga ukuba yintoni eyamenza uYesu wakwazi ukuthetha neenkokeli zonqulo nangona wayeselula? Ngaba kwakungenxa yokuba wayefezekile okanye sasikhona esinye isizathu?

․․․․․

HLALUTYA ESI SIGANEKO.—FUNDA ULUKA 2:48-52.

Ucinga ukuba sisiphi isimo sengqondo awayenaso uYesu xa wayebuza oku: “Bekutheni na ukuze nihambe nifunana nam?”

․․․․․

Kutheni sinokuqiniseka ukuba uYesu akazange athethe rhabaxa okanye ngokungenambeko kubazali bakhe?

․․․․․

PHANDA NGOKUNZULU.

Kutheni siqondakala isizathu sokuba uYosefu noMariya baxhalabe?

․․․․․

Nangona uYesu wayefezekile kwakutheni ukuze abathobele abazali bakhe?

․․․․․

Ngaba ucinga ukuba uYesu waziva ehlazekile xa wayelungiswa phambi kwabantu ababemhlonela?

․․․․․

KUSEBENZISE OKUFUNDILEYO. ZIBHALE PHANTSI IZINTO OZIFUNDILEYO . . .

Ngokuthobela.

․․․․․

Ngokuba noxabiso ngolwazi lweBhayibhile ngoxa uselula.

․․․․․

ZIZIPHI IINKALO EZIKUCHUKUMISILEYO KWEZI NGXELO YAYE NGOBA?

․․․․․