Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuba Asiqinisekanga Ngendlela Elibizwa Ngayo Igama LikaThixo Kutheni Silisebenzisa?

Ukuba Asiqinisekanga Ngendlela Elibizwa Ngayo Igama LikaThixo Kutheni Silisebenzisa?

Imibuzo Yabafundi

Ukuba Asiqinisekanga Ngendlela Elibizwa Ngayo Igama LikaThixo Kutheni Silisebenzisa?

Akakho umntu oyaziyo indlela elalibizwa ngayo igama likaThixo kwisiHebhere samandulo. Noko ke, igama likaThixo livela izihlandlo ezingama-7 000 eBhayibhileni. UYesu walazisa igama likaThixo ngoxa wayesemhlabeni, yaye wafundisa abalandeli bakhe ukuthandazela ukungcwaliswa kwelo gama. (Mateyu 6:9; Yohane 17:6) Kodwa ke, siqinisekile ukuba ukusetyenziwa kwegama likaThixo kubaluleke gqitha kumaKristu. Kutheni singaqinisekanga ngendlela elalibizwa ngayo eli gama namhlanje? Zibini izizathu.

Okokuqala, kwiminyaka engamawaka amabini eyadlulayo, amaYuda aba nenkolelo yokuba kwakungafanelekanga ukubiza igama likaThixo. Xa umntu efunda indinyana yeBhayibhile aze adibane negama likaThixo wayengalibizi kunoko wayesebenzisa isibizo esithi “Nkosi.” Ngenxa yesi sizathu, emva kweenkulungwane ezininzi lingasetyenziwa, yalityalwa indlela elalibizwa ngayo.

Isizathu sesibini, mandulo isiHebhere sasibhalwa ngaphandle kwezikhamiso, sasibhalwa njengezishunqulelo kwisiNgesi nakwezinye iilwimi. Xa efunda into ebhaliweyo, umfundi wayezifakela ngokwakhe izikhamiso. Ethubeni, kwaveliswa indlela yokubiza amagama esiHebhere ukuze angalibaleki. Igama ngalinye lalifakelwa izikhamiso kwiBhayibhile yesiHebhere. Noko ke, kwigama likaThixo, kwafakelwa izikhamiso kwigama elithi “Nkosi” kusenzelwa ukuba xa umntu elifunda akwazi ukulibiza, okanye zazingafakwa ngokupheleleyo.

Kwasala oonobumba abane ababizwa ngokuba yiTetragrammaton, esinye isichazi magama sithi “yayingoonobumba abane besiHebhere [abadla] ngokuguqulelwa ngokuthi YHWH okanye JHVH elo yayilelona gama likaThixo.” Kulula ukubona indlela ab nobumba uJHVH, abanokubizwa ngokuba kuthiwe “Jehovah,” xa befakelwe izikhamiso, le ndlela yeyona iqhelekileyo neyamkelekileyo kwisiNgesi.

Bambi abaphengululi, bakhetha ukuba libizwe ngokuthi “Yahweh.” Ngaba loo ndlela isondele kwindlela elalibizwayo ngayo ntlandlolo? Akukho mntu unokuqiniseka. Abanye abaphengululi baye bachaza izizathu zokuba bangayisebenzisi le ndlela. Ngokuqinisekileyo amagama eBhayibhileni, xa ebizwa ngeelwimi zale mihla, awasondelanga kwaukusondela kwindlela awayevakala ngayo ngesiHebhere, yaye akakho umntu ochasene noko. Kungenxa yokuba la magama ayinxalenye yeelwimi esizithethayo yaye kulula ukuwaqonda. Kunjalo nangegama likaYehova.

AmaKristu enkulungwane yokuqala ayebizwa ngokuba ngabantu begama likaThixo. Babeshumayela ngelo gama bekhuthaza nabanye abantu ukuba balibize. (IZenzo 2:21; 15:14; Roma 10:13-15) Kucacile, ukuba kubalulekile kuThixo ukuba sisebenzise igama lakhe ngelwimi esizithethayo siqonde intsingiselo yalo, size siphile ngokuvisisana noko likumeleyo.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 31]

Igama likaThixo livela izihlandlo ezingama-7 000 eBhayibhileni