Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Ungaze Uwulibale Umsebenzi Wendlu Ngendlu”

“Ungaze Uwulibale Umsebenzi Wendlu Ngendlu”

“Ungaze Uwulibale Umsebenzi Wendlu Ngendlu”

Kubalisa uJacob Neufeld

“Enoba kwenzeka ntoni ungaze uwulibale umsebenzi wendlu ngendlu.” Loo mazwi enkenteza engqondweni yam, ndahamba iikhilomitha ezintlanu ndisiya kweyona dolophana ikufutshane. Ukufika kwam ndandisoyika ukungena kwindlu yokuqala. Emva kobo bunzima ndaya ehlathini ndaza ndathandazela ukuba nenkalipho yokushumayela. Ekugqibeleni ndaya kwindlu yokuqala ndaza ndashumayela.

KWAKUTHENI ukuze ndiye kule dolophana ekwintlango yaseParaguay apho ndandizama ukushumayela ndedwa? Makhe ndinibalisele. Ndazalwa ngoNovemba 1923 kwidolophana yaseKronstalʹ eUkraine kwiphondo laseMennonite labantu abathetha isiJamani. Ngasekupheleni kweminyaka yee-1700 abantu abathile baseJamani bafudukela eUkraine bavavwa ngamalungelo athile aquka inkululeko yonqulo (kodwa bengavumelekanga ukuba bashumayele), ilungelo lokuzilawula nokungayingeneli inkonzo yasemkhosini.

Kodwa lathi lakuqalisa ukulawula iQela lamaKomanisi aphucwa onke loo malungelo. Ngasekupheleni kweminyaka yee-1920 iifama zanikwa abantu ukuba bazilimele ngaphantsi kukarhulumente. Abantu babenganikwa kutya ngaphandle kokuba basebenzisane norhulumente yaye nabaphi na ababezama ukuxhathisa babesohlwaywa ngokuqatha. Ngeminyaka yee-1930 amadoda amaninzi ayebanjwa ngamagosa eKGB ebusuku, ekugqibeleni kwasala amadoda ambalwa kwiidolophana ezininzi. Leyo yindlela endahlukana ngayo notata ngowe-1938 xa ndandineminyaka eli-14 ubudala yaye andizange ndiphinde ndimbone okanye ndimve ethetha. Emva kweminyaka emibini umkhuluwa wam naye wabanjwa.

Ngowe-1941 imikhosi kaHitler yahlasela iUkraine. Oku kwasikhulula kulawulo lwamaKomanisi. Noko ke, iintsapho ezisibhozo zamaYuda ezazihlala nathi zathi shwaka. Zonke ezi zinto zandishiya ndinemibuzo emininzi. Kwakutheni ukuze kwenzeke ezi zinto?

Ukunyaniseka Kwasindisa Ubomi Bam

Ngowe-1943 imikhosi yaseJamani yarhoxa ibuyela umva neentsapho ezininzi ezithetha isiJamani kuquka namalungu entsapho yam ukuze zixhase imfazwe. Ngelo xesha ndandisele ndisebenza kwicandelo lokhuseleko eRomania. Mayelana neli xesha kwenzeka into ethile ebomini bam eyaba nempembelelo enkulu.

Umphathi wethu wazama ukuvavanya ukunyaniseka kwam. Wandiyalela ukuba ndithabathe iyunifom yakhe ndiye kuyihlambisa. Kwenye yeepokotho zakhe kwakukho imali. Xa ndandiyibuyisela kuye wathi wayengafakanga nto. Ndanyanzelisa ndisithi bekukho imali epokothweni yakhe. Akuzange kube kudala emva koko ndenziwa isekela lakhe ndisebenza eofisini, ndinika ogxa bam umsebenzi ndandikwangunondyebo webutho lethu.

Ngobunye ubusuku umkhosi wamaRashiya wathimba lonke ibutho lethu ngaphandle kwam; ndandisele ngasemva ndigqibezela umsebenzi womphathi. Ngokolwazi lwam ndim kuphela ongazange athinjwe kuba esi sabelo ndasifumana ngenxa yokunyaniseka. Ukuba kwakungenjalo nam ngendandibanjiwe.

Ngenxa yoko, ngowe-1944 ndanikwa iholide ende. Ndaya kubona umama ekhaya. Ngoxa ndandisalinde omnye umsebenzi ndaqeqeshwa yingcibi eyakha ngamatye okanye izitena. NgoAprili 1945 umkhosi waseMerika wahlasela kufutshane nedolophu yethu iMagdeburg. Emva kwenyanga imfazwe yaphela. Sasisaphila. Ikamva lethu labonakala liqaqambile.

Ngenye imini ngoJuni seva isaziso ngomboko, “Imikhosi yaseMerika izichithile iintente phezolo yaye imikhosi yaseRashiya iza kugaleleka ngentsimbi yeshumi elinanye namhlanje.” Sasidakumbile kuba sasisazi ukuba siza kuphinda silawulwe ngamaKomanisi. Ngokukhawuleza mna nomntakwethu salungiselela ukusaba. Ngasekupheleni kwehlobo sasisele siwelele kwinxalenye yeMerika. NgoNovemba phantsi kobunzima obukhulu nomngcipheko sabuyela kwinxalenye eyayilawulwa ngamaRashiya saza sasaba neentsapho zethu.

“Phulaphula Ngenyameko Uze Uthelekise”

Sahlala kummandla owawubizwa ngokuba yiNtshona Jamani. Ekuhambeni kwexesha ndaba nomdla eBhayibhileni. NgeeCawa ndandisiya ehlathini ndize ndifunde iBhayibhile kodwa oko ndandikufunda kwakukhangeleka ngathi kuphelelwe lixesha. Kwakhona ndandisiya kwisikolo seBhayibhile ndifundiswa ikhathikezi ndilungiselela ukubhaptizwa njengeMennonite. Ndothuka ndakufunda kwikhathikezi amazwi athi: “UThixo uBawo, uThixo uNyana noThixo uMoya Oyingcwele,” elandelwa ngumbuzo othi: “Ngaba kukho Oothixo abathathu?” Impendulo yayibhalwe ngezantsi isithi: “Akunjalo ngubathathu emnye.” Ndabuza umfundisi ukuba yenzeka njani loo nto. Impendulo yakhe yathi, “Mfowam, musa ukuzikhathaza ngezi zinto; abaninzi baye bashiywa ziingqondo ngenxa yemibuzo enje ngalo wakho.” Kanye ngelo xesha ndagqiba ekubeni ndingabi sabhaptizwa.

Emva kweentsuku ezithile ndeva umzala encokola nomntu endingamaziyo. Ekubeni ndandifun’ ukwazi ndabuza imibuzo embalwa. Ndandingamazi igama lakhe ngelo xesha kodwa kamva ndafumanisa ukuba yayinguEric Golatsik owayesinde kwinkampu yoxinaniso yaseWewelsburg. Wandibuza enoba ndiyafuna na ukuyazi iBhayibhile. Ndathi ndakuthi ewe, wandiqinisekisa ukuba yonke into awayeza kundifundisa yona yayiza kuphuma eBhayibhileni.

Emva kokundityelela izihlandlo ezimbalwa uEric wandimemela kwindibano yamaNgqina kaYehova endicinga ukuba yayiyeyokuqala emva kwemfazwe. Ndandichukumisekile yaye ndandizibhala phantsi zonke izibhalo ezazifundwa zizithethi okanye zizicaphula. Ngokukhawuleza ndafumanisa ukuba ukufunda iBhayibhile kuhambisana neembopheleleko ezithile yaye ndagqiba ekubeni ndisiphelise isifundo. Kwakhona kwakunzima ukuqonda ukuba lwalulunye kuphela unqulo lokwenyaniso. Wathi akufumanisa uEric ukuba ndandifuna ukubuyela kwicawa yam wandicebisa wathi, “Phulaphula ngenyameko uze uthelekise.”

Ndabatyelela kabini abefundisi becawa endandikuyo yaye emva koko ndaqonda ukuba babengayazi into ababethetha ngayo yaye babengenayo inyaniso. Ndabhalela iqela labefundisi ndaza ndababuza imibuzo yeBhayibhile. Omnye waphendula wathi, “Awunalo ilungelo lokuphengulula iZibhalo kuba awuzalwanga ngokutsha.”

Ibhinqa endandithandana nalo landinyanzela ukuba ndenze ukhetho olunzima. Lalililungu lehlelo lamaMennonite. Lanikezela kwingcinezelo yentsapho yakowalo eyayiwathiyile amaNgqina kaYehova landixelela ukuba, ukuba andifuni kwahlukana nolu nqulo lwam lutsha sasingenakuphinda sibonane. Ngesi sihlandlo inyaniso yayicace gca kum, ngoko ndandisazi ukuba ndimele ndenze ukhetho olunye kuphela.

UEric waphinda wandityelela. Wandixelela ukuba kwakukho abantu abaza kubhaptizwa kwiveki ezayo waza wandibuza ukuba andingethandi na mna ukubhaptizwa. Ndandisele ndifikelele kwisigqibo sokuba amaNgqina kaYehova ayefundisa inyaniso yaye ndandifuna ukukhonza uYehova uThixo. Ndasamkela isimemo sakhe yaye ndabhaptizelwa ebhafini ngoMeyi 1948.

Kamsinya nje emva kokuba ndibhaptiziwe intsapho yam yafudukela eParaguay, eMzantsi Merika yaye uMama wandibongoza ukuba ndihambe. Ndandingafuni kuba ndandisafuna ukwazi okungakumbi ngeBhayibhile yaye ndifuna nokuqeqeshwa. Kutyelelo lwam kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eseWiesbaden, ndadibana noAugust Peters. Wandikhumbuza ngembopheleleko yokunyamekela intsapho yam. Kwakhona wandiyala wathi: “Enoba kwenzeka ntoni ungaze uwulibale umsebenzi wendlu ngendlu. Ukuba ungawulibala uya kufana namarhamente eNgqobhoko.” Nanamhl’ oku, ndiyakuqonda ukubaluleka kwelo cebiso nemfuneko yokushumayela ‘kwindlu ngendlu.’—IZenzo 20:20, 21.

“Umprofeti Wobuxoki” EParaguay

Emva kokudibana kwam noAugust Peters, ndenjenjeya nentsapho yam ukuya eMzantsi Merika. Safikela kummandla waseGran Chaco eParaguay kwiphondo elalineMennonite. Emva kweeveki ezimbini sifikile ndathabatha uhambo olunzima ndisiya kushumayela kwidolophana ekufutshane. Iindaba zanwenwa ngokukhawuleza zokuba kukho “umprofeti wobuxoki” phakathi kwabantu abafikileyo.

Leli xesha olwandinceda ngalo uqeqesho lokwakha. Ntsapho nganye eyayifudukele apho yayifuna indawo yokufihl’ intloko eyayakhiwe ngezitena zodaka yaza yafulelwa ngengca. Kangangeenyanga ezintandathu ndandixakeke gqitha yaye kwavuleka amathuba okushumayela. Abantu babedla ngokundiphulaphula kodwa xa zigqityiwe izindlu zabo babendichasa.

Iinqanawa zaqhubeka zifika neembacu zeMennonite ezazivela eJamani. Phakathi kwazo kwakukho ibhinqa elinguKaterina Schellenberg owayekhe wadibana namaNgqina waza waqonda ukuba ayefundisa inyaniso. Nangona wayengekabhaptizwa kubantu awayekhwele nabo enqanaweni wayesithi uliNgqina likaYehova. Ngenxa yoko akazange ayinikwe imvume yokuhlala kweli phondo lalinamaJamani. Wasala eAsunción, idolophu elilikomkhulu laseParaguay, wafuna umsebenzi wokuncedisa ekhaya, wafunda ulwimi lweSpanish, wakhangela amaNgqina waza wabhaptizwa. Ngo-Oktobha 1950 eli bhinqa liselula likhaliphileyo laba ngumfazi wam. Waba yintonga yam yasekhosi ukutyhubela yonke loo minyaka.

Ngexesha elingephi ndandisele ndiqwebe imali yokuthenga inqwelo erhuqwa ngamahashe amabini, ndandiyisebenzisa kumsebenzi wokushumayela yaye icebiso likaMzalwan’ uPeters lalisoloko linkenteza engqondweni yam. Ngeloo xesha udadewethu omncinane owayesele eliNgqina waza kuhlala nathi. Sasivuka ekuseni ngentsimbi yesine, sihambe iiyure ezine, sishumayele iiyure ezimbini okanye ezintathu size sibuyele ekhaya.

Kuncwadi lwethu ndandidla ngokufunda ngeentetho zesidlangalala, ngenxa yoko ndalungiselela enye. Andizange ndibe kwiintlanganiso zebandla eJamani kodwa ndayiqikelela indlela enikelwa ngayo ndathetha ngoBukumkani bukaThixo. Kweza abantu abasibhozo kuloo ntlanganiso yaye abefundisi beCawa yeMennonite bakhathazeka gqitha. Baququzelela iphulo lokuqokelela lonke uncwadi esasiluhambisele abantu yaye babayalela ukuba bangasibulisi.

Emva koko ndathunyelelwa umsila wengwe sisigqeba solawulo lwephondo, ndancinwa ngemibuzo iiyure eziliqela ngabalawuli nangabafundisi ababini ababevela eKhanada. Ekugqibeleni omnye wabo wathi: “Mfowam ungayikholelwa nantoni na ofuna ukuyikholelwa kodwa ndifuna undithembise ukuba akusayi uphinde uthethe nakubani na ngeenkolelo zakho.” Ndandingenakukwazi ukwenza isithembiso esinjalo. Bandinika uphum’ aphele kwelo phondo kuba babengamfuni “umprofeti wobuxoki” phakathi “kwabazalwana abathembekileyo.” Ndathi ndisakwala bathi baza kuzihlawula zonke iindleko zohambo lwentsapho yam. Ndabetha ngenqindi phantsi ndisithi andihambi.

Ngehlobo lowe-1953 ndaya kwindibano eyayiseAsunción. Kulo ndibano ndathetha noNathan Knorr owayesuka kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova eBrooklyn, eNew York. Wacebisa ukuba ndifudukele kwidolophu elikomkhulu ndize ndisebenze nebathwana labavangeli basemazweni ekubeni umsebenzi wokushumayela kwiphondo laseMennonite wawungenamveliso kangako.

Ukufuna UBukumkani Kuqala

Kwakukho amaNgqina angama-35 eParaguay ngelo xesha. Ndathetha nomfazi wam nangona wayengakuthandi ukufudukela kwidolophu enkulu kodwa ekugqibeleni wavuma. Ngowe-1954 mna noKaterina sazakhela indlu ngexesha esasingenzi nto ngalo. Sasingaphoswa ziintlanganiso yaye sasisoloko sithetha nabantu ngeBhayibhile ngeempelaveki.

Elinye ilungelo endaba nalo kukuhamba nomveleli wesiphaluka ukuze ndimtolikele xa etyelele amaphondo ekuthethwa isiJamani kuwo. Ekubeni ndandinofifana nje lweSpanish isabelo sam sokuqala sokutolika iSpanish ndisisa kwisiJamani sasilucelomngeni olungathethekiyo.

Ngenxa yempilo enkenenkene yomfazi wam sancothula iintente ngowe-1957 saya kuzigxumeka eKhanada. Safudukela eUnited States ngowe-1963. Kungakhathaliseki apho sasifudukela khona sasibeka uBukumkani kuqala ebomini bethu. (Mateyu 6:33) Ndiyambulela uYehova uThixo ngokundivumela ukuba ndifunde inyaniso yeLizwi lakhe iBhayibhile ngoxa ndandiseze ngobuso elizweni. Uqeqesho endalufumanayo lwandinceda kwizinto ezininzi ebomini bam.

Kube lilungelo elikhulu ukunceda abanye bafunde ngeenyaniso eziseBhayibhileni eziye zandithuthuzela. Ndivuyiswa kukuba bonke abantwana bam nabazukulwana baye bazuza ngokupheleleyo kwasebusaneni kolu qeqesho lweBhayibhile. Bonke basebenzisa icebiso likaMzalwan’ uPeters, owathi kwakude kudala, “Enoba kwenzeka ntoni ungaze uwulibale umsebenzi wendlu ngendlu.”

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 22]

Ndivuyiswa kukubona bonke abantwana bam nabazukulwana bezuza ngokupheleleyo kwasebusaneni kolu qeqesho lweBhayibhile

[Imifanekiso ekwiphepha 20, 21

Mna noKaterina ngaphambi komtshato wethu ngowe-1950

[Umfanekiso okwiphepha 21]

Sikunye nomntwana wethu wokuqala kwikhaya lethu eParaguay ngowe-1952

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Ndikunye nabantwana nabazukulwana bam

[Inkcazelo]

Photo by Keith Trammel © 2000

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 19]

Photo by Keith Trammel © 2000