Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Xa Ufika KuMlambo ICoco, Uze Ujike Ngasekunene”

“Xa Ufika KuMlambo ICoco, Uze Ujike Ngasekunene”

Ileta Evela ENicaragua

“Xa Ufika KuMlambo ICoco, Uze Ujike Ngasekunene”

“KUZA kufuneka ufumane imoto ekwaziyo ukuhamba kwiindlela ezimbi, umatshini wokutsala okanye ukuphakamisa izinto ezinzima neembombozi zepetroli. Kufuneka wazi ke ukuba uza kuhamba uxinga ngenxa yodaka. Xa ufika ngakumlambo iCoco, uze ujike ngasekunene.”

Mandivume ukuba la mazwi ogxa wam ongumvangeli wasemazweni andenza ndanedyudyu. Sekunjalo, ngenye intsasa yangoLwesibini ndathabatha uhambo lokuya kwindibano yamaKristu eyayiseWamblán, idolophana eyayisemantla eNicaragua.

Ndanduluka kusempondo zankomo ndiqhuba ibhaki yam endala eyomeleleyo kuhola wendlela odibanisa uMntla noMzantsi Merika. Ndathi ndakufika eJinotega ndahamba kwindlela yomhlaba abantu balapho abayibiza ngokuba yifeo okanye indlela embi. Ngaphambi kokunduluka ndabona iivenkile ezimbini, enye kuthiwa Ngummangaliso KaThixo enye ibizwa ngokuba, Luvuko.

Le ndlela yayinamajikojiko namagophe. Ndandithe chu kulo majikojiko. Ndandihamba ecaleni kwechibi kwintaba eyayigqunywe ngamafu. Kuloo nkungu ndabona umyezo omhle owawunohlaza.

Kwelinye igophe ndaphantse ndangqubana nebhasi eyayihamba phakathi endleleni. Yayikhupha umsi omnyama yaye njengoko yayidlula kwakutaka amatye emavilini. Apha eNicaragua ungafika ezibhasini kubhalwe amagama abaqhulwa ngawo abaqhubi njengelithi: Ikroti, Unomadudwane, Inamba okanye Umzingeli.

Emini emaqanda ndandicanda kuloo Mathafa asePantasma. Apho ndadlula kwindlu yamaplanga eyayinebala elitshayelweyo. Phandle kwakukho indoda eyayihleli esitulweni, inja elele phantsi komthi yaye iinkabi zeenkomo ezimbini zibotshwe enqweleni. Kwenye idolophana ndabona igquba labantwana liphuma esikolweni. Njengokuba aba bantwana babenxibe iyunifom ezuba babengathi ngamaza elwandle.

Njengokuba ndandisondela eWiwilí ilanga laligqats’ ubhobhoyi yaye ndandiqala ngqa ukubona umlambo iCoco. Lo mlambokazi wawunqumla kule dolophu. Ndayikhumbula imiyalelo ndaza ndajika ngasekunene, ndahamba iikhilomitha ezingama-37 kuloo ndlela inamagingxigingxi ndisiya eWamblán.

Imoto yayihambmkwizadunge zamanzi asendleleni. Njengoko ndandizama ukuphepha ezi zigingqi ezisendleleni lo nto yabangela uthuli oluninzi. Ekugqibeleni ndade ndaya kufika eWanblán, apho ndandisiya khona.

Ngeye 4:30 ngenj’ ixukuxa bonke abantu balapha babesele bevukile. Ekuseni ndavuswa kukukhala kwenkuku, ndaphuma phandle ndabethwa ngumoya. Impepho yasekuseni yayizaliswe livumba elimnandi lamaqebengwane awayebhakwa.

Imizobo emihle yeparadisi yayibonakala ezindongeni. Kwiivenkile ezisezikoneni kwakukho imizobo yeentlobo ezahlukahlukeneyo zeziselo. Le mizobo yayikhumbuza abantu ngezithembiso zoorhulumente abathathu abadlulileyo. Kwakukho neeshedi.

Ndabulisa abantu basekuhlaleni ngolwimi lwabo, ndathi: “Adiós.” Abantu babenoncumo yaye bendibulisa ngobubele. Kwakufuneka sithethele phezulu ngenxa yengxolo yamahashe neemeyile ezazidlula.

Ngorhatya lwangoLwesihlanu zagaleleka iintsapho zize kwindibano yeentsuku ezimbini. Zeza zihamba ngeenyawo, ngamahashe nangeebhaki. Amanye amakhwenkwe namantombazana ayebetha ngezikaTshiwo iiyure ezintandathu. Ayewela umlambo oneziqhushumbisi nezadunge zamanzi ezinezinambuzane ezimfimfitha igazi. Abanye abasuka kwimimandla ekude beza beziphathele ukutya—irayisi enamafutha ehagu. Babezele ntoni?

Babeze komeleza ithemba labo ngekamva. Babeze kuphulaphula indlela ecaciswa ngayo iBhayibhile ukuze bakholise uThixo.

Lwafika usuku lwangoMgqibelo. Ngaphantsi kophahla olwenziwe ngamacangci acekethekileyo kwakuhleli abantu abangaphezu kwama-300 kwizitulo zamaplanga neplastiki. Oomama babefunza abantwana babo. Kwifama engekude kuyaphi kwakukhala iihagu neenkuku.

Amaqondo obushushu antinga yaye ukutshisa kwakungasanyamezeleki. Sekunjalo, abaphulaphuli balumamela ngenyameko ucwangciso. Xa isithethi sifunda isibhalo nabo babesifunda, bevuma amaculo yaye babeyiphulaphula ngenyameko imithandazo.

Emva kocwangciso ndadlala icekwa nabantwana. Senza iimpinda ngendibano sisebenzisa amanqaku abantwana ababewabhalile. Ndababonisa imifanekiso yeenkwenkwezi neminyele eyayisekhompyutheni yam. Abantwana babencumile yaye abazali babo babonwabile.

Ngokukhawuleza indibano yaphela bonke abantu kwafuneka bagoduke. Ndemka kwintsasa elandelayo ingqondo yam izaliswe ziinkumbulo ezingenakulibaleka yaye intliziyo yam yayiphuphuma luthando ngabahlobo bam abatsha. Ndizimisele ukubaxelisa, ndifunde indlela yokwaneliseka ndize ndilindele kuThixo.

[Imifanekiso ekwiphepha 17]

Iintsapho zazihamba iikhilomitha ezininzi xa zisiya endibanweni eWamblán