Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Fundisa Abantwana Bakho

UYehowashe Wamshiya UYehova Ngenxa Yabahlobo Abangalunganga

UYehowashe Wamshiya UYehova Ngenxa Yabahlobo Abangalunganga

KWAKUNZIMA eYerusalem, isixeko esasinetempile kaThixo. Kwakusandula kubulawa uKumkani uAhaziya. Kunzima ukuyicinga into eyenziwa ngumama ka-Ahaziya, uAtaliya, emva koko. Wabulala oonyana baka-Ahaziya—abazukulwana bakhe! Ngaba uyazi ukuba kwakutheni ukuze ababulale?— * Wayefuna ibe nguye olawulayo, kunokuba kulawule omnye wabo.

Noko ke, omnye wabazukulwana baka-Ataliya, uYehowashe, wasindiswa yaye umakhulu wakhe wayengazi. Ngaba ufuna ukwazi ukuba wasinda kanjani?— Kaloku, le nkwenkwe yayinodade boyise owayenegama elinguYehoshebha, owafihla uYehowashe etempileni kaThixo. Wakwazi ukumfihla apho kuba umyeni wakhe uYehoyada wayenguMbingeleli Omkhulu. Ngoko, bobabini bamkhusela uYehowashe.

UYehowashe wafihlwa etempileni iminyaka emithandathu. Kulapho afundiswa khona ngoYehova uThixo nemithetho yakhe. Kwathi ke xa uYehowashe eneminyaka esixhenxe ubudala uYehoyada wamenza uKumkani. Uyafuna ukwazi ukuba wayenza njani le nto uYehoyada, nento eyenzeka kumakhulu kaYehowashe uKumkanikazi uAtaliya okhohlakeleyo?—

Kaloku uYehoyada wabiza amadoda ayeqhele ukukhusela ookumkani baseYerusalem. Wawachazela indlela yena nenkosikazi yakhe ababemkhusele ngayo unyana kaKumkani uAhaziya. Emva koko wabonisa loo madoda uYehowashe aza wona aqonda ukuba yayinguye owayemele alawule. Latsho lavela ke icebo.

UYehoyada wazisa uYehowashe ebantwini waza wamenza uKumkani. Kwathi ke xa bembona abantu “baqhwaba izandla besithi: ‘Makaphile ukumkani!’” Amadoda akhusela ukumkani amngqonga uYehowashe. Wathi uAtaliya akuyiva le ntswahla, waphuma phandle ebaleka esithi wenzelwe iyelenqe. Kodwa uYehoyada wathi amadoda akhusela ukumkani makambulale uAtaliya.—2 Kumkani 11:1-16.

Ngaba ucinga ukuba uYehowashe waqhubeka emphulaphula uYehoyada yaye esenza izinto ezilungileyo?— Wamphulaphula kuphela ngoxa wayesaphila. UYehowashe wade wenza nabantu bakhupha imali yokulungisa itempile kaThixo, awayengazange  ayikhathalele utata wakhe uAhaziya notatomkhulu wakhe uYehoram. Kodwa ke masikhe sibone ukuba yintoni eyenzekayo emva kokufa koMbingeleli Omkhulu uYehoyada.—2 Kumkani 12:1-16.

UYehowashe wasindiswa

Ngelo xesha uYehowashe wayemalunga nama-40 eminyaka ubudala. UYehowashe wabalahla abahlobo bakhe ababekhonza uYehova waza waba nabanye abahlobo ababenqula oothixo bobuxoki. Ngelo xesha uZekariya unyana kaYehoyada wayengumbingeleli kaYehova. Ucinga ukuba wenza ntoni uZekariya xa weva ukuba uYehowashe wayesenza izinto ezingalunganga?—

UZekariya wathi kuYehowashe: “Ngenxa yokuba nimshiyile uYehova, naye, uya kunishiya.” Wacaphuka kakhulu uYehowashe esakuva loo mazwi waza wathuma abantu ukuba bambethe ngamatye bambulale uZekariya. Khawuyicinge nje le nto—uYehowashe wayekhuselwe yena kumntu owayefuna ukumbulala, kodwa yena wabulala uZekariya!—2 Kronike 24:1-3, 15-22.

Ngaba uyabona ukuba sinokufunda ntoni kweli bali?— Asifuni ukuba njengoAtaliya owayebazonda abanye yaye ekhohlakele. Kunoko sifanele sibathande abantu esinqula nabo kunye neentshaba zethu, kanye njengokuba uYesu wasifundisa ukuba senze. (Mateyu 5:44; Yohane 13:34, 35) Yaye ukhumbule ukuba xa siqalise ukwenza okulungileyo njengokuba uYehowashe wenza kufuneka siqhubeke singabahlobo babantu abathanda uYehova nabasikhuthaza ukuba simkhonze.

^ isiqe. 3 Ukuba ufunda nomntwana, umgca odibana nawo wenzelwe ukuba unqumame ukuze umnike ithuba lokuphendula.