Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intsomi 6: UThixo Uyakuvumela Ukunqulwa Kusetyenziswa Izithixo Nemifanekiso Eqingqiweyo

Intsomi 6: UThixo Uyakuvumela Ukunqulwa Kusetyenziswa Izithixo Nemifanekiso Eqingqiweyo

Yavela phi le ntsomi?

“AmaKristu enkulungwane yokuqala ayengayisebenzisi imifanekiso eqingqiweyo xa enqula. . . . Ukusetyenziswa kwayo ngenkulungwane yesine neyesihlanu kwathethelelwa, kusithiwa abantu abangenalwazi banokufunda ngobuKristu bhetele kuyo kunakwiincwadi.”—Cyclopedia of Biblical, Theological, and Ecclesiastical Literature, kaMcClintock noStrong, Umqulu 4, kwiphepha 503 nelama-504.

Ifundisa ntoni yona iBhayibhile?

“Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nasemhlabeni phantsi, nasemanzini aphantsi komhlaba. Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi.” (Eksodus 20:4, 5 iBhayibhile YesiXhosa) Umpostile uYohane wabhalela amaKristu enkulungwane yokuqala esithi: “Bantwana abancinane, zilindeni kuzo izithixo.”—1 Yohane 5:21.

Ngaba le mifanekiso iqingqiweyo yeyokusondela okanye ukuhlonela nje izinto ezimelayo njengoko zisitsho iicawa? IThe Encyclopedia of Religion ithi: “Kusenokwenzeka ukuba ekuqaleni le mifanekiso yayisetyenziselwa ukufundisa nokuhombisa; njengoko kwakusitshiwo xa ithethelelwa. Kodwa ke akuzange kube kudala ngaphambi kokuba inqulwe. Loo nto yenzeka kakhulu kwizithixo ezasetyenziswa bubuOthodoki baseMpuma.” Kodwa ke umprofeti uIsaya wabuza wathi: “Angalinganiswa nabani na uThixo? Khona, angafanekiswa nantoni?”—Isaya 40:18, iBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

Funda ezi vesi zeBhayibhile:Isaya 44:13-19; IZenzo 10:25, 26; 17:29; 2 Korinte 5:7

INYANISO:

UThixo akakuvumeli ukusetyenziswa kwezithixo nemifanekiso eqingqiweyo

HLUKANA NEENTSOMI UZE UPHULAPHULE INYANISO

Sisiphi isigqibo esifikelela kuso emva kokuba sihle amahlongwane iintsomi ezifundiswa ziicawa ezininzi? La “mabali obuxoki [my′thos ngesiGrike] ayilwe ngobuqhetseba” akanakuthelekiswa nenyaniso efumaneka eBhayibhileni.—2 Petros 1:16, iBhayibhile YesiXhosa.

Ngoko ke, yiba nengqondo ephangeleleyo uze ungaphozisi maseko ukuthelekisa iLizwi likaThixo, elingumthombo wenyaniso, kunye nezinto ozifundisiweyo. (Yohane 17:17) Esi sithembiso sithi: “Niya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula,” siya kuzaliseka nakuwe.—Yohane 8:32.