Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Fundisa Abantwana Bakho

URebheka Wayekulungele Ukukholisa UYehova

URebheka Wayekulungele Ukukholisa UYehova

BANINZI abantu ekuthiwa ngooRebheka namhlanje. Ngaba ukhona uRebheka omaziyo?— * URebheka ngumntu obalulekileyo ekuthethwa ngaye kweyona ncwadi idumileyo ehlabathini, iBhayibhile. Yintoni oyaziyo ngaye?—Sifanele sifunde ngoRebheka kuba umzekelo wakhe unokusinceda sikhonze uThixo wenyaniso, uYehova.

URebheka ngumfazi wesibini ekuthethwe ngaye eBhayibhileni owaba ngumkhonzi kaYehova. Ngaba uyazi ukuba yayingubani umfazi wokuqala ukukhonza uYehova?—YayinguSara umfazi ka-Abraham. Ekwaluphaleni kwakhe, uSara wazala uIsake—ekuphela komntwana wakhe. Ngoku makhe sifunde ngendlela uRebheka awayezimisele ngayo ukwenza izinto ezithandwa nguYehova nangendlela awadibana ngayo noIsake.

Sele kudlule iminyaka engama-60 uYehova ekhuphe uAbraham noSara kwaHaran ukuze baye kwilizwe lakwaKanan. Xa uAbraham noSara sele baluphele, uThixo ubathembisa ngokubanika umntwana ekuza kuthiwa nguIsake igama lakhe. Unokuyithelekelela indlela amele ukuba uthandwa ngayo uIsake ngabazali bakhe. UIsake sele eyindoda xa uSara esifa eneminyaka eli-127, yaye ubuhlungu gqitha ngenxa yokulahlekelwa ngunina. UAbraham akafuni ukuba uIsake atshate enye yeentombi zamaKanan kuba aba bantu abamkhonzi uYehova. Ngoko uthumela isicaka sakhe uEliyezere ukuba aye kukhethela uIsake umfazi phakathi kwezalamane zika-Abraham zaseHaram, ekumgama ongaphezu kweekhilomitha ezingama-800!Genesis 12:4, 5; 15:2; 17:17, 19; 23:1.

 Emva kwexesha elithile, uEliyezere nezinye izicaka zika-Abraham bafika kwaHaran kunye neenkamela ezilishumi ezithwele iimpahla nezipho zomtshakazi. Bemisa ngasequleni kuba uEliyezere uyazi ukuba emva kwemini abantu bakha amanzi apho. UEliyezere uyathandaza ecela ukuba lowo aza kumkhetha ukuba abe ngumfazi kaIsake, ufanele amkele isicelo sakhe sokumpha amanzi ngokuthi: “Sela, neenkamela zakho ndoziseza.”

Kwenzeka loo nto kanye! URebheka oselula ‘nonomtsalane kakhulu’ ufika kwelo qula. Xa uEliyezere ecela amanzi, le ntokazi ithi: “Ndozikhelela amanzi nazo iinkamela zakho.” UEliyezere umondela ‘emangalisiwe’ njengoko ebaleka “kaninzi ninzi ukuya kukha amanzi equleni.” Khawufan’ ucinge nje! Ukuze aseze iinkamela ezinxaniweyo ezilishumi, uRebheka kufuneka akhe malunga neelitha ezili-1000 zamanzi!

UEliyezere upha uRebheka izipho yaye uyeva ukuba uyintombi kaBhetuweli, isalamane sika-Abraham. URebheka umema uEliyezere nabantu ahamba nabo ukuba baye ‘kulala’ kokwabo. Emva koko uyagoduka aye kuxelela abantu bakowabo ngeendwendwe ezivela kwaKanan zithunywe nguAbraham.

Xa uLabhan umntakwabo Rebheka ebona izipho zexabiso eziphiwa udade wabo, yaye esazi nokuba ungubani uEliyazare, umngenisa endlini. Kodwa uEliyezere uthi: “Andisayi kudla de ndibe ndithethile ngombandela endize ngawo.” Ngoko uyachaza ukuba uAbraham umthumele ntoni. UBhetuweli, umfazi wakhe kunye noLabhan bayawuvuma umtshato.

Emva kwesidlo, uEliyezere nabantu ahamba nabo bayalala. Ngentsasa elandelayo, uEliyazare uthi: “Ndindululeni ukuze ndiye enkosini yam.” Kodwa umama kaRebheka nomntakwabo bafuna bahlale nabo “ubuncinane iintsuku ezilishumi.” Xa uRebheka ebuzwa ukuba uyafuna na ukuhamba nabo uthi, “Ndikulungele ukuhamba.” Emva koko uhamba noEliyezere. Ekugqibeleni uba ngumfazi kaIsake.Genesis 24:1-58, 67.

Ngaba ucinga ukuba kwakulula kuRebheka ukushiya intsapho nabahlobo bakhe ngasemva aze aye kwilizwe elikude, esazi ukuba wayesenokungaphindi ababone kwakhona?—Akunjalo. Noko ke, uRebheka wasikelelwa ngokwenza into ekholisa uYehova. Waba ngukhokhokazi kaYesu Kristu, uMsindisi wethu. Nathi siya kusikelelwa ukuba senza izinto ezikholisa uYehova njengoRebheka.Roma 9:7-10.

^ isiqe. 3 Ukuba ufunda nomntwana, isikhewu senzelwe ukuba unqumame ukuze umvumele athethe.