Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba UThixo Uyayiphendula Imithandazo?

Ngaba UThixo Uyayiphendula Imithandazo?

ABANTU abaninzi bayafuna ukwazi impendulo yalo mbuzo ungasentla. IBhayibhile ibonisa ukuba nanamhlanje uYehova usayiphendula imithandazo. Ubukhulu becala ukuphulaphulwa kwemithandazo yethu kuxhomekeke kuthi.

UYesu wabagxeka abefundisi bomhla wakhe ababesenza inkwalambisa yemithandazo kuba befuna ukubonakala ngathi bangamalungisa ebantwini. Wathi loo madoda ‘ayeza kuwufumana ngokupheleleyo umvuzo wawo,’ nto leyo ethetha ukuba ekuphela kwento ayeza kuyifumana kukubonwa ngabantu kungekhona ukuphulaphulwa nguThixo okwakuyeyona nto eyayifuneka. (Mateyu 6:5) Nanamhlanje abantu abaninzi bathandazela izinto ezithandwa ngabo kungekhona ukuthanda kukaThixo. Ukungayinanzi kwabo imigaqo yeBhayibhile esithethe ngayo kwenza ukuba uThixo angayiphulaphuli imithandazo yabo.

Kuthekani ngawe? Ngaba uThixo uza kuyiphendula imithandazo yakho? Ukuphendulwa kwayo akuxhomekekanga kuhlanga, ubuzwe okanye imali onayo. IBhayibhile isiqinisekisa ngelithi: “UThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” (IZenzo 10:34, 35) Ngaba loo mazwi abhekiswa nakuwe? Ukoyika uThixo kuthetha ukuba nentlonelo enzulu ngaye nokoyika ukumona. Ukusebenza ubulungisa kuthetha ukufuna ukwenza oko uThixo athi kulungile kunokuba wenze ukuthanda kwakho okanye okwabanye abantu. Ngaba ufuna ngokwenene ukuba uThixo aphulaphule imithandazo yakho? IBhayibhile iyayichaza indlela onokuthandaza ngayo ukuze uThixo akuphulaphule. *

Kakade ke abantu abaninzi bafuna uThixo enze imimangaliso xa ephendula imithandazo yabo. Kodwa ke uThixo wayengafane ayenze loo nto nkqu nangamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Ngamanye amaxesha kwakude kudlule neenkulungwane uThixo engakhange enze omnye ummangaliso. Ngaphezu koko, iBhayibhile ibonisa ukuba imimangaliso yaphela emva kokufa kwabapostile. (1 Korinte 13:8-10) Ngaba loo nto ithetha ukuba uThixo akayiphenduli imithandazo namhlanje? Akunjalo. Nantsi eminye yemithandazo ayiphendulayo.

UThixo unika ubulumko. Bonke ubulumko bokwenene buvela kuYehova. UThixo uyakuthanda ukunika abantu ubulumko, ingakumbi abo bafuna ukhokelo lwakhe.—Yakobi 1:5.

UThixo unika umoya oyingcwele kunye neengenelo zawo. Umoya oyingcwele ngamandla kaThixo asebenzayo. Awakho amandla angaphezu kwawo. Unokusinceda sinyamezele izilingo. Unokusenza sibe noxolo naxa sikhathazekile. Unokusinceda sibe neempawu ezintle nezithandekayo. (Galati 5:22, 23) UYesu waqinisekisa abalandeli bakhe ukuba uThixo ubapha ngesisa abantu esi sipho.—Luka 11:13.

UThixo ubanika ulwazi abo bamfuna ngokunyanisekileyo. (IZenzo 17:26, 27) Ehlabathini lonke kukho abantu abayifuna ngokunyanisekileyo inyaniso. Bafuna ukwazi uThixo, igama lakhe, injongo yakhe ngomhlaba nangoluntu kunye nendlela yokusondela kuye. (Yakobi 4:8) AmaNgqina kaYehova adibana rhoqo nabantu abanjalo yaye ayakuthanda ukubabonisa indlela eyiphendula ngayo iBhayibhile loo mibuzo.

Ngaba yiloo nto ekwenze wafunda eli phephancwadi? Ngaba ufuna ukwazi uThixo? Mhlawumbi uThixo uwuphendula ngeli phephancwadi umthandazo wakho.

^ isiqe. 5 Ukuba ufuna ulwazi olungakumbi ngento onokuyenza ukuze imithandazo yakho iviwe nguThixo, funda isahluko 17 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.