Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Sifanele Sithandaze—Kubani?

Sifanele Sithandaze—Kubani?

NGABA YONKE imithandazo iya ndawonye enoba kuthandazwa kubani? Abantu abaninzi bacinga ukuba kunjalo. Loo ngcamango ixhaswa kakhulu ngabantu abathi zonke iinkonzo zisengela thungeni linye. Ngaba kungathi kanti loo nto bubuvuvu?

IBhayibhile ifundisa ukuba imithandazo emininzi ayiyi kuThixo. Xa kwakubhalwa iBhayibhile yayixhaphakile into yokuba abantu bathandaze kwimifanekiso eqingqiweyo. Nakuba kunjalo, uThixo wayesoloko ebalumkisa abantu ababesenza loo nto. Ngokomzekelo, iNdumiso 115:4-6 ithi ngezithixo: “Zineendlebe, kodwa aziva.” Iyacaca into ethethwa yile vesi. Uthandazela ntoni kuthixo ongasoze akuve?

Kukho ibali eliseBhayibhileni eliyenza icace mhlophe le ngongoma. Umprofeti kaThixo uEliya wathi abaprofeti bakaBhahali mabathandaze kuthixo wabo aze naye athandaze kowakhe. UEliya wathi uThixo wenyaniso uza kuphendula ngoxa owobuxoki engazukuphendula. Abaprofeti bakaBhahali bavuma baza benza umlembelele womthandazo de balila nokulila kodwa ke abazange baphendulwe. Eli bali lithi: “Akuzange kubekho uphendulayo, akuzange kunikelwe ngqalelo.” (1 Kumkani 18:29) Ngaba wona umthandazo kaEliya waphendulwa?

UThixo wawuphendula ngoko nangoko umthandazo kaEliya, ethumela umlilo ukuze utshise umnikelo wakhe. Yayahluke njani le mithandazo mibini? Kukho into ebalulekileyo ngomthandazo kaEliya obhalwe kweyoku-1 yooKumkani 18:36, 37. Mfutshane ibe unamagama angama-30 kuphela ngesiHebhere samandulo. Sekunjalo, uEliya walibiza kathathu igama likaThixo elithi Yehova.

UBhahali othetha ukuthi “mnini” okanye “nkosi” wayenguthixo wamaKanana yaye zazizininzi izithixo ezazinxulunyaniswa naye. Noko ke, uYehova wahlukile kuba nguye yedwa obizwa ngelo gama kuyo yonke indalo. Lo Thixo wathi kubantu bakhe: “NdinguYehova. Lilo elo igama lam; andiluniki omnye uzuko lwam.”—Isaya 42:8.

Ngaba umthandazo kaEliya kunye nemithandazo yabaprofeti bakaBhahali yaya ndawonye? Unqulo lukaBhahali lwalubathoba isidima abantu kuba lwalukhuthaza ubuhenyu nokubingelela ngabantu. Ngokwahlukileyo koko, ukunqula uYehova kwawakhulula amaSirayeli kwezo zinto zithoba isidima. Khawuyicinge kanje le nto: Ukuba ubunokubhalela umhlobo wakho ileta, ngaba ubunokulindela ukuba inikwe omnye umntu ingakumbi ophila ngendlela eyahluke ngokupheleleyo kunaleyo yomhlobo wakho? Ngokuqinisekileyo akunjalo.

Umthandazo kaEliya nowabakhonzi bakaBhahali wabonisa ukuba imithandazo ayiyi ndaweni-nye yonke

 Xa uthandaza kuYehova uthandaza kuMdali onguYise wabo bonke bantu. * Umprofeti uIsaya wathandaza wathi: “Wena, Yehova, unguBawo.” (Isaya 63:16) Ngoko ke, lo Thixo ngulo uYesu wathi ngaye kubalandeli bakhe: “Ndinyukela kuBawo noYihlo nakuThixo wam noThixo wenu.” (Yohane 20:17) UYehova nguYise kaYesu. NguThixo awayethandaza kuye uYesu nalowo wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze kuye.—Mateyu 6:9.

Ngaba iBhayibhile ithi sifanele sithandaze kuYesu, kuMariya, kwiingcwele okanye kwiingelosi? Akunjalo, kodwa ithi simele sithandaze kuYehova kuphela ngenxa yezi zizathu zibini. Okokuqala, umthandazo luhlobo oluthile lonqulo yaye iBhayibhile ithi sifanele sinqule uYehova kuphela. (Eksodus 20:5) Okwesibini, iBhayibhile ithi uThixo ‘ngumphulaphuli wemithandazo.’ (INdumiso 65:2) UYehova ukhe abanike abantu igunya lak

he kodwa akakho umntu onikwe igunya lokuphulaphula imithandazo. UThixo uyiphulaphula ngokwakhe imithandazo yethu.

Ngoko ke, ukuba ufuna imithandazo yakho iviwe nguThixo khumbula le vesi yeBhayibhile: “Wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.” (IZenzo 2:21) Kodwa ngaba uYehova uphulaphula yonke imithandazo? Okanye ngaba ikho enye into ekufuneka siyazi ukuze imithandazo yethu iviwe nguYehova?

^ isiqe. 9 Ezinye iinkonzo zithi alifanelanga libizwe igama likaThixo nkqu nasemthandazweni. Noko ke, elo gama livela izihlandlo ezimalunga nama-7 000 eBhayibhileni ngeelwimi zantlandlolo yaye izihlandlo ezininzi livela kwimithandazo nakwiindumiso zabakhonzi bakaYehova abathembekileyo.