Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba UThixo Wamdala UMtyholi?

Ngaba UThixo Wamdala UMtyholi?

Imibuzo Yabafundi . . .

Ngaba UThixo Wamdala UMtyholi?

▪ Ekubeni iBhayibhile isithi uThixo “wadala zonke izinto,” abanye baye bagqiba ekubeni uThixo umele ukuba wamdala uMtyholi. (Efese 3:9; ISityhilelo 4:11) IBhayibhile ibonisa ngokucacileyo ukuba akazange amdale.

UYehova wadala umntu owajika waba nguMtyholi. Ngaloo ndlela, ubukho bolu tshaba luyintloko lukaThixo kumele kuqondwe ngokuvisisana noko kuthethwa ziZibhalo ngoYehova njengoMdali. Ithi ngaye: “Ugqibelele umsebenzi wakhe, ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni. NguThixo wentembeko, tu ubugqwetha; lilungisa yaye uthe tye yena.” (Duteronomi 32:3-5) Le vesi, imele isincede siqonde ukuba mhlamnene uSathana wayegqibelele elungile, eyenye yeengelosi ezingoonyana bakaThixo. KuYohane 8:44 uYesu wathi ngoMtyholi “akemi enyanisweni,” nto leyo ebonisa ukuba ngaxa lithile uSathana wayenyanisekile emsulwa.

Noko ke, njengezinye izidalwa zikaThixo ezikrelekrele, ingelosi eyaba nguSathana yayinenkululeko yokuzikhethela phakathi kokulungileyo nokubi. Ngokukhetha ikhondo lokuchasa uThixo nokuphembelela isibini sokuqala ukuba simthelele, wazenza uSathana, igama elithetha “uMxhathisi.”—Genesis 3:1-5.

Eso sidalwa somoya singendawo saphinda sazenza uMtyholi, “uMhlebi.” YayinguSathana ongabonakaliyo owayesebenzisa inyoka waza ngobuqhophololo walukuhla uEva ukuze angawuthobeli umthetho woMdali. Kwakungenxa yeso sizathu lento uYesu abiza uSathana ngokuba ‘nguyise wobuxoki.’—Yohane 8:44.

Kwakunokwenzeka njani ukuba isidalwa somoya esifezekileyo—esingenalo utyekelo lokwenza ububi okanye impembelelo embi evela ngaphandle yokwenza into ephosakeleyo sibe notyekelo olubi? Kucacile ukuba wakhanuka unqulo olumele lufunyanwe nguThixo kuphela waza wabona ukuba angabalawula abantu kunokuba balawulwe nguYehova. Ukuqhubeka kwakhe ecamngca ngaloo mnqweno, ekugqibeleni wada wawenza. Oku kulandelana kwezinto kuchazwa kwincwadi kaYakobi: “Ngamnye ulingwa ngokutsalwa nokuwexulwa ngumnqweno wakhe. Wandule ke umnqweno, xa uthe wakhawula, uzale isono.”—Yakobi 1:14, 15; 1 Timoti 3:6.

Ngokomzekelo masithi: Umgcini zimali ucinga ngokwenza ubuqhophololo kwiingxelo zenkampani ukuze azibele imali. Unokusuka ayicime ngokukhawuleza loo ngcinga engqondweni. Ukuba uyaqhubeka ecinga ngale nto, iza kuya ikhula aze ekugqibeleni ayenze. Ukuba uyayenza loo nto ekugqibeleni uya kube uzenze isela. Ukuba uthetha ubuxoki ngetyala lakhe uba lixoki. Ngendlela efanayo, ngokuhlakulela iminqweno emibi nokuyenza, ingelosi awayeyidalile uThixo yasebenzisa inkululeko yayo yokuzikhethela ukuze ikhohlise ivukele uYise, ngaloo ndlela izenza uSathana uMtyholi.

Siyavuya, kuba uSathana uMtyholi uza kutshatyalaliswa ngexesha elifanelekileyo likaThixo. (Roma 16:20) Okwangoku, abanquli bakaYehova uThixo, bayawazi amaqhinga kaSathana yaye bakhuselekile kuwo. (2 Korinte 2:11; Efese 6:11) “Mchaseni uMtyholi, wonibaleka.”—Yakobi 4:7.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 21]

Ngokukhetha ikhondo lokuchasa uThixo, isidalwa esiyingelosi esifezekileyo sazenza uSathana