Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iliwa Libhek’ Umoya Kwabasetyhini

Iliwa Libhek’ Umoya Kwabasetyhini

“Ukuba kanti kunje ukuba libhinqa makuyekwe.”—UZAHRA, ONEMINYAKA ELI-15 UBUDALA, ocatshulwe kwiphephancwadi yesifrentshi iGEO.

AMAZWI acatshulwe ngasentla eli gqiyazana atyhila intlungu echaphazela onke amabhinqa enoba aselula okanye sele ekhulile—ukuphathwa ngenkohlakalo nokucalulwa kwawo. Khawuqwalasele ezi zibakala:

  • Ukucalulwa kuba ulibhinqa. EAsiya, abazali abaninzi bakhetha ukuba nabantwana abangamakhwenkwe kunokuba nabantwana abagamantombazana. Ingxelo ka-2011 yeZizwe eziManyeneyo iqikelela ukuba kwela lizwekazi, ngamabhinqa aphantse abe zizigidi ezili-134 ekuphulukwana nawo ngenxa yokuqhomfwa, ukubulawa nangenxa yokulahlwa.

  • Imfundo. Ehlabathini jikelele, kubantu abangafundanga amabhinqa ngabona bantu baninzi.

  • Ukuxhatshazwa ngokwesondo. Amabhinqa angaphezulu kwe-2.6 eebhiliyoni ahlala kumazwe apho kungajongwa njengolwaphulo mthetho xa indoda inyanzelisa umfazi wayo ukuba babelane ngesondo.

  • Ezempilo. Kumazwe asakhasayo, ibhinqa liyabhubha rhoqo emva kwemizuzu emibini ngenxa yeengxaki zokubeleka ezibangelwa kukunqongophala kwezinto ezisisiseko kwezonyango.

  • Ilungelo lokuba nezinto ezizezakho. Nangona amabhinqa ingabona bantu basebenza umhlaba, kumazwe amaninzi awanalo ilungelo lokuba nezindlu ezizezawo okanye umhlaba.

Kutheni amabhinqa evinjwa amathuba okuba axhamle kwizinto abafanele bonke abantu babenazo? Amanye amazwe alandela iinkolelo zonqulo nezithethe ezikhuthaza ukuphathwa kakubi kwamabhinqa. Iphephandaba laseFransi lacaphula igqwetha laseIndiya uChandra Rami Chopra, owathi: “Yonke imithetho yonqulo inento efana ngayo: Ixhasa ukucalulwa kwamabhinqa.”

Ngaba nawe uyayixhasa le mbono? Ngaba iBhayibhile iwajongela phantsi amabhinqa, njengezinye iincwadi zonqulo? Abanye abantu bacinga ngaloo ndlela xa befunda iivesi ezithile zeBhayibhile. Kodwa uThixo owabhala iBhayibhile uwajonga njani amabhinqa? Nangona lo ingumbandela ontununtunu, ukuhlolisisa ngobunono nangokunyaniseka oko kuthethwa yiBhayibhile ngalo mba kuya kusinceda sifumane iimpendulo.