Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Urhwaphilizo Luza Kuphela!

Urhwaphilizo Luza Kuphela!

“Thembela ngoYehova ugcine indlela yakhe . . . Xa abangendawo benqunyulwa, uya kubona.”—INDUMISO 37:34.

NGABA NAWE, njengabanye abantu, woyikela ukuba urhwaphilizo alinakuze luphele yaye alinakusitshulwa neengcambu? Ukuba kunjalo, ziyaqondakala izizathu zokuba woyike. Ukutyhubela imbali, abantu baye bazama zonke iintlobo zolawulo. Sekunjalo, abakhange baphumelele ukuphelisa urhwaphilizo. Ngaba likho ithemba lokuba abantu baya kuze baqhubane ngokunyaniseka?

Okuvuyisayo, kukuba IBhayibhile iyatsho ukuba liza kubakho ixesha elinjalo! Isixelela ukuba kungekudala uThixo uza kulusiphula neengcambu urhwaphilizo emhlabeni. Uza kukwenza njani oko? Uza kusebenzisa uBukumkani bakhe, urhulumente wasezulwini oza kuzitshintsha ngokupheleleyo izinto emhlabeni. Obu Bukumkani ikwabobo uYesu wathi abalandeli bakhe mababuthandazele. Kumthandazo maxa wambi owaziwa ngokuba Ngumthandazo weNkosi okanye uBawo Wethu Wasezulwini, uYesu wathi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni.”—Mateyu 6:10, IBhayibhile YesiXhosa.

 Ngokuphathelele uMlawuli wobo Bukumkani, uYesu Kristu, iBhayibhile yaxela kwangaphambili yathi: “Uya kumhlangula lowo ulihlwempu ukhalela uncedo, kwanalowo uxhwalekileyo nabani na ongenamncedi. Uya kuba nosizi ngesisweli nangehlwempu, nemiphefumlo yabangamahlwempu uya kuyisindisa. Uya kuwukhulula umphefumlo wabo kwingcinezelo nakugonyamelo.” (INdumiso 72:12-14) UYesu unovelwano ngabo bangamaxhoba orhwaphilizo, yaye akazukuthula nje asonge izandla angenzi nto ngengcinezelo! Ngaba oko akuthuthuzeli?

Ekubeni uYesu enovelwano uza kube exhuzul’ imikhala yolawulo kuBukumkani bukaThixo, uza kulutshayela urhwaphilizo emhlabeni. Uza kukwenza njani oko? Ngokuphelisa izinto ezintathu ezibangela urhwaphilizo, ebekuthethwe ngazo kumanqaku angaphambili.

Impembelelo Yesono

Okwangoku kufuneka silwe nokusoloko sityekele ekoneni, okusoloko kufuna sanelise iminqweno yethu. (Roma 7:21-23) Sekunjalo, bakho abantu abalungileyo abafuna ukwenza okuhle. Babonisa ukholo kwigazi likaYesu, yaye banako ukuxolelwa izono zabo. * (1 Yohane 1:7, 9) Abantu abanjalo basethubeni lokuxhamla kwesona senzo sikaThixo sikhulu sothando, njengoko sisiva kuYohane 3:16: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.”

UThixo uza kubenzela into emangalisa ngokwenene abantu abathembekileyo. Kwihlabathi elitsha elizayo, uza kuyincothula imizila yesono, ngokuthe ngcembe uza kubenza abantu bafezeke yaye babe ngamalungisa. (Isaya 26:9; 2 Petros 3:13) Impembelelo yesono ayisayi kuze iphinde ibenze abantu barhwaphilize. Xa kulawula uBukumkani bukaThixo, abantu abanokholo ‘baya kukhululwa ekukhotyokisweni kukonakala.’—Roma 8:20-22.

Impembelelo Yehlabathi Elingendawo Esiphila Kulo

Okubuhlungu kukuba, abantu abaninzi bacinezela abanye ngabom. Bacinezela amahlwempu, yaye baphembelela abanye ukuba benze izenzo zorhwaphilizo. IBhayibhile ibongoza abantu abanjalo isithi: “Umntu ongendawo makashiye indlela yakhe, nomntu owenzakalisayo makashiye iingcamango zakhe.” Ukuba abo bantu bangendawo bayaguquka iBhayibhile ithembisa ukuba uThixo “uya kuxolela ngokukhulu.”—Isaya 55:7.

Noko ke, uThixo uza kunyanzeleka abashenxise abo balukhuni abangafuniyo ukutshintsha iindlela zabo. NgoBukumkani bukaThixo, ithemba elichazwe eBhayibhileni liya kuzaliseka: “Thembela ngoYehova ugcine indlela yakhe . . . Xa abangendawo benqunyulwa, uya kubona.” * (INdumiso 37:34) Xa ubungendawo bungasekho, abanquli bakaThixo abathembekileyo abasayi kuba ngamaxhoba orhwaphilizo.

Impembelelo KaSathana UMtyholi

Omnye waboni abaqaqadekileyo nguSathana uMtyholi. Kodwa ke siyavuya kuba, uYehova uza kumthintela uSathana ayeke ukuphembelela abantu. Ekugqibeleni, uThixo uza kumtshabalalisa ngokupheleleyo. Eso sikhohlakali singuSathana asisayi kuphinda siphembelele abantu ukuba benze izenzo zorhwaphilizo.

Siyaqondakala isizathu sokuba kube nzima ukukholelwa xa kusithiwa uThixo uza kuluphelisa urhwaphilizo. Usenokuba uyazibuza, ‘Ngaba ngokwenene uThixo unayo indlela yokwenza olo tshintsho? Ukuba kunjalo, kutheni engekawulungisi?’ Leyo yimibuzo emihle, yaye iBhayibhile iyiphendula ngendlela eyanelisayo. * Siyakucela ukuba uzihlolele ngokwakho oko iBhayibhile ikufundisayo ngekamva elingekude, xa zonke izenzo zorhwaphilizo zingasekho ngonaphakade.

^ isiqe. 8 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngexabiso ledini elikukufa kukaYesu, funda isahluko 5 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

^ isiqe. 12 UYehova ligama abizwa ngalo uThixo eBhayibhileni.