Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bafundi Beli Phephancwadi Abathandekayo

Bafundi Beli Phephancwadi Abathandekayo

Eli phephancwadi ulifundayo laqala ukupapashwa ngoJulayi 1879. Ininzi into etshintshileyo ukususela ngoko—ngokunjalo ke neli phephancwadi. (Sicela ujonge iifoto ezingasentla.) Ukususela kwiMboniselo yale nyanga, kuza kubakho utshintsho olungakumbi kweli phephancwadi. Yintoni le iza kutshintsha?

Kumazwe amaninzi, uninzi lwabantu luthanda ukuzifunda kwi-Intanethi izinto. Umntu ucofa nje iqhosha aze akwazi ukufunda izinto ezifumaneka kuphela kwi-Intanethi. Iincwadi ezininzi, amaphephancwadi kunye namaphephandaba ayafumaneka kwi-Intanethi.

Ngenxa yoko, siye sayiphucula iWebhsayithi yethu ye-jw.org ukuze ibe nomtsalane yaye kube lula nokuyisebenzisa. Abantu abasebenzisa le Webhsayithi banokufunda iincwadi nezinye izinto ezifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwama-430. Noko ke, ukususela kule nyanga, amanye amanqaku ebedla ngokuphuma kumaphephancwadi ethu aza kufumaneka kuphela kule Webhsayithi. *

Ekubeni amanqaku amaninzi eza kufumaneka kwi-Intanethi, iMboniselo kawonke-wonke iza kuncitshiswa ukususela kumaphepha angama-32 ukuya kwali-16. Sithethanje, iMboniselo ipapashwa ngeelwimi ezili-204. Ekubeni incitshisiwe, ngoku inokuguqulelwa ngeelwimi ezininzi nangakumbi.

Siyathemba ukuba olu tshintsho luza kusinceda sikwazi ukufundisa abantu abangakumbi iBhayibhile. Sizimisele ukuqhubeka sifundisa abantu inyaniso ngendlela enomtsalane—ngeencwadi nangeIntanethi—ukuze sincede abafundi abaninzi abayihlonelayo iBhayibhile nabafun’ ukwazi ukuba ifundisa ntoni.

Abapapashi

^ isiqe. 5 Amanqaku aza kufumaneka kwi-Intanethi aquka elithi: “Inqaku Lolutsha,” elichaza indlela yokufundisa abantwana iBhayibhile, kunye nelithi “Oko Ndikufunde EBhayibhileni,” elenzelwe ukunceda abazali bafundise abantwana babo abaneminyaka emithathu nangaphantsi.