Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 IMIBUZO YEBHAYIBHILE IYAPHENDULWA

Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa

Ngubani igama likaThixo?

Bonke abantu banamagama. Nkqu nezilwanyana zasekhaya sizipha amagama! Ngaba ke ngoko asifanele silindele ukuba noThixo abe nelakhe igama? EBhayibhileni, uThixo ubizwa ngezibizo ezininzi, njengesithi uThixo uSomandla, iNkosi enguMongami nesithi uMdali, kodwa ke unalo igama lakhe.—Funda uIsaya 42:8.

Iinguqulelo ezininzi zeBhayibhile zinalo igama likaThixo kwiNdumiso 83:18. Ngokomzekelo, kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele, le vesi ithi: “Wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.”

Kutheni sifanele simbize ngegama lakhe uThixo?

UThixo ufuna simbize ngegama lakhe. Xa sincokola nezalamane okanye abahlobo, sidla ngokubabiza ngamagama abo—ingakumbi xa besivumela ukuba senjenjalo. Ngaba asifanele ke ngoko simbize ngegama lakhe uThixo xa sithetha naye? Ngaphezu koko, uYesu Kristu wathi sifanele silisebenzise igama likaThixo.—Funda uMateyu 6:9; noYohane 17:26.

Noko ke, ukuze sibe ngabahlobo bakaThixo sifanele sazi okungakumbi ngaye kunokwazi nje igama lakhe. Ngokomzekelo, unjani uThixo? Ngaba umntu unokusondela kuThixo? IBhayibhile iyayiphendula le mibuzo.