Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 SONDELA KUTHIXO

‘Uzityhilele Iintsana’

‘Uzityhilele Iintsana’

Ngaba uyafuna ukwazi inyaniso ngoThixo—ukuba ungubani, oko akuthandayo nangakuthandiyo kunye nenjongo yakhe? ELizwini lakhe iBhayibhile, uYehova uThixo uchaza yonke inyaniso ngaye. Kodwa asinguye wonke umntu onokutyhila nje iBhayibhile aze ayiqonde. Ngoba? Kuba ukwazi loo nyaniso lilungelo elixhamlwa ngabathile. Makhe sive ukuba wathini uYesu ngalo mba.—Funda uMateyu 11:25.

Le vesi ivula ngamazwi athi: “Ngelo xesha uYesu wathi.” Ngoko kusenokwenzeka ukuba uYesu wawatsho la mazwi emva kokuba ebone okanye eve okuthile. Wayesandul’ ukukhalimela abantu abangenalukholo kwizixeko ezithathu zaseGalili, awayesandul’ ukwenza kuzo imimangaliso. (Mateyu 11:20-24) Usenokuba uyazibuza, ‘Ngumntu otheni owayenokubona imimangaliso kaYesu aze angakholwa kuye?’ Yinkani eyabangela ukuba aba bantu bachase uYesu.—Mateyu 13:10-15.

UYesu wayesazi ukuba kufuneka izinto ezimbini ukuze siyiqonde inyaniso eseBhayibhileni: Uncedo lukaThixo kunye nentliziyo ethobelayo. UYesu wathi: “Ndiyakudumisa esidlangalaleni, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngenxa yokuba uzifihlile ezi zinto kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana.” Uyasibona ke ngoku isizathu sokuba kube lilungelo elifunyanwa ngabathile ukwazi inyaniso yeBhayibhile? UYehova, ‘iNkosi yezulu nomhlaba’ usenokuyifihla okanye ayityhile inyaniso xa ethanda. Kodwa uThixo unezizathu ezivakalayo zokuyifihla okanye zokuyityhila kwabathile inyaniso. Inyaniso yeBhayibhile ityhilelwa abatheni, ize ifihlelwe abatheni?

UYehova uthanda abantu abathobekileyo kungekhona abo bacinga ukuba bayazi. (Yakobi 4:6) Uyayifihla inyaniso “kwizilumko nakwiingqondi”—oongqondo-ngqondo beli hlabathi abazithembileyo nabacinga ukuba abamdingi nganto uThixo. (1 Korinte 1:19-21) Kodwa uyayityhila ‘kwiintsana’—abo beza kuye beneentliziyo ezinyanisekileyo baze bathobeke njengabantwana. (Mateyu 18:1-4; 1 Korinte 1:26-28) UYesu, uNyana kaThixo, wazibonela ngawakhe amehlo ezi ntlobo zabantu. Abantu abaninzi abanekratshi, njengeenkokeli zonqulo, abazange baziqonde izinto ezazifundiswa nguYesu, kodwa abalobi abaphantsi bona baziqonda. (Mateyu 4:18-22; 23:1-5; IZenzo 4:13) Kodwa ke, zikho izityebi nabantu abafundileyo ababethobekile ababa ngabalandeli bakaYesu.—Luka 19:1, 2, 8; IZenzo 22:1-3.

Ngoku makhe sibuyele kulaa mbuzo besiwubuze ekuqaleni: Ngaba uyafuna ukwazi inyaniso ngoThixo? Ukuba kunjalo, kuya kukuvuyisa ukwazi ukuba uThixo akabathandi abantu abacinga ukuba bayazi. Kunoko, uthanda kanye aba bajongelwa phantsi zizilumko zeli hlabathi. Ukuba ufunda iLizwi likaThixo ngengqondo nangentliziyo ethobekileyo, usenokuba phakathi kwabo uYehova abavava ngelungelo lokubatyhilela inyaniso. Ukwazi inyaniso kuya kukwenza wonwabe ngoku kwaye kunokukwenza ufumane ‘ubomi benene’—ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha nelinobulungisa esilithenjiswe nguThixo. *1 Timoti 6:12, 19; 2 Petros 3:13.

Izibhalo onokuzifunda ngoJanuwari

Mateyu 1-21

^ isiqe. 7 AmaNgqina kaYehova angathanda ukukunceda ufunde inyaniso ngoThixo nangeenjongo zakhe. Afundisa abantu iBhayibhile simahla esebenzisa incwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?