Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 IBALI LOBOMI

“Ndandibona Kodwa Ndingaqondi”

“Ndandibona Kodwa Ndingaqondi”

Ngowe-1975 xa ndandineminyaka emibini ndizelwe, umama waphawula ukuba kukho into ekrokrisayo ngam. Ngenye imini ngoxa umama wayendifunqule, omnye umhlobo wakhe wawisa into enzima phantsi, kwaza kwatsho isithonga esikhulu. Umama waphawula ukuba andizange ndothuke. Ndada ndaba neminyaka emithathu ndingekakwazi ukuthetha. Emva koko, iingcali zaxelela abazali bam iindaba ezibuhlungu—zokuba ndisisithulu!

Abazali bam bohlukana ndiselusana ibe mna nabantakwethu kunye noodadewethu sakhuliswa nguMama. Ngelo xesha, eFransi abantwana abazizithulu babengafundiswa ngendlela abafundiswa ngayo namhlanje yaye ezinye zeendlela ababefundiswa ngazo zazibashiya bexhwalekile. Sekunjalo, ukususela ebuntwaneni bam bekusoloko kukho into endenza ndahluke kwabanye abantu abazizithulu. Makhe ndikuchazele.

Xa ndandineminyaka emalunga nemihlanu ubudala

Kangangeminyaka, abanye ootitshala babecinga ukuba abantwana abazizithulu bafanele bafundiswe ukuthetha nokujonga lowo uthethayo emilebeni ukuze baqonde oko akuthethayo. Eneneni, kwindawo endakhulela kuyo eFransi, abantwana babengavunyelwa ukuba basebenzise intetho yezandla esikolweni. Izandla zabanye abantwana abazizithulu zazide zibotshelelwe ngasemva xa kufundiswa.

Xa ndandisengumntwana, kwaqengqeleka iminyaka ndichitha iiyure eziliqela ngeveki nomntu owayendifundisa ukuthetha. Wayendithi nqaku ngomhlathi okanye ngentloko aze andinyanzele ukuba ndibize amagama nangona ndandingazange ndaweva ethethwa. Ndandingakwazi ukuncokola nabanye abantwana. Leyo yeyona minyaka yakha yabuhlungu ebomini bam.

Xa ndandineminyaka emithandathu ndathunyelwa kwisikolo sabantwana abazizithulu. Ndandiqala ukudibana nabanye abantwana abazizithulu. Nalapho, intetho yezandla yayingafunwa nokubonwa. Xa ubhaqwe uthetha ngezandla, wawubethw’ izandlana ezi okanye utsalwe ngeenwele. Noko ke, sasithi xa kungekho mntu usibonayo sithethe ngezandla ngendlela efihlakeleyo eyayisaziwa sithi kuphela. Ekugqibeleni, ndatsho ndakwazi ukuncokola nabanye abantwana. Emva koko kwaqengqeleka iminyaka emine ndonwabile.

Noko ke, xa ndandineminyaka elishumi ndasiwa kwisikolo sabantwana abevayo. Kwakuthi mandife! Ndandicinga ukuba bonke abanye abantwana abazizithulu bafile yaye ndim kuphela oseleyo. Intsapho yasekhaya yayingazange iyifunde intetho yezandla kwaye yayingafuni ukuba nditshomane nabanye abantwana abazizithulu, kuba yayicetyiswe ngoogqirha ababesithi soze ndikwazi ukuthetha xa iyenza loo nto. Ngenye imini, xa ndatyelela ugqirha onceda abantu abazizithulu, ndafika kukho incwadi yentetho yezandla  phezu kwedesika yakhe. Xa ndabona imifanekiso emihle eyayikuqweqwe lwale ncwadi, ndayikhomba ndaza ndathi, “Ndiyayifuna!” Ugqirha wakhawuleza wayifihla loo ncwadi. *

UKUQALISA KWAM UKUFUNDA IBHAYIBHILE

UMama wayezama kangangoko ukusikhulisela enkonzweni. Wayesoloko esisa kwibandla lamaNgqina kaYehova aseMérignac ngaseBordeaux. Xa ndandisengumntwana, ndandingaziqondi izinto ezininzi ezazifundiswa ebandleni. Noko ke, abazalwana noodade abahlukahlukeneyo babedla ngokuhlala ecaleni kwam baze bandibhalele phantsi izinto ezazifundiswa. Ndandiluxabisa gqitha uthando nenkathalo yabo. Ekhaya, uMama wayendifundisa iBhayibhile kodwa ke ndandingaziqondi kakuhle izinto awayendifundisa zona. Ndandifana nomprofeti uDaniyeli, owathi emva kokufumana isiprofeto kwingelosi: “Ndakuva oko, kodwa andakuqonda.” (Daniyeli 12:8) Kodwa ke mna, “ndandibona kodwa ndingaqondi.”

Sekunjalo, ndaya ndifunda iinyaniso zeBhayibhile ezingakumbi. Ndandizixabisa gqitha iimfundiso endandizazi yaye ndizama ukuphila ngokuvisisana nazo. Kwakhona, ndafunda ngokubukela izinto ezazisenziwa ngabanye. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi sifanele sibe nomonde. (Yakobi 5:7, 8) Ndandingayiqondi ukuba ithetha ukuthini kanye kanye le vesi. Noko ke, ukubukela indlela awayenomonde ngayo amanye amakholwa kwandinceda ndakuqonda oko kuthethwa kukuba nolu phawu. Ibandla lamaKristu lindincede ngeyona ndlela.

UKUPHOXEKA NOKUMANGALISWA

UStéphane wandifundisa iBhayibhile

Ngenye imini ndabona abantwana abazizithulu bencokola ngentetho yezandla. Ndaqalisa ukutshomana nabo nangona ndandiyifihla loo nto, ndaza ndafunda iNtetho Yezandla YaseFransi. Ndaqhubeka ndisiya enkonzweni yamaNgqina, ibe apho ndadibana noStéphane. Wayezama kangangoko ukuncokola nam ibe saba ngabahlobo abasenyongweni. Noko ke, kwaqhawuk’ ujingi abantwana besadlala. Kaloku uStéphane wabanjwa ngenxa yokungavumi kwakhe ukuya emkhosini. Ndakhathazeka gqitha. Ndadimazeka gqitha emva kokubanjwa kukaStéphane kangangokuba ndayeka nokuya enkonzweni.

Kwiinyanga ezilishumi elinanye kamva, uStéphane wakhululwa entolongweni waza wabuyela ekhaya. Ndothuka gqitha xa uStéphane waqalisa ukuncokola nam ngentetho yezandla. Kwakungathi ndiyaphupha! Kwakwenzeke ntoni? Kwathi kanti uStéphane ufike wafunda intetho yezandla entolongweni. Njengoko ndimbukele ethetha ngezandla, ndaya ndichulumanca nangakumbi njengoko ndandicinga ngendlela okwakuza kundinceda ngayo oku.

EKUGQQIBELENI NDAKWAZI OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

UStéphane waqalisa ukundifundisa iBhayibhile. Ndaqalisa ngelo xesha ukuziqonda kakuhle iinyaniso zeBhayibhile endandizifunde ngaphambili. Xa ndandisengumntwana, ndandikuthanda ukubuka imifanekiso ekwiincwadi ezicacisa iBhayibhile, ibe ndandidla ngokuthelekisa abantu abakuloo mifanekiso kunye nezinto ezazibhalwe ngabo ukuze ndiwakhumbule kakuhle loo mabali. Ndandimazi uAbraham ‘nembewu’ yakhe, kunye ‘nesihlwele esikhulu,’ kodwa ezo mfundiso ndaqalisa ukuziqonda kakuhle emva kokuba ndizicaciselwe ngentetho yezandla. (Genesis 22:15-18; ISityhilelo 7:9) Kwatsho kwacaca ukuba ndilufumene olona lwimi lufikelela intliziyo yam.

Ekubeni ndandiyiqonda yonke into eyayifundiswa enkonzweni, ndonwaba entliziyweni ndaza ndafuna ukufunda nangakumbi. UStéphane wandinceda ndayiqonda nangakumbi iBhayibhile, ibe ngowe-1992 ndazinikela kuYehova uThixo ndaza ndabhaptizwa. Noko ke, nangona ndandenze inkqubela, ndandiseneentloni kuba kaloku ndakhula ndingathethi nabantu.

 UKULWA NXAMNYE NEENTLONI

Iqela elincinane labantu abazizithulu endandikhonza kunye nabo ladityaniswa kunye nebandla lasePessac kwidolophu yaseBordeaux. Kwandinceda gqitha oko ibe ndaya ndisiba nokholo olungakumbi. Nangona ndandingekakwazi ukuncokola ngokukhululekileyo nabanye abantu, abahlobo bam abakwaziyo ukuthetha babeqiniseka ukuba bandicacisela yonke into ethethwayo. UGilles nenkosikazi yakhe uElodie babezama kangangoko ukundincokolisa. Babedla ngokundimema ukuba ndiye kutya kunye nabo okanye sisele ikomityi yeti, ibe loo nto yasenza saba ngabahlobo nangakumbi. Kuluvuyo ukukhonza nabantu abayithandayo imithetho kaThixo!

Umfazi wam uVanessa undinceda ngezinto ezininzi

Kukweli bandla apho ndadibana khona nesithandwa sam uVanessa. Ndayithanda gqitha indlela anovelwano nanobulungisa ngayo. Ukuba sisithulu kwam kwakungeyongxaki kuye, kodwa wafunda ukuze akwazi kuncokola nam. Ndathi swii luthando lwakhe, ibe satshata ngowe-2005. Nangona ndingeloncoko, uVanessa uye wandinceda ukuze ndilwe nokuba neentloni ndize ndikwazi ukuncokola ngokukhululekileyo. Ndiluxabisa gqitha uncedo lwakhe njengoko ndisenza imisebenzi eyahlukahlukeneyo.

ESINYE ISIPHO ESIVELA KUYEHOVA

Ngonyaka esatshata ngawo, ndamenywa ukuba ndiye kwiofisi yamaNgqina kaYehova aseFransi kwidolophu yaseLouviers, apho ndandiza kuchitha inyanga ndifundiswa ukuguqulela. Kwiminyaka yakutshanje, isebe belisebenza nzima lisenza iiDVD zeNtetho Yezandla YaseFransi. Ekubeni kukho umsebenzi omninzi, bekusoloko kufuneka abaguquleli abangakumbi.

Ndinikela intetho esekelwe eBhayibhileni ngeNtetho Yezandla YaseFransi

Mna noVanessa sasiqonda ukuba ukukhonza esebeni lilungelo elingenakuthelekiswa nanto nesipho esivela kuYehova uThixo, kodwa ke sasinexhala. Kwakuza kwenzeka ntoni kwiqela lethu lentetho yezandla? Sasiza kuyithini indlu yethu? Ngaba uVanessa wayeza kukwazi ukufumana umsebenzi kuloo dolophu? UYehova wayiphendula yonke loo mibuzo. Ndazibonela ngawam amehlo ukuba uYehova uyasithanda yaye uyabathanda bonke abantu abazizithulu.

UKUXHASWA NGABANTU ABAMANYENEYO

Ukusebenza nabaguquleli kundenze ndawubona umsebenzi omkhulu owenziwayo ukuze kufundiswe abantu abazizithulu. Kundivuyisa ngokwenene ukubona abantu endisebenza nabo bezama kangangoko ukundincokolisa! Kuyandivuyisa nokubabona bepitiliza intetho yezandla. Andiziva ndilikheswa. Zonke ezi zinto bazenza kuba benothando yaye zibonisa indlela abamanyene ngayo abantu bakaYehova.—INdumiso 133:1.

NdikwiSebe Lokuguqulela

Ndimbulela ngokungazenzisiyo uYehova ngokusebenzisa kwakhe ibandla lamaKristu ukuze aqiniseke ukuba kusoloko kukho umntu ondincedayo. Ndiyalixabisa negalelo elincinane endibe nalo ekuncedeni abantu abazizithulu ukuba bamazi uMdali wabo baze basondele kuye. Ingathi ayisafiki imini, apho sonke siya kumanyana size siluthethe ngaphandle kwemiqobo ‘ulwimi olusulungekileyo’—inyaniso ngoYehova uThixo nangeenjongo zakhe.—Zefaniya 3:9.

^ isiqe. 9 Urhulumente waseFransi waqalisa ngowe-1991 ukuvuma ukuba kusetyenziswe intetho yezandla ukuze kufundiswe abantwana abazizithulu.